Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Iimbalasane Zencwadi KaYobhi

Iimbalasane Zencwadi KaYobhi

ILizwi LikaYehova Liphilile

Iimbalasane Zencwadi KaYobhi

USOLUSAPHO uYobhi wayehlala kwilizwe laseUtse, ngoku eliseArabia. AmaSirayeli amaninzi ayehlala eYiputa ngelo xesha. Nangona uYobhi wayengenguye umSirayeli, wayengumnquli kaYehova uThixo. IBhayibhile ithi ngaye: “Akukho bani unjengaye emhlabeni, indoda engenakusoleka nethe tye, eyoyika uThixo nephambukayo ebubini.” (Yobhi 1:8) Umele ukuba wayephila ngexesha eliphakathi kwelokuphila kwabakhonzi ababini ababalaseleyo bakaYehova—unyana kaYakobi uYosefu nomprofeti uMoses.

UMoses, ekucingelwa ukuba nguye owabhala incwadi kaYobhi, umele ukuba weva ngoYobhi ebudeni bama-40 eminyaka awayichitha kwaMidiyan, ekufuphi nelizwe laseUtse. UMoses umele ukuba weva ngeziganeko ezenzeka ebudaleni bukaYobhi xa amaSirayeli ayekufuphi neUtse, ngasekupheleni kohambo lwawo lweminyaka engama-40 entlango. a Ngangendlela ebhalwe kakuhle ngayo imbali kaYobhi igqalwa njengombongo ogqwesileyo. Kodwa ngaphezu koko, isiphendulela imibuzo enjengale ithi: Kutheni abantu abalungileyo bebandezeleka? Kutheni uYehova evumela kubekho ubungendawo? Ngaba abantu abangafezekanga banako ukugcina ingqibelelo yabo kuThixo? Ekubeni siyinxalenye yeLizwi likaThixo eliphefumlelweyo, isigidimi esikwincwadi kaYobhi siphilile yaye sinamandla nanamhlanje.—Hebhere 4:12.

“MAWUTSHABALALE UMHLA ENDAZALWA NGAWO”

(Yobhi 1:1–3:26)

Ngenye imini uSathana wayithandabuza ingqibelelo kaYobhi kuThixo. UYehova wamvumela uSathana ukuba amzisele uthotho lweentlekele uYobhi. Kodwa uYobhi akazange ‘amqalekise uThixo.’—Yobhi 2:9.

Kwafika amaqabane amathathu kaYobhi eze ‘kumthuthuzela.’ (Yobhi 2:11) Ahlala naye engakhuphi nelimdaka de ekugqibeleni uYobhi wadanduluka wathi: “Mawutshabalale umhla endazalwa ngawo.” (Yobhi 3:3) Wayenqwenela ukuba “njengabantwana abangakubonanga ukukhanya,” oko kukuthi abazelwe befile.—Yobhi 3:11, 16.

Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:

1:4—Ngaba abantwana bakaYobhi babeyibhiyozela imihla yokuzalwa kwabo? Hayi, babengayibhiyozeli. Igama elithi “imini” okanye ‘usuku’ lalinentsingiselo eyahlukileyo mandulo kwelithi ‘umhla wokuzalwa.’ (Genesis 40:20) KuYobhi 1:4, kusetyenziswe igama elithi “imini,” elibhekisela kwixesha eliphakathi kokuphuma nokutshona kwelanga. Kubonakala ukuba oonyana bakaYobhi babesiba netheko lentsapho leentsuku ezisixhenxe kanye ngonyaka. Ekubeni nabo babesixhenxe, ngamnye kubo wayesiba ‘nemini yakhe’ yokulungiselela elo theko emzini wakhe.

1:6; 2:1—Ngoobani ababevunyelwa ukuba beme phambi koYehova? ULizwi, onguNyana kaThixo okuphela kwamzeleyo, wema phambi koYehova; kukwanjalo nangeengelosi ezithembekileyo, kwanezo zingazange zithobele, kuquka uSathana uMtyholi. (Yohane 1:1, 18) USathana needemon zakhe bagxothwa ezulwini emva nje kokumiselwa koBukumkani bukaThixo ngowe-1914. (ISityhilelo 12:1-12) Ngokubavumela kwakhe ukuba beme phambi kwakhe, uYehova wayevulela zonke izidalwa zomoya ithuba lokuba zizivele izimangalo zikaSathana nemiphumo yazo.

1:7; 2:2—Ngaba uYehova wathetha ngokungqalileyo noSathana? IBhayibhile ayinikeli zinkcukacha zingako ngokuphathelele indlela uYehova anxibelelana ngayo nezidalwa zomoya. Noko ke, umprofeti uMikaya wabona embonweni ingelosi inxibelelana ngokungqalileyo noYehova. (1 Kumkani 22:14, 19-23) Ngoko kubonakala ukuba uYehova wathetha ngokungqalileyo noSathana.

1:21—UYobhi wayenokubuyela njani ‘esiswini sikanina’? Ekubeni uYehova uThixo wambumba umntu “ngothuli lomhlaba,” igama elithi “sikama” kule ndinyana libhekisela emhlabeni.—Genesis 2:7.

2:9—Simele ukuba sasinjani isimo sengqondo somfazi kaYobhi xa wathi umyeni wakhe makaqalekise uThixo aze afe? Umfazi kaYobhi walahlekelwa ngokulinganayo nomyeni wakhe. Imele ukuba yamdandathekisa into yokubona indoda yakhe eyayikade yomelele kodwa ngoku ibhuqwa sisifo esonyanyekayo. Walahlekelwa ngabantwana bakhe abathandayo. Umel’ ukuba wayeminxen’ ingqondo wada walibala eyona nto ibalulekileyo—ulwalamano lwabo noThixo.

Oko Sikufundayo:

1:8-11; 2:3-5. Njengoko sibonile kwimeko kaYobhi, nangona izenzo kwanentetho yethu zibalulekile, ukuze sigcine ingqibelelo yethu simele sibe nesizathu esifanelekileyo sokukhonza uYehova.

1:21, 22. Ngokuhlala sinyanisekile kuYehova ebumnandini nasebunzimeni, sinokumngqina uSathana elixoki.—IMizekeliso 27:11.

2:9, 10. NjengoYobhi, sifanele somelele elukholweni kwanokuba amalungu entsapho awakuxabisi ukusukela kwethu izinto zokomoya okanye azama ukusiphembelela ukuba silahle ukholo lwethu.

2:13. Amaqabane kaYobhi ayengakwazi ukumthuthuzela ngokuthetha ngoThixo nangezithembiso zakhe kuba ayengenayo imbono yokomoya.

“ANDIYI KUYISUSA KUM INGQIBELELO YAM!”

(Yobhi 4:1–31:40)

Amaqabane amathathu kaYobhi ayemi ngelithi umele ukuba wenze into embi kakhulu le nto esohlwaywa ngokuqatha kangaka nguThixo. Kwaqala kwathetha uElifazi. Kwalandela uBhiledadi, esebenzisa amazwi ahlaba ngakumbi. Emva koko yaba nguTsofare owagxibha nangaphezulu.

UYobhi akazange ayamkele ingqiqo ephosakeleyo yezi ndwendwe zakhe. Ekubeni wayengasiqondi isizathu sokuba uThixo avumele ukuba abandezeleke ngaloo ndlela, wazama ukuzithethelela. Sekunjalo, uYobhi wayemthanda uThixo waza wadanduluka wathi: “Ndide ndibhubhe andiyi kuyisusa kum ingqibelelo yam!”—Yobhi 27:5.

Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:

7:1; 14:14—Lithetha ukuthini ibinzana elithi ‘umsebenzi osisinyanzelo’? Ukubandezeleka kukaYobhi kwakuqatha kangangokuba wayebugqala ubomi njengomsebenzi wesinyanzelo onzima noyindinisa. (Yobhi 10:17) Ekubeni ixesha umntu alichitha eShiyol—ukususela kwixesha lokufa kwakhe ukusa ekuvusweni kwakhe—liyinto yesinyanzelo, uYobhi ulifanisa elo xesha nomsebenzi onzima wesinyanzelo.

7:9, 10; 10:21; 16:22—Ngaba la mazwi abonisa ukuba uYobhi wayengakholelwa eluvukweni? Apha uYobhi wayethetha ngemeko yexesha lakhe. Wayethetha ukuthini? Usenokuba wayebhekisela ekubeni xa esifa, abantu bexesha lakhe babengayi kumbona kwakhona. Wayengayi kubuyela ekhayeni lakhe de kufike ixesha likaThixo elimiselweyo. Kwakhona uYobhi usenokuba wayethetha ukuba akukho namnye unako ukuzibuyela ngokwakhe eShiyol. Into yokuba uYobhi wayekholelwa eluvukweni kwixesha elizayo izicacele kuYobhi 14:13-15.

10:10—UYehova ‘wamthulula njani uYobhi njengobisi waza wamvuthiswa njengesonka samasi’? Le yintetho ebumbongorha echaza indlela uYobhi awabunjwa ngayo esibelekweni sikanina.

19:20—Wayethetha ukuthini uYobhi ngokuthi “ndisinda cebetshu”? Kunokwenzeka ukuba uYobhi wayebhekisela ekubeni wasinda ephaca engenanto kwaphela.

Oko Sikufundayo:

4:7, 8; 8:5, 6; 11:13-15. Asimele sikhawuleze sigqibe kwelokuba umntu obandezelekayo uvuna oko akuhlwayeleyo yaye uThixo akakholiswa nguye.

4:18, 19; 22:2, 3. Isiluleko sethu sifanele sisekelwe eLizwini likaThixo, kungekhona kuluvo lwethu.—2 Timoti 3:16.

10:1. Intlungu egqithiseleyo yamfamekisa uYobhi akacinga nokucinga ngoyena nobangela wokubandezeleka kwakhe. Asimele sibe buhlungu ngokugqithiseleyo xa sibandezeleka, ingakumbi njengoko siyazi kakuhle imbambano ebandakanyekileyo.

14:7, 13-15; 19:25; 33:24. Xa uSathana esivavanya, sinokomelezwa lithemba lovuko.

16:5; 19:2. Amazwi ethu afanele abakhuthaze yaye abomeleze abanye, angabacaphukisi.—IMizekeliso 18:21.

22:5-7. Isiluleko esigxininisa kwisimangalo esingenabungqina bubambekayo asiloncedo yaye siyadimaza.

27:2; 30:20, 21. Sinako ukugcina ingqibelelo nokuba asifezekanga. NoYobhi wayengafezekanga wada wamgxeka ngokungafanelekanga uThixo.

27:5. NguYobhi kuphela owayenokukwazi ukuyisusa ingqibelelo yakhe kuba ingqibelelo ixhomekeke kwindlela umntu amthanda ngayo uThixo. Ngoko sifanele sizabalazele ukumthanda kakhulu uYehova.

28:1-28. Abantu bayazi apho bufumaneka khona ubutyebi bomhlaba. Ukuze babufumane basebenzisa ubuchule babo ukuze bembe ngaphantsi komhlaba apho ingenakubona khona intaka ebona kude. Kodwa bona ubulumko bukaThixo bufumaneka ngokoyika uYehova.

29:12-15. Sifanele sibonise ububele bothando kwabo basweleyo.

31:1, 9-28. UYobhi usimisele umzekelo ngokuthi akuphephe ukudlala ngothando, ukukrexeza, ukubaphatha kakubi abanye, ukuthanda izinto eziphathekayo nokunqula izithixo.

“NDIYAGUQUKA NDISELUTHULINI NASELUTHUTHWINI”

(Yobhi 32:1–42:17)

Umfana onguElihu wayethule ephulaphule le ngxoxo. Ethubeni naye wangenelela wathetha. Wamlungisa uYobhi nabathuthumbisi bakhe abathathu.

Uthe nje akugqiba uElihu, waphendula uYehova ekwisaqhwithi somoya. Akazange amchaze unobangela wokubandezeleka kukaYobhi. Kunoko uSomandla wambuza uthotho lwemibuzo uYobhi, ngaloo ndlela emenza abone ubukhulu bamandla nobulumko Bakhe. UYobhi wavuma ukuba uthethe ngokungazi waza wathi: “[Ndiyarhoxa], yaye ndiyaguquka ndiseluthulini naseluthuthwini.” (Yobhi 42:6) Ekupheleni kwesilingo sikaYobhi, wavuzwa ngenxa yengqibelelo yakhe.

Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:

32:1-3—Wafika nini uElihu? Ekubeni uElihu wakuva konke oko kwakuthethwa, umele ukuba wafika wahlala kufuphi ngaphambi kokuthetha kukaYobhi emva kokuba amaqabane akhe amathathu ayethule kangangeentsuku ezisixhenxe.—Yobhi 3:1, 2.

34:7—UYobhi wayefana njani nendoda “esela ugculelo njengamanzi”? Ngexesha lokubandezeleka kwakhe, uYobhi walugqala njengolubhekiswa kuye ugculelo lweendwendwe zakhe ezintathu, nangona enyanisweni zazigculela uThixo. (Yobhi 42:7) Ngaloo ndlela, wayesela ugculelo lwazo njengomntu osela amanzi.

Oko Sikufundayo:

32:8, 9. Ubulumko abufunyanwa nje kuphela ngokuhamba kweminyaka. Bufunyanwa ngokuqonda iLizwi likaThixo nokwalathiswa ngumoya wakhe.

34:36. Ingqibelelo ibonakala ‘ngokuvavanywa ngokupheleleyo’ nokuba kungayiphi na indlela.

35:2. UElihu waphulaphula ngenyameko waza wafumana owona mongo wengxoxo ngaphambi kokuba athethe. (Yobhi 10:7; 16:7; 34:5) Ngaphambi kokuba banikele isiluleko, abadala abangamaKristu bamele baphulaphule ngenyameko, bafumane iinkcukacha, yaye bawuqonde owona mongo wengxoxo.—IMizekeliso 18:13.

37:14; 38:1–39:30. Ukucinga ngoko uYehova akwenzileyo—okubonisa amandla nobulumko bakhe—kusenza sizive sibancinane yaye kusinceda sibone ukuba ukuthethelela ulongamo lwakhe kubaluleke ngaphezu kwezilangazelelo zethu zobuqu.—Mateyu 6:9, 10.

40:1-4. Xa siziva sifuna ukukhalazela uSomandla, sifanele ‘sibeke isandla emlonyeni wethu.’

40:15–41:34. Hayi indlela enamandla amakhulu ngayo iBhehemote (imvubu) neLeviyatan (ingwenya)! Ukuze sinyamezele enkonzweni kaThixo, sifuna amandla avela kuMenzi wezi zilwanyana zomeleleyo.—Filipi 4:13.

42:1-6. Ukuva kukaYobhi ilizwi likaYehova nokukhunjuzwa kwakhe ngamandla akhe, kwamnceda ‘wambona uThixo,’ okanye waqonda eyona nyaniso ngaye. (Yobhi 19:26) Oku kwayitshintsha indlela awayecinga ngayo. Xa silulekwa ngeZibhalo, sifanele sisivume ngoko nangoko isiphoso sethu size senze utshintsho.

Hlakulela ‘Unyamezelo LukaYobhi’

Incwadi kaYobhi ibonisa ngokucacileyo ukuba uThixo akabekeki tyala ngokubandezeleka kwabantu. NguSathana unobangela woko. Ukuvumela kukaThixo ubungendawo emhlabeni kusivulela ithuba lokubonisa ukuba simi phi kwimbambano yolongamo lukaYehova, yaye kusivulela nethuba lokubonisa ingqibelelo yethu.

NjengoYobhi, bonke abo bamthandayo uYehova baza kuvavanywa. Ingxelo kaYobhi isinika intembelo yokuba sinako ukunyamezela. Isikhumbuza ukuba iingxaki zethu aziyi kuhlala zikho ngonaphakade. “Nivile ngonyamezelo lukaYobhi, nayibona nendlela uYehova awambuyekeza ngayo,” utsho njalo uYakobi 5:11. UYehova wamvuza uYobhi ngokugcina kwakhe ingqibelelo. (Yobhi 42:10-17) Elinjani lona ukuba likhulu ithemba elibekwe phambi kwethu—ubomi obungunaphakade kwiParadesi esemhlabeni! Ngoko njengoYobhi, masizimisele ukugcina ingqibelelo yethu.—Hebhere 11:6.

[Umbhalo osemazantsi]

a Incwadi kaYobhi igubungela ngaphezu kwe-140 leminyaka, ukususela kowe-1657 ukusa kowe-1473 B.C.E.

[Imifanekiso ekwiphepha 16]

Sinokufunda ntoni ‘kunyamezelo lukaYobhi’?