Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ukuzabalazela Ukuba Ngumntu Wokomoya

Ukuzabalazela Ukuba Ngumntu Wokomoya

Ukuzabalazela Ukuba Ngumntu Wokomoya

KWINTSHUMAYELO yakhe edumileyo yaseNtabeni, uYesu wathi: “Banoyolo abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya.” (Mateyu 5:3) Kungenzeka ukuba nawe uyavumelana naloo mazwi. Kwiindawo zonke abantu bayayiqonda intswelo yokomoya abanayo kubomi babo, ibe bacinga ukuba xa benokuyanelisa, oko kungabazisela ulonwabo. Kodwa ke, litheth’ ukuthini igama elithi “ubumoya”?

Esinye isichazi-magama sichaza ubumoya ngokuthi “ukuqonda intswelo yakho okanye ukutsaleleka kwimilinganiselo yonqulo” “nokuba ngumntu othanda izinto zokomoya.” Amabinzana afana nelithi “ubumoya,” “ukuba ngumntu wokomoya” okanye “ukuthand’ izinto zokomoya” ajongwa njengezithetha nto-nye. Ukuze licace ngakumbi eli binzana, cinga ngalo mzekelo: Umntu onobuchule bokuqhuba ishishini kudla ngokuthiwa uthanda ukushishina. Ngokufanayo, umntu oxabisa imilinganiselo yokomoya okanye onomdla kwizinto zonqulo kuthiwa uthanda izinto zokomoya.

Umntu wenza njani ukuze abe ngumntu wokomoya ngokwenene? Nakuba zonke inkonzo zisithi ziyayazi into omele uyenze ukuze ube ngumntu wokomoya, indlela eziyichaza ngayo yahlukana ngokweecawa ezo. UmProtestanti uthi usindiswa ngokuya kwimvuselelo ethile. UmKatolika uba lidlelane likaThixo ngokuya kuMthendeleko weNkosi. UmBhuda ufuna ukukhanyiselwa ngokomoya ngokucamngca. UmHindu uzama ukukhululwa kumjikelo wokuzalwa ngokutsha ngokuzibandeza ulonwabo. Ngaba zonke ezi nkolelo zenza ubani abe ngumntu wokomoya ngokwenene? Ngaba ikho echanileyo kuzo?

Abantu abaninzi, bathi nakanye. Bathi ekuphela kwento efunekayo, “kukuba nokholo kodwa ungahambi cawa,” ngamanye amazwi, ukholelwe kuthixo okanye isithixo esithile ngoxa kungekho cawa uhamba kuyo. Abanye bacinga ukuba, ukuba ngumntu wokomoya akubhekiseli, ekunquleni, kodwa ngumnqweno wokuba noxolo lwangaphakathi nokuphila ubomi obunentsingiselo. Bathi abo bafuna ukuba ngabantu bokomoya akuyomfuneko ukuba bahambe inkonzo. Kunoko kufuneka, baxhomekeke kwiimvakalelo zabo kungekhona kuThixo. Omnye umbhali wathi: “Ubumoya bokwenene yinto efumaneka apha ngaphakathi kuthi. Luthando onalo, indlela ophatha ngayo abanye. Yinto ongenakuyifumana ecaweni okanye ngokukholelwa imfundiso yecawa ethile.”

Kucacile ukuba izimvo ziyabethabethana xa kusiziwa kwizinto zokomoya. Zingamawaka iincwadi eziye zabhalwa ngenjongo yokubonisa abantu indlela abanokuba ngabantu bokomoya ngayo, kodwa ubukhulu becala abo bazifundayo bashiyeka bebhidekile bengamagobho-gobho. Noko ke, inye kuphela incwadi enokhokelo olunokuthenjwa kwizinto zokomoya. Yincwadi ebonisa ubungqina bokuba iphefumlelwe nguThixo. (2 Timoti 3:16) Makhe sibone oko kuthethwa yile ncwadi, iBhayibhile ngobumoya nokubaluleka kwabo.

[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 2]

COVER: Background: © Mark Hamblin/age fotostock