Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Kutheni Sifanele Sithandaze Egameni LikaYesu?

Kutheni Sifanele Sithandaze Egameni LikaYesu?

UYESU wayethanda ukufundisa ngomthandazo. Iinkokeli zonqulo ezingamaYuda zomhla wakhe zazithandaza ‘kwiimbombo zeendlela eziphangaleleyo.’ Ngoba? ‘Ukuze zibonakale ebantwini.’ Kucacile ukuba, zazifuna ukunconywa ngenxa yenzondelelo yazo. Uninzi lwazo lwalusenza imilembelele yemithandazo ngokungathi luya kuviwa ‘ngenxa yokusebenzisa amazwi amaninzi.’ (Mateyu 6:5-8) UYesu wabonisa ukuba ukwenza oko kulilize, ngaloo ndlela enceda abantu abanyanisekileyo bazi oko bamele bakuphephe xa bethandaza. Kodwa akazange aphelele nje ngokubonisa oko abantu bamele bakuphephe xa bethandaza.

UYesu wafundisa ukuba xa sithandaza sifanele sivakalise umnqweno wethu wokungcwaliswa kwegama likaThixo, ukufika koBukumkani bakhe, nokwenziwa kokuthanda kwakhe. Kwakhona wafundisa ukuba kufanelekile ukucela uncedo lukaThixo xa sineengxaki. (Mateyu 6:9-13; Luka 11:2-4) Esebenzisa imizekeliso, uYesu wabonisa ukuba kufuneka sizingise, sibe nokholo size sithobeke ukuze imithandazo yethu iviwe. (Luka 11:5-13; 18:1-14) Ukuze abethelele le mfundiso, naye wayekwenza oko.—Mateyu 14:23; Marko 1:35.

Ngokuqinisekileyo, oko kwabanceda abafundi bakaYesu baphucula imithandazo yabo. Kodwa, uYesu walinda de yaba bubusuku bakhe bokugqibela emhlabeni  ngaphambi kokuba afundise abafundi bakhe eyona nto ibalulekileyo ngomthandazo.

“Utshintsho Kwindlela Yokuthandaza”

UYesu wachitha ubusuku bakhe bokugqibela ekhuthaza abapostile bakhe abathembekileyo. Yayilixesha elifanelekileyo lokubachazela into entsha. Wathi: “Ndim indlela nenyaniso nobomi. Akukho bani uzayo kuBawo ngaphandle kokuza ngam.” Kamva wabathembisa oku: “Nakuphi na oko nikucelayo egameni lam, ndiza kukwenza, ukuze uBawo azukiswe ngoNyana. Ukuba nicela nantoni na egameni lam, ndiza kuyenza.” Ngasekupheleni kwengxoxo yakhe, wathi: “De kube leli xesha langoku anikaceli nanye into egameni lam. Celani, niya kwamkela, ukuze uvuyo lwenu luzaliswe.”—Yohane 14:6, 13, 14; 16:24.

Ayebaluleke gqitha la mazwi. Esinye isichazi-magama sithi la mazwi enza “utshintsho kwindlela yokuthandaza.” UYesu wayengathi makuthandazwe kuye endaweni yokuthandaza kuThixo. Kunoko, wayebonisa indlela entsha yokuthandaza kuYehova uThixo.

Enyanisweni, uThixo ebesoloko eyiphulaphula imithandazo yabakhonzi bakhe abathembekileyo. (1 Samuweli 1:9-19; INdumiso 65:2) Kodwa, ngoxa amaSirayeli ayengabantu bakaThixo bomnqophiso, abo babefuna ukuba imithandazo yabo iviwe babemele baqonde ukuba uSirayeli luhlanga olukhethwe nguThixo. Yaye kamva, ngexesha likaSolomon, babemele baqonde ukuba itempile yindawo yemibingelelo ekhethwe nguThixo. (Duteronomi 9:29; 2 Kronike 6:32, 33) Kodwa, le ndlela yokunqula yayiyeyokwexeshana. Umpostile uPawulos wabhala wathi, uMthetho owanikwa uSirayeli kunye nemibingelelo eyayisenziwa etempileni ‘yayisisithunzi sezinto ezilungileyo eziza kuza, kodwa ingenawo owona mongo wezinto.’ (Hebhere 10:1, 2) Isithunzi sasimele sithathelw’ indawo yinto yokoqobo. (Kolose 2:17) Ukususela ngoNisan 14, 33 C.E., ukuba nolwalamano noYehova kwakungaxhomekekanga ekuthobeleni uMthetho kaMoses. Kunoko, kwakuxhomekeke ekuthobeleni lowo uMthetho wawubhekisela kuye—uKristu Yesu.—Yohane 15:14-16; Galati 3:24, 25.

Igama “Elingaphezu Kwawo Onke Amanye Amagama”

UYesu wachaza indlela ebalaseleyo yokuthandaza kuYehova, wabonisa ukuba ungumhlobo obangela ukuba imithandazo yethu iviwe   ize iphendulwe nguThixo. Yintoni ebangela ukuba uYesu asenzele oku?

Ekubeni sonke sinesono, akukho nto sinokuyenza enokusihlambulula okanye isenze sifanelekele ukuba nobuhlobo noThixo wethu ongcwele uYehova. (Roma 3:20, 24; Hebhere 1:3, 4) Kodwa ke, uYesu wanikela ngobomi bakhe obufezekileyo waza wahlawulela izono zabantu. (Roma 5:12, 18, 19) Ngoko bonke abantu banethuba lokuxolelwa izono baze babe ‘nenkululeko yokuthetha’ noThixo—kodwa kuphela ukuba babonisa ukholo kwidini likaYesu baze bathandaze egameni lakhe.—Efese 3:11, 12.

Xa sithandaza egameni likaYesu sibonisa ukholo kwindima anayo ekuphumezeni injongo kaThixo ngeendlela ezintathu: (1) ‘UyiMvana kaThixo’ eyaba lidini ukuze kuxolelwe izono zethu. (2) Wavuswa nguYehova yaye ngoku ‘ungumbingeleli omkhulu’ osenza sifumane iingenelo zentlawulelo. (3) Nguye kuphela “indlela” yokusondela kuYehova ngomthandazo.—Yohane 1:29; 14:6; Hebhere 4:14, 15.

Siyamzukisa uYesu ngokuthandaza egameni lakhe. Kufanelekile ukuba simzukise ngoba uYehova uthanda ukuba “egameni likaYesu agobe onke amadolo . . . , zize zonke iilwimi zivume ekuhleni ukuba uYesu Kristu uyiNkosi nto leyo eluzuko kuThixo uYise.” (Filipi 2:10, 11) Okubaluleke ngakumbi kukuba xa sithandaza egameni likaYesu sizukisa uYehova, lowo wanikela ngoNyana wakhe ngenxa yethu.—Yohane 3:16.

Sifanele sithandaze ‘ngentliziyo iphela,’ singadlulisi nje usana kunina

Ukuze siqonde ukubaluleka kwendima kaYesu, iBhayibhile imbiza ngamagama awahlukahlukeneyo. * La magama asinceda siqonde iingenelo esizifumanayo ngenxa yoko asenzele kona uYesu, noko aza kusenzela kona kwixa elizayo. (Funda ibhokisi ethi “ Indima Ebalulekileyo KaYesu”) Eneneni, uYesu uye wanikwa “igama elingaphezu kwawo onke amanye amagama.” Unikwe lonke igunya ezulwini nasemhlabeni.—Filipi 2:9; Mateyu 28:18.

Ungadlulisi Nje Usana Kunina

Ukuze imithandazo yethu iviwe nguYehova, simele sithandaze egameni likaYesu.  (Yohane 14:13, 14) Kodwa asimele siphindaphinde nje ibinzana elithi “egameni likaYesu.” Ngoba?

Phawula lo mzekeliso. Xa ufumana ileta evela kusomashishini othile, emazantsi isenokubhalwa amazwi athi “owakho ozithobileyo.” Ngaba ucinga ukuba lo somashishini uvakalelwa ngaloo ndlela ngokwenene okanye usebenzisa nje indlela eqhelekileyo yokuqukumbela ileta? Ngoko ke, sifanele sisebenzise ibinzana elithi egameni likaYesu ngokusuk’ entliziyweni, singafani nosomashishini oqukumbela ileta. Nangona sifanele ‘sithandaze ngokungapheziyo,’ sifanele senjenjalo ‘ngentliziyo iphela,’ singadlulisi nje usana kunina.—1 Tesalonika 5:17; INdumiso 119:145.

Sinokukuphepha njani ukulisebenzisa nje ibinzana elithi “egameni likaYesu?” Kutheni ungacamngci ngeempawu zikaYesu ezintle? Cinga ngoko asele ekwenzele kona noko aseza kukwenzela kona. Xa uthandaza, bulela uYehova uze umdumise ngokusebenzisa uNyana wakhe ngendlela emangalisayo. Xa usenjenjalo, uya kuba nentembelo ngakumbi kwesi sithembiso sikaYesu sithi: “Ukuba nicela nantoni na kuBawo uya kuninika yona egameni lam.”—Yohane 16:23.

^ isiqe. 14 Ngokutsho kweVine’s Expository Dictionary of New Testament Words, ibinzana lesiGrike elithi “igama” linokubhekisela “kwigunya, ubuntu, isikhundla, ubungangamsha, amandla, nodumo.”