Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Bebeya Kusiqonda “Isiphelo Sabo Emva Koku”

Bebeya Kusiqonda “Isiphelo Sabo Emva Koku”

Bebeya Kusiqonda “Isiphelo Sabo Emva Koku”

NGALO lonke ixesha lokuphila kwethu sifanele senze ukhetho. Kuhle ukuba sicinge ngemiphumo yokhetho lwethu ngaphambi kokuba senze nasiphi na isigqibo. Abanye baye bazisola ngezigqibo abaye bazenza. Mhlawumbi nawe wakha wathi, ‘Ukuba ndandazile ngendingazange ndiyenze le nto.’

Umntu oqhele ukuhamba uye afune ukuyazi indlela apho iza kuphelele khona. Usenokuhlola imaphu okanye athethe nabantu abayaziyo loo ndawo. Uya kufunda iibhodi ezisecaleni kwendlela. Ebomini unokuqiniseka njani ukuba yiyiphi indlela ofanele uhambe ngayo? Ngokuphathelele abantu bakwaSirayeli bamandulo, uThixo wathi ngoMoses: “Akwaba bebenobulumko! Kuba bebeya kukuphonononga oku. Bebeya kusiqonda isiphelo sabo emva koku.”—Duteronomi 32:29.

Elona Cebiso Lisemagqabini

Akuyomfuneko ukuba sisithandabuze ‘isiphelo sobomi emva koku.’ UThixo ungoyena unokucebisa abantu ngokhetho abafanele balwenze ebomini. Uyibonile imiphumo yokhetho oluye lwenziwa ngabantu abaninzi. IBhayibhile ithi: “Iindlela zomntu ziphambi kwamehlo kaYehova, yaye uyayondela yonke imikhondo yakhe.”—IMizekeliso 5:21.

UYehova uyabanyamekela abo bamthandayo. Ubachazela eyona ndlela bafanele bayikhethe ngeLizwi lakhe iBhayibhile. Sifunda oku: “Ndiya kukuqiqisa ndikuyalele ngendlela ofanele uhambe ngayo. Ndiya kukucebisa iliso lam likuwe.” Ngaphambi kokwenza naluphi na ukhetho kububulumko ukufuna icebiso likaYehova njengokuba wenzayo uKumkani uDavide woSirayeli wamandulo, owathandaza wathi: “Ndazise indlela endifanele ndihambe ngayo.”—INdumiso 32:8; 143:8.

Xa ulandela ulwalathiso lomntu onamava oko kunokwenza uzithembe uze uzive ukhuselekile. Akukhathazeki ukuba indlela isingise phi. UDavide wacela ukhokelo nolwalathiso lukaYehova waza walulandela. Ngenxa yoko, waba noxolo lwengqondo oluchazwe kakuhle kwincwadi yeNdumiso 23. UDavide wabhala: “UYehova ngumaLusi wam. Andiyi kuswela nto. Undilalisa kumadlelo anengca; undikhaphelela kwiindawo zokuphumla ezinamanzi amaninzi. Uyawuhlaziya umphefumlo wam. Undikhokelela kumkhondo wobulungisa ngenxa yegama lakhe. Nangona ndihamba kwintlambo yethunzi elimnyama, andoyiki nto imbi.”—INdumiso 23:1-4.

Liya Kuba Yintoni Ikamva Labo?

Umdumisi ekusenokwenzeka ukuba nguAsafu okanye omnye wenzala yakhe, wavuma ukuba ‘waphantse wathi gu bucala.’ Kwakonakele phi? Wabona abantu abanganyanisekanga nabanogonyamelo bephumelela waza walumonela “uxolo lwabantu abangendawo.” Wayecinga ukuba babeza ‘kuhlala ngokukhululekileyo ngokungenammiselo.’ Okubuhlungu kukuba umdumisi wayesele eqalise ukuyithandabuza indlela yobulungisa awayeyikhethile.—INdumiso 73:2, 3, 6, 12, 13.

Ekugqibeleni umdumisi wathandaza kuYehova waza wacamngca ngesiphelo sabantu abangendawo. Wathi: “Bendifuna ukuqonda ikamva labo.” Waqonda ukuba abantu abanjalo ‘bakumhlaba omtyibilizi’ yaye “bafikelele esiphelweni ngento enkwantyisa ngequbuliso!” Kuthekani ngendlela awayehamba kuyo umdumisi? Wavuma esithi: “Emva koko [uYehova] uya kundithabatha undinike uzuko.”—INdumiso 73:17-19, 24.

Xa wayephonononga imiphumo yezenzo zabantu abafumana ubutyebi ngondlela mnyama waqiniseka umdumisi ukuba uhamba endleleni efanelekileyo. Walek’ umsundulu wathi: “Ke mna, ukusondela kuThixo kulungile kum.” Ukusondela kuYehova uThixo kusoloko kuzala amaduna namathokazi.—INdumiso 73:28.

“Yazi Apho Uya Khona”

Nathi sinokujamelana nokhetho olufanayo namhlanje. Kusenokuvela ithuba lokushishina, ukunyuselwa emsebenzini okanye umenyelwe kwishishini eliza kwenza intywenka yemali. Kakade ke, kwizinto ezinjengezi kusoloko kukho iingozi ongenakuzibona kwangaphambili. Ngaba unokuyibona kwangaphambili imiphumo yokhetho olwenzileyo? Ngaba kuza kufuneka ungabikho ekhaya nto leyo eza kubangela wena okanye iqabane lakho lixinezeleke? Ngaba kuza kufuneka unxulumane nabantu abangafanelekanga? Ngokuyibona kwangaphambili ingozi uya kukwazi ukwenza isigqibo sobulumko. Thobela esi silumkiso sikaSolomon: “Yazi Apho Uya Khona.”—IMizekeliso 4:26.

Kuya kuba kuhle ukuba sicingisise ngesi siluleko ngokukodwa ulutsha. Elinye ityendyana lomfana laqesha ividiyo ebonisa imifanekiso engamanyala. Emva kokuba liyibukele le vidiyo lithi lavuseleleka laza laya kuzinceda kunongogo owayehlala kufutshane. Ladandatheka, lanomvandedwa lisoyikisela into yokuba lalisenokuba nesifo. Kwenzeka kanye la nto ichazwa eBhayibhileni: “Ngequbuliso uyamlandela, njengenkunzi yenkomo isiya ekuxhelweni.” Izinto ngezazahlukile ukuba lalicinge ngesiphelo kusengaphambili.—IMizekeliso 7:22, 23.

Yithembe Imiqondiso

Abantu abaninzi bayavuma ukuba kububudenge ukungayinanzi imiqondiso. Okubuhlungu kukuba yilo nto kanye eyenziwa ngabantu abaninzi xa bengaluthandi ulwalathiso abalunikwayo. Khawucinge ngemeko yamaSirayeli athile ngexesha likaYeremiya. Kwakufuneka uhlanga lwenze isigqibo yaye uYehova uThixo walucebisa esithi: “Nibuzise ngeendlela zakudala, apho ngoku, ikhoyo indlela elungileyo; nize nihambe kuyo.” Kodwa abantu ngenxa yokuba bengontam’ olukhuni bala besithi “asizi kuhamba” ngaloo ndlela. (Yeremiya 6:16) Waba yintoni umphumo? Ngowe-607 B.C.E., amaBhabhiloni asitshabalalisa isixeko saseYerusalem aza athimba abantu.

Ukungayinanzi imiqondiso uThixo asinika yona akuyi kusinceda nganto. IZibhalo zisibongoza zisithi: “Kholosa ngoYehova ngayo yonke intliziyo yakho, ungayami ngokwakho ukuqonda. Uze umgqale yena ezindleleni zakho zonke, kwaye uya kuwenza uthi tye umendo wakho.”—IMizekeliso 3:5, 6.

Ezinye zezilumkiso zikaThixo zezi: “Musa Ukungena.” Ngokomzekelo, iBhayibhile ithi: “Emendweni wabangendawo, ungahambi ngqo uye endleleni yababi.” (IMizekeliso 4:14) Ezinye zezinto esifanele siziphephe zezo zichazwe kwiMizekeliso 5:3, 4: “Ivuza njengenqatha lobusi imilebe yomfazi wasemzini, nenkalakahla yakhe igude ngakumbi kuneoli. Kodwa umphumo ukrakra njengomhlonyane; ubukhali njengekrele elintlangothi-mbini.” Kwabanye ukuziphatha kakubi nonongogo okanye omnye umntu kusenokubonakala kumyoli. Kodwa ukuwubetha ngoyaba umqondiso othi “Musa Ukungena” kuya kukhokelela kwintlekele.

Ngaphambi kokuba uthabathe nawaphi na amanyathelo qala uzibuze, ‘Ndiya kuphelela phi?’ Ukucamngca ‘ngesiphelo soku’ kuya kukunceda uphephe imiphumo eyingozi. Isifo sikaGawulayo nezifo ezidluliselwa ngesini, ukumitha, ukuqhomfa, ukonakala kolwalamano nomvandedwa leyo yimiphumo efunyanwa ngabo baye abayinanza imiqondiso. Isiphelo sabo bangakwaziyo ukuziphatha usichaza kakuhle umpostile uPawulos esithi: “Abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.”—1 Korinte 6:9, 10.

“Nantsi Indlela”

Maxa wambi kunzima ukuyazi indlela apho isingise khona. Siyambulela uThixo ngokusinyamekela nokusinika ulwalathiso olucacileyo. UYehova uthi: “Nantsi indlela. Hambani ngayo.” (Isaya 30:21) Iya kuphelela phi le ndlela athi uYehova masihambe kuyo? Nangona le ndlela imxinwa yaye inzima, uYesu wathi iya kusikhokelela kubomi obungunaphakade.—Mateyu 7:14.

Cinga ngendlela ohamba kuyo. Ngaba ifanelekile? Isingise phi? Funa ulwalathiso lukaYehova ngokuthandaza. Hlola ‘imaphu’ eyiBhayibhile. Kusenokufuneka ubuze umakad’ enetha ekudala eyihamba le ndlela. Ukuba kufuneka utshintshe indlela yenjenjalo.

Umhambi uyakhuthazeka xa ebona umqondiso omqinisekisa ukuba uhamba endleleni efanelekileyo. Ukuba xa uzihlola ufumanisa ukuba indlela ohamba kuyo yeyobulungisa qhubeka uhamba kuyo. Iintsikelelo zolu hambo sele kumbovu ukuba zifumaneke.—2 Petros 3:13.

Yonke indlela inendawo ephelela kuyo. Kuya kwenzeka ntoni xa ufikelela esiphelweni sendlela oyihambayo? Akukho nto kuza kuyinceda ukugxwal’ emswaneni usithi, ‘Akwaba bendithabathe enye indlela!’ Ngoko ke ngaphambi kokuthabatha naliphi na inyathelo ebomini zibuze: ‘Siya kuba yintoni na isiphelo?’

[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 10]

Siya Kuba Yintoni Isiphelo “Emva Koku?”

Ulutsha ludla ngokuchanabeka kwiimvavanyo nakwingcinezelo yokuhamba nomndilili. Nantsi imizekelo embalwa.

Omnye usenokukugculela esithi uligwala xa ungafuni ukutshaya.

Utitshala enenjongo ezintle uyakukhuthaza ukuba uye kufunda eyunivesithi.

Umenyelwa kwimbutho ekuza kube kukho utywala yaye iziyobisi zidlal’ abantwana.

Omnye usenokucebisa esithi: “Kutheni ungafaki iinkcukacha zakho nomfanekiso wakho kwi-Internet?”

Umhlobo wakho ukumema ukuba niye kubukela imiboniso-bhanyabhanya enogonyamelo okanye ukuziphatha okubi.

Ukuba ubunokuhlangabezana nenye yezi zinto zichazwe ngasentla ubuya kwenza ntoni? Ngaba ubuya kunikezela okanye ucinge ukuba isiphelo siya kuba yintoni “emva koku”? Uya kuba ulumkile xa uzibuza ukuba: “Ngaba umntu unokuwufumba na umlilo esifubeni sakhe zize izambatho zakhe zingatshi? Okanye ngaba umntu unokuhamba phezu kwamalahle zize iinyawo zakhe zingatshi?”—IMizekeliso 6:27, 28.