Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Inkonzo Elungileyo Ifundisa Abantu Ukuba Balihlonele ILizwi LikaThixo

Inkonzo Elungileyo Ifundisa Abantu Ukuba Balihlonele ILizwi LikaThixo

UYESU wafundisa abantu ukuba balihlonele iLizwi likaThixo, iBhayibhile. Le nto icaca kakuhle kwindlela awamphendula ngayo uMtyholi. (Mateyu 4:4-11) Ngokomzekelo, wathini xa uSathana wayesithi makajike amatye abe zizonka? Wala ecaphula amazwi aphefumlelweyo kaMoses akwiDuteronomi 8:3. Ukanti wathini xa uMtyholi wamthembisa ngokumnika zonke izikumkani zehlabathi ukuba wayenokumnqula nje nokuba kukanye? Wayikhaba naleyo, kwesi sihlandlo ecaphula umgaqo weZibhalo okwiDuteronomi 6:13.

Ngaba uyayiva le nto? Nangona wayenguNyana kaThixo, uYesu wayesebenzisa iBhayibhile njengegunya lemfundiso yakhe. Zange khe alityeshele nakanye iLizwi likaThixo kuba nje efuna ukubambelela kwisithethe sabantu. (Yohane 7:16-18) Noko ke, bona abefundisi bonqulo abaninzi bomhla kaYesu babengalihloneli njengaye iLizwi likaThixo. Yayiyintoni ingxaki yabo? Kaloku bona babevumela izithethe zabantu zibe yeyona nto iphambili kuneZibhalo Ezingcwele. Engacengi ndolala phi, uYesu wathi kubo: “Nilitshitshisile ilizwi likaThixo ngenxa yesithethe senu. Bahanahanisindini, watyapha ukuprofeta ngani uIsaya, xa wathi, ‘Esi sizwana sindibeka ngemilebe yaso, kanti intliziyo yaso ikude lee kum. Sindinqulela ilize, kuba sifundisa iimfundiso eziyimiyalelo yabantu.’”—Mateyu 15:6-9.

Zininzi iinkonzo, ezobuKristu nezo zingezozabuKristu ezithi ziyayihlonela iBhayibhile. Kodwa ke zingaphi ozaziyo ezizilahlayo izithethe xa zingqubana neLizwi likaThixo? Khawuqwalasele le mizekelo mibini.

UMXHOLO: Amagama achaza izikhundla ezinikwa abantu enkonzweni.

INTO EFUNDISWA YIBHAYIBHILE:

UYesu wazigxeka iinkokeli zonqulo zomhla wakhe ngenxa yokuthanda kwazo ukubizwa ngamagama amakhulu nezikhundla eziphezulu. Wathi zazithanda “eyona ndawo iphambili kwizidlo zangokuhlwa nezihlalo eziphambili kwizindlu zesikhungu, nemibuliso kwiindawo zemarike nokubizwa ngabantu kuthiwe Rabhi.” Wandula ke wathi kubafundi bakhe: “Kodwa nina, ningabizwa kuthiwe Rabhi, kuba mnye umfundisi wenu, kanti nonke nina ningabazalwana. Ngaphezu koko, ningabizi nabani na ngokuthi nguyihlo emhlabeni, kuba mnye uYihlo, Lowo wasezulwini.”—Mateyu 23:1-10.

UMBUZO:

Ngaba iinkokeli zale nkonzo zithanda ukubizwa ngezikhundla zazo nokubalasela ekuhlaleni okanye ziyaziphepha ezo zinto kuba zithobela umyalelo kaYesu?

UMXHOLO: Ukusetyenziswa kwemifanekiso enkonzweni.

INTO EFUNDISWA YIBHAYIBHILE:

“Uze ungazenzeli umfanekiso oqingqiweyo okanye imbonakalo yayo nantoni na esemazulwini phezulu okanye esemhlabeni phantsi okanye esemanzini phantsi komhlaba. Uze ungaqubudi kuzo okanye uqhutyelwe ekuzikhonzeni, kuba mna Yehova Thixo wakho ndinguThixo ofuna uzinikelo olupheleleyo, ndizisa isohlwayo ngesiphoso sooyise phezu koonyana, kwesesithathu isizukulwana nakwesesine isizukulwana, sabandithiyileyo.”—Eksodus 20:4, 5.

Umpostile uYohane wathi kumaKristu: “Bantwana bam zilumkeleni izithixo.”—1 Yohane 5:21, IBhayibhile YesiXhosa Yowe-1996.

UMBUZO:

Ngaba le nkonzo iyawuthobela umthetho weBhayibhile ocacileyo othi singayisebenzisi imifanekiso eqingqiweyo nezithixo xa sinqula uThixo?

Unako Ukuyifumana Indlela Echanileyo

Nakuba zininzi iindlela zokukhonza yaye ziphixanisa ingqondo unako ukuyifumana eyona isa ebomini. Zininzi iindlela onokulubona ngazo “unqulo oluhlambulukileyo nolungadyobhekanga ngokwembono kaThixo.” (Yakobi 1:27) IZibhalo ezikula manqaku zingakunceda uyibone loo nkonzo.

Kutheni ungakhe ubuze amaNgqina kaYehova uve ukuba wona ayiphendula njani imibuzo ekula manqaku? Njengoko ekuphendula, xelisa abantu ababehlala kwisixeko saseBhereya ngenkulungwane yokuqala. Emva kokuva intshumayelo yompostile uPawulos “bazifunda mihla le neZibhalo, befuna ukuqonda ukuba uPawulos unyanisile na.” (IZenzo 17:11, IBhayibhile YesiXhosa Yowe-1996) Nawe uya kuyifumana indlela esa ebomini ukuba uyalihlonela yaye ulifunda ngokucokisekileyo iLizwi likaThixo njengabantu baseBhereya. Emva kokuba uyifumene, nguwe oya kuzikhethela ukuba uyafuna na ukuhamba ngayo.

Yiyiphi inkonzo ekhuthaza abantu ukuba bafunde iZibhalo ukuze babone ukuba ishumayela inyaniso kusini na?