Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Umlandela Ngokupheleleyo UKristu?

Ngaba Umlandela Ngokupheleleyo UKristu?

Ngaba Umlandela Ngokupheleleyo UKristu?

“Njengoko nisenza, qhubekani nihamba . . . ngokuphelele ngakumbi.”—1 TES. 4:1.

1, 2. (a) Ziziphi izinto ezibalaseleyo abantu abaninzi abazibonayo ngexesha lokuphila kukaYesu? (b) Kutheni ixesha esiphila kulo nalo libalulekile?

 NGABA wakha wayicinga indlela ekunokuba kwakumnandi ngayo ukuphila ngexesha uYesu awayephila ngalo emhlabeni? Mhlawumbi ucinga ngelungelo lokuphiliswa nguYesu kwisigulo esikwenza udandatheke. Okanye ucinga ngovuyo lokubona nokuva uYesu—ukufundiswa nguye okanye ukumbona esenza imimangaliso. (Marko 4:1, 2; Luka 5:3-9; 9:11) Ibiya kuba lilungelo ngokwenene ukubona uYesu esenza yonke loo misebenzi! (Luka 19:37) Ukususela ngoko, asikho isizukulwana esiye sabona izinto ezinjalo ibe izinto ezenziwa nguYesu emhlabeni “ngombingelelo wakhe siqu” azisayi kuphinda zenziwe.—Heb. 9:26; Yoh. 14:19.

2 Noko ke, nathi siphila kwixesha elineziganeko ezibalulekileyo. Kutheni sisitsho nje? Siphila kwixesha iZibhalo ezalichaza kwangaphambili ngokuba “lixesha lesiphelo” ‘nemihla yokugqibela.’ (Dan. 12:1-4, 9; 2 Tim. 3:1) Ebudeni beli xesha, uSathana uye wagxothwa emazulwini. Kungekudala, uza kukhonkxwa aze aphoswe “enzonzobileni.” (ISityhi. 12:7-9, 12; 20:1-3) Kwakhona ebudeni beli xesha sinelungelo elikhulu lokuvakalisa ‘iindaba ezilungileyo zobukumkani’ ehlabathini lonke, sixelela abantu ngethemba leParadesi ezayo—umsebenzi ongasayi kuphinda wenziwe.—Mat. 24:14.

3. Ngaphambi nje kokuba anyukele ezulwini, yintoni uYesu awayalela abalandeli bakhe ukuba bayenze yaye oko kuquka ntoni?

3 Ngaphambi nje kokuba anyukele ezulwini, uYesu wathi kubalandeli bakhe: “Niya kuba ngamangqina am eYerusalem nakulo lonke elakwaYuda naseSamariya kude kuse nakwezona nxalenye zikude zomhlaba.” (IZe. 1:8) Loo msebenzi uquka ukufundiswa kwabantu ehlabathini lonke. Yintoni injongo yawo? Kukwenza abafundi—abalandeli bakaKristu abangakumbi—ngaphambi kokuba isiphelo sifike. (Mat. 28:19, 20) Yintoni esifanele siyenze ukuze siwufeze kakuhle umsebenzi uKristu asithume wona?

4. (a) Amazwi kaPetros akweyesi-2 kaPetros 3:11, 12 abethelela ntoni? (b) Yintoni esifanele siyilumkele?

4 Phawula la mazwi kampostile uPetros: “Luhlobo luni lwabantu enifanele nibe lulo ngokuphathelele ihambo engcwele nezenzo zozinikelo lobuthixo, nihlale nibulindile yaye nibukhumbula ubukho bemini kaYehova!” (2 Pet. 3:11, 12) La mazwi kaPetros abethelela ukubaluleka kokuhlala silindile kule mihla yokugqibela ukuze siqiniseke ukuba ubomi bethu busekelwe kwizenzo zozinikelo lobuthixo. Ezo zenzo ziquka ukushumayela iindaba ezilungileyo. Ngoko ke, kusivuyisa ngokwenene ukubona abazalwana bethu ehlabathini lonke bewenza ngenkuthalo umsebenzi uKristu asithume wona! Kwangaxeshanye, siyaqonda ukuba sifanele singavumeli iingcinezelo zemihla ngemihla ezivela kwihlabathi likaSathana notyekelo lwethu lokwenyama esilizuz’ ilifa ukuba zisenze siyeke ukukhuthalela inkonzo kaThixo. Ngoko ke, makhe sibone indlela esinokuqiniseka ngayo ukuba siqhubeka silandela uKristu.

Zamkele Ngovuyo Iimbopheleleko Ozinikwe NguThixo

5, 6. (a) Yintoni uPawulos awawancoma ngayo amanye amaKristu aseYerusalem yaye wawalumkisa ngantoni? (b) Kutheni singafanele sizithabathe lula iimbopheleleko esizinikwe nguThixo?

5 Kwileta yakhe eya kumaKristu aseYerusalem, umpostile uPawulos wancoma amanye amaKristu ngokuhlala kwawo enyamezele nangona etshutshiswa. Wathi: “Hlalani niyikhumbula imihla yangaphambili enithe kuyo, nakuba nikhanyiselwe, nanyamezela imbambano enkulu phantsi kweembandezelo.” UYehova akazange akulibale ukuthembeka kwawo. (Heb. 6:10; 10:32-34) Ukunconywa nguPawulos kufanele ukuba kwawakhuthaza gqitha amaKristu angamaHebhere. Noko ke, kwakule leta yakhe, uPawulos walumkisa nangotyekelo umntu analo olunokumenza angayikhuthaleli inkonzo kaThixo ukuba akalulawuli. Wathi amaKristu afanele akulumkele ‘ukuzilandulela,’ okanye ukungafuni ukuphila ngemiyalelo kaThixo.—Heb. 12:25.

6 Isilumkiso sotyekelo ‘lokulandula’ iimbopheleleko esizinikwe nguThixo siyasebenza nakumaKristu namhlanje. Siyaqonda ukuba sifanele singaze sizithabathe lula iimbopheleleko esinazo njengamaKristu okanye siyeke ukukhuthala enkonzweni kaThixo. (Heb. 10:39) Ngaphezu koko, ukunikela inkonzo engcwele ngumbandela wokuphila nokufa.—1 Tim. 4:16.

7, 8. (a) Yintoni eya kusinceda sihlale sikhuthele enkonzweni kaThixo? (b) Ukuba inzondelelo esasinayo iyehla, yintoni esifanele siyikhumbule ngoYehova noYesu?

7 Yintoni eya kusinceda sikuphephe ukungazifezi iimbopheleleko esizinikwe nguThixo? Enye indlela ebalulekileyo yokulwa nolu tyekelo, kukucamngca rhoqo ngentsingiselo yesifungo sethu sokuzahlulela. Kaloku, sathembisa uYehova ukuba ukwenza ukuthanda kwakhe kuya kuba yeyona nto ibalulekileyo ebomini bethu yaye sifuna ukusigcina eso sithembiso. (Funda uMateyu 16:24.) Ngoko ke, ngamanye amaxesha sifanele sizibuze: ‘Ngaba ndisazimisele ukuphila ngokuvisisana nokuzahlulela kwam kuThixo njengoko ndandinjalo xa ndandibhaptizwa? Okanye ngaba njengoko iminyaka ihamba inzondelelo yam iyehla?’

8 Ukuba emva kokuba sizihlolisise ngokunyaniseka sifumanisa ukuba siyayekelela, kuya kuba kuhle ukukhumbula amazwi akhuthazayo awathethwa ngumprofeti uZefaniya. Wathi: “Mazingawi izandla zakho. UYehova uThixo wakho uphakathi kwakho. NjengaLowo unamandla, uya kusindisa. Uya kugcoba ngawe enemihlali.” (Zef. 3:16, 17) La mazwi omelezayo ayebhekisela kuSirayeli wamandulo owayebuyele eYerusalem emva kokuthinjelwa eBhabhiloni. Noko ke, la mazwi ayabomeleza nabantu bakaThixo namhlanje. Ekubeni umsebenzi esiwenzayo ingokaYehova, sifanele sikhumbule ukuba uYehova noNyana wakhe bayasixhasa baze basomeleze ukuze siwufeze ngokupheleleyo umsebenzi esiwunikwe nguThixo. (Mat. 28:20; Fil. 4:13) Ukuba sizama ukuqhubeka siwenza ngenkuthalo umsebenzi kaThixo, uya kusisikelela aze asincede siqhubeke sisenza inkqubela ngokomoya.

‘Ukufuna Kuqala Ubukumkani’ Ngenkuthalo

9, 10. Yintoni ebalaseliswa kumzekeliso kaYesu wesidlo sangokuhlwa esikhulu yaye yintoni esinokuyifunda kuwo?

9 Xa wayesitya kwikhaya lomlawuli wabaFarisi, uYesu wenza umzekeliso wesidlo sangokuhlwa esikhulu. Kuloo mzekeliso, wathetha ngamathuba awayevulelwe abantu abahlukahlukeneyo okufumana uBukumkani bamazulu. Wabonisa noko kuthethwa ‘kukuzilandulela.’ (Funda uLuka 14:16-21.) Kulo mzekeliso kaYesu abantu ababemenyiwe babeka izingxengxezo zokungayi kweso sidlo. Omnye wathi kufuneka aye kuhlola intsimi awayesandul’ ukuyithenga. Omnye wathi uthenge iinkomo yaye ufuna ukuya kuzihlola. Kanti omnye wathi: ‘Andinakuza. Ndisandul’ ukutshata.’ Ezi yayizizingxengxezo ezingenasihlahla. Ngokuqhelekileyo, umntu othenga intsimi okanye imfuyo uyihlola kwangaphambili, ngoko akusangxamisekanga ukuyijonga emva koko. Ibe yintoni enokubangela ukuba umntu osandul’ ukutshata angasamkeli isimemo esibaluleke kangako? Akumangalisi ke ngoko ukuba kulo mzekeliso umntu owayebamemele isidlo abe nomsindo!

10 Bonke abakhonzi bakaThixo banokufunda kulo mzekeliso kaYesu. Yintoni abanokuyifunda? Iingxaki zethu, ezinjengezo zikhankanywe kulo mzekeliso kaYesu asifanele sizigqale njengezibaluleke ngaphezu kwenkonzo yethu kuThixo. Ukuba umKristu uzixakekisa kakhulu ngeengxaki zakhe, ngokuthe ngcembe uya kuyeka ukukhuthalela ubulungiseleli. (Funda uLuka 8:14.) Ukuze oko kungenzeki, kufuneka senze ngokuvisisana nesi sibongozo sikaYesu: “Qhubekani, ke ngoko, nifuna kuqala ubukumkani nobulungisa bakhe.” (Mat. 6:33) Kukhuthaza gqitha ukubona abakhonzi bakaThixo—abaselula nabakhulileyo—bethobela esi siluleko sibalulekileyo! Eneneni, abanye baye baphila ubomi obulula ukuze babe nexesha elingakumbi kubulungiseleli. Baye bazibonela ukuba ukufuna kuqala uBukumkani kubangela uvuyo nolwaneliseko.

11. Yiyiphi ingxelo yeBhayibhile ebonisa ukubaluleka kokukhonza uThixo ngenkuthalo nangentliziyo epheleleyo?

11 Ukuze ubone indlela ekubaluleke ngayo ukukhuthala enkonzweni kaThixo, phawula oko kwenzeka kuKumkani uYehowashe wakwaSirayeli. Exhalatyiswe kukubona ukuba uSirayeli uza koyiswa yiSiriya, uYehowashe waya kuElisha elila. Lo mprofeti wathi makavule ifestile atole ejolise kwiSiriya, ebonisa ukuba ngesandla sikaYehova baya kuloyisa olo hlanga. Oku kufanele ukuba kwamnika amandla lo kumkani. Emva koko uElisha wathi uYehowashe makathabathe iintolo zakhe abethe emhlabeni. UYehowashe wabetha izihlandlo ezithathu. Le nto yamcaphukisa uElisha, kuba ukubetha emhlabeni izihlandlo ezihlanu okanye ezithandathu kwakuya kuthetha ukuba uya ‘kuyixabela ayigqibe iSiriya.’ Ngoku uYehowashe wayeza kuyoyisa izihlandlo ezithathu kuphela. Ngenxa yokuba uYehowashe engazange abonise inzondelelo, akazange oyise ngokupheleleyo. (2 Kum. 13:14-19) Yintoni esiyifundayo kule ngxelo? UYehova uya kusisikelela kuphela xa sisenza umsebenzi wakhe ngentliziyo epheleleyo nangenkuthalo.

12. (a) Yintoni eya kusinceda sihlale sikhuthele enkonzweni kaThixo ngoxa sijamelene neengxaki? (b) Chaza indlela ongenelwa ngayo ngokuhlala uxakekile kubulungiseleli.

12 Iingxaki zobomi zivavanya inzondelelo nokuzinikela kwethu enkonzweni kaThixo. Abazalwana noodade abaninzi bajamelene neemeko ezinzima zezoqoqosho. Abanye bakhathazwa kukuba ngenxa yokugula abakwazi ukwenza okungakumbi enkonzweni kaYehova. Sekunjalo, ngamnye wethu ufanele enze okuthile ukuqinisekisa ukuba uhlala ekhuthele yaye uqhubeka elandela uKristu ngokupheleleyo. Nceda uphawule amacebiso nezibhalo ezikwibhokisi ethi “Yintoni Eya Kukunceda Uqhubeke Ulandela UKristu?” Jonga indlela onokuwasebenzisa ngayo. Ukuba wenjenjalo, uya kungenelwa. Ukuxakeka kubulungiseleli kusenza silungelelane, kuphucula ubomi bethu yaye kusenza sibe noxolo nolonwabo. (1 Kor. 15:58) Ngaphezu koko, ukukhonza uThixo ngomphefumlo uphela kusinceda ‘sikhumbule ubukho bemini kaYehova.’—2 Pet. 3:12.

Zihlole Ngokunyanisekileyo

13. Sinokubona njani ukuba sinikela inkonzo yomphefumlo uphela okanye akunjalo?

13 Noko ke, khumbula ukuba, ukukhonza ngomphefumlo uphela akubhekiseli kubungakanani bexesha esilichitha kubulungiseleli. Iimeko zabantu azifani. UYehova uyakholiswa nangumntu osebenza entsimini iyure enye okanye ezimbini nyanga nganye ngenxa yempilo yakhe. (Thelekisa uMarko 12:41-44.) Ngenxa yoko, ukuze sizibone enoba sinikela inkonzo yomphefumlo uphela kusini na kuThixo, kufuneka sihlole ngokunyanisekileyo amandla ethu neemeko zethu. Njengabalandeli bakaKristu, sifanele sibe nembono efana neyakhe. (Funda amaRoma 15:5; 1 Kor. 2:16) Yiyiphi eyona nto yayibalulekile kuYesu? Wathi kwizihlwele ezazivela eKapernahum: “Ndimele ndizivakalise iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo nakwezinye izixeko, ngenxa yokuba ndithunywe oko.” (Luka 4:43; Yoh. 18:37) Ucinga ngendlela uYesu awayebukhuthalele ngayo ubulungiseleli, khawuhlole iimeko zakho uze ubone ukuba akunakwenza okungakumbi na kubulungiseleli.—1 Kor. 11:1.

14. Ziziphi iindlela esinokubandisa ngazo ubulungiseleli bethu?

14 Emva kokuba sihlolisise iimeko zethu ngenyameko sisenokugqiba kwelokuba sandise ixesha esilichitha kubulungiseleli. (Mat. 9:37, 38) Ngokomzekelo, ulutsha olungamawakawaka olugqibileyo ukufunda luye lwandisa ubulungiseleli balo ibe ngoku lufumana uvuyo lokukhonza ngenkuthalo njengoovulindlela. Ngaba nawe uyafuna ukufumana olo vuyo? Abazalwana noodade abathile baye bahlola iimeko zabo baza babona ukuba banokufudukela kummandla othile kwilizwe labo, okanye bade baye kwelinye ilizwe, apho kufuneka abavakalisi boBukumkani abangakumbi khona. Abanye baye bafunda olunye ulwimi ukuze bancede abantu abathetha ulwimi lwasemzini. Ngoxa ukwandisa ubulungiseleli bethu kusenokuba lucelomngeni, kuzisa iintsikelelo ezininzi, yaye sinokunceda abaninzi ‘bafikelele elwazini oluchanileyo lwenyaniso.’—1 Tim. 2:3, 4; 2 Kor. 9:6.

Imizekelo EseBhayibhileni Esimele Siyixelise

15, 16. Yimizekelo yoobani esinokuyixelisa ekubeni ngabalandeli bakaKristu abakhutheleyo?

15 Yintoni eyenziwa ngabanye ababa ngabapostile xa uKristu wathi mabamlandele? Xa ithetha ngoMateyu, ingxelo ithi: “Eshiya ngasemva yonk’ into waphakama waza wamlandela.” (Luka 5:27, 28) Sifunda oku ngoPetros noAndreya ababengabalobi: ‘Bayishiya kwaoko iminatha yabo, bamlandela.’ Emva koko uYesu wabona uYakobi noYohane ababelungisa iminatha yabo kunye noyise. Benza ntoni bakuva isimemo sikaYesu? ‘Basishiya kwaoko isikhephe noyise, bamlandela.’—Mat. 4:18-22.

16 Omnye umzekelo omhle ngokaSawule owaba ngumpostile uPawulos. Nangona ngaphambili wabatshutshisa ngokuqatha abalandeli bakaKristu, watshintsha waza waba ‘sisitya esinyuliweyo’ sokuthwala igama likaKristu. “Ngoko nangoko kwizindlu zesikhungu [uPawulos] waqalisa ukushumayela ngoYesu, okokuba Lo unguNyana kaThixo.” (IZe. 9:3-22) Nangona uPawulos kwafuneka anyamezele ubunzima nentshutshiso, waqhubeka ekhuthele kubulungiseleli bakhe.—2 Kor. 11:23-29; 12:15.

17. (a) Nguwuphi umnqweno onawo ngokuphathelele ukulandela uKristu? (b) Ziziphi iintsikelelo esizifumanayo ngenxa yokwenza ukuthanda kukaYehova ngentliziyo nangamandla ethu ephela?

17 Ngokuqinisekileyo sifuna ukuxelisa imizekelo emihle yabo bafundi size sisamkele ngovuyo isimemo sokulandela uKristu. (Heb. 6:11, 12) Ziziphi iintsikelelo esizifumanayo njengoko siqhubeka silandela uKristu ngenzondelelo nangokupheleleyo? Kusivuyisa ngokwenene ukwenza ukuthanda kukaThixo yaye sifumana ulwaneliseko xa sisamkela amalungelo angakumbi enkonzo neembopheleleko zebandla. (INdu. 40:8; funda eyoku-1 kwabaseTesalonika 4:1.) Njengoko sizama ngamandla ukulandela uKristu, sifumana iintsikelelo ezininzi nezingapheliyo njengoxolo lwengqondo, ulwaneliseko, ukukholisa uThixo nethemba lobomi obungunaphakade.—1 Tim. 4:10.

Ngaba Uyakhumbula?

• Nguwuphi umsebenzi obalulekileyo esiwunikiweyo yaye sifanele siwujonge njani?

• Luluphi utyekelo esinalo esifanele siluphaphele yaye ngoba?

• Sinokuzihlola njani ngokunyaniseka?

• Yintoni eya kusinceda siqhubeke silandela uKristu?

[Imibuzo YeSifundo]

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 27]

Yintoni Eya Kukunceda Uqhubeke Ulandela UKristu?

▪ Funda iLizwi likaThixo yonke imihla uze ucamngce ngoko ukufundayo.—INdu. 1:1-3; 1 Tim. 4:15.

▪ Thandaza rhoqo ucele umoya kaThixo ukuxhase uze ukukhokele.—Zek. 4:6; Luka 11:9, 13.

▪ Nxulumana nabo bakhutheleyo kubulungiseleli.—IMize. 13:20; Heb. 10:24, 25.

▪ Yiqonde into yokuba siphila kumaxesha ongxamiseko.—Efe. 5:15, 16.

▪ Yiphaphele imiphumo emibi ‘yokuzilandulela.’—Luka 9:59-62.

▪ Hlala usikhumbula isifungo sakho sokuzahlulela neentsikelelo ezininzi ezifumaneka ngenxa yokukhonza uYehova nokulandela uKristu ngentliziyo epheleleyo.—INdu. 116:12-14; 133:3; IMize. 10:22.