Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Madoda, Ngaba Niyazithoba Kubuntloko BukaKristu?

Madoda, Ngaba Niyazithoba Kubuntloko BukaKristu?

Madoda, Ngaba Niyazithoba Kubuntloko BukaKristu?

“Intloko yayo yonke indoda nguKristu.”—1 KOR. 11:3.

1. Yintoni ebonisa ukuba uYehova unguThixo woxolo?

ISITYHILELO 4:11 sithi: “Ufanele, Yehova, Thixo wethu, ukwamkela uzuko nembeko namandla, ngenxa yokuba wadala zonke izinto, nangenxa yokuthanda kwakho zabakho yaye zadalwa.” Ngenxa yokuba edale zonke izinto, uYehova uThixo unguMongami Ophakamileyo wendalo iphela yaye unegunya kwindalo yakhe yonke. UYehova ‘unguThixo, kungekhona owesidubedube, kodwa owoxolo,’ yaye oku sikubona kwindlela elungelelene ngayo intsapho yakhe yeengelosi.—1 Kor. 14:33; Isa. 6:1-3; Heb. 12:22, 23.

2, 3. (a) UYehova waqala wadala bani? (b) Sisiphi isikhundla anaso uNyana olizibulo xa kuthelekiswa nesikaYise?

2 Ngaphambi kokuba kudalwe nayiphi na into, uThixo wayesele ekho kangangeminyaka engenakubaleka. Waqala wadala isidalwa esingumoya esaziwa ngokuba ‘nguLizwi’ kuba wayesiSithethi sikaYehova. Zonke izinto zabakho ngenxa kaLizwi. Kamva, weza emhlabeni njengomntu ofezekileyo waza waba nguYesu Kristu.—Funda uYohane 1:1-3, 14.

3 Zithini iZibhalo ngokuphathelele isikhundla sikaThixo nesoNyana wakhe olizibulo? Ephefumlelwe, umpostile uPawulos wathi: “Ndifuna nazi ukuba intloko yayo yonke indoda nguKristu; intloko yomfazi yindoda; intloko kaKristu nguThixo.” (1 Kor. 11:3) UKristu unentloko enguYise. Kuyimfuneko ukuba kubekho ubuntloko nokuzithoba ukuze izidalwa ezikrelekrele zihlale ngoxolo nangolungelelwano. Kwanalowo “zadalwa ngaye zonke ezinye izinto” kufuneka azithobe kubuntloko bukaThixo.—Kol. 1:16.

4, 5. UYesu wayevakalelwa njani ngokuzithoba kuYehova?

4 UYesu wavakalelwa njani ngokuzithoba kubuntloko bukaYehova nokuza emhlabeni? IZibhalo zithi: ‘UKristu Yesu, nangona wayekubume bukaThixo, akazange acinge ngokurhwaphiliza, ukuze azenze alingane noThixo. Hayi khona, kodwa waziqongqotha waza wathabatha ubume bekhoboka, wafana nabantu. Ngaphezu koko, xa wayekwimo yomntu, wazithoba kwada kwasa ekufeni, ewe, ukufa kwisibonda sentuthumbo.’—Fil. 2:5-8.

5 UYesu wayesoloko ezithoba ekwenzeni ukuthanda kukaYise. Wathi: “Andinakwenza nanye into ngokwam; . . . umgwebo endiwuphumezayo ngowobulungisa, ngenxa yokuba ndifuna, kungekhona ukuthanda kwam, kodwa ukuthanda kwalowo undithumileyo.” (Yoh. 5:30) Waphinda wathi: “Ndisoloko ndisenza izinto ezikholekileyo [kuBawo].” (Yoh. 8:29) Ngaphambi kokuba abulawe, uYesu wathandaza kuYise wathi: “Ndikuzukisile emhlabeni, ekubeni ndiwugqibile umsebenzi obundinikile ukuba ndiwenze.” (Yoh. 17:4) Kuyabonakala ukuba, uYesu wayengenangxaki yokwamkela ubuntloko bukaThixo nokuzithoba kuye.

Ukuzithoba KuBawo Kuzisa Iingenelo KuNyana

6. Ziziphi iimpawu ezintle ezabonakaliswa nguYesu?

6 Xa uYesu wayesemhlabeni wabonakalisa iimpawu ezininzi ezintle. Olunye lwazo, luthando olukhulu awalubonakalisa kuYise. Wathi: “Ndiyamthanda uBawo.” (Yoh. 14:31) Wabonakalisa uthando olukhulu nasebantwini. (Funda uMateyu 22:35-40.) UYesu wayenobubele nolwazelelelo, engekho ngqwabalala yaye engengozwilakhe. Wathi: “Yizani kum, nonke nina nibulalekayo nenisindwa ngumthwalo, yaye ndiza kunihlaziya. Thabathani idyokhwe yam nize nifunde kum, kuba ndinomoya wobulali, ndithobekile ngentliziyo, kwaye niya kuyifumanela ukuhlaziyeka imiphefumlo yenu. Kuba idyokhwe yam yeyobubele nomthwalo wam ukhaphukhaphu.” (Mat. 11:28-30) Abantu abanjengezimvu ababengalingani ngeminyaka, ingakumbi abo bacinezelekileyo, babethuthuzelwa bubuntu bukaYesu nasisigidimi sakhe esikhuthazayo.

7, 8. Phantsi koMthetho, yintoni elalingafanele liyenze ibhinqa elinethombo legazi kodwa uYesu waliphatha njani elinye ibhinqa elalineso sifo?

7 Khawucinge ngendlela uYesu awayewaphatha ngayo amabhinqa. Ukutyhubela imbali, amadoda amaninzi ebewaphatha kakubi amabhinqa. Zazinjalo neenkokeli zonqulo zakwaSirayeli wamandulo. Kodwa uYesu wayewaphatha ngentlonelo amabhinqa. Oku sikubona kwindlela awaliphatha ngayo ibhinqa elalinethombo legazi kangangeminyaka eli-12. ‘Laliviswe iintlungu’ ngoogqirha laza lachitha bonke ubuncwane balo lizama unyango. Phezu kwako konke oko, ‘imeko yalo yayisiba mbi ngakumbi.’ Phantsi koMthetho, lalijongwa njengelingahlambulukanga. Nabani na olichukumisayo naye wayesiba ngongahlambulukanga.—Lev. 15:19, 25.

8 Xa eli bhinqa leva ukuba uYesu uphilisa abagulayo, laya kwizihlwele ezazimngqongile, lathi: “Ukuba ndichukumisa nje izambatho zakhe zangaphezulu ndiya kuphila.” Lamchukumisa uYesu laza kwangoko laphila. UYesu wayesazi ukuba lalingamele lichukumise isambatho sakhe. Sekunjalo, akazange alingxolise. Kunoko waliphatha ngobubele. Wayeyiqonda indlela elalimele ukuba livakalelwa ngayo emva kwayo yonke le minyaka ligula nokuba lifuna uncedo ngamehlo abomvu. Ngovelwano, uYesu wathi kulo: “Ntombi, ukholo lwakho lukuphilisile. Hamba ngoxolo, uze uphile.”—Marko 5:25-34.

9. Wathini uYesu xa abafundi bakhe bazama ukunqanda abantwana ukuba bangezi kuye?

9 Kwanabantwana babekuthanda ukuba kunye noYesu. Ngesinye isihlandlo, xa abantu bezisa abantwana kuye, abafundi bakhe babakhalimela, becinga ukuba akafuni kukhathazwa ngabantwana. Kodwa uYesu wayengavakalelwa ngaloo ndlela. Ingxelo yeZibhalo ithi: “Akukubona oku uYesu wacaphuka waza wathi [kubafundi bakhe]: ‘Bayekeni abantwana abaselula beze kum; ningabaleli, kuba ubukumkani bukaThixo bobabo banjalo.’” Emva koko, “wabawola aba bantwana waza wabasikelela, ebabeka izandla.” UYesu akazange nje athi abantwana mabayekwe kodwa wabawola.—Marko 10:13-16.

10. Yintoni eyabangela ukuba uYesu abe neempawu awazibonakalisayo?

10 Yintoni eyabangela ukuba uYesu abonakalise ezi mpawu xa wayesemhlabeni? Ngaphambi kokuba abe ngumntu, wayekunye noYise wasezulwini kangangeminyaka emininzi efunda iindlela zakhe. (Funda iMizekeliso 8:22, 23, 30.) Xa wayesezulwini, wabona indlela uYehova abusebenzisa ngothando ngayo ubuntloko kwindalo yakhe yonke yaye naye wenza okufanayo. Ngaba uYesu wayenokukwazi ukwenjenjalo ukuba wayengathobeli? Wayekuvuyela ukuzithoba kuYise, yaye uYehova wayekuvuyela ukuba noNyana othobelayo. Xa wayesemhlabeni, uYesu wazibonakalisa ngokugqibeleleyo iimpawu ezintle zikaYise wasezulwini. Sinelungelo elingathethekiyo lokuba phantsi kukaKristu, uMlawuli woBukumkani basezulwini omiselwe nguThixo!

Xelisa Iimpawu ZikaKristu

11. (a) Ngubani esifanele sizame ngamandla ukumxelisa? (b) Kutheni ngokukhethekileyo ifanele ibe ngamadoda ebandleni azama ukuxelisa uYesu?

11 Onke amaKristu ebandleni, ingakumbi amadoda afanele aqhubeke ezibhokoxa ekuxeliseni iimpawu zikaKristu. Njengoko sele siphawulile, iBhayibhile ithi: “Intloko yayo yonke indoda nguKristu.” Njengoko uKristu wayexelisa iNtloko yakhe, uThixo oyinyaniso, amadoda angamaKristu afanele azame ukuxelisa intloko yawo—uKristu. Xa waba ngumKristu, umpostile uPawulos wenjenjalo. Wabongoza amanye amaKristu: “Yibani ngabaxelisa mna, njengoko nam ndixelisa uKristu.” (1 Kor. 11:1) Umpostile uPetros naye wathi: “Nabizelwa kulo eli khondo, kuba noKristu wabandezeleka ngenxa yenu, enishiya nomzekelo, ukuze nilandele emanyathelweni akhe ngokusondeleyo.” (1 Pet. 2:21) Sikho nesinye isizathu sokuba amadoda abongozwe ukuba axelise uKristu. Ngawo aye abe ngabadala nezicaka zolungiselelo. Njengoko kwakumvuyisa uYesu ukuxelisa uYehova, amadoda angamaKristu afanele avuyiswe kukuxelisa uKristu neempawu zakhe.

12, 13. Abadala bafanele baziphathe njani izimvu abanikwe imbopheleleko yokuba bazinyamekele?

12 Abadala bebandla lamaKristu banembopheleleko yokufunda ukuba njengoKristu. UPetros wabongoza amadoda amakhulu okanye abadala: “Waluseni umhlambi kaThixo eniwunyamekelayo, kungengakunyanzelwa, kodwa ngokuzithandela; kungekhona ngokuthanda inzuzo yokunganyaniseki, kodwa ngentumekelelo; ningabi ziinkosi phezu kwabo balilifa likaThixo, kodwa yibani yimizekelo emhlambini.” (1 Pet. 5:1-3) Abadala abangamaKristu abafanele babe ngoozwilakhe, balawule ngegqudu okanye babe rhabaxa. Bexelisa umzekelo kaKristu, bazama ukuba nothando, ulwazelelelo, ukuthobeka nokuba nobubele xa bephatha izimvu abanikwe imbopheleleko yokuba bazinyamekele.

13 Amadoda akhokelayo ebandleni akafezekanga ibe afanele ahlale ekukhumbula oko. (Roma 3:23) Ngoko amele akulangazelele ukufunda ngoYesu nokuxelisa uthando lwakhe. Afanele ahlolisise indlela uThixo noKristu ababaphatha ngayo abantu aze azame ukubaxelisa. UPetros uyasibongoza: “Bhinqani nonke ukuthobeka kwengqondo omnye ngakomnye, ngenxa yokuba uThixo ubachasile abo banekratshi, kodwa ubanika ububele obungasifanelanga abo bathobekileyo.”—1 Pet. 5:5.

14. Abadala bafanele babonise imbeko kwabanye ukusa kuwuphi umkhamo?

14 Amadoda amiselweyo ebandleni afanele abonakalise iimpawu ezintle xa eqhubana nomhlambi kaThixo. EyabaseRoma 12:10 ithi: “Ngokuphathelele uthando lobuzalwana yibani nomsa omnye komnye. Ekuboniseni imbeko omnye komnye khokelani.” Abadala nezicaka zolungiselelo babonisa imbeko kwabanye. Njengawo onke amaKristu, la madoda afanele ‘angenzi nanye into ngokusukuzana okanye ngokuzigwagwisa, kodwa ngokuthobeka kwengqondo, abagqale abanye njengabongamileyo kunabo.’ (Fil. 2:3) Abo bakhokelayo bafanele babagqale abanye njengabongamileyo kunabo. Xa esenjenjalo, la madoda amiselweyo aya kuba alandela isiluleko sikaPawulos esithi: “Ngoko, thina bomeleleyo sifanele sithwale ubuthathaka babo bangomelelanga, singazikholisi thina ngokwethu. Ngamnye wethu makakholise ummelwane wakhe koko kulungileyo ukuze akheke. Kuba kwanoKristu akazange azikholise yena ngokwakhe.”—Roma 15:1-3.

‘Ukunika Abafazi Imbeko’

15. Amadoda afanele abaphathe njani abafazi bawo?

15 Ngoku khawuphawule isiluleko sikaPetros esiya kumadoda atshatileyo. Wabhala: “Nina madoda, qhubekani nihlala [nabafazi benu] ngokokwazi, nibanika imbeko njengesitya esibuthathaka ngakumbi, esobukhomokazi.” (1 Pet. 3:7) Ukunika umntu imbeko kuthetha ukumxabisa. Ngenxa yoko, uya kufuna ukwazi iimbono nezinto ezifunwa nguloo mntu yaye unokwenza ngokuvisisana nazo xa kungekho nto iza konakala. Leyo yindlela indoda efanele imphathe ngayo umfazi wayo.

16. Sisiphi isilumkiso iLizwi likaThixo elisinika amadoda ngokuphathelele ukunika imbeko abafazi bawo?

16 Xa exelela amadoda ukuba anike imbeko abafazi bawo, uPetros wongezelela ngesi silumkiso: “Ukuze imithandazo yenu ingathinteleki.” (1 Pet. 3:7) Oku kubonisa ngokucacileyo indlela uYehova ayijonga ngokunzulu ngayo indlela indoda emphatha ngayo umfazi wayo. Ukuba indoda ayimniki imbeko umfazi wayo imithandazo yayo inokuthinteleka. Ngaphezu koko, ngaba ngokuqhelekileyo abafazi abaye benze izinto ngendlela efanelekileyo xa bephathwa ngembeko ngabayeni babo?

17. Indoda ifanele ithande umfazi wayo ukusa kuwuphi umkhamo?

17 Ngokuphathelele ukuthanda abafazi bawo, iLizwi likaThixo linikela esi siluleko: “Amadoda afanele abathande abafazi bawo njengemizimba yawo . . . Kuba akukho mntu wakha wayithiya eyakhe inyama; kodwa uyayondla aze ayiphathe ngononophelo, njengoko noKristu esenjenjalo kulo ibandla . . . Ngamnye wenu makamthande umfazi wakhe njengoko ezithanda.” (Efe. 5:28, 29, 33) Amadoda afanele athande abafazi bawo ukusa kuwuphi umkhamo? UPawulos wathi: “Madoda, qhubekani nibathanda abafazi benu, kanye njengokuba noKristu walithandayo ibandla waza wazinikela ngenxa yalo.” (Efe. 5:25) Indoda ifanele ikulungele ukuncamela umfazi wayo nobomi bayo, kanye njengokuba uKristu wenzayo. Xa indoda engumKristu iphatha umfazi wayo ngobubele, ngolwazelelelo, ngenyameko nangokungazingci kuba lula ngomfazi ukuzithoba kubuntloko bayo.

18. Yintoni enokunceda amadoda akwazi ukuphumeza imbopheleleko yawo emtshatweni?

18 Ngaba ukunika abafazi imbeko ngale ndlela kukuthwalisa amadoda uxanduva? Akunjalo, uYehova akanakuze afune ukuba enze into angenamandla okuyifikelela. Ngaphezu koko, abakhonzi bakaYehova banokufumana awona mandla makhulu kwindalo iphela—umoya oyingcwele kaThixo. UYesu wathi: “Ukuba . . . nina, ningendawo nje, niyakwazi ukunika abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi na ke yena uYihlo osezulwini ukubanika umoya oyingcwele abo bamcelayo!” (Luka 11:13) Kwimithandazo yawo, amadoda anokucela uYehova asebenzise umoya wakhe awancede kwindlela abaphatha ngayo abanye kuquka abafazi bawo.—Funda iZenzo 5:32.

19. Yintoni eza kuxutyushwa kwinqaku elilandelayo?

19 Eneneni, amadoda anembopheleleko enkulu yokufunda ukuzithoba kuKristu nokuxelisa ubuntloko bakhe. Kodwa kuthekani ngamabhinqa, ngokukhethekileyo lawo atshatileyo? Inqaku elilandelayo liza kuxubusha indlela afanele ayijonge ngayo indima yawo kwilungiselelo likaYehova.

Ngaba Uyakhumbula?

• Ziziphi iimpawu zikaYesu esifanele sizixelise?

• Abadala bafanele baziphathe njani izimvu?

• Indoda ifanele imphathe njani umfazi wayo?

[Imibuzo YeSifundo]

[Imifanekiso ekwiphepha 10]

Xelisa uYesu ngokubonisa imbeko kwabanye