Yiya kwinkcazelo

 Fundisa Abantwana Bakho

Abantu Ababhala NgoYesu

Abantu Ababhala NgoYesu

NGABA uyakuthanda ukufunda ngoYesu?— * Abanye abantu bayothuka xa befumanisa ukuba akukho nto yabhalwa nguYesu eBhayibhileni. Kodwa ke kukho ababhali beBhayibhile abasibhozo abasibalisela izinto ezininzi ngaye. Bonke babephila ngaxeshanye noYesu yaye basixelela ngezinto awazifundisayo. Uyabazi abo babhali?— Kaloku yayinguMateyu, uMarko, uLuka noYohane. Abanye yayinguPetros, uYakobi, uYude kunye noPawulos. Yintoni oyaziyo ngaba babhali?—

Okokuqala makhe sithethe ngababhali abathathu ababengabanye babapostile bakaYesu abali-12. Ngaba uyawazi amagama abo?— nguPetros, uYohane noMateyu. UPetros wabhalela amaKristu iileta ezimbini. Wawaxelela ngezinto awayezazi ukuba zenziwa zaza zathethwa nguYesu. Vula iBhayibhile yakho kweye-2 kaPetros 1:16-18, uze ufunde indlela uPetros akuchaza ngayo ukuva kwakhe ilizwi likaYehova uThixo ethetha noYesu esemazulwini.—Mateyu 17:5.

Umpostile uYohane wabhala iincwadi ezintlanu. Wayehleli ecaleni kukaYesu kwisidlo sokugqibela abafundi abasidla neNkosi yabo. UYohane wayekunye noYesu xa wayesifa. (Yohane 13:23-26; 19:26) UYohane wabhala enye yeencwadi zeVangeli ezine ezithetha ngobomi bukaYesu. Waphinda wabhala iSityhilelo awasinikwa nguYesu neeleta ezintathu ezibizwa ngegama lakhe eBhayibhileni. (ISityhilelo 1:1) Umbhali wesithathu weBhayibhile owaba ngumpostile kaYesu yayinguMateyu. Le ndoda yayikade ingumbuthi werhafu.

Abanye ababhali ababini beBhayibhile babemazi kakuhle uYesu. Babengabaninawa bakhe, ababezalwa nguYosefu noMariya. (Mateyu 13:55) Ekuqaleni abazange babe ngabafundi bakaYesu. Bade bacinga ukuba wayephambene xa babebona indlela awayeshumayela ngayo. (Marko 3:21) Ayengoobani la madoda?— uYakobi ngomnye wawo. Wabhala incwadi yeBhayibhile kaYakobi. Omnye yayinguYudas okwabizwa ngokuba nguYude. Wabhala incwadi kaYude.—Yude 1.

Abanye ababhali ababini ababhala ngobomi bukaYesu nguMarko noLuka. Umama kaMarko, uMariya, wayenomzi omkhulu eYerusalem apho amaKristu enkulungwane yokuqala kuquka nompostile uPetros ayehlanganisana khona. (IZenzo 12:11, 12) Kwiminyaka engaphambili, emva kokuba uYesu etye ipasika yokugqibela nabafundi bakhe mhlawumbi uMarko wabalandela njengoko babesiya kumyezo waseGetsemane. Kwathi xa kubanjwa uYesu elinye ijoni lazama ukubamba noMarko kodwa ke wabaleka eshiya isambatho sakhe.—Marko 14:51, 52.

ULuka wayengugqirha ofundileyo ekubonakalayo ukuba waba ngumfundi emva kokufa kukaYesu. Wabufunda ngocoselelo ubomi bukaYesu waza wabhala ibali elicacileyo nelichanileyo ngabo. Kamva, uLuka wahamba nompostile uPawulos kumsebenzi wokushumayela waza wabhala nencwadi yeZenzo.—Luka 1:1-3; IZenzo 1:1.

 Umbhali wesibhozo ukubhala ngoYesu eBhayibhileni nguPawulos. Wafundiswa ligqwetha elidumileyo uGamaliyeli. UPawulos owayebizwa ngokuba nguSawule ngelo xesha, wayeqeqeshwe waza wafundiswa ngabaFarisi yaye wayebathiyile abafundi bakaYesu, ede ancedise naxa bebulawa. (IZenzo 7:58–8:3; 22:1-5; 26:4, 5) Ngaba uyazi ukuba uPawulos wayifunda njani inyaniso ngoYesu?

Xa uPawulos wayesendleleni eya eDamasko esiya kubamba abafundi bakaYesu wabethwa kukukhanya okuqaqambileyo okwakuvela ezulwini waza waba yimfama. Weva ilizwi limbuza lisithi: “Sawule, Sawule, kutheni unditshutshisa nje?” Elo yayililizwi likaYesu! Waxelela uPawulos ukuba aye eDamasko. Emva koko uYesu wayalela umfundi wakhe uAnaniyas ukuba athethe noPawulos, waza uPawulos waba ngumfundi kaYesu. (IZenzo 9:1-18) UPawulos wabhala iincwadi ezili-14 zeBhayibhile, ukususela kweyabaseRoma ukuya kweyamaHebhere.

Ngaba sele uqalile ukufunda ngeencwadi zeBhayibhile ezithetha ngobomi bukaYesu okanye ukho umntu okhe wakufundela zona?— Enye yezinto ezilungileyo onokuzenza ebomini bakho kukufunda oko kuthethwa yiBhayibhile ngoYesu ngoku uselula.

^ isiqe. 3 Ukuba ufunda nomntwana isikhewu senzelwe ukuba unqumame ukuze umntwana aphendule.