Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Sifanele Sithandaze—Njani?

Sifanele Sithandaze—Njani?

IINKONZO ezininzi zigxininisa indlela ekufanele kumiwe ngayo, amagama afanele athethwe nezinye izinto ezimele zenziwe xa kuthandazwa. Noko ke, iBhayibhile isinceda singazikhathaleli kakhulu ezo zinto, kunoko isiphendulela owona mbuzo ubalulekileyo, nothi, “Sifanele sithandaze njani?”

IBhayibhile ibonisa ukuba abakhonzi bakaThixo babethandazela kwiindawo ezahlukeneyo yaye babesima ngeendlela ezahlukeneyo. Ngamanye amaxesha babethandazela ngaphakathi ukanti ngamanye babethandaza ngokuvakalayo. Babethandaza bejonge phezulu okanye bequbudile. Babengasebenzisi mifanekiso, iminqamlezo okanye iincwadi zemithandazo kodwa babethandaza ngokusuka entliziyweni. Yintoni eyayenza yeviwa imithandazo yabo?

Njengoko besele sitshilo kwinqaku elandulela eli, babethandaza kuThixo uYehova. Kodwa ke ikho nenye into ebalulekileyo efunekayo. Kweyoku-1 kaYohane 5:14 sifunda oku: “Sinentembelo yokuba, kungakhathaliseki ukuba yintoni na esiyicelayo ngokuvumelana nokuthanda kwakhe, uyasiva.” Imithandazo yethu ifanele ivisisane nokuthanda kukaThixo. Ithetha ukuthini le nto?

Ukuze sithandazele izinto ezivisisana nokuthanda kukaThixo kufuneka siqale sikwazi ukuthanda kwakhe. Ngoko ke ukwazi iBhayibhile kubalulekile ukuze sikwazi ukuthandaza kakuhle. Ngaba loo nto ithetha ukuba uThixo uya kuphulaphula imithandazo yethu kuphela xa siyazi kakuhle iBhayibhile? Akunjalo, kodwa uThixo ufuna sifunde ngokuthanda kwakhe size sikwenze. (Mateyu 7:21-23) Kufuneka imithandazo yethu ivisisane nezinto esizifundileyo.

Imithandazo eviwa nguThixo ivisisana nokuthanda kwakhe kwaye yenziwa ngokholo egameni likaYesu

Ukholo lwethu luyakhula njengoko sifunda ngoYehova nokuthanda kwakhe, nto leyo efunekayo xa sithandaza. UYesu wathi: “Zonke izinto enizicela emthandazweni, ninokholo, niya kuzifumana.” (Mateyu 21:22) Ukuba nokholo akuthethi ukukholelwa yonk’ into le. Kunoko kuthetha ukukholelwa kwinto exhaswa bubungqina obucacileyo nangona ingabonakali. (Hebhere 11:1) IBhayibhile inobungqina obuninzi obubonisa ukuba ukho uYehova nangona singenakumbona nokuthi uthembekile yaye uyafuna ukuphendula imithandazo yabantu abanokholo kuye. Kwakhona, sinako ukucela uYehova asinike ukholo olungakumbi ibe uyasinika izinto esizidingayo.—Luka 17:5; Yakobi 1:17.

 Nantsi enye into ebalulekileyo xa sithandaza. UYesu wathi: “Akukho bani uzayo kuBawo ngaphandle kokuza ngam.” (Yohane 14:6) Ngoko ke kuBawo uYehova siya ngoYesu. Kungenxa yoko le nto uYesu waxelela abalandeli bakhe ukuba bathandaze egameni lakhe. (Yohane 14:13; 15:16) Kodwa ke loo nto ayithethi kuthi sifanele sithandaze kuYesu. Kunoko sithandaza egameni likaYesu sikhumbula ukuba nguye osenza sikwazi ukuthetha noBawo wethu ongcwele.

Abalandeli bakaYesu bakha bathi kuye: “Nkosi, sifundise ukuthandaza.” (Luka 11:1) Kuyacaca ukuba babengaceli ukuba abafundise indlela yokuthandaza njengoko sithethe ngayo kweli nqaku. Eyona nto babeyibuza yayikukuba, ‘Sifanele sithandazele ntoni?’