Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Sifanele Sithandazele—Ntoni?

Sifanele Sithandazele—Ntoni?

UMTHANDAZO weNkosi kuthiwa ngowona mthandazo wenziwa rhoqo ngamaKristu. Enoba loo nto iyinyani okanye akunjalo, abantu abaninzi abawuqondi kakuhle umthandazo kaYesu obizwa ngokuba nguMthandazo weNkosi okanye uBawo Wethu Osezulwini. Abantu abaninzi badla ngokuwucengceleza yonke imihla. Kodwa ke yayingeyonjongo kaYesu ukuba ucengcelezwe. Sazi njani?

Ngaphambi kokuba athethe ngaloo mthandazo, uYesu wayethe: “Xa uthandaza, ungaphindaphindani nento enye.” (Mateyu 6:7) Ngaba uYesu wabe sele eziphikisa ngokukhuthaza ukuba kucengcelezwe umthandazo weNkosi? Akazange ayenze loo nto. Kunoko uYesu wayesifundisa into esimele siyithandazele, kwaye wayekwasifundisa nokuthandazela ezona zinto zibalulekileyo. Masikhe sihlalutye la mazwi akhe. Lo mthandazo ubhalwe kuMateyu 6:9-13.

“Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho.”

Ngaloo mazwi uYesu wakhumbuza abalandeli bakhe ukuba kufanele kuthandazwe kuYise uYehova. Kodwa ngaba uyasazi isizathu sokuba igama likaThixo libalulekile nesokuba kufuneka lingcwaliswe?

Igama likaThixo elingcwele belisoloko lingcoliswa ukususela ekuqaleni kwembali yoluntu. Utshaba lukaThixo uSathana luthi uYehova lixoki, uyazingca yaye akanalo ilungelo lokulawula indalo. (Genesis 3:1-6) Abantu abaninzi baxhasa uSathana ngokufundisa ukuba uThixo ukhohlakele yaye unochuku ibe abavumi ukuba unguMdali. Abanye bade balisusa igama likaThixo kwiinguqulelo zeBhayibhile yaye abafuni lisetyenziswe.

IBhayibhile ithi uThixo uza kuwulungisa wonke lo monakalo. (Hezekile 39:7) Xa ewulungisa uya kulungisa nezakho iingxaki. Njani? Impendulo siyifumana kumazwi alandelayo omthandazo kaYesu.

“Mabufike ubukumkani bakho.”

Abefundisi abaninzi namhlanje ababuqondi kakuhle uBukumkani bukaThixo. Kodwa ke njengoko nabantu ababephulaphule uYesu babesazi, abaprofeti bakaThixo babetsho kwakude kudala ukuba uMesiya, uMsindisi owayekhethwe nguThixo wayeza kulawula  kuBukumkani obuza kutshintsha ihlabathi. (Isaya 9:6, 7; Daniyeli 2:44) Obo Bukumkani buza kungcwalisa igama likaThixo ngokubhenca ubuxoki bukaSathana buze emva koko butshabalalise uSathana kunye nemisebenzi yakhe. Buza kuphelisa imfazwe, ukugula, indlala kunye nokufa. (INdumiso 46:9; 72:12-16; Isaya 25:8; 33:24) Xa uthandazela ukuba uBukumkani bukaThixo bufike kusukuba uthandazela ukuba ezo zithembiso zizaliseke.

“Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengasezulwini.”

Amazwi kaYesu abonisa ukuba ukuthanda kukaThixo kuza kwenzeka emhlabeni kanye njengokuba kusenzeka ezulwini apho uThixo ahlala khona. Akakho umntu owakwazi ukuthintela ukuba ukuthanda kukaThixo kwenzeke ezulwini kuba uNyana kaThixo walwa noSathana namahlakani akhe waza wabaphosa emhlabeni. (ISityhilelo 12:9-12) Esi sicelo sesithathu salo mthandazo sisenza sicinge ngeyona nto ibalulekileyo, ekukuthanda kukaThixo kungekhona okwethu. Yonke indalo isoloko izuza xa kusenziwa ukuthanda kukaThixo. Kungenxa yoko le nto indoda efezekileyo uYesu yathi kuYise: “Makwenzeke, kungekhona ukuthanda kwam, kodwa okwakho.”—Luka 22:42.

“Siphe namhlanje isonka sethu.”

UYesu wafundisa ukuba sinako ukuthandazela iintswelo zethu. Akukho nto iphosakeleyo ngokucela izinto esizifunayo kuThixo. Ukuthandaza ngaloo ndlela kusikhumbuza ukuba nguYehova ‘onika bonke abantu ubomi nempefumlo nezinto zonke.’ (IZenzo 17:25) IBhayibhile ibonisa ukuba uThixo ngumzali onothando onika abantwana bakhe izinto abazidingayo. Kodwa ke akabenzeli abantu izinto ezingeyomfuneko.

“Usixolele amatyala ethu.”

Ngaba unetyala kuThixo? Ngaba uyakufuna ukuxolelwa nguye? Abantu abaninzi namhlanje ababuqondi ubunzulu besono. Kodwa ke iBhayibhile ifundisa ukuba isono singumthombo weengxaki zethu kuba siso esibangela ukuba abantu bafe. Ekubeni sizalwa sinesono, sona rhoqo yaye ekuphela kwento esenza sibe nethemba lobomi obungunaphakade kukuxolelwa nguThixo. (Roma 3:23; 5:12; 6:23) Kuyavuyisa ukwazi ukuba iBhayibhile ithi: “Wena, Yehova, ulungile yaye ukulungele ukuxolela.”—INdumiso 86:5.

“Sihlangule kulowo ungendawo.”

Ngaba uyabona ukuba sikufuna kangakanani ukukhuselwa nguThixo? Abantu abaninzi abayivumi into yokuba ukho kwaukubakho “ongendawo,” oko kukuthi uSathana. Kodwa ke, uYesu wafundisa ukuba uSathana uyaphila kangangokuba wada wambiza ngokuba ‘ngumlawuli weli hlabathi.’ (Yohane 12:31; 16:11) USathana uye walonakalisa ihlabathi alilawulayo yaye ufuna ukonakalisa nawe ukuze ungabi nabuhlobo noYihlo, uYehova. (1 Petros 5:8) Noko ke, uYehova unamandla ngaphezu koSathana yaye uyabakhusela abantu abamthandayo.

Ezi ngongoma ziyintloko zomthandazo kaYesu azithethi ngento yonke esifanele siyithandazele. Khumbula ukuba kweyoku-1 kaYohane 5:14 sixelelwa ukuba: “Kungakhathaliseki ukuba yintoni na esiyicelayo ngokuvumelana nokuthanda kwakhe, uyasiva.” Ngoko ke ungaze ucinge ukuba uyamkhathaza uThixo xa uthandaza kuye umxelela iingxaki zakho.—1 Petros 5:7.

Kuthekani ngexesha nendawo? Ngaba sifanele sithandaze ngexesha elithile nasendaweni ethile kuphela?