Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Sifanele Sithandaze Phi Yaye Nini?

Sifanele Sithandaze Phi Yaye Nini?

NGOKUQINISEKILEYO uye waphawula ukuba iinkonzo ezininzi zithi kufanele kuthandazwe kwindlu ethile yecawa nangamaxesha athile. Ngaba iBhayibhile ithi sifanele sithandaze kwiindawo nangamaxesha akhethekileyo?

IBhayibhile iyavuma ukuba akho amaxesha esifanele sithandaze ngawo. Ngokomzekelo, uYesu waqala wabulela kuThixo ngaphambi kokuba yena nabafundi bakhe batye. (Luka 22:17) Nabafundi bakhe babethandaza xa besenkonzweni. Babeqhuba isithethe esidala samaYuda xa ekwindlu yesikhungu okanye esetempileni eYerusalem. UThixo wayefuna itempile ibe “yindlu yomthandazo yazo zonke iintlanga.”—Marko 11:17.

Xa abakhonzi bakaThixo bethandaza kunye, imithandazo yabo iba namandla. UThixo uyavuya xa bethandaza ngamxhelo-mnye ngokuvisisana neZibhalo. Umthandazo onjalo unokumenza enze nento ebengazimiselanga kuyenza. (Hebhere 13:18, 19) AmaNgqina kaYehova athandaza rhoqo xa esenkonzweni. Nawe siyakumema ukuba ukhe uye kwiHolo yawo yoBukumkani ukuze uzivele.

Noko ke, iBhayibhile ayithi simele sithandaze ngamaxesha athile okanye kwindawo ethile kuphela. EBhayibhileni sifunda ukuba abakhonzi bakaThixo babethandaza nanini na, naphi na. UYesu wathi: “Xa uthandaza, ngena egumbini lakho langasese uze, wakuba uluvalile ucango lwakho, uthandaze kuYihlo osemfihlekweni; yaye uYihlo okhangela emfihlekweni uya kukubuyekeza.”—Mateyu 6:6.

Sinokuthandaza nanini na, naphi na

Ngaba asikhuthazi eso simemo? Ungathandaza kuMongami wendalo nanini na, naxa uwedwa, yaye qiniseka ukuba uya kukuphulaphula. Siyabonakala ke ngoku isizathu sokuba uYesu akuthande ukuya kuthandaza yedwa. Ngesinye isihlandlo wathandaza ubusuku bonke kuThixo, kucaca ukuba wayefuna ukwalathiswa kwesona sigqibo sibalulekileyo.—Luka 6:12, 13.

Amanye amadoda nabafazi abaseBhayibhileni babethandaza xa kufuneka benze izigqibo ezibalulekileyo naxa bejamelene neengxaki. Ngamanye amaxesha babethandaza ngokuvakalayo okanye bathandazele ngaphakathi, bethandaza njengeqela okanye bebodwa. Eyona nto ibalulekileyo kukuba babethandaza. UThixo ude athi kubakhonzi bakhe: “Thandazani ngokungapheziyo.” (1 Tesalonika 5:17) Akakruquki kukuphulaphula abantu abenza ukuthanda kwakhe. Ngaba la mazwi akabonisi indlela asithanda ngayo uThixo?

Kambe ke, abantu abaninzi beli hlabathi lingenalukholo abakuboni ukubaluleka kokuthandaza. Mhlawumbi nawe uyazibuza ukuba, ‘kuza kundinceda ngantoni ukuthandaza?’