Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UYehova YiNkosi Yethu EnguMongami!

UYehova YiNkosi Yethu EnguMongami!

UYehova YiNkosi Yethu EnguMongami!

“Ndisabela kwiNkosi enguMongami uYehova.”—INDU. 73:28.

1. Kumele ukuba wayebhekisela entwenini uPawulos kweyoku-1 yabaseKorinte 7:31?

 “IMEKO yeli hlabathi iyatshintsha.” Watsho njalo umpostile uPawulos. (1 Kor. 7:31) Kuyabonakala ukuba, wayefanisa ihlabathi neqonga elinabadlali abalungileyo nabangalunganga, abadlala iindima zabo de iphele loo nxalenye yomdlalo.

2, 3. (a) Ukucelw’ umngeni kolongamo lukaYehova kunokufaniswa nantoni? (b) Yiyiphi imibuzo esiza kuyixubusha?

2 Namhlanje, kudlalwa owona mdlalo weqonga ubaluleke kakhulu—yaye nawe ubandakanyekile! Unxibelelene kakhulu nokuthethelelwa kolongamo lukaYehova uThixo. Kulo mdlalo kuthethwa ngemeko yelizwe elithile. Kweli lizwe, kumiselwe urhulumente ofanelekileyo wokubamb’ ucwangco. Kwelinye icala, kukho umbutho othile wezikrelemnqa ezilawula ngobuqhetseba, ezinogonyamelo nezibulala abantu. Lo mbutho wezikrelemnqa ulwisana nalo rhulumente, nto leyo evavanya ukunyaniseka kwabo bonke abemi beli lizwe kurhulumente wabo.

3 Le yinto eyenzekayo namhlanje yaye ichaphazela indalo iphela. Kukho urhulumente ‘weNkosi enguMongami, uYehova’ omiselwe ngokusemthethweni. (INdu. 71:5) Kodwa umbutho wezikrelemnqa okhokelwa ‘ngulowo ungendawo,’ usongela abantu. (1 Yoh. 5:19) Ucel’ umngeni urhulumente kaThixo ofanelekileyo yaye uvavanya ukunyaniseka kwabantu kulawulo lwakhe. Yintoni eyakhokelela koku? Kutheni uThixo ekuvumele? Yintoni esinokuyenza njengabantu ngabanye?

Izinto Ezibandakanyekileyo Kulo Mdlalo

4. Ziziphi izinto ezimbini ezinxibeleleneyo ezikumdlalo ochaphazela indalo yonke?

4 Kulo mdlalo uchaphazela indalo yonke kukho izinto ezimbini ezinxibeleleneyo: Ulongamo lukaYehova nengqibelelo yabantu. EZibhalweni, uYehova udla ngokubizwa ngokuba ‘yiNkosi enguMongami.’ Ngokomzekelo, ebonisa indlela awayekholose ngayo ngoYehova, umdumisi wathi: “Ndisabela kwiNkosi enguMongami uYehova.” (INdu. 73:28) “Ulongamo” sisikhundla esiphakamileyo solawulo. Umntu owongamileyo unelona gunya liphakamileyo lokulawula. Sinezizathu zokugqala uYehova uThixo njengaLowo uPhakamileyo.—Dan. 7:22.

5. Kutheni sifanele siphakamise ulongamo lukaYehova?

5 NjengoMdali, uYehova uThixo unguMongami wehlabathi nendalo yonke. (Funda iSityhilelo 4:11.) UYehova unguMgwebi, uMmisi-mthetho noKumkani wethu, kuba kurhulumente wakhe wendalo yonke nguye onelungelo lokugweba, lokuwisa imithetho nelokulawula. (Isa. 33:22) Ekubeni sidalwe nguThixo sixhomekeke kuye yaye sifanele simgqale njengeNkosi enguMongami. Ukuba sihlala sikhumbula ukuba ‘uYehova uyimise ngokuqinileyo itrone yakhe emazulwini; yaye ubukumkani bakhe bulawula phezu kwayo yonk’ into,’ siya kuluphakamisa ulongamo lwakhe.—INdu. 103:19; IZe. 4:24.

6. Yintoni ingqibelelo?

6 Ukuze sixhase ulongamo lukaYehova, sifanele sigcine ingqibelelo yethu. “Ingqibelelo” kukuziphatha kakuhle okanye ngokugqibeleleyo. Umntu ogcina ingqibelelo akanakusoleka yaye uthe tye. Usolusapho uYobhi wayenjalo.—Yobhi 1:1.

Indlela UMdlalo Owaqala Ngayo

7, 8. USathana walucel’ umngeni njani ilungelo likaYehova lokulawula?

7 Malunga neminyaka engama-6 000 eyadlulayo, isidalwa somoya sacel’ umngeni ilungelo likaYehova lokulawula. Esi sidalwa savukela, kuba sinqwenela ukuba kunqulwe sona. Salukuhla abantu ababini bokuqala, uAdam noEva ukuba bangathembeki kulongamo lukaThixo saza sazama nokungcolisa igama likaYehova ngokuthi uyaxoka. (Funda iGenesis 3:1-5.) Lo mvukeli waba luTshaba, uSathana (uMchasi), uMtyholi (uMhlebi), inyoka (umkhohlisi) nenamba (umhlaseli).—ISityhi. 12:9.

8 USathana wazenza umlawuli osukuzana noYehova. Yintoni eyayiza kwenziwa yiNkosi enguMongami uYehova? Ngaba yayiza kubatshabalalisa ngoko nangoko abo bavukeli bathathu—uSathana, uAdam noEva? Ngokuqinisekileyo, yayinawo amandla okwenjenjalo yaye oko kwakuya kubonisa ukuba yiyo enguMongami. Kwakuya kubonisa nokuba uYehova ebenyanisile ngokuphathelele isohlwayo sokuvukela umthetho wakhe. Kwakutheni ukuze uThixo angabohlwayi?

9. Yintoni eyathandatyuzwa nguSathana?

9 Ngokuxoka nangokuphambukisa uAdam noEva ekuthobeleni uThixo, uSathana wathandabuza ilungelo likaYehova lokuba afune ukuthotyelwa ngabantu. Ngaphezulu, ngokuphembelela abantu ababini bokuqala ukuba bangathobeli uThixo, uSathana wathandabuza ukunyaniseka kwazo zonke izidalwa ezikrelekrele. Njengoko kubonisiwe kwimeko kaYobhi, owabambelela ngokunyanisekileyo kulongamo lukaYehova, uSathana wathi unokubaphambukisa abantu kuThixo.—Yobhi 2:1-5.

10. Ngokungalisebenzisi kwakhe ngoko nangoko igunya lakhe njengoMongami, uThixo uye wavulela ithuba lantoni?

10 Ngokungalisebenzisi ngoko nangoko igunya lakhe njengoMongami aze atshabalalise uSathana, uYehova uye wanika uSathana ithuba lokuba angqine ibango lakhe liyinyaniso. UThixo unike nabantu ithuba lokuba babonakalise ukunyaniseka kwabo kulongamo lwakhe. Yintoni eye yenzeka kwiinkulungwane ezidluleyo? USathana uye waseka intlangano enamandla yezikrelemnqa. Ekugqibeleni uYehova uya kutshabalalisa yona kunye noMtyholi, abonise ukuba unelungelo lokuba nguMongami. UYehova uThixo wayeqinisekile ngoko kuya kwenzeka kangangokuba wakuxela kwangaphambili ngexesha lemvukelo yase-Eden.—Gen. 3:15.

11. Yintoni eye yenziwa ngabantu abaninzi ngokuphathelele ulongamo lukaYehova?

11 Abantu abaninzi baye babonakalisa ukholo baza bagcina ingqibelelo yabo bephakamisa ulongamo lukaYehova yaye bengcwalisa negama lakhe. Abanye babo nguAbheli, uEnoki, uNowa, uAbraham, uSara, uMoses, uRute, uDavide, uYesu, abafundi bakaKristu bokuqala nabantu abazizigidi abagcina ingqibelelo namhlanje. Bonke aba bantu baye banesabelo ekungqineni uSathana elixoki nasekucoceni igama likaYehova eliye lagculelwa nguMtyholi ngebango awalenzayo lokuba angaphambukisa bonke abantu kuThixo.—IMize. 27:11.

Isiphelo Sawo Sicacile

12. Sinokuqiniseka njani ukuba uThixo akayi kubunyamezela ngonaphakade ubungendawo?

12 Siqinisekile ukuba kungekudala uYehova uya kusebenzisa igunya lakhe njengoMongami. Akayi kunyamezela ubungendawo ngonaphakade yaye siyazi ukuba siphila kwimihla yokugqibela. UYehova wabohlwaya abangendawo ngexesha loMkhukula. Watshabalalisa iSodom neGomora noFaro nemikhosi yakhe. USisera nomkhosi wakhe noSenaribhe nemikhosi yakhe yaseAsiriya, abazange bakwazi ukumelana noYena Uphakamileyo. (Gen. 7:1, 23; 19:24, 25; Eks. 14:30, 31; ABagwe. 4:15, 16; 2 Kum. 19:35, 36) Ngoko sinokuqiniseka ukuba, uYehova uThixo akayi kukunyamezela ngonaphakade ukungahlonelwa kwegama lakhe nokuphathwa kakubi kwamaNgqina akhe. Ngapha koko, siyabubona ubungqina bobukho bukaYesu nobokupheliswa kwale nkqubo ingendawo yezinto.—Mat. 24:3.

13. Sinokusinda njani xa kutshatyalaliswa iintshaba zikaYehova?

13 Ukuze singatshatyalaliswa neentshaba zikaThixo, sifanele sinyaniseke kulongamo lukaYehova. Sinokukwenza njani oku? Ngokungazidibanisi nolawulo lukaSathana olungendawo nangokungavumi ukoyikiswa ngabalandeli bakhe. (Isa. 52:11; Yoh. 17:16; IZe. 5:29) Ukuba senjenjalo siya kukwazi ukuphakamisa ulongamo loBawo wethu wasezulwini size sibe nethemba lokusinda xa uYehova esusa ugculelo egameni lakhe ngaloo ndlela ezibonakalisa ukuba unguMongami weNdalo Yonke.

14. Yintoni echazwa kwizahluko ezahlukahlukeneyo zeBhayibhile?

14 IBhayibhile ichaza ngokweenkcukacha ulongamo lukaYehova negalelo abantu abanalo. Izahluko ezithathu zokuqala zithetha ngendalo nendlela abantu abawela ngayo esonweni, kanti izahluko ezithathu zokugqibela zithetha ngokuhlangulwa kwabantu. Izahluko eziphakathi zichaza ngokweenkcukacha oko kwenziwa yiNkosi enguMongami uYehova ukuze iphumeze injongo yayo ngabantu, ngomhlaba nangendalo yonke. IGenesis ichaza indlela awabakho ngayo uSathana nobungendawo, yaye inxalenye yokugqibela yeSityhilelo ichaza indlela obuya kupheliswa ngayo ubungendawo, indlela aya kutshatyalaliswa ngayo uMtyholi nendlela ukuthanda kukaThixo okuya kwenziwa ngayo emhlabeni njengasezulwini. Eneneni, iBhayibhile ichaza unobangela wesono nokufa ize ibonise nendlela okuya kupheliswa ngayo emhlabeni, baze abagcini bengqibelelo baphile ngonaphakade ngolonwabo.

15. Yintoni esimele siyenze ukuze singenelwe xa kuphela umdlalo ochaphazela ulongamo lukaThixo?

15 Kungekudala iimeko zeli hlabathi ziya kutshintsha ngokupheleleyo. Umkhusane womdlalo ekudala uqhubeka uya kuvalwa. USathana uya kususwa ngonaphakade eqongeni, atshatyalaliswe kuze kwenziwe ukuthanda kukaThixo. Kodwa ke ukuze sifumane iintsikelelo ezininzi ezaxelwa kwangaphambili eLizwini likaThixo, simele sixhase ulongamo lukaYehova ngoku. Simele sicace ukuba sikweliphi icala. Ukuze sikwazi ukuthi: “UYehova usecaleni lam,” simele siqhubeke simi ngakuye.—INdu. 118:6, 7.

Sinako Ukuyigcina Ingqibelelo!

16. Sinokuqiniseka njani ukuba abantu banako ukugcina ingqibelelo kuThixo?

16 Sinako ukuphakamisa ulongamo lukaYehova nokugcina ingqibelelo yethu, kuba umpostile uPawulos wathi: “Akukho sihendo sinibambileyo ngaphandle koko kuqhelekileyo ebantwini. Kodwa uThixo uthembekile, yaye akayi kuniyekela nihendwe ngaphaya koko ninokukuthwala, kodwa kunye nesihendo eso uya kwenza nendlela yokuphuma ukuze nikwazi ukusinyamezela.” (1 Kor. 10:13) Sinokuvela phi isihendo athetha ngaso uPawulos, yaye uThixo uyenza njani indlela yokuba siphume kuso?

17-19. (a) Sisiphi isilingo awawela kuso amaSirayeli entlango? (b) Kutheni sinokukwazi ukugcina ingqibelelo yethu kuYehova?

17 Njengoko sibona koko kwenzeka kumaSirayeli entlango, ‘sinokuhendwa’ ngezinto ezinokusenza saphule umthetho kaThixo. (Funda eyoku-1 yabaseKorinte 10:6-10.) AmaSirayeli ayenokukwazi ukumelana nesihendo, kodwa anqwenela “izinto ezimbi” ngexesha lokondliwa kwawo nguYehova ngokungummangaliso ngezagwityi awayenokuzitya inyanga yonke. Nangona kwakudlule ixesha elide abantu bengayityi inyama, uThixo wayebanike imana eyaneleyo. Kodwa banikezela kwisihendo ngokubonakalisa ukubawa xa babeqokelela izagwityi.—Num. 11:19, 20, 31-35.

18 Ngaphambilana, xa uMoses wayeye kunikwa uMthetho kwiNtaba yeSinayi, amaSirayeli aba ngabanquli-zithixo, anqula ithole enza nemibhiyozo. Kuba inkokeli yawo yayingekho phambi kwawo awela esihendweni. (Eks. 32:1, 6) Ngaphambi nje kokuba angene kwiLizwe Lesithembiso, amaSirayeli angamawakawaka ahendwa ngamaMowabhikazi, aza aziphatha kakubi ngokwesini nawo. Ngenxa yoko, amawaka amaSirayeli abulawa. (Num. 25:1, 9) Maxa wambi, abantu bakwaSirayeli babehendeka baze bakhalaze ngokunemvukelo, yaye ngasihlandlo sithile bambombozela nxamnye noMoses noThixo! (Num. 21:5) Abantu bakwaSirayeli bambombozela nasemva kokutshatyalaliswa kukaKora, uDatan, uAbhiram namaqabane abo, becinga ukuba aba bavukeli babengafanelanga kubulawa. Ngenxa yoko, amaSirayeli ali-14 700 abethwa ngesibetho nguThixo aze afa.—Num. 16:41, 49.

19 AmaSirayeli ngewayekwazile ukuzixhathisa zonke ezi zilingo. Anikezela esihendweni ngenxa yokuba aphelelwa lukholo, amlibala uYehova, inyameko yakhe nokulunga kwakhe. Njengoko kwakunjalo ngamaSirayeli, nathi sihlangabezana nezilingo. Ukuba siyazama ukuzixhathisa size sithembele kuThixo, sinako ukugcina ingqibelelo. Siyaqiniseka ngoku kuba “uThixo uthembekile” yaye akasivumeli ukuba ‘sihendwe ngaphaya koko sinokukuthwala.’ UYehova akasiyeki sijamelane neemeko eziya kwenza singakwazi ukwenza ukuthanda kwakhe.—INdu. 94:14.

20, 21. Xa sihendwa, uThixo uyenza njani ‘indlela yokuphuma’?

20 UYehova wenza ‘indlela yokuphuma’ ngokusomeleza ukuba sikwazi ukuxhathisa izihendo. Ngokomzekelo, abatshutshisi banokusibetha kuba befuna silahle ukholo lwethu. Ukuphathwa ngaloo ndlela kunokusenza sifune ukulalanisa ukuze singabethwa, sithuthunjiswe okanye sibulawe. Ngokwamazwi kaPawulos aphefumlelweyo akweyoku-1 yabaseKorinte 10:13, siyazi ukuba isihendo iba sesokwexeshana. UYehova akanakusiyeka silingwe kangangokude singakwazi ukuhlala sithembekile kuye. UThixo unokulomeleza ukholo lwethu aze asinike amandla okuhlala sigcine ingqibelelo yethu kuye.

21 UYehova usomeleza ngomoya wakhe oyingcwele. Lo moya usenza sikhumbule iZibhalo ezinokusinceda sixhathise isihendo. (Yoh. 14:26) Oko kuyasinceda ukuze singakhohliswa size senze okuphosakeleyo. Ngokomzekelo, siyakuqonda ukubaluleka kolongamo lukaYehova nokugcina kwethu ingqibelelo. Ngenxa yokwazi oko, abaninzi baye baqhubeka bethembekile kuThixo de kwasekufeni. Kodwa abafumani ndlela yokuphuma ngokufa; kunoko uYehova ubanceda ukuba banganikezeli esihendweni de kube sekupheleni. Nathi unokusinceda. Eneneni, usebenzisa neengelosi zakhe ezithembekileyo njengezicaka zikawonke-wonke ‘ezithunyelwa ukulungiselela abo baza kuzuz’ ilifa usindiso.’ (Heb. 1:14) Njengoko siza kubona kwinqaku elilandelayo, ngabagcini bengqibelelo kuphela abanokuba nethemba lokuxhasa ulongamo lukaThixo ngonaphakade. Nathi sinokuba phakathi kwabo ukuba sibambelela kuYehova njengeNkosi enguMongami.

Ubuya Kuphendula Uthini?

• Kutheni sifanele sigqale uYehova njengeNkosi enguMongami?

• Kuthetha ukuthini ukugcina ingqibelelo yethu kuThixo?

• Sazi njani ukuba uYehova uya kusebenzisa igunya lakhe njengoMongami kungekudala?

• Njengoko eyoku-1 yabaseKorinte 10:13 ibonisa, sinokukwazi njani ukugcina ingqibelelo?

[Imibuzo YeSifundo]

[Umfanekiso okwiphepha 24]

USathana walukuhla uAdam noEva ukuba banganyaniseki kuYehova

[Umfanekiso okwiphepha 26]

Zimisele ukuxhasa ulongamo lukaYehova