Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Siya Kuhamba Engqibelelweni Yethu!

Siya Kuhamba Engqibelelweni Yethu!

Siya Kuhamba Engqibelelweni Yethu!

“Ke mna, ndiya kuhamba engqibelelweni yam.”—INDU. 26:11.

1, 2. Yintoni eyathethwa nguYobhi ngengqibelelo yakhe, yaye amazwi akuYobhi isahluko 31 abonisa ntoni ngaye?

 MANDULO izinto zazilinganiswa esikalini. Esi sikali sasiyintsimbi exwesileyo emi phezu kwesixhaso. Kumacala omabini ale ntsimbi kwakukho izitya zezikali. Ukuze kwaziwe ubunzima bento ethile, yayifakwa kwesinye sezo zitya kuze kufakwe intsimbi yokulinganisa kwesinye. Abantu bakaThixo babefanele basebenzise izikali ezichanileyo.—IMize. 11:1.

2 Xa indoda ehlonel’ uThixo, uYobhi yayihlaselwa nguSathana, yathi: “[UYehova] uya kundilinganisa ezikalini ezichanileyo yaye uThixo uya kuyazi ingqibelelo yam.” (Yobhi 31:6) UYobhi wachaza iimeko ezinokuvavanya ingqibelelo yomntu. Kodwa uYobhi waphumelela kolo vavanyo njengoko sibona koko kuthethwa kuYobhi isahluko 31. Umzekelo wakhe omhle unokusenza simxelise size, siqinisekile, sithethe amazwi omdumisi uDavide, owathi: “Ke mna, ndiya kuhamba engqibelelweni yam.”—INdu. 26:11.

3. Kutheni kubalulekile ukuba sithembeke kuThixo nakwezona zinto zincinane?

3 Nangona uYobhi wavavanywa ngokuqatha, wahlala ethembekile kuThixo. Bambi basenokuthi uYobhi wamisela owona mzekelo ubalaseleyo wokugcina ingqibelelo xa wayevavanywa ngokuqatha. Thina asivavanywa ngendlela awavavanywa ngayo uYobhi. Noko ke, ukuze sibonise ukuba sihamba engqibelelweni yaye sixhasa ulongamo lukaThixo, sifanele sithembeke nakwezona zinto zincinane.—Funda uLuka 16:10.

Ukubaluleka Kokugcina Ingqibelelo Kwindlela Esiziphatha Ngayo

4, 5. Njengomgcini wengqibelelo, yintoni uYobhi awayiphephayo?

4 Ukuze sigcine ingqibelelo yethu kuYehova, sifanele sibambelele kwimilinganiselo yakhe yokuziphatha njengoYobhi. Wathi: “Ndenze umnqophiso namehlo am. Ngoko ndinokuzibonakalisa njani ndinikela ingqalelo entombini enyulu? . . . Ukuba intliziyo yam iwexulwe ngumfazi, yaye ndilalela esangweni leqabane lam, umfazi wam makasilele enye indoda, aguqe phezu kwakhe amanye amadoda.”—Yobhi 31:1, 9, 10.

5 Ekubeni wayezimisele ukugcina ingqibelelo yakhe kuThixo, uYobhi wayekuphepha ukujonga ibhinqa ngendlela eya kumenza alinqwenele. Njengendoda etshatileyo, akazange abonakalise umdla kwibhinqa elingatshatanga okanye kumfazi wenye indoda. KwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni uYesu wathetha ngokungqongqo ngokuphathelele ukuziphatha okubi ngokwesini—yaye abagcini bengqibelelo bafanele bahlale bewakhumbula loo mazwi.—Funda uMateyu 5:27, 28.

Ungaze Ubhenele Kwinkohliso

6, 7. (a) NjengakuYobhi, yintoni uThixo ayisebenzisayo ukuze ahlole ingqibelelo yethu? (b) Kutheni singafanele sibakhohlise abanye okanye sibaqhathe?

6 Ukuba sifuna ukugqalwa njengabagcini bengqibelelo, asinakubhenela kwiindlela zenkohliso okanye kwiindlela ezitenxileyo. (Funda iMizekeliso 3:31-33.) UYobhi wathi: “Ukuba ndihambe namadoda angenanyaniso, nonyawo lwam luyangxama ukuya enkohlisweni, [uYehova] uya kundilinganisa ezikalini ezichanileyo yaye uThixo uya kuyazi ingqibelelo yam.” (Yobhi 31:5, 6) UYehova ulinganisa wonke umntu “ezikalini ezichanileyo.” NjengakuYobhi, uThixo usebenzisa imilinganiselo yakhe egqibeleleyo yokusesikweni ukuze ahlole ingqibelelo yethu njengabakhonzi bakhe abazahluleleyo.

7 Ukuba sinenkohliso asiyi kuyigcina ingqibelelo yethu kuThixo. Abagcini bengqibelelo ‘bazilahlile izinto ezifihlakeleyo ezibangela iintloni yaye abahambi ngobuqhokolo.’ (2 Kor. 4:1, 2) Kodwa kuthekani ukuba unokukhohlisa omnye umzalwana aze athandaze kuThixo acele uncedo? Oko kuya kuthetha intlekele kuwe! Umdumisi wathi: “Ndabiza kuYehova ekubandezelekeni kwam, yaye wandiphendula. Owu Yehova, khawuhlangule umphefumlo wam kwimilebe yobuxoki, elulwimini lwenkohliso.” (INdu. 120:1, 2) Sifanele sikhumbule ukuba uThixo unokusigocagoca ‘avavanye iintliziyo nezintso’ zethu ukuze abone enoba singabagcini bengqibelelo kusini na.—INdu. 7:8, 9.

Yiba Ngumzekelo Kwindlela Obaphatha Ngayo Abanye

8. UYobhi wayebaphatha njani abanye?

8 Ukuze sigcine ingqibelelo yethu sifanele sibe njengoYobhi owayebaphatha ngokusesikweni abanye, ethobekile yaye enovelwano. Wathi: “Ukuba ndandidla ngokusala isigwebo sekhoboka lam okanye sekhobokazana lam ekumangalelaneni kwabo nam, ndinokwenza ntoni ke xa uThixo ephakama? Yaye ndiya kumphendula ndithini na, xa efuna ingxelo? Ngaba akenziwanga nguLowo wandenzayo esiswini, ngaba akamnye na Lowo wasilungisayo esibelekweni?”—Yobhi 31:13-15.

9. UYobhi wayeziphatha njani izicaka zakhe yaye sinokumxelisa njani?

9 Kuyabonakala ukuba, ngemihla kaYobhi kwakungasetyenziswa iindlela ezintsonkothileyo xa kuxoxwa amatyala. Xa kuxoxwa amatyala kwakubanjelelwa emthethweni yaye namakhoboka ayekwazi ukuya kumangala kwiinkundla zomthetho. UYobhi wayeziphatha ngokusesikweni nangenceba izicaka zakhe. Ukuze sihambe engqibelelweni sifanele sibe nezo mpawu, ingakumbi ukuba singabadala bebandla lamaKristu.

Yiba Nesisa, Musa Ukubawa

10, 11. (a) Sazi njani ukuba uYobhi wayenesandla esivulekileyo yaye eluncedo kwabanye? (b) Amazwi akuYobhi 31:16-25, anokusikhumbuza siphi isiluleko seZibhalo?

10 UYobhi wayenesandla esivulekileyo yaye wayekulungele ukunceda abanye, wayengacingeli isiqu sakhe kuphela yaye wayengabawi. Wathi: “Ukuba . . . ndandiwabangela afiphale amehlo omhlolokazi, neqhekeza lam ndandilidla ngokwam, ngoxa inkwenkwe engenayise ingalidlanga . . . Ukuba ndandidla ngokubona nabani na etshabalala ngenxa yokungabi nasambatho . . . Ukuba ndandiyihesha inkwenkwe engenayise, xa ndibona kufuneka uncedo lwam esangweni, maliwe igxalaba lam esixhantini salo, nengalo yam yaphulwe kwithambo layo elingentla.” Yaye uYobhi ngewayengazange akwazi ukugcina ingqibelelo ukuba wayethe kwigolide: “Ndikholose ngawe!”—Yobhi 31:16-25.

11 La mazwi angumbongo anokusikhumbuza amazwi omfundi uYakobi, athi: “Unqulo oluhlambulukileyo nolungadyobhekanga ngokwembono kaThixo noBawo wethu lulo olu: ukuvelela iinkedama nabahlolokazi embandezelweni yabo, nokuzigcina ungenabala kulo ihlabathi.” (Yak. 1:27) Sinokukhumbula nesi silumkiso sikaYesu: “Gcinani amehlo enu evulekile nize nizilinde kulo lonke uhlobo lwenkanuko, kuba kwanaxa umntu enentabalala ubomi bakhe abuphumi kwizinto anazo.” Emva koko uYesu wenza umzekelo ngendoda eyayisisityebi yaye ibawa eyafa ‘ingesosityebi kuThixo.’ (Luka 12:15-21) Ukuze sigcine ingqibelelo, sifanele sikuphephe ukubawa. Ukubawa kulunqulo-zithixo kuba ukusoloko ucinga ngento oyibawelayo kungayenza loo nto ibe sisithixo sakho uze ulibale ngoYehova. (Kol. 3:5) Akunakukwazi ukugcina ingqibelelo xa ubawa!

Bambelela Ngokuqinileyo Kunqulo Oluyinyaniso

12, 13. Nguwuphi umzekelo owamiselwa nguYobhi wokuphepha unqulo-zithixo?

12 Abagcini bengqibelelo abaphambuki kunqulo olunyulu. UYobhi akazange aphambuke, kuba wathi: “Ukuba bendidla ngokukubona ukukhanya xa kukhazimla, okanye inyanga exabisekileyo xa ihamba, yaza intliziyo yam yaqalisa ukuwexulwa emfihlekweni saza isandla sam sawanga umlomo wam, nako oko bekuya kuba sisiphoso esifanele sinikelwe ingqalelo ngabagwebi, kuba bendiya kuba ndimkhanyele uThixo oyinyaniso ophezulu.”—Yobhi 31:26-28.

13 UYobhi wayengazinquli izinto ezingaphiliyo. Ukuba entliziyweni yakhe wayenokulukuhleka xa ejonge izinto ezisesibhakabhakeni, njengenyanga size ‘isandla sakhe sange umlomo wakhe,’ mhlawumbi enze senzo sithile sibonakalisa unqulo-zithixo ngeso sandla, wayeya kuba ngumnquli-zithixo aze amkhanyele uThixo. (Dut. 4:15, 19) Ukuze sigcine ingqibelelo yethu kuThixo, sifanele siphephe lonke uhlobo lonqulo-zithixo.—Funda eyoku-1 kaYohane 5:21.

Musa Ukuba Nenqala Okanye Ube Ngumhanahanisi

14. Kutheni sinokuthi uYobhi wayengakhohlakalanga?

14 UYobhi wayengenantiyo yaye wayengakhohlakalanga. Wayesazi ukuba ezi mpawu zazinokubonisa ukuba akangomgcini wengqibelelo, kuba wathi: “Ukuba bendidla ngokuba nemihlali ekupheleni kwalowo undithiye kakhulu, okanye bendichulumanca ngenxa yokuba efunyenwe bububi . . . , inkalakahla yam andiyivumelanga yona ukuba yone ngokucela isifungo nxamnye nomphefumlo wakhe.”—Yobhi 31:29, 30.

15. Kutheni kuphosakele ukuvuya xa sibona umntu osithiyileyo esehlelwa yintlekele?

15 UYobhi olilungisa wayengavuyiswa kukubona umntu omthiyileyo esehlelwa yintlekele. Omnye umzekeliso uyalumkisa: “Xa utshaba lwakho lusiwa, musa ukuba nemihlali; yaye xa lukhutyekiswa, ngamana ingangavuyi intliziyo yakho, ukuze uYehova angakuboni oko kuze kube kubi emehlweni akhe aze ngokuqinisekileyo awubuyise umsindo wakhe kulo.” (IMize. 24:17, 18) Ekubeni uYehova ekwazi ukubona oko kusentliziyweni, uyasibona xa sivuya ngaphakathi kuba omnye umntu ehlelwe yintlekele yaye akakholiswa koko. (IMize. 17:5) UThixo uya kusiphendulisa, kuba uthi: “Yeyam impindezelo, nembuyekezo.”—Dut. 32:35.

16. Enoba asizozityebi, sinokuzibuka njani iindwendwe?

16 UYobhi wayebuk’ iindwendwe. (Yobhi 31:31, 32) Enoba asizozityebi, ‘sinokulandela ikhondo lokubuk’ iindwendwe.’ (Roma 12:13) Sinokudla nabanye isidlo nje esilula, sikhumbula ukuba “silunge ngakumbi isidlo semifuno apho kukho uthando kunenkunzi yenkomo eyondliwe emkhumbini kunye nentiyo.” (IMize. 15:17) Ukuhlala uncokole kamnandi nomnye umgcini-wengqibelelo ninandiphe isidlo, enoba sisidlo nje esilula kunokuba mnandi yaye kunikhuthaze ngokomoya.

17. Kutheni singafanele sizame ukufihla isono esinzulu?

17 Kufanele ukuba kwakusakha ngokomoya ukuphathwa nguYobhi ngobubele emzini wakhe, kuba wayengengomhanahanisi. Wayengafani nabantu abangahlonel’ uThixo bebandla lenkulungwane yokuqala ‘ababencoma abantu ukuze bafumane inzuzo.’ (Yude 3, 4, 16) UYobhi akazange afihle izono zakhe okanye ‘afihle isiphoso sakhe kwipokotho yehempe yakhe,’ kuba esoyika ukugculelwa ngabanye xa benokuyiva loo nto. Wayekulungele ukugocagocwa nguThixo, awayenokuvuma izono zakhe kuye. (Yobhi 31:33-37) Ukuba senze isono esinzulu, masingazami ukusifihla kuba sisoyika indlela abanye abaza kusijonga ngayo. Sinokubonisa njani ukuba sizama ukugcina ingqibelelo? Ngokuvuma isono sethu, siguquke, sifune uncedo size senze konke okusemandleni ukulungisa loo ngxaki.—IMize. 28:13; Yak. 5:13-15.

Umgcini Wengqibelelo Uyavuma Ukubekw’ Ityala

18, 19. (a) Kutheni sinokuthi uYobhi akazange aqhathe mntu? (b) Ukuba uYobhi wayenokufunyaniswa enetyala, yintoni awayeyilungele?

18 UYobhi wayenyanisekile yaye wayengabaqhathi abanye. Ngoko wathi: “Ukuba umhlaba wam ubuya kukhala ngam ufuna uncedo, ize ilile kunye imijelo yawo; ukuba isiqhamo sawo ndisidle ngaphandle kwemali, nomphefumlo wabanini bawo ndiwubangele wakhefuzela, esikhundleni sengqolowa makuphume ukhula olunameva, namakhakakhaka esikhundleni serhasi.” (Yobhi 31:38-40) UYobhi akazange ahluthe imihlaba yabanye okanye aqhathe abasebenzi bakhe. Njengaye, sifanele sigcine ingqibelelo yethu kuYehova kwizinto ezinkulu nezincinane.

19 UYobhi wachazela amaqabane akhe amathathu kuquka uElihu owayengumfana oselula, indlela awayephila ngayo. UYobhi wakhuthaza nabani na ovakalelwa kukuba unetyala kuye ukuba ajonge indlela yena Yobhi awayephila ngayo aze ammangalele ngokuvumelana “nomqondiso” wakhe. Xa uYobhi wayenokufunyaniswa enetyala, wayekulungele ukohlwaywa. Ngoko wafaka isimangalo waza walindela isigwebo esivela kuThixo. Emva koko, ‘amazwi kaYobhi aphela.’—Yobhi 31:35, 40.

Unako Ukugcina Ingqibelelo

20, 21. (a) Yintoni eyanceda uYobhi wakwazi ukugcina ingqibelelo? (b) Yintoni enokusinceda simthande ngakumbi uThixo?

20 UYobhi wakwazi ukugcina ingqibelelo yakhe kuba wayemthanda uThixo yaye naye uYehova wayemthanda ibe wamnceda. UYobhi wathi: “[Yehova] undisebenzele ubomi nobubele bothando; nenyameko yakho iwulindile umoya wam.” (Yobhi 10:12) Ngapha koko, uYobhi wayebathanda abanye eqonda ukuba nabani na ongabathandi ngokunyanisekileyo abanye uya kuba akamoyiki uSomandla. (Yobhi 6:14) Abagcini bengqibelelo bayamthanda uThixo nommelwane.—Mat. 22:37-40.

21 Sinokumthanda ngakumbi uThixo ukuba sifunda iLizwi lakhe rhoqo size sicamngce ngoko likutyhilayo ngaye. Sinokuthandaza kuYehova ngokusuk’ entliziyweni simdumise size simbulele ngokulunga kwakhe. (Fil. 4:6, 7) Sinokumculela uYehova size singenelwe ngokunxulumana rhoqo nabantu bakhe. (Heb. 10:23-25) Enye into eya kusinceda simthande ngakumbi uThixo kukuba nesabelo kubulungiseleli size sivakalise “iindaba ezilungileyo zosindiso lwakhe.” (INdu. 96:1-3) Ngaloo ndlela, siya kugcina ingqibelelo yethu njengomdumisi owathi: “Ukusondela kuThixo kulungile kum. Ndisabela kwiNkosi enguMongami uYehova.”—INdu. 73:28.

22, 23. Njengabantu abaphakamisa ulongamo lukaYehova, imisebenzi esiyenzayo ifana njani naleyo yayisenziwa ngabagcini bengqibelelo benkulungwane yokuqala?

22 Kwiinkulungwane ezidluleyo, uYehova uye wanika abagcini bengqibelelo imisebenzi emininzi eyahlukahlukeneyo. UNowa wakha umkhombe yaye ‘wayengumshumayeli wobulungisa.’ (2 Pet. 2:5) UYoshuwa wangenisa amaSirayeli kwiLizwe Lesithembiso, kodwa into eyamncedayo ukuze aphumelele kukufunda ‘incwadi yomthetho imini nobusuku,’ nokwenza ngokuvisisana nayo. (Yosh. 1:7, 8) AmaKristu enkulungwane yokuqala ayesenza abafundi yaye ayehlanganisana rhoqo ukuze afunde iZibhalo.—Mat. 28:19, 20.

23 Siphakamisa ulongamo lukaYehova size sigcine ingqibelelo yethu ngokushumayela ngobulungisa, ngokwenza abafundi, ngokusebenzisa isiluleko seZibhalo nangokuba kunye namanye amaKristu kwiintlanganiso nakwiindibano. Ukwenza ezi zinto kusinceda sibe nenkalipho, somelele ngokomoya size sikwazi ukwenza ukuthanda kukaThixo. Akukho nzima ukwenza oko kuba uBawo wethu wasezulwini noNyana wakhe bayasixhasa. (Dut. 30:11-14; 1 Kum. 8:57) Ngaphezulu, sixhaswa ‘nalumanyano lwabazalwana luphela,’ abagcina ingqibelelo naboyika uYehova iNkosi enguMongami.—1 Pet. 2:17.

Unokuphendula Uthini?

• Sifanele siyijonge njani imilinganiselo kaYehova yokuziphatha?

• Ziziphi iimpawu zikaYobhi ozithanda kakhulu?

• Njengoko kuchazwe kuYobhi 31:29-37, uYobhi wayeziphethe njani?

• Kutheni sinako ukugcina ingqibelelo yethu kuThixo?

[Imibuzo YeSifundo]

[Umfanekiso okwiphepha 29]

UYobhi wagcina ingqibelelo yakhe kuYehova. Nathi sinako ukuyigcina!

[Umfanekiso okwiphepha 32]

Sinako ukugcina ingqibelelo yethu!