Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Isiprofeto Esibaluleke Kakhulu

Isiprofeto Esibaluleke Kakhulu

Isiprofeto Esibaluleke Kakhulu

“Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo kube bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke kufike ukuphela.”—MATEYU 24:14.

ABAPHENGULULI bayavuma ukuba le vesi ibalulekile. Ibalulekile ngenxa yobubanzi bomsebenzi ethetha ngawo. Kwakhona ibalulekile kuba ithetha ngomsebenzi ofanele wenziwe ngamaKristu—umsebenzi wokushumayela owandulela isiganeko esibalulekileyo uYesu asibiza ngokuba ‘kukuphela.’

Esi siprofeto siyazaliseka namhlanje. Ubandakanyekile kuba iindaba ezilungileyo zisisimemo nesilumkiso. Zikunika ithuba lokukhetha phakathi kwezi zinto zimbini: Ukwamkela uBukumkani bukaThixo okanye ukubugatya. Indlela okhetha ngayo iya kuchaphazela ubomi bakho.

Khawuhlole umongo wayo. Kwiintsuku eziliqela ngaphambi kokuba uYesu abethelelwe, abafundi bakhe beza kuye baza bambuza ngekamva. Babefuna ukwazi ixesha obabuza kumiselwa ngalo uBukumkani bukaThixo, awayesoloko ethetha ngabo uYesu. Kwakhona babefuna ukwazi ‘ngokupheliswa kwenkqubo yezinto,’ okanye ngokwezinye iinguqulelo “ukupheliswa kwephakade eli.”—Mateyu 24:3, iBhayibhile Endala yesiXhosa.

Xa wayebaphendula, uYesu wabaxelela ukuba kwakuza kubakho iimfazwe, iindlala, izifo neenyikima ngomkhamo omkhulu. Waphinda wathi kwakuza kwanda ukuchasa umthetho, abefundisi bobuxoki babeza kulahlekisa abantu abaninzi yaye amaKristu okwenyaniso ayeza kuthiywa aze atshutshiswe. Zonke ezi ndaba zazimbi.—Mateyu 24:4-13; Luka 21:11.

Kodwa ke zazikho neendaba ezimnandi. Emva koko uYesu wathetha la mazwi acatshulwe ngasentla, aye aphembelela abantu ukutyhubela iinkulungwane. Nangona abantu bevumelana ngokubaluleka kwamazwi kaYesu kodwa abavumelani ngentsingiselo yawo. Ziyintoni kanye kanye iindaba ezilungileyo? Buyintoni uBukumkani? Siza kuzaliseka nini esi siprofeto kwaye siza kuzalisekiswa ngubani? Yintoni isiphelo? Makhe sibone.

[Umfanekiso okwiphepha 2, 3]

Ikopi Yombhalo-ngqangi WaseWashington Weencwadi Ezine ZeVangeli. UMateyu 24:14 uyabonakala

[Inkcazelo]

Kwincwadi ethi Facsimile of the Washington Manuscript of the Four Gospels in the Freer Collection yowe-1912