Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Buyintoni Obu Bukumkani BukaThixo?

Buyintoni Obu Bukumkani BukaThixo?

Buyintoni Obu Bukumkani BukaThixo?

“Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani . . . ”—MATEYU 24:14.

KWINTSHUMAYELO yakhe yaseNtabeni edumileyo, uYesu wafundisa indlela yokuthandaza, equka esi sibongozo siya kuThixo: “Mabufike ubukumkani bakho.” Izigidi ngezigidi zabantu ziye zawunkqaya lo mthandazo ukuze ziwucengceleze. Ngokutsho kwenye intyilalwazi, “lo mthandazo wenziwa ngawo onke amaKristu xa enqula.” Abantu abaninzi abacengceleza lo mthandazo ababazi uBukumkani okanye into obuza kuyenza.—Mateyu 6:9, 10.

Ayothusi loo nto. Iinkokeli zengqobhoko zidla ngokubuchaza ngendlela ephixeneyo, edidayo nentsonkothileyo uBukumkani bukaThixo. Enye inkokeli yabhala yathi uBukumkani bukaThixo “yinto engaphaya kwamandla omntu, . . . yinto engaphakathi esidibanisa noThixo . . . , lulwalamano phakathi kukaThixo nabantu olubenza bafumane usindiso.” Enye yathi ivangeli ngoBukumkani “yimfundiso engecawa.” Yona iCatechism of the Catholic Church ithi: “UBukumkani bukaThixo bubulungisa, uxolo novuyo ukuMoya Oyingcwele.”

Ingcaciso ecacileyo ifumaneka kwiphepha 2 leli phephancwadi. Lithi: “UBukumkani bukaThixo, obungurhulumente wokwenene wasezulwini, buya kuthi kungekudala buphelise bonke ubungendawo buze buguqule umhlaba ube yiparadesi.” Makhe sibone ukuba iyixhasa njani iBhayibhile le ngcaciso.

Abalawuli Bomhlaba Bexesha Elizayo

Ubukumkani ngurhulumente olawulwa ngukumkani. UKumkani woBukumkani bukaThixo nguYesu Kristu ovusiweyo. Ukumiselwa kwakhe ezulwini kuchazwa kumbono owanikwa umprofeti uDaniyeli, wabhala wathi: “Ndaqhubeka ndibona emibonweni yasebusuku, nanko kusiza ngamafu amazulu uthile onjengonyana womntu [uYesu]; waza wafikelela kuNyangelemihla [uYehova], bamsondeza ke kanye phambi Kwakhe. Wanikwa ulawulo nesidima nobukumkani, ukuze zonke izizwana neentlanga neelwimi zimkhonze. Ulawulo lwakhe lulawulo oluhlala ngokungenammiselo olungayi kudlula, nobukumkani bakhe bobungayi konakaliswa.”—Daniyeli 7:13, 14.

Incwadi yeBhayibhile kaDaniyeli ibonisa ukuba uBukumkani babuya kumiselwa nguThixo, nokuba buya kuphelisa bonke oorhulumente babantu yaye abunakuze bubhukuqwe. Isahluko sesi-2 sithetha ngephupha eliphefumlelweyo lokumkani waseBhabhiloni, owabona kulo umfanekiso omkhulu, omela amagunya ehlabathi ngokulandelelana kwawo. Umprofeti uDaniyeli walitolika elo phupha. Wabhala wathi: ‘Ekupheleni kwemihla, uThixo wezulu uya kumisa ubukumkani obungenakuze bonakaliswe. Yaye obo bukumkani abuyi kudluliselwa kubo nabaphi na abanye abantu. Buya kuzityumza buziphelise zonke ezi zikumkani, buze bona bume ukusa kwixesha elingenammiselo.’—Daniyeli 2:28, 44.

UKumkani woBukumkani bukaThixo akazukulawula yedwa. Ngexesha lobulungiseleli bakhe apha emhlabeni, uYesu waqinisekisa abapostile bakhe abathembekileyo ukuba nabo, baya kuvuselwa kwiitrone ezulwini. (Luka 22:28-30) Wayengathethi ngeetrone zokoqobo, kuba njengokuba uYesu wayetshilo, obu Bukumkani bobasezulwini. IBhayibhile ithi aba balawuli baphuma “kuzo zonke izizwe neelwimi nabantu neentlanga.” Babeza kuba “bubukumkani nababingeleli kuThixo wethu, yaye baza kulawula njengookumkani phezu komhlaba.”—ISityhilelo 5:9, 10.

Isizathu Sokuba Iindaba EzingoBukumkani Zilungile

Qaphela ukuba uKristu Yesu uza kulawula phezu “kwamaqela eentlanga neelwimi” yaye abo banxulumana naye baza “kulawula njengookumkani phezu komhlaba.” Ngoobani abaza kuba ngabalawulwa boBukumkani? Ngabo basabela kakuhle kwiindaba ezilungileyo ezishunyayelwayo namhlanje. Baquka abo baza kuvuselwa ebomini emhlabeni abaya kufumana ithuba lokuphila ngonaphakade.

IBhayibhile izichaza kakuhle iintsikelelo eziza kunanditshwa ngaphantsi koBukumkani. Nazi iivesi ezimbalwa:

“Uphelisa iimfazwe kuse esiphelweni somhlaba. Waphula isaphetha nomkhonto; Iinqwelo uzitshisa emlilweni.”INdumiso 46:9.

“Ngokuqinisekileyo baya kwakha izindlu baze bahlale; batyale izidiliya baze badle isiqhamo sazo. Abayi kwakha kuhlale abanye; abayi kutyala kudle abanye.”Isaya 65:21, 22.

[UThixo] uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona. Izinto zangaphambili zidlule.”ISityhilelo 21:3, 4.

“Ngelo xesha aya kuvulwa amehlo eemfama, zivulwe neendlebe zezithulu. Isiqhwala siya kutsiba njengexhama, nolwimi lwesimumu luya kumemelela ngochulumanco.”Isaya 35:5, 6.

“Musani ukumangaliswa koku, kuba liyeza ilixa ekuya kuthi ngalo bonke abo bakumangcwaba enkumbulo balive ilizwi lakhe [uYesu] baze baphume.”Yohane 5:28, 29.

“Abalulamileyo baya kuwudla ilifa umhlaba, baziyolise ngokugqibeleleyo ngobuninzi boxolo.”INdumiso 37:11.

Ngokuqinisekileyo ziindaba ezilungileyo ezo, iziprofeto zeBhayibhile ezizalisekileyo zibonisa ukuba ixesha likufuphi lokuba uBukumkani bulawule ngobulungisa apha emhlabeni.