Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ziyintoni Iindaba Ezilungileyo?

Ziyintoni Iindaba Ezilungileyo?

Ziyintoni Iindaba Ezilungileyo?

“Ezi ndaba zilungileyo . . .”—MATEYU 24:14.

AMAKRISTU afanele ashumayele “iindaba ezilungileyo zobukumkani” ngokuxelela abanye abantu ngazo, ukuba uBukumkani ngurhulumente wehlabathi wexesha elizayo oza kulawula umhlaba ngobulungisa. Nakuba kunjalo, ibinzana elithi “iindaba ezilungileyo” lisetyenziswa nangezinye iindlela eBhayibhileni. Ngokomzekelo, kuthethwa ‘ngeendaba ezilungileyo zosindiso’ (INdumiso 96:2); “iindaba ezilungileyo zikaThixo” (Roma 15:16); ‘neendaba ezilungileyo ezingoYesu Kristu.’—Marko 1:1.

Ngamafutshane, iindaba ezilungileyo ziquka zonke iinyaniso athetha ngazo uYesu nababhala ngazo abafundi bakhe. Ngaphambi kokuba enyukele ezulwini uYesu waxelela abafundi bakhe ukuba: “Hambani ke ngoko niye kubenza abafundi abantu beentlanga zonke, nibabhaptiza egameni loYise neloNyana nelomoya oyingcwele, nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniyalele zona.” (Mateyu 28:19, 20) Ngaloo ndlela umsebenzi wamaKristu asikokwazisa nje abanye ngoBukumkani; nabo bafanele bafune ukwenza abafundi.

Ziqhuba njani iicawa kule nkalo? Abo bangabuqondiyo uBukumkani—baninzi kunjalo nje—abanakuze bafundise abanye abantu ngabo. Kunoko, babambambazela ngeentshumayelo zokuxolelwa kwezono zabo nokukholelwa kuYesu. Bafuna ukufumana amarhamente ngokwenza iinkonzo zoluntu okanye ukwakha izibhedlele, izikolo nokwakhela amahlwempu izindlu. Ngoxa izinto ezilolo hlobo zilandisa inani lamarhamente azivelisi amaKristu okwenyaniso afuna ukuphila ngokuvisisana neemfundiso zikaYesu.

Esinye isazi sezakwalizwi sabhala sathi: “Inkoliso yabaphengululi neenkokeli ezingamaKristu ziyavuma ukuba sifanele senze abafundi okanye abalandeli bakaYesu sibafundise ukwenza izinto awazithethayo. . . . Imiyalelo kaYesu icace gca. Asiyenzi into awathi masiyenze. Asizami nokuzama. Kuyabonakala ukuba asiyazi nendlela yokuyenza.”

Ngendlela efanayo, uhlolisiso oluye lwenziwa kumaKatolika aseUnited States lwabonisa ukuba ama-95 ekhulwini ayavuma ukuba ukushumayela iindaba ezilungileyo kufanelekile. Phantse xa ewonke athi eyona ndlela yokwenza oku, asikokuthetha ngazo, kodwa kukuphila ngendlela engumzekelo kwabanye. Omnye wabantu ababuzwayo wathi: “Ivangeli asikokuthetha nje okungenasiphelo. Kunoko simele siziphile Iindaba Ezilungileyo.” IU.S. Catholic, iphephancwadi elenza olo hlolisiso lathi amanye amarhamente amathidala ukuthetha ngokholo lwawo ngenxa “yegama elibi ezenzele lona icawa ngokuxhaphaza abantwana ngesondo neemfundiso zecawa eziyingxaki.”

Omnye ubhishophu waseWisile wakhala esithi iicawa zahlulelene yaye zididekile, azinayo inkalipho yokuphumeza ubizo lwazo yaye amarhamente aziphethe njengaye wonke umntu. Evakala ekruqukile, wabuza: “Iya kude ishunyayelwe ngubani ivangeli yoBukumkani?”

UBhishophu akazange awuphendule lo mbuzo. Kodwa ikho impendulo. Uza kuyifumana kwinqaku elilandelayo.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 6]

Iindaba ezilungileyo zingoBukumkani bukaThixo nokusindiswa ngenxa yokukholelwa kuYesu Kristu