Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Siyintoni ‘Isiphelo’?

Siyintoni ‘Isiphelo’?

Siyintoni ‘Isiphelo’?

“. . . kwandule ke kufike ukuphela.”—MATEYU 24:14.

UKUPHELA kwehlabathi kusoloko kungundaba mlonyeni. Iincwadi, iimovie, amaphephancwadi anamabali abantwana ahlekisayo nawenzululwazi, abonisa iindlela ezahlukahlukeneyo eza kufika ngayo intlekele yokuphela komhlaba. Ziquka imfazwe yenyukliya, ukungqubana kwamatye amakhulu abhabha ngaphandle komhlaba, iintsholongwane ezibulalayo, ukuguquka kwemozulu engalawulekiyo, okanye abahlaseli abavela ngaphandle komhlaba.

Neenkonzo zineembono ezahlukahlukeneyo; ezininzi zifundisa ukuba ‘isiphelo’ siza kutshabalalisa zonke izinto eziphilayo emhlabeni. Egqabaza ngoMateyu 24:14, esinye isazi ngezakwalizwi sabhala la mazwi: “Le yeyona vesi ibalulekileyo kwiLizwi likaThixo . . . Isizukulwana sethu sijongene naloo ntshabalalo ngenxa yoko bambalwa kuthi abafuna ukuyicinga.”

Iimbono ezilolo hlobo zidla ngokungasisi so isibakala esibalulekileyo sokuba: uYehova uThixo ‘uwuzinzise ngokuqinileyo’ umhlaba; ‘akawudalelanga ilize, kodwa uwubumbe ukuba umiwe.’ (Isaya 45:18) Xa uYesu wayethetha ‘ngesiphelo,’ wayengathethi ukuba umhlaba nabantu baza kutshatyalaliswa. Wayethetha ukuba abantu abangendawo—abo bangafuniyo ukuphila ngokuvisisana nolwalathiso oluvela kuYehova ngabom—baya kutshatyalaliswa.

Cinga ngalo mzekelo. Masithi unekhaya elihle uye wavumela abantu ukuba bahlale kulo. Abanye abantu bahleli ngoxolo yaye baliphethe kakuhle. Noko ke, abanye babangela inkathazo, bayalwa yaye baqhway’ udushe. Bayalonakalisa ikhaya lakho yaye abeva xa ubanqanda.

Ubuya kwenza ntoni ukuze ulungise le meko? Ngaba uya kuwudiliza umzi wakho? Akunakuyenza loo nto. Ngokuqinisekileyo ubuza kubagxotha uze ulungise izinto ezonakeleyo.

NoYehova uza kwenza into efanayo. Waphefumlela umdumisi ukuba abhale athi: “Abenzi bobubi baya kunqunyulwa, Kodwa abathembela kuYehova baya kuwudla ilifa umhlaba. Kusele ithutyana, angabikho ongendawo; Uya kuyikhangela indawo yakhe, abe engekho. Kodwa abalulamileyo baya kuwudla ilifa umhlaba, baziyolise ngokugqibeleleyo ngobuninzi boxolo.”—INdumiso 37:9-11.

Nompostile uPetros wathetha ngombandela ofanayo. Ephefumlelwe, wabhala wathi: “Amazulu awabakho kwakudala, kunye nomhlaba oyimbumba ephuma emanzini nomi phakathi kwamanzi, ezo zinto zibekho ngelizwi likaThixo; yaye kwangalo ihlabathi langoko latshatyalaliswa xa lakhukuliswa ngamanzi kanogumbe.” (2 Petros 3:5, 6) Apha umpostile ubhekisela kuMkhukula wemihla kaNowa. Abantu abangenabuthixo batshatyalaliswa, kodwa umhlaba awuzange utshatyalaliswe. Loo Nogumbe ‘wamisela abantu abangenabuthixo umzekelo wezinto eziza kuza.’—2 Petros 2:6.

UPetros wolek’ umsundulo wathi: “Amazulu nomhlaba wangoku, zombini ziqwetyelwe umlilo.” Ukuba besinokuphelela apho, besinokufika kwisigqibo esingafanelekanga. Qaphela ukuba le vesi ihlabela mgama isithi: “Yaye zibekelwe imini yomgwebo neyentshabalalo yabantu abangenabuthixo.” Akuzukutshatyalaliswa mhlaba kodwa kuza kutshatyalaliswa abantu abangenabuthixo. Yintoni eza kulandela? UPetros wabhala wathi: “Thina ke silindele amazulu amatsha [uBukumkani bukaThixo obungoMesiya] nomhlaba omtsha [abantu abangamalungisa], ngokwesithembiso sakhe, apho kumi ubulungisa.”—2 Petros 3:7, 13.

Isiprofeto seBhayibhile sibonisa ukuba ixesha ‘lesiphelo’ likufuphi. Funda uMateyu 24:3-14 neyesi-2 kuTimoti 3:1-5 ukuze ubone ubungqina boku. a

Ngaba iyakothusa into yokuba abantu bedidwa nguMateyu 24:14, ivesi enokuqondwa nalusana? Zikhona izizathu zoku. USathana uye wamfamekisa abantu abayibona inyaniso exabisekileyo eseLizwini likaThixo. (2 Korinte 4:4) Kwakhona, uThixo uye wayifihla injongo yakhe kubantu abanekratshi waza wayityhila kubantu abathobekileyo. Kule nkalo, uYesu wathi: “Ndiyakudumisa esidlangalaleni, Bawo, Nkosi yezulu nomhlaba, ngenxa yokuba uzifihlile ezi zinto kwizilumko nakwiingqondi, wazityhilela iintsana.” (Mateyu 11:25) Elinjani lona iwonga ukuba phakathi kwabantu abathobekileyo ababuqonda ngokwenene uBukumkani bukaThixo nabakhangele phambili kwiintsikelelo obuza kubazisela zona bonke abo babuxhasayo!

[Umbhalo osemazantsi]

a Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, funda isahluko 9 sencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? epapashwe ngamaNgqina kaYehova.

[Umfanekiso okwiphepha 9]

UBukumkani buya ‘kuphelisa’ bonke ubungendawo emhlabeni