Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

“Ezweni Eliqukuqela Ubisi Nobusi”

“Ezweni Eliqukuqela Ubisi Nobusi”

“Ezweni Eliqukuqela Ubisi Nobusi”

XA uYehova uThixo wakhulula amaSirayeli eYiputa, wawathembisa ukuba uya kuwasa “ezweni elilungileyo neliphangaleleyo, ezweni eliqukuqela ubisi nobusi.”—Eksodus 3:8.

Njengokuba amaSirayeli ayehlala kwiLizwe Lesithembiso, ayefuya iinkomo, iigusha neebhokhwe loo nto yayiwenza abe nobisi oluninzi. Kuthekani ngobusi? Abanye bakholelwa ukuba eli binzana libhekisela kwisiraphu eyenziwe ngeedatilisi ngamakhiwane okanye iidiliya. Inkoliso yeembekiselo zeBhayibhile ezithetha ngobusi zibhekisela kubusi basendle kungekhona obeenyosi ezifuyiweyo. (ABagwebi 14:8, 9; 1 Samuweli 14:27; Mateyu 3:1, 4) Ngaba ngokwenene eli lizwe ‘laliqukuqela’ ubusi nobisi?

Izinto ezivunjululwe ngabembi bezinto zakudala kwaSirayeli mvanje ziyasikhanyisela. Ithetha ngezinto ezifunyenweyo, ingxelo ekhutshwe yiYunivesithi yamaHebhere yathi: “UNjingalwazi (Amihai) Mazar uthi esi sesona sisele sidala esiye safunyanwa kulo mmandla weMpuma Yamandulo. Sasikho malunga nenkulungwane ye-10 ukusa kweye-9 Ngaphambi Kwexesha Eliqhelekileyo.”

Abembi bezinto zakudala bafumana izisele ezingaphezu kwama-30 ndawonye kwimiqolo emithathu, baqikelela ukuba loo ndawo yayinokuba nezisele ezimalunga ne-100. Xa kwakuhlolwa ezo zisele kwafunyanwa amalungu omzimba weenyosi namacangca. Abaphengululi baqikelela ukuba “nyaka ngamnye ezi zisele zazinokuvelisa isiqingatha setoni yobusi.”

Mandulo, ubusi lwalungekokutya okumnandi nje kuphela kodwa ikhaphela labo lalisetyenziswa kwimizi-mveliso yeentsimbi neemfele. Ayephinda asetyenziselwe ukwenza iibhodi, ezenziwe ngeplanga elitywinwe ngekhaphela, elalinokunyityilikiswa ukuze liphinde lisetyenziswe. Sisiphi isigqibo abafikelela kuso abembi bezinto zakudala?

Le ngxelo ihlabela mgama isithi: “Ngoxa iBhayibhile ingasixeleli nto ngokufuywa kweenyosi ngelo xesha kwaSirayeli, ukufunyanwa kwezi zisele eTel Rehov kubonisa ukuba ukufuywa kweenyosi nokuphakulwa kwazo kwakusele kulishishini elihambele phambili kwangexesha lokwakhiwa kweTempile [nguSolomon]. Ngaloo ndlela, kunokwenzeka ukuba ibinzana elithi ‘ubusi’ ekuthethwa ngalo eBhayibhileni libhekisela kubusi benyosi.”

[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 15]

Institute of Archaeology/Hebrew University © Tel Rehov Excavations