Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

“Uya kuwulangazelela”

“Uya kuwulangazelela”

Sondela KuThixo

“Uya kuwulangazelela”

YINTO ebuhlungu ukubukela umntu omthandayo egula aze afe. Kungokwemvelo ukuba buhlungu. Noko ke, kuyasithuthuzela ukwazi ukuba uMdali wethu, uYehova uThixo, uyayiqonda intlungu yethu. Ngaphezu koko, ulangazelela ukusebenzisa amandla akhe ukuze abuyisele abafi ebomini. Phawula ithemba elidluliselwa ngamazwi kaYobhi, abhalwe kuYobhi 14:13-15.

Khawucinge ngale meko. UYobhi, indoda enokholo olubalaseleyo, ivavanywa ngokuqatha—kuquka ukuphulukana nezinto zakhe zexabiso, ukufelwa ngabo bonke abantwana bakhe nokuba sezintlungwini ezingathethekiyo ngenxa yokugula. Esezintlungwini ezingathethekiyo, ubongoza uThixo esithi: “Owu akwaba ubungandifihla eShiyol [ingcwaba eliqhelekileyo]!” (Vesi 13) UYobhi wayeyithatha njengendawo yesiqabu iShiyol. Apho ngokungathi bubutyebi obufihlwe nguThixo, wayengazukubuva ubunzima neentlungu. a

Ngaba iShiyol yayiza kuba likhaya likaYobhi ngonaphakade? UYobhi wayengakukholelwa oko. Uqhubeka nomthandazo wakhe: “Owu akwaba . . . undibekele umda wexesha uze undikhumbule!” UYobhi wayekholelwa ukuba wayeza kuhlala ixeshana eShiyol yaye uYehova wayengazukumlibala. UYobhi wafanisa ixesha aza kulichitha eShiyol ‘nomsebenzi osisinyanzelo,’ ixesha lokunyanzeleka ukuba ulinde. Ixesha elide kangakanani? Uthi: “Kude kufike ukukhululeka kwam.” (Vesi 14) Oko kukhululwa kuya kuthetha ukukhululwa eShiyol—ngamanye amazwi ukuvuswa ekufeni!

Kutheni uYobhi eqinisekile ukuba uza kukhululwa? Kungenxa yokuba wayeyazi indlela awayevakalelwa ngayo uMdali ngabanquli bakhe abathembekileyo abaye bafa. UYobhi uthi: “Uya kubiza, ndisabele. Uya kuwulangazelela umsebenzi wezandla zakho.” (Vesi 15) UYobhi uyavuma ukuba ungumsebenzi wezandla zikaThixo. UMniki-Bomi owabumba uYobhi esibelekweni unokumbuyisela ebomini xa efile.—Yobhi 10:8, 9; 31:15.

Amazwi kaYobhi asifundisa indlela anovelwano ngayo uYehova: Uyabathanda abantu abathi njengoYobhi, bamvumele ababumbe babe ngabantu abanqwenelekayo emehlweni akhe. (Isaya 64:8) UYehova uyabaxabisa abanquli bakhe abathembekileyo. “Ulangazelela” abantu abanyanisekileyo abaye bafa. Igama lesiHebhere eliye laguqulelwa ngaloo ndlela ngokutsho komnye umphengululi “ngokungathandabuzekiyo lelinye lawona magama anamandla ayichaza kakuhle imvakalelo yokunqwena.” UYehova, akaneli nje ukukhumbula abanquli bakhe kodwa ufuna ukuba buyisela ebomini kwakhona.

Sinombulelo, ngokuba kwincwadi kaYobhi, enye yeencwadi zokuqala ukubhalwa eBhayibhileni, uYehova wabona kufanelekile ukuba atyhile injongo yakhe yokuvusa abafileyo. b Ufuna ukukudibanisa nabantu obathandayo abaye bafa. Elo themba linokwenza kube lula ukunyamezela. Kutheni ungafundi okungakumbi ngalo Thixo uphilayo nendlela onokumvumela ngayo ukuba akubumbe ukuze ubekho xa injongo yakhe izaliseka?

Izibhalo Onokuzifunda NgoMatshi:

Estere 1-9Yobhi 1-15

[Imibhalo esemazantsi]

a Enye imbekiselo ithi amazwi kaYobhi athi, “ubungandifihla,” anokuthetha “ukubeka into exabisekileyo kwindawo enqabisekileyo.” Omnye umthombo wona uthi la mazwi athetha ukuba “ndifihle njengobuncwane.”

b Ukuze ufunde okungakumbi ngesithembiso seBhayibhile sokuvuselwa ebomini kwihlabathi elitsha lobulungisa, funda isahluko 7 sencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? epapashwe ngamaNgqina kaYehova.