Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Iindibano ZeSithili ZaseRashiya Ehlotyeni Ziza Neentsikelelo

Iindibano ZeSithili ZaseRashiya Ehlotyeni Ziza Neentsikelelo

Iindibano ZeSithili ZaseRashiya Ehlotyeni Ziza Neentsikelelo

RHOQO ehlotyeni, amaRashiya athanda ukubuk’ indalo ashiya izindlu zawo ezisedolophini aze aye kuhlala kwizindlu zasehlotyeni ezibizwa ngokuba zidacha. Kuwo eli lixesha lokwahlukana nobomi basezidolophini obumaxhapheshu. Kwezi nyanga zimbalwa zidluleyo, amaNgqina kaYehova aseRashiya aye abonwa esiya kula maphandle ngobuninzi kodwa esiyela isizathu esahlukileyo.

Nangona umsebenzi wawo wokushumayela ubekelwe imiqathango kwizixeko ezithile, amaNgqina kaYehova eRashiya ayaqhubeka enqula ngokukhululekileyo, asebenzisa ilungelo lawo elikumgaqo siseko lenkululeko yonqulo. Noko ke, maxa wambi, inkcaso nengcinezelo evela kwabasemagunyeni abangazi nto nakubefundisi bamaOthodoki ziye zenza kwabanzima ukufumana iindawo ezifanelekileyo zokuqhubela iindibano zesithili. Ngenxa yoko, amaNgqina aye alungiselela ukuba kuqhutywe iindibano zesithili “ehlathini” okanye “emaphandleni.” Ukususela ngowama-2007 ukusa kowama-2009, kuye kwenziwa “iipiknik” ezimalunga nama-40 kwiindawo ezingama-25 zaseRashiya.

Elinye iNgqina elaliye kwiindibano zesithili eRashiya iminyaka emininzi likhumbula ukuba: “Kwiminyaka edluleyo xa sasiqesha amabala okudlala kwizixeko ezikhulu, abantu abaninzi basekuhlaleni abanyanisekileyo nabasemagunyeni babekwazi ukwenza izigqibo ngentlangano yethu ngenxa yolungelelwano nokucoceka ababekubona. Ngoku iimeko zisinyanzela ukuba iindibano zethu siziqhubele ehlathini, zizilwanyana zasendle kuphela ezisibonayo. Silusizi kuba abantu abakwazi kuzibona ezi ntlanganiso ekubakho kuzo abantu abaneemvelaphi ezahlukeneyo.”

Nangona ezi ndibano izizihlandlo zobumnandi, elinye iNgqina lavuma ukuba: “Kuluvuyo ukubona umoya wokuzincama nokunyaniseka kwamanye amaNgqina azivisisanisa neemeko ezahlukeneyo. Kodwa, inyaniso kukuba xa abasemagunyeni bengasivumeli ukuba siqhube iindibano zethu, kuba nzima. Loo nto isenza singakwazi ukunqula uThixo usomandla ngendlela enesidima.” Aye ayisingatha njani amaNgqina kaYehova aseRashiya le meko?

Iindibano Zesithili Eziqhutyelwa Emaphandleni

Ukurhoxiswa kwemvume ngomzuzu wokugqibela kwenza abaququzeleli bendibano babe neentsuku ezimbalwa zokulungiselela amawaka eze endibanweni enye indawo. Ngokomzekelo, ngowama-2008, amaNgqina aseCheboksary, Chuvash Republic, kwafuneka aqhube indibano yesithili kwibala elikhulu elijikelezwe yimithi ngaphezu koMlambo iVolga. Umsebenzi ekwakufuneka awenze wawunzima kakhulu. Kubantu abali-1 930 ababelindelekile, abali-1 700 kwakuza kufuneka bahlaliswe kwelo bala. Kwakufuneka iindawo zokuhlamba ezinamanzi ashushu nabandayo, izindlu zangasese nombane. Zonke ezo ndwendwe kwakuza kufuneka zifumane into esiwa phantsi kwempumlo.

Abazalwana bahlangabezana ngokunempumelelo nala manzithinzithi. Abachweli, amagcisa ombane nemibhobho yamanzi afumaneka. AmaNgqina angama-350 azigqatsa ukuze enze lo msebenzi, ali-14 kuwo ayelala kweso siza iintsuku ezili-10. Asarha amaplanga ageca utyani agxumeka iintente, iindawo zokuhlamba nezindlu zangasese. Elinye iqela labazalwana laliquqa libuyelela edolophini ukuya kuthenga izinto ezaziza kusetyenziswa. Ekubeni zazingekho iifriji zokugcina ukutya, abazalwana bagqiba ekubeni bapheke. Abaphathi belo bala baba nentsebenziswano ngokuqesha abantu ababeza kuphekela abazalwana. Ekugqibeleni, iindwendwe ezingama-500 zeza neentente zazo, ezili-150 zaqesha kwizindlu ezikufutshane nebala, ezili-15 zalala esitalini esinengca, ezinye zalala kwiintente ezazigxunyekwe ngabazalwana.

Xa babefika abazalwana, babona uludwe lwezitulo ezimibalabala zihleli ngokwemiqolo. Ngaphambili kwakukho amaqonga amabini ahonjiswe ngeentyatyambo, elinye lalilelesiRashiya elinye ilelesiChuvash. Wonke umntu walunandipha ucwangciso lokomoya nokuzibhokoxa kwamatsha-ntliziyo. Omnye wabantu ababepheka apho wathi: “Ukuba bendingazibonelanga, bendingenakuze ndikholelwe ukuba kukho intlangano enabantu abalungelelene ngale ndlela!” Abanye le ndibano bayithelekisa noMthendeleko wemiNquba owawubhiyozelwa luhlanga lwakwaSirayeli ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile.

Kwezinye izixeko, amaNgqina ayeba nosuku olunye kuphela lokulungiselela enye indawo. Loo nto yenzeka eNizhniy Novgorod, apho amatsha-ntliziyo asebenza ubusuku nemini elungiselela indibano. Kwakufuneka agawule imithi, achebe ingca atshize ngemichiza ukuze abulale izinambuzane. Ngexesha lokufika kwabazalwana ekuseni ngoLwesihlanu, amatsha-ntliziyo ayeze nezitulo zeplastiki ezingama-2 000 nezindlu zangasese ezingoomahamb’ ehlala ezilishumi, kwenziwa indawo yokuhlamba, kwenziwa iqonga kwabekwa ijenareyitha nezandisi lizwi. Omnye umzalwana wathi: “Eyona nto yasishiya sibambe ongezantsi kukuba abazalwana ababesebenza ubusuku nemini babengafuni kothulelwa umnqwazi. Ngokuthobeka, baqhubeka bekhonza abanye ngexesha lendibano. Bazijul’ ijacu ukuze abazalwana noodade babo banandiphe indibano.”

Omnye umzalwana ubhala athi: “Sasisebenza ngaxhatha linye. Nangona babeqala ukulungiselela indibano ngale ndlela lalilincinane ixesha, bacinga ngazo zonke izinto ezaziza kufuneka ukuze kungabikho zinto ziphazamisa ucwangciso. Emva koko, asizange sizive sidiniwe. Kwakungathi uYehova usinike iimpiko!”

Umoya KaThixo Uyasebenza

Ukulungisa iingxaki ezinokuthanani neendibano zesithili kwawenza asondelelana amaNgqina asekuhlaleni kwabonisa nokusebenza komoya kaThixo. ESmolensk iindawo ezininzi zokuhlala ezazisele ziqashiwe zaye azafumaneka kusuku olungaphambi kwendibano yesithili. Omnye umdala uthi: “Kwafika iibhasi ngentsimbi yokuqala ekuseni zize endibanweni yaye kwakungekho ndawo yokulalisa abazalwana. Ndalila kuba kwakungekho nto endandinokuyenza ukuze ndibancede. Ndathandaza kuYehova ndimcela ukuba alungise le ngxaki. Ndavuya gqitha emva kweyure xa safumana enye indawo yokubalalisa. Lo yayingummangaliso obonisa ukuba uYehova akanakuze awashiye enyanyeni amalungisa!” Kwenye indibano eyayiqhutyelwa ehlathini, abazalwana baya kucela indawo yokulala kubahlali, ngenxa yegama ayezenzele lona amaNgqina, abahlali bavuma ukulalisa amaNgqina angama-2 000 emakhayeni awo.

Elinye iNgqina lithi: “Isibakala sokuba yaqhutywa bubungqina obubonisa ukubaluleka kokuthembela kuYehova ngalo lonke ixesha.” Oku kwabonakala nangakumbi xa kwafika abantu beze kuphazamisa endibanweni. ENovoshakhtinsk, abefundisi baseRashiya bamaOthodoki nabaqhankqalazi beza kucula emibokweni bezama ukuphazamisa isithethi. Noko ke, amapolisa abathintela. Xa elinye ibhinqa lomOthodoki laye layoba ngenxa yobushushu, abazalwana balithatha baya kulinyanga kwicandelo lendibano loNcedo lokuQala. Alizange likholelwe.

Abazange Bakholelwe Zizinto Abazibonayo

Ngenxa yokuxhaphaka kwabagrogrisi, iindibano ezinkulu eRashiya zibiza ingqalelo yamapolisa nabanye abantu. Ngokomzekelo, indibano eyayiqhutyelwa ehlathini eVolzhskiy yayinamapolisa ecandelo elijongene nezenzo zolwaphulo mthetho olugabadeleyo. Elinye lawo lalahlekelwa yifowuni baza abazalwana bayichola bayisa kwiSebe Lezinto Ezilahlekileyo zaza Zafunyanwa. Akuzange kube kudala emva koko wafumana umnxeba ovela kumphathi wakhe, owayefuna ukwazi ukuba yayiqhuba njani indibano. Eli gosa laphendula lathi: “Yonke into ihamba kakuhle; kukho abantu abangama-5 000 kodwa akukho zidubedube. Ayikholeleki le nto ndiyibonayo. Ikwenza uzikis’ ukucinga. Ndiye ndalahlekelwa yifowuni, kodwa baye bayichola baze bayibuyisela kum!”

Elinye ipolisa lachukunyiswa kukucoceka kwaba bantu nenani labantwana ababelapha kodwa kwabe kungekho nephepha eli leswiti. Umnini webala eyayibanjelwe kuyo enye indibano wadibana namapolisa awayeve ukuba kukho indibano enabantu abaninzi. Wathatha elinye ipolisa walisa kumgangatho wesithathu walimisa evarandeni ukuze libone ebaleni, wathi: “Khawukhangele. Nawe uyazibonela. Aba bantu balungelelene!” Lo mnini-bala wamangaliswa kukufumanisa ukuba amaNgqina awaseli awatshayi, akukho nento ebonakalisa ukuba ebelapho, achola namaphepha. Wathi: “Ingathi kuseparadesi!”

Umanyano Luyabonakala Phakathi Kwabantu BakaThixo

Emva kwenye indibano eyayiqhutywa ehlathini, isibonda saloo ndawo sathi: “Ndiyayiqonda into yokuba ningabantu abalulamileyo, kodwa ninamandla. Thina singoonkom’ idla yodwa, kodwa nina niyakwazi ukumanyanisa abantu.” Ukususela eKaliningrad ukuya eKamchatka, abantu beli lizwe abawuvali umlomo lumanyano lwabantu bakaThixo kwiindibano zabo ezinkulu. Enoba zitshintsha ngesiquphe kangakanani iimeko zabo, abazange bangabahloneli abasemagunyeni nabanye abantu.

Enoba imeko yawo iza kuba njani, amaNgqina kaYehova aseRashiya aqhubeka ehlanganisana ukuze afundiswe ngokomoya. Athandaza ‘ngokuphathelele ookumkani nabo bonke abo bakwizikhundla eziphakamileyo; ukuze baqhubeke bephila ubomi bokuzola noboxolo ngozinikelo lobuthixo nokundileka okupheleleyo.”—1 Timoti 2:2.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 27]

Elinye iNgqina lincedisa ekwenzeni amalungiselelo endibano yesithili

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 29]

AmaNgqina kaYehova aqhubeka ephila “ubomi obuzolileyo nobokuzinikela ngokupheleleyo kuThixo”

[Imifanekiso ekwiphepha 28]

Amatshantliziyo asebenza kunye ukucoca amabala ngaphambi kwendibano alungiselela abazalwana abeze endibanweni ukutya

[Imifanekiso ekwiphepha 29]

Wonke umntu wakunandipha ukutya kokomoya waxabisa nokuzibhokoxa kwamatshantliziyo