Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

“Nibahlonele Abo Basebenza Nzima Phakathi Kwenu”

“Nibahlonele Abo Basebenza Nzima Phakathi Kwenu”

“Nibahlonele Abo Basebenza Nzima Phakathi Kwenu”

“Nibahlonele abo basebenza nzima phakathi kwenu, abanongamelayo eNkosini, abanilulekayo.”—1 TES. 5:12.

1, 2. (a) Yayinjani imeko yebandla laseTesalonika xa uPawulos walibhalela incwadi yokuqala? (b) UPawulos wakhuthaza abaseTesalonika ukuba benze ntoni?

 MASITHI ubulilungu lebandla laseTesalonika lenkulungwane yokuqala, elinye lamabandla okuqala ukusekwa eYurophu. Umpostile uPawulos wayechithe ixesha kwesi sixeko esakha abazalwana. Kusenokwenzeka ukuba waye wamisela amadoda amakhulu ukuba akhokele, njengakwamanye amabandla. (IZe. 14:23) Kodwa emva kokuba lisekiwe ibandla, amaYuda aqokelela ihlokondiba labantu ukuze ligxothe uPawulos noSilas kweso sixeko. AmaKristu awasalayo amele ukuba aziva elahliwe, mhlawumbi esoyika nokoyika.

2 Kakade ke, emva kokuba uPawulos emkile eTesalonika, walixhalabela eli bandla litsha. Wazama ukubuyela kulo, kodwa ‘uSathana waxaba endleleni.’ Ngoko wathumela uTimoti ukuba aye kulikhuthaza. (1 Tes. 2:18; 3:2) Xa uTimoti wabuya nengxelo entle, uPawulos wabhalela abaseTesalonika incwadi. Phakathi kwezinye izinto, uPawulos wabakhuthaza ukuba ‘babahlonele abo babongamelayo.’—Funda eyoku-1 kwabaseTesalonika 5:12, 13.

3. Ziziphi izizathu awayenazo amaKristu aseTesalonika zokunika amadoda amakhulu ingqalelo engakumbi ngokugqithiseleyo?

3 Abazalwana ababekhokela phakathi kwamaKristu aseTesalonika babengenamava njengoPawulos nabanye abazalwana ababehambahamba; kananjalo babengenaxesha lide bengamaKristu njengabadala baseYerusalem. Ngapha koko, eli bandla lalingekagqibi nonyaka lo likho! Sekunjalo, abo babekwelo bandla babenezizathu zokuba nombulelo ngamadoda amakhulu ebandla labo, ‘awayesebenza nzima, esongamela’ ibandla yaye ‘eluleka’ abazalwana. Ngokwenene babenesizathu esivakalayo ‘sokunika abadala ingqalelo engakumbi ngokugqithiseleyo ngothando.’ Emva kwesi sicelo uPawulos wacebisa ukuba ‘babe noxolo omnye nomnye.’ Ukuba wawuseTesalonika, ngaba wawuya kuwuxabisa ngokunzulu umsebenzi wabadala? Uzijonga njani “izipho ezingabantu” uThixo aye wazinika ibandla okulo esebenzisa uKristu?—Efe. 4:8.

‘Abasebenza Nzima’

4, 5. Kutheni ukufundisa ibandla kwakungumsebenzi onzima kumadoda amakhulu omhla kaPawulos, yaye kutheni kunjalo nanamhlanje?

4 Amadoda amakhulu aseTesalonika ‘asebenza nzima’ ngayiphi indlela emva kokuba ethumele uPawulos noSilas eBhereya? Alithandabuzeki elokuba axelisa uPawulos ngokufundisa ibandla, esebenzisa iZibhalo. Mhlawumbi uyazibuza ukuba, ‘Ngaba amaKristu aseTesalonika ayelixabisa yaye eliqonda iLizwi likaThixo?’ Ngapha koko, iBhayibhile ithi ngamaBhereya ‘awayechubekile kunabo baseTesalonika, ezincina ngenyameko iZibhalo mihla le.’ (IZe. 17:11) Noko ke, apha amaBhereya ayethelekiswa namaYuda aseTesalonika, kungekhona namaKristu. Abo babesiba ngamakholwa ‘babesamkela ilizwi likaThixo, kungekhona njengelizwi labantu, kodwa njengelizwi likaThixo.’ (1 Tes. 2:13) Amadoda amakhulu amele ukuba ayesebenza nzima ukuze abondle ngokomoya.

5 Namhlanje, udidi lwekhoboka elithembekileyo neliyingqondi lulungiselela umhlambi kaThixo “ukutya . . . ngexesha elifanelekileyo.” (Mat. 24:45) Besalathiswa likhoboka, abadala bamabandla basebenza nzima ukuze bondle abazalwana babo ngokomoya. Amalungu ebandla anokufumana uncwadi oluninzi olusekelwe eBhayibhileni, kwaye izixhobo ezinjengeWatch Tower Publications Index neWatchtower Library ekwiCD-ROM ziyafumaneka ngezinye iilwimi. Ukuze abadala banelise iintswelo zokomoya zebandla, bachitha iiyure ezininzi belungiselela iintetho zeentlanganiso ukuze bayidlulisele ngendlela efundisayo inkcazelo abayabelweyo. Ngaba wakha wazibuza ukuba lingakanani ixesha elichithwa ngabadala belungiselela iintetho zeentlanganiso nezeendibano?

6, 7. (a) Nguwuphi umzekelo owamiselwa nguPawulos kumadoda amakhulu aseTesalonika? (b) Kutheni kusenokuba nzima kubadala banamhlanje ukuxelisa uPawulos?

6 Amadoda amakhulu aseTesalonika akhumbula umzekelo omhle owamiselwa nguPawulos ekwaluseni umhlambi. Wayengabatyeleli nje abantu kuba kunyanzelekile. Njengoko sele kuchaziwe kwinqaku elingaphambili, uPawulos ‘wabathantamisa, njengaxa umama oncancisayo ebaphatha ngononophelo abakhe abantwana.’ (Funda eyoku-1 kwabaseTesalonika 2:7, 8.) Wayekulungele ‘ukubanika kwanomphefumlo wakhe’! Amadoda amakhulu ayefanele afane naye xa esalusa.

7 Namhlanje abalusi abangamaKristu baxelisa uPawulos ngokuwuxabisa umhlambi. Kusenokwenzeka ukuba ezinye izimvu azinabubele kwaye azinabuhlobo imvelo. Sekunjalo, abadala bazama ukuba nengqiqo kwaye ‘bafumana okulungileyo’ kuzo. (IMize. 16:20) Liyinyaniso elokuba kusenokungabi lula ukuba umdala ongafezekanga abe nembono entle ngemvu nganye. Sekunjalo, njengoko ezabalazela ukuzithantamisa zonke, ngaba akamele anconywe ngomgudu wakhe wokuba ngumalusi olungileyo phantsi kukaKristu?

8, 9. Ziziphi ezinye iindlela abadala banamhlanje ‘abayilinda ngazo imiphefumlo yethu’?

8 Sonke sinezizathu ‘zokubalulamela’ abadala. Njengoko uPawulos watshoyo, ‘balinde imiphefumlo yethu.’ (Heb. 13:17) Eli binzana lisikhumbuza umalusi wokoqobo oncama ubuthongo ukuze akhusele umhlambi wakhe. Ngokufanayo, namhlanje abadala basenokuncama ubuthongo ngenxa yokunyamekela abo baneengxaki zempilo, ezeemvakalelo okanye ezokomoya. Ngokomzekelo, abazalwana abakwiiKomiti Zokunxibelelana Nezibhedlele kuye kwafuneka bakhe bavuswe ebuthongweni ukuze baye kunceda kwingxaki yonyango. Siyixabisa ngokwenene inkonzo yabo xa sijamelene nengxaki enjalo!

9 Abadala abakwiiKomiti Zokwakha Zenqila nabakwiikomiti zoncedo bayazibhokoxa ekuncedeni abazalwana. Sifanele sibaxhase ngokupheleleyo! Khawucinge ngoncedo olwanikelwayo emva kokuba iNkanyamba uNargis ihlasele eMyanmar ngowama-2008. Ukuze iqela elinikela uncedo likwazi ukufika kwiBandla LaseBothingone elikummandla we-Irrawaddy Delta eyayintlithwe kanobom, kwafuneka ukuba lihambe kwindawo eyayithe saa izidumbu. Abazalwana basekuhlaleni bathi bakubona ukuba kwiqela lokuqala ukufika eBothingone kwakukho nomzalwana owayekade engumveleli wesiphaluka sabo, bakhwaza bathi: “Khangelani! Ngumveleli wethu wesiphaluka! UYehova usisindisile!” Ngaba uyawuxabisa umsebenzi onzima owenziwa ngabadala ubusuku nemini? Abanye abadala bamiselwa ukuba bakhonze kwiikomiti ezikhethekileyo ezigwebayo ezisingatha iingxaki ezinzima. Aba badala abaqhayisi ngezinto abakwazileyo ukuziphumeza; sekunjalo abo bangenelwa kwinkonzo yabo banombulelo ngenene.—Mat. 6:2-4.

10. Yiyiphi eminye imisebenzi eyenziwa ngabadala?

10 Uninzi lwabadala namhlanje lunomsebenzi wokubhala izinto ezithile. Ngokomzekelo, umnxibelelanisi wequmrhu labadala ulungiselela ucwangciso lweentlanganiso zeveki ngeveki. Unobhala webandla ugcina ingxelo yenkonzo yasentsimini yenyanga neyonyaka. Umveleli wesikolo uzibhokoxa ekunyamekeleni ucwangciso lwesikolo. Rhoqo emva kweenyanga ezintathu, kuhlolwa iingxelo zemali zebandla. Abadala bafunda iileta ezivela kwiofisi yesebe baze basebenzise ulwalathiso olubanceda bagcine “ubunye bokholo.” (Efe. 4:3, 13) Ngenxa yemigudu yabadala abasebenza nzima, ‘zonke izinto zenzeka ngokundilisekileyo nangolungelelwano.’—1 Kor. 14:40.

“Abanongamelayo”

11, 12. Ngoobani abongamela ibandla, yaye kuquka ntoni ukwenza loo nto?

11 UPawulos wachaza amadoda amakhulu aseTesalonika asebenza nzima ‘njengawongamela’ ibandla. Ngokolwimi lwantlandlolo, eli gama lithetha ‘ukuma phambi kwalo’ yaye linokuguqulelwa ngokuthi “ukwalathisa; ukukhokela.” (1 Tes. 5:12; umbhalo osemazantsi weNW eneembekiselo.) UPawulos wachaza kwa-abo badala banye ‘njengabasebenza nzima.’ Wayengathethi “ngomveleli owongamelayo” omnye, kodwa wayebhekisa kuwo onke amadoda amakhulu ebandleni. Namhlanje, uninzi lwabadala luma phambi kwebandla luze luqhube iintlanganiso. Utshintsho olwenziwe kutshanje lokusetyenziswa kwesibizo esithi “umnxibelelanisi wequmrhu labadala” lusinceda ukuba sijonge bonke abadala njengequmrhu elimanyeneyo.

12 ‘Ukongamela’ ibandla akupheleli nje ekufundiseni. Eli binzana likwasetyenziswa kweyoku-1 kuTimoti 3:4. UPawulos wathi umveleli umele “abe ngumntu oyongamela kakuhle indlu yakhe, enabantwana abathobelayo ngako konke ukundileka.” Kucacile ukuba apha ibinzana elithi ‘ukongamela’ aliquki ukufundisa abantwana kuphela kodwa nokukhokela entsatsheni ‘nokuba nabantwana abathobelayo.’ Ewe, abadala bayalikhokela ibandla, benceda bonke ukuba bathobele uYehova.—1 Tim. 3:5.

13. Kutheni kunokuthatha ixesha ukwenza izigqibo kwintlanganiso yabadala?

13 Ukuze abadala bawongamele kakuhle umhlambi, baqala baxubushe bodwa ngendlela abanokulinceda ngayo ibandla. Mhlawumbi izinto bezisenokuhamba ngokukhawuleza ukuba ibinokuba ngumdala omnye owenza izigqibo zebandla. Kodwa ke, exelisa umzekelo wequmrhu elilawulayo lenkulungwane yokuqala, amaqumrhu abadala anamhlanje axubusha izinto ngokukhululekileyo, efuna ukhokelo kwiZibhalo. Usukelo lwawo kukusebenzisa imigaqo yeZibhalo xa enceda ibandla lasekuhlaleni. Oku kuba luncedo ngokukhethekileyo xa umdala ngamnye eyilungiselela intlanganiso yabadala, ahlole iZibhalo nokhokelo oluvela kudidi lwekhoboka elithembekileyo neliyingqondi. Ewe kona, oku kuthatha ixesha. Xa kukho iimbono ezahlukeneyo, njengoko kwakha kwanjalo xa iqumrhu elilawulayo lenkulungwane yokuqala lalixubusha ngomba wolwaluko, kufuneka ixesha elingakumbi lokuphanda ukuze kufikelelwe kwisigqibo esisekelwe kwiZibhalo.—IZe. 15:2, 6, 7, 12-14, 28.

14. Ngaba uyayixabisa into yokuba iqumrhu labadala lisebenza kunye limanyene? Kutheni uvakalelwa ngaloo ndlela nje?

14 Kunokwenzeka ntoni ukuba omnye umdala unyanzelisa iingcamango zakhe okanye uzama ukuba kulandelwe iimbono zakhe? Okanye kuthekani xa kukho othile—njengoDiyotrefe wenkulungwane yokuqala—odala imbambano? (3 Yoh. 9, 10) Ngokuqinisekileyo lonke ibandla liya kuchaphazeleka. Ukuba uSathana wazama ukuphixanisa ibandla lenkulungwane yokuqala, sinokuqiniseka ukuba ufuna ukuluchitha uxolo nakwibandla lanamhlanje. Usenokusebenzisa utyekelo lwabantu lokuzingca, njengokuthanda izikhundla eziphezulu. Ngenxa yoko, abadala basebenzela ekubeni bathobeke baze basebenze kunye njengequmrhu elimanyeneyo. Sikuxabisa ngokwenene ukuthobeka kwabadala abasebenzisanayo njengequmrhu!

“Abanilulekayo”

15. Yintoni eshukumisa abadala xa beluleka umzalwana okanye udade?

15 UPawulos wachaza enye into enzima kodwa ebalulekileyo emele yenziwe ngamadoda amakhulu: ukululeka umhlambi. KwiZibhalo ZamaKristu ZesiGrike, nguPawulos kuphela owasebenzisa ibinzana lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “ukululeka.” Lisenokubhekisela kwisiluleko esiqatha kodwa alithethi kuthi makubekho ubutshaba. (IZe. 20:31; 2 Tes. 3:15) Ngokomzekelo, uPawulos wabhalela abaseKorinte esithi: “Ndibhala ezi zinto, kungekhona ukuze nibe neentloni, kodwa ukuniluleka njengabantwana bam abaziintanda.” (1 Kor. 4:14) Eyona nto yayimshukumisela ekubeni abaluleke yayikukubaxhalabela.

16. Yintoni abafanele bayikhumbule abadala xa beluleka abanye abantu?

16 Abadala basoloko bekukhumbula ukubaluleka kwendlela ababaluleka ngayo abanye abantu. Bazama ngandlela zonke ukuxelisa uPawulos ngokuba nobubele nothando, nangokunceda. (Funda eyoku-1 kweyabaseTesalonika 2:11, 12.) Kakade ke, abadala ‘babambelela ngokuqinileyo elizwini elithembekileyo ukuze bakwazi ukubongoza ngemfundiso ephilileyo.’—Tito 1:5-9.

17, 18. Yintoni ofanele uhlale uyikhumbula xa ululekwa ngumdala?

17 Kakade ke, abadala abafezekanga yaye basenokuthetha izinto baze bazisole ngazo kamva. (1 Kum. 8:46; Yak. 3:8) Kwakhona, abadala bayazi ukuba ngokuqhelekileyo ukufumana isiluleko ‘akuvuyisi, kodwa kubuhlungu’ nakubazalwana noodade abakhulileyo ngokomoya. (Heb. 12:11) Ngoko xa umdala esiya kululeka umntu othile, kusenokwenzeka ukuba uqale wayicinga kakuhle loo nto waza wayithandazela. Ukuba ukhe walulekwa, ngaba uyayixabisa inkxalabo yaloo mdala eqhutywa luthando?

18 Masithi ubunesigulo esingachazekiyo kwabezonyango. Kuthi kusenjalo kubekho ugqirha oyibonayo into ogula yiyo, kodwa kube kunzima ukuyamkela loo nto. Ngaba ubuya kumqumbela loo gqirha? Unotshe! Kwanokuba ebenokuncomela ukuba utyandwe, ubuya kulwamkela olo nyango, ngethemba lokuba uya kuncedakala. Kusenokwenzeka ukuba indlela ugqirha athethe ngayo nawe iziphazamisile iimvakalelo zakho, kodwa ngaba isigqibo ubuya kusisekela kuloo nto? Akunjalo. Ngokufanayo ke, ungaze uvumele indlela olulekwa ngayo ikwenze ungabaphulaphuli abo kusenokwenzeka ukuba basetyenziswa nguYehova nanguYesu ukuba bakuncede okanye bakukhusele ngokomoya.

Lixabise Ilungiselelo LikaYehova Labadala

19, 20. Unokulubonisa njani uxabiso onalo ‘ngezipho ezingabantu’?

19 Yintoni obuya kuyenza ukuba ubunokufumana isipho esenzelwe wena ngokukhethekileyo? Ngaba ubungayi kubonisa ukuba uyasixabisa ngokusisebenzisa? UYehova usebenzise uYesu Kristu ukuze akulungiselele “izipho ezingabantu.” Enye indlela onokubulela ngayo ngezi zipho kukuziphulaphula ngenyameko iintetho ezinikelwa ngabadala nokuzama ukusebenzisa iingongoma abaziphuhlisayo. Unokubonakalisa uxabiso onalo nangokunikela iimpendulo ezinentsingiselo ezintlanganisweni. Wuxhase umsebenzi abadala abakhokela kuwo, njengenkonzo yasentsimini. Ukuba uye wangenelwa kwisiluleko osifumene kumdala othile, kutheni ungamxeleli? Ukongezelela koko, kutheni ungabonisi uxabiso onalo ngeentsapho zabadala? Khumbula ukuba, ukuze umdala akwazi ukuzibhokoxa ebandleni, kufuneka intsapho yakhe incame ixesha ebekufanele alichithe nayo.

20 Ewe, sinezizathu ezaneleyo zokuba nombulelo ngabadala, abasebenza nzima phakathi kwethu, besongamela, yaye besiluleka. Ngokwenene ezi ‘zipho zingabantu’ zililungiselelo lothando elivela kuYehova!

Ngaba Uyakhumbula?

• Ziziphi izizathu zokuxabisa abo bakhokelayo awayenazo amaKristu aseTesalonika?

• Ziziphi iindlela abadala bebandla okulo abasebenza nzima ngazo besenzela wena?

• Ungenelwa njani kwinto yokuba abadala besongamela?

• Yintoni ofanele uhlale uyikhumbula xa ululekwa ngumdala?

[Imibuzo YeSifundo]

[Umfanekiso okwiphepha 27]

Ngaba uyazixabisa iindlela ezininzi abadala abalalusa ngayo ibandla?