Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Uza Kuziphulaphula Izilumkiso ZikaYehova Ezicacileyo?

Ngaba Uza Kuziphulaphula Izilumkiso ZikaYehova Ezicacileyo?

Ngaba Uza Kuziphulaphula Izilumkiso ZikaYehova Ezicacileyo?

“Nantsi indlela. Hambani ngayo.”—ISA. 30:21.

1, 2. Yintoni uSathana azimisele ukuyenza, yaye lisinceda njani iLizwi likaThixo?

 IBHODI yendlela eyalatha kwicala elingelilo ayinakwanela nje ukusilahlekisa; inokusifaka engozini. Masithi umhlobo wakho ukulumkisa ngendoda eneenjongo ezingendawo eye yayitshintsha ngabom ibhodi yendlela ukuze yenzakalise abahambi abangalumkanga. Ngaba ubungayi kusiphulaphula eso silumkiso?

2 Ngokuqinisekileyo uSathana lutshaba olungendawo oluzimisele ukusilahlekisa. (ISityhi. 12:9) Zonke iimpembelelo ezimbi ekuxutyushwe ngazo kwinqaku elandulela eli zivela kuye yaye zenzelwe ukusiphambukisa kwindlela esa kubomi obungunaphakade. (Mat. 7:13, 14) Okuvuyisayo kukuba uThixo wethu onobubele usilumkisa ukuba singalandeli ‘ibhodi yendlela’ kaSathana elahlekisayo. Ngoku makhe sithethe ngezinye iimpembelelo ezimbi ezintathu zikaSathana. Njengoko sihlola indlela iLizwi likaThixo elisinceda ngayo siphephe ukulahlekiswa, sinokuba nomfanekiso-ngqondweni kaYehova ehamba emva kwethu yaye esalathisa kwicala elililo, esithi: “Nantsi indlela. Hambani ngayo.” (Isa. 30:21) Ukucinga ngezilumkiso zikaYehova ezicacileyo kuya kusinceda sizimisele ngakumbi ukuziphulaphula.

Musani Ukulandela “Abafundisi Bobuxoki”

3, 4. (a) Bafana njani abafundisi bobuxoki namaqula awomileyo? (b) Badla ngokuvela phi abafundisi bobuxoki, yaye bafuna ntoni?

3 Masithi uhamba kumhlaba ongumqwebedu. Ubona iqula elikude uze uye kulo, ngethemba lokufumana amanzi ukuze uqabul’ unxano. Noko ke, ulifumana lome nko. Udana ube manzi! Abafundisi bobuxoki bafana namaqula awomileyo. Nabani na oya kubo eyokufuna amanzi enyaniso uya kudana kakhulu. UYehova usebenzisa umpostile uPawulos noPetros ukusilumkisa ngabafundisi bobuxoki. (Funda iZenzo 20:29, 30; neyesi-2 kaPetros 2:1-3.) Ngoobani aba bafundisi? Amazwi aphefumlelweyo aba bapostile babini asinceda sibone imvelaphi yabafundisi bobuxoki nendlela abasebenza ngayo.

4 UPawulos wathi kubadala bebandla lase-Efese: “Phakathi kwenu kuya kusuka amadoda aze athethe izinto ezijijekileyo.” Xa wayethetha namanye amaKristu, uPetros wawabhalela wathi: “Naphakathi kwenu kuya kubakho abafundisi bobuxoki.” Ngoko bavela phi abafundisi bobuxoki? Basenokuvela ngaphakathi ebandleni. Abantu abanjalo ngabawexuki. * Bafuna ntoni? Abaveli nje bayishiye intlangano ekusenokwenzeka ukuba babekhe bayithanda ngaphambili. UPawulos wathi injongo yabo ‘kukutsala abafundi emva kwabo.’ Kunokuba baye kuzenzela ababo abafundi, abawexuki bafuna ukumka nabafundi bakaKristu. ‘Njengeengcuka eziqwengayo,’ abafundisi bobuxoki bazimisele ukuqwenga amalungu ebandla athembekileyo, betshabalalisa ukholo lwawo yaye bewakhokelela kude nenyaniso.—Mat. 7:15; 2 Tim. 2:18.

5. Basebenzisa ziphi iindlela abafundisi bobuxoki?

5 Basebenza njani abafundisi bobuxoki? Iindledlana zabo zibonisa ukuba banamaqhinga. Abawexuki ‘bangenisa ngasese’ iingcamango ezonakalisayo. Njengabantu abathubelezisa izinto ezingekho mthethweni, abawexuki bayazinyebelezisa iimbono zabo ngendlela engaqondakaliyo. Yaye kanye njengeqotha-qikili elizama ukudlulisa amaxwebhu omgunyathi, nabawexuki basebenzisa ‘amazwi alalanisayo,’ okanye iingcamango zobuxoki, bezama ukudlulisa iimbono abaziqwebileyo ngokungathi ziyinyaniso. Basasaza ‘iimfundiso ezikhohlisayo,’ ‘bejija neZibhalo’ ukuze zilungele iingcamango zabo. (2 Pet. 2:1, 3, 13; 3:16) Licacile elokuba abawexuki abanazinjongo zakusinceda. Ukubalandela kuya kusiphambukisa kwindlela esa kubomi obungunaphakade.

6. IBhayibhile isinika liphi icebiso elicacileyo ngabafundisi bobuxoki?

6 Sinokuzikhusela njani kubafundisi bobuxoki? Licacile icebiso leBhayibhile eliphathelele indlela esimele sibaphathe ngayo. (Funda eyabaseRoma 16:17; neyesi-2 kaYohane 9-11.) ILizwi likaThixo lithi: ‘Baphepheni.’ Ezinye iinguqulelo zithi, “sukani kubo,” “cezelani kude kubo,” yaye “zikhwebuleni kubo!” Licace gca eli cebiso liphefumlelweyo. Masithi ugqirha ukuxelele ukuba ucezele kude kumntu onesifo esosulelayo nesibulalayo. Ubuya kwazi ukuba uthetha ukuthini ugqirha, yaye ubuya kusiphulaphula isilumkiso sakhe. Ngoko, abawexuki ‘bagula ngengqondo,’ yaye bafuna ukosulela nabanye abantu ngeemfundiso zabo ezinganyanisekanga. (1 Tim. 6:3, 4) UYehova, uGqirha Omkhulu, usixelela ukuba sicezele kude kubo. Siyazi ukuba uthetha ukuthini, kodwa ngaba sizimisele ukusiphulaphula isilumkiso sakhe kuzo zonke iinkalo?

7, 8. (a) Yintoni ebandakanyekileyo ekuphepheni abafundisi bobuxoki? (b) Kutheni uzimisele ukuma uqinile nxamnye nabafundisi bobuxoki?

7 Yintoni ebandakanyekileyo ekuphepheni abafundisi bobuxoki? Asibamkeli emakhayeni ethu okanye sibabulise. Kwakhona asizifundi iincwadi zabo, sibukele iinkqubo zabo ezikumabonwakude, singene kwiiWebhusayithi zabo okanye sibhale amagqabaza ethu kuzo. Kutheni sisima siqinile ngaloo ndlela? Kungenxa yothando. Siyamthanda ‘uThixo wenyaniso,’ ngoko asinamdla weemfundiso ezigqwethekileyo ezichasene neLizwi lakhe eliyinyaniso. (INdu. 31:5; Yoh. 17:17) Kwakhona, siyayithanda intlangano kaYehova, ekusetyenziswe yona ukusifundisa inyaniso echukumisayo—kuquka igama likaYehova nentsingiselo yalo, injongo kaThixo ngomhlaba, imeko yabafi nethemba lovuko. Ngaba usayikhumbula indlela owavakalelwa ngayo xa wawuqala ukufunda ezi nyaniso nezinye ezixabisekileyo? Kutheni ke ngoko, uzivumela udinyazwe ngumntu onyelisa intlangano ekuncede wakwazi ukufunda ezi nyaniso?—Yoh. 6:66-69.

8 Enokuba banokuthetha ntoni na abafundisi bobuxoki, asiyi kubalandela! Kutheni usiya kuloo maqula angenalo nethontsi aza kukulahla aze akudanise? Kunoko, masizimisele ukuhlala sinyanisekile kuYehova nakwintlangano eyaziwa ngokusoloko isiqabula unxano ngamanzi acwengileyo nahlaziyayo enyaniso ekwiLizwi likaThixo eliphefumlelweyo.—Isa. 55:1-3; Mat. 24:45-47.

Musani Ukulandela ‘Amabali Obuxoki’

9, 10. Sisiphi isilumkiso uPawulos awasinika uTimoti ngokuphathelele ‘amabali obuxoki,’ yaye yintoni ekusenokwenzeka ukuba uPawulos wayecinga ngayo? (Bona kwanombhalo osemazantsi.)

9 Maxa wambi, kunokuba lula ukuyibona ibhodi yendlela xa igqwethiwe kwaye yalathe kwicala elingelilo. Kanti ngamanye amaxesha, kunokuba nzima ukuyiphawula. Kuyafana ke nangeempembelelo ezimbi zikaSathana; ezinye zizicacele kunezinye. Umpostile uPawulos usilumkisa ngenye yeendlela zikaSathana ezifihlakeleyo neziyingozi—‘amabali obuxoki.’ (Funda eyoku-1 kuTimoti 1:3, 4.) Ukuze singaphambuki kwindlela esa kubomi obungunaphakade, simele sazi ukuba ayintoni amabali obuxoki yaye sinokukuphepha njani ukunikela ingqalelo kuwo?

10 Isilumkiso sikaPawulos ngamabali obuxoki siyinxalenye yencwadi yakhe yokuqala eya kuTimoti, umveleli ongumKristu owayenikwe imbopheleleko yokugcina ibandla linyulu nokunceda abanye abazalwana bahlale bethembekile. (1 Tim. 1:18, 19) UPawulos usebenzisa ibinzana lesiGrike elinokubhekisela kwibali, intsomi okanye ubuxoki. NgokweThe International Standard Bible Encyclopaedia, eli gama libhekisela “kwibali (lonqulo) eliyintsomi.” Mhlawumbi uPawulos wayecinga ngobuxoki obuvela kunqulo obabukhuthazwa ngamabali abaxiweyo okanye aqwetyiweyo. * Amabali anjalo “avelisa imibuzo efuna uphando”—oko kukuthi, aphakamisa imibuzo yobudenge ekhokelela kuphando olungeyomfuneko. Amabali obuxoki ngamaqhinga kaSathana, osebenzisa ubuxoki obuvela kunqulo neentsomi ezichaseneyo noThixo ukuze aphambukise abantu abangaqondanga. Icebiso likaPawulos licacile: Musani ukunikel’ ingqalelo kumabali obuxoki!

11. USathana ulusebenzise njani unqulo lobuxoki ekulahlekiseni abantu, yaye kukuphulaphula siphi isilumkiso okuya kusinceda singalahlekiswa?

11 Ngawaphi amanye amabali obuxoki anokulahlekisa abantu abangalumkanga? Ibinzana elithi “amabali obuxoki” linokubhekisela nakubuphi na ubuxoki obuvela kunqulo okanye intsomi enokusenza ‘siyifulathele inyaniso.’ (2 Tim. 4:3, 4) USathana, ozenza ‘ingelosi yokukhanya,’ usebenzisa unqulo lobuxoki ukuze alahlekise abantu. (2 Kor. 11:14) INgqobhoko, ezibiza ngokuba ngamaKristu, iimfundiso zayo—eziquka uBathathu Emnye, isihogo somlilo nokungafi komphefumlo—zizele ziintsomi nobuxoki. INgqobhoko ikhuthaza neeholide, ezifana neKrismesi neIsta, ezinezithethe ezibonakala zilungile kodwa eneneni zivela kwiintsomi nakubuhedeni. Xa siphulaphula isilumkiso sikaThixo sokuzahlukanisa nazo size ‘singachukumisi nto ingahlambulukanga,’ asiyi kulahlekiswa ngamabali obuxoki.—2 Kor. 6:14-17.

12, 13. (a) Bubuphi ubuxoki obusasazwe nguSathana, yaye yiyiphi eyona nto iyinyaniso ngokuphathelele ubuxoki ngabunye? (b) Sinokukuphepha njani ukulahlekiswa ngamabali obuxoki kaSathana?

12 USathana uye wasasaza nobunye ubuxoki obunokusilahlekisa ukuba asilumkanga. Cinga ngale mizekelo. Yonk’ into yamkelekile—enoba ilungile okanye iphosakele. Ixhomekeka nje kwindlela ovakalelwa ngayo. Le ngcamango ikhuthazwa kumajelo eendaba nakwiindlela zokuzonwabisa. Imbono egqwetheke ngolo hlobo ngemilinganiselo kaThixo inokusiphembelela ukuba singaziphathi ngendlela eyiyo. Inyaniso kukuba sikufuna ngamandla ukukhokelwa kwindlela yokuziphatha yaye nguThixo kuphela onokukwazi. (Yer. 10:23) UThixo akayi kungenelela kwimicimbi yabantu. Ukuphenjelelwa ngumoya wokungalikhathaleli ikamva kunokusibangela ukuba ‘singasebenzi nto okanye singabi nasiqhamo.’ (2 Pet. 1:8) Inyaniso kukuba imini kaYehova isondele, yaye simele sihlale siyilindile. (Mat. 24:44) UThixo akakukhathalelanga. Ukukholelwa obu buxoki bukaSathana kunokusenza sinikezele, sicinga ukuba asinakuze sifanelwe luthando lukaThixo. Inyaniso kukuba uYehova uthanda yaye uxabisa ngamnye wabanquli bakhe.—Mat. 10:29-31.

13 Sifanele sihlale sithe qwa, kuba iingcamango nesimo sengqondo seli hlabathi likaSathana zisenokubonakala zisengqiqweni. Khumbula ukuba, uSathana ngusomaqhingashe. Ukuze singalahlekiswa ‘ngamabali obuxoki ayilwe ngobuqhetseba [“iintsomi eziyilwe ngamaqhinga,” ngokweThe New American Bible]’ nguSathana kufuneka sithobele isiluleko nezikhumbuzo ezikwiLizwi likaThixo.—2 Pet. 1:16.

Musani ‘Ukulandela USathana’

14. Sisiphi isilumkiso uPawulos awasinika abahlolokazi abathile, yaye kutheni sonke sifanele sinikel’ ingqalelo kumazwi akhe?

14 Khawube nomfanekiso-ngqondweni webhodi yendlela ethi “Indlela Eya KwaSathana.” Ngubani kuthi obenokuhamba ngaloo ndlela? Sekunjalo, uPawulos usilumkisa ngeendlela ezininzi amaKristu azahluleleyo ‘anokuphambukiswa ngazo aze alandele uSathana.’ (Funda eyoku-1 kuTimoti 5:11-15.) Amazwi kaPawulos ayebhekisela ‘kubahlolokazi abancinane’ abathile, kodwa imigaqo athetha ngayo isebenza kuthi sonke. Abo bafazi bangamaKristu benkulungwane yokuqala basenokuba babengayicingi into yokuba balandela uSathana, kodwa izenzo zabo zazisitsho. Sinokukuphepha njani ukulandela uSathana kwanaxa singaqondanga? Makhe sihlole isilumkiso sikaPawulos esiphathelele intlebendwane eyonzakalisayo.

15. Yiyiphi eyona njongo kaSathana, yaye uPawulos uwachaza njani amacebo kaSathana?

15 Eyona njongo kaSathana kukuminxa ukholo lwethu—ukusenza siyeke ukushumayela iindaba ezilungileyo. (ISityhi. 12:17) Ukuze enjenjalo, uzama ukusenza sisukele izinto ezitya ixesha okanye ezenza amahlelo phakathi kwethu. Phawula indlela uPawulos awachaza ngayo amacebo kaSathana. ‘Abenzi nto, bahamba bebutha.’ Kule mihla ihambele phambili kubugcisa, kulula ukuchitha ixesha lethu nelabanye ngokuthi, ngokomzekelo, sithumelelane izinto ezingenamsebenzi nezingeyonyaniso ngeimeyile. ‘Behamba behleba.’ Intlebendwane eyonzakalisayo inokukhokelela kwizenyeliso, ezidla ngokubangela usukuzwano. (IMize. 26:20) Enoba bayayiqonda loo nto okanye akunjalo, abanyelisi baxelisa uSathana uMtyholi. * “Begxuphuleka kwimicimbi yabanye abantu.” Asilolungelo lethu ukuxelela abanye abantu indlela amabayisingathe ngayo imicimbi yabo yobuqu. Loo hambo yokungabi namsebenzi neyinkathazo inokusiphazamisa kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani esiwunikwe nguThixo. Xa siyeka ukuxhasa umsebenzi kaYehova rhoqo, siya kuba silandela uSathana. Asinakukhwel’ ecingweni.—Mat. 12:30.

16. Kukuphulaphula liphi icebiso okuya kusinceda sikuphephe ‘ukulandela uSathana’?

16 Ukuphulaphula icebiso leBhayibhile kuya kusinceda sikuphephe ‘ukuphambukiswa silandele uSathana.’ Cinga ngesinye isiluleko sobulumko sikaPawulos. Yibani “nokuninzi kokwenza emsebenzini weNkosi.” (1 Kor. 15:58) Ukuhlala sixakekile kwizinto zoBukumkani kuya kusikhusela kwiingozi zokungabi namsebenzi nakwizinto ezitya ixesha. (Mat. 6:33) Thethani oko ‘kulungele ukwakha.’ (Efe. 4:29) Zimiseleni ukungayiphulaphuli intlebendwane eyonzakalisayo yaye ningayisasazi. * Zama ukubathemba yaye ubahlonele abazalwana bakho. Ngaloo ndlela kuya kuba lula ukuthetha izinto ezakhayo kungekhona ezichithayo. ‘Yiba nosukelo lokungagxuphuleki kwimicimbi yabanye.’ (1 Tes. 4:11) Yiba nomdla wobuqu kwabanye, kodwa ungabenzi baxakwe nakukuphefumla okanye ubathobe isidima. Khumbula ukuba, asimele sinyanzele abanye ngeembono zethu kwizinto abafanele bazigqibele ngokwabo.—Gal. 6:5.

17. (a) Kutheni uYehova esilumkisa ngezinto esingamele sizilandele? (b) Uzimisele ukwenza ntoni ngokuphathelele indlela uYehova afuna sihambe ngayo?

17 Simbulela ngenene uYehova ngokusixelela ngokucacileyo into esingamele siyilandele! Ngoko ke, ungaze ulibale ukuba izilumkiso ekuxutyushwe ngazo kweli nqaku nakwelandulela eli sizinikwa nguYehova kuba esithanda kakhulu. Ufuna ukusikhusela kwinkxwaleko nentlungu esinokuba kuyo xa silandela ‘ibhodi’ kaSathana elahlekisayo. Indlela uYehova afuna sihambe ngayo isenokuba mxinwa, kodwa iya kusifikisa kweyona ndawo ingayiwayo—ubomi obungunaphakade. (Mat. 7:14) Ngamana singahlala sizimisele ukuthobela isibongozo sikaYehova esithi: “Nantsi indlela. Hambani ngayo.”—Isa. 30:21.

[Imibhalo esemazantsi]

^ isiqe. 4 “Uwexuko” kukulushiya unqulo lwenene, ukuphambuka kulo, ukushiya iinkolelo zalo, ukuluvukela nokululahla.

^ isiqe. 10 Ngokomzekelo, incwadi engaphefumlelwanga kaTobit (Tobias), eyabhalwa malunga nenkulungwane yesithathu ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo neyayisekho ngexesha likaPawulos, ineenkolelo neentsomi zemilingo nobugqwirha ezichazwa njengeziyinyaniso.—Funda i-Insight on the Scriptures, Umqulu 1, iphepha 122.

^ isiqe. 15 Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “umtyholi” ngudi·aʹbo·los, elithetha “umnyelisi.” Eli gama lisetyenziswa njengesinye isibizo sikaSathana, oyena mnyelisi uphambili.—Yoh. 8:44; ISityhi. 12:9, 10.

Unokuphendula Uthini?

Unokuzisebenzisa njani izilumkiso ezikwezi Zibhalo zilandelayo?

• Eyesi-2 kaPetros 2:1-3

• Eyoku-1 kuTimoti 1:3, 4

• Eyoku-1 kuTimoti 5:11-15

[Imibuzo YeSifundo]

[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 19]

 Ukusasaza Iintsiba Emoyeni

Kukho ibali lakudala lamaYuda eliyichaza kakuhle imiphumo yokusasaza intlebendwane eyonzakalisayo. Libaliswa ngeendlela ezahlukahlukeneyo, kodwa umongo weli bali ngulo ulandelayo.

Kukho indoda eyatyhutyha idolophu isenyelisa isilumko saloo dolophu. Kamva, lo mhlebi waqonda ukuba imbi into ayenzileyo waza waya kucela uxolo kuloo ndoda, ethembisa ukuyenzela nantoni na ukungciba ezo ntanda zaziphakathi kwabo. Le ndoda isisilumko yacela into enye: Lo mhlebi waxelelwa ukuba aye kuthatha umqamelo oneentsiba aze awukrazule, asasaze iintsiba emoyeni. Nangona wayedidekile seso sicelo, wenza kanye loo nto wayeyiyalelwe waza wabuyela kule ndoda isisilumko.

Wabuza, “Ngaba undixolele ke ngoku?”

Yaphendula isithi, “Kuqala, hamba uye kuzichola zonke ezo ntsiba.”

“Kodwa ndiya kuzichola njani? Sele ziphetshethwe ngumoya.”

“Kunzima ukuphelisa umonakalo owenziwe ngamazwi akho njengoko kunjalo ukuchola-chola iintsiba.”

Icacile into esiyifundayo. Xa sele uwakhuphile amazwi, kunzima ukuphinda uwaginye, yaye usenokungakwazi ukuyiphelisa intlungu ayibangeleyo. Ngaphambi kokusasaza intlebendwane, siya kuba silumkile xa sikhumbula ukuba, sifana nokungathi siza kusasaza iintsiba emoyeni.

[Umfanekiso okwiphepha 16]

Abanye abantu banokubangenisa njani abawexuki emakhayeni abo?