Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Ungenile Ekuphumleni KukaThixo?

Ngaba Ungenile Ekuphumleni KukaThixo?

Ngaba Ungenile Ekuphumleni KukaThixo?

“llizwi likaThixo liphilile, linamandla.”—HEB. 4:12.

1. Yiyiphi indlela esinokungena ngayo ekuphumleni kukaThixo namhlanje, kodwa kutheni oko kusenokungabi lula?

 KWINQAKU elandulela eli, siye sabona indlela esinokungena ngayo ekuphumleni kukaThixo ngokwenza ngokuvisisana neenjongo zakhe ngentobelo. Nangona oko kusenokuvakala kuyinto elula ukuyenza, kodwa kusenokungabi njalo. Ngokomzekelo, xa sisiva ukuba uYehova uyichasile into ethile esiyithandayo, ekuqaleni sisenokufuna ukuvukela. Oko kubonisa ukuba kufuneka siphucule kwinkalo ‘yokulungela ukuthobela.’ (Yak. 3:17) Kweli nqaku, siza kuxubusha ngeenkalo ezithile ezibonisa indlela ukulungela kwethu ukwenza injongo kaThixo—ukuthobela ngokusuka entliziyweni—okunokuvavanywa ngayo.

2, 3. Yiyiphi imigudu esimele siqhubeke siyenza ukuze sihlale sinqweneleka kuYehova?

2 Uqhuba njani kwinkalo yokwamkela isilulelo esisekelwe eBhayibhileni? IZibhalo zisixelela ukuba kukuthanda kukaThixo ukuhlanganisela kuye “izinto ezinqwenelekayo zazo zonke iintlanga.” (Hag. 2:7) Kakade ke, xa sasiqala ukuva inyaniso, uninzi lwethu lwalunganqweneleki kwaphela. Noko ke, ukuthanda kwethu uThixo noNyana wakhe kwasinyanzela ukuba senze utshintsho olukhulu kwisimo sengqondo sethu nemikhwa esasinayo ukuze simkholise ngokupheleleyo uThixo. Ekugqibeleni, emva kokuzingisa nokwenza umgudu, siye sakwazi ukufanelekela ukubhaptizwa njengamaKristu.—Funda eyabaseKolose 1:9, 10.

3 Noko ke, idabi lethu lokulwa nxamnye nokungafezeki alizange liphele mhla sabhaptizwa. Umlo usaqhubeka yaye uya kuqhubeka ukho logama singafezekanga. Noko ke, siyaqinisekiswa ukuba, ukuba siqhubeka sisilwa yaye sizimisele ukunqweneleka ngakumbi emehlweni kaThixo, uYehova uya kuyisikelela imigudu esiyenzayo.

Xa Isiluleko Siyimfuneko

4. Ziziphi iindlela ezintathu esinokusifumana ngazo isiluleko seZibhalo?

4 Ngaphambi kokuba senze utshintsho kubomi bethu, sifanele sizazi iintsilelo esinazo. Intetho enikelwa kwiHolo yoBukumkani okanye inqaku elixhokonx’ iingcinga elikwenye yeempapasho zethu linokubhenca iintsilelo esinazo. Maxa wambi sisenokungayiqondi into yokuba kufuneka senze utshintsho ebomini bethu kwanasemva kokuba siphulaphule intetho okanye safunde impapasho, ngoko uYehova unokusebenzisa omnye umKristu ukuba asibonise apho simele silungise khona.—Funda eyabaseGalati 6:1.

5. Chaza iindlela ezingafanelekanga esinokusabela ngazo xa silulekwa, yaye chaza nesizathu sokuba abelusi abangamaKristu bemele bazingise ekusincedeni.

5 Akukho lula ukwamkela isiluleko esivela kumntu ongafezekanga enoba eso siluleko usinikela ngobuchule nangothando. Sekunjalo, njengoko eyabaseGalati 6:1 isitsho, uYehova uyalela abo baneemfaneleko zokomoya ukuba ‘bazame’ ukusilungisa “ngomoya wobulali.” Ukuba siyasamkela isiluleko, siya kunqweneleka ngakumbi kuThixo. Kakade ke, xa sithandaza siyavuma ukuba asifezekanga. Noko ke, xa umntu othile esibonisa apho sisilela khona, sidla ngokuzama ukuzithethelela, siyithathe njengento engenamsebenzi loo ngxaki, sithandabuze injongo yaloo mntu okanye sikhalazele indlela esidluliselwe ngayo isiluleko. (2 Kum. 5:11) Ukanti ukuba silulekwa ngento ebesingafuni ukuyiva—indlela eliziphethe ngayo ilungu lentsapho elithile, indlela esinxiba nesizilungisa ngayo, ucoceko okanye indlela yokuzonwabisa esiyithandayo kodwa ayithiyileyo uYehova—sisenokusabela ngendlela engafanelekanga nenokumenza buhlungu lowo usilulekayo! Kodwa emva kokuba umsindo uhlile, sidla ngokubona ukuba isiluleko besifanelekile.

6. Ilizwi likaThixo lizityhila njani “iingcamango notyekelo lwentliziyo”?

6 Isibhalo esingumxholo kweli nqaku sisikhumbuza ukuba ilizwi likaThixo “linamandla.” Eneneni, ilizwi likaThixo linamandla okutshintsha ubomi. Lisinceda senze utshintsho emva kokuba sibhaptiziwe njengoko kwakunjalo nangaphambi kokuba sithathe elo nyathelo. Kwincwadi yakhe eya kumaHebhere, uPawulos uthi ilizwi likaThixo “lihlaba lide lahlule umphefumlo nomoya, kwanamalungu nomongo wawo, yaye liyakwazi ukuphicotha iingcamango notyekelo lwentliziyo.” (Heb. 4:12) Ngamanye amazwi, xa siyiqonda ngokucacileyo injongo kaThixo ngathi, indlela esisabela ngayo ityhila oko sikuko ngaphakathi. Ngaba maxa wambi kubakho umahluko phakathi kwendlela esibonakala ngayo (“umphefumlo”) noko sikuko ngokwenene (“umoya”)? (Funda uMateyu 23:27, 28.) Phawula indlela wena obuya kusabela ngayo kwezi meko zilandelayo.

Hambisana Nentlangano KaYehova

7, 8. (a) Yintoni esenokuba yakhuthaza amaKristu athile angamaYuda ukuba anamathele kwizinto ezithile ezikuMthetho kaMoses? (b) Kutheni sinokuthi ayesenza nxamnye nenjongo kaYehova?

7 Uninzi lwethu luyazi ngentloko iMizekeliso 4:18, ethi: “Umendo wamalungisa unjengokukhanya okuqaqambileyo okuya kukhanya ngokukhanya de kube semini emaqanda.” Oko kuthetha ukuba ihambo yethu nendlela esiyiqonda ngayo injongo kaThixo iya kuphucuka njengoko ixesha lihamba.

8 Njengoko siye sabonisa kwinqaku elandulela eli, emva kokufa kukaYesu kwaba nzima kumaKristu amaninzi angamaYuda ukwahlukana noMthetho kaMoses. (IZe. 21:20) Nangona uPawulos ngobuchule wabonisa ukuba amaKristu akasekho phantsi koMthetho, abanye bayigatya indlela yakhe yokuqiqa ephefumlelweyo. (Kol. 2:13-15) Mhlawumbi babevakalelwa kukuba, xa beqhubeka bethobela iinxalenye ezithile zoMthetho, babengayi kutshutshiswa. Sekunjalo, uPawulos wabhalela amaKristu angamaHebhere waza wawachazela ngokuphandle ukuba akanakungena ekuphumleni kukaThixo ukuba akenzi ngokuvisisana nenjongo Yakhe. * (Heb. 4:1, 2, 6; funda eyamaHebhere 4:11.) Ukuze uYehova akholiswe ngawo, ayefanele ayamkele into yokuba uYehova ukhokela abantu bakhe ngendlela eyahlukileyo.

9. Sisiphi isimo sengqondo esifanele sibe naso xa kusenziwa utshintsho kwindlela ebesiziqonda ngayo iZibhalo?

9 Kumhla wethu, kuye kwenziwa utshintsho kwindlela ebesiziqonda ngayo iimfundiso zeBhayibhile ezithile. Oku akufanele kusikhathaze; kufanele kusenze sibe nentembelo engakumbi kudidi lwekhoboka elithembekileyo neliyingqondi. Xa amalungu angabameli ‘bekhoboka’ ebona ukuba inyaniso ethile ifanele icaciswe ngakumbi okanye kulungiswe imbono yethu ngayo, akoyiki ukwenza olo tshintsho. Udidi lwekhoboka lunomdla ongakumbi ekusebenzisaneni nenjongo kaThixo kunokuba luzikhusele ekugxekweni ngabanye ngotshintsho olulenzileyo. Usabela njani wena xa kusenziwa utshintsho kwindlela ebesiziqonda ngayo iZibhalo?—Funda uLuka 5:39.

10, 11. Yintoni esinokuyifunda kwindlela abanye abasabela ngayo xa kwakufuneka ukuba bazame iindlela ezintsha zokushumayela iindaba ezilungileyo?

10 Makhe siqwalasele omnye umzekelo. Ngasekupheleni kwenkulungwane ye-19 nasekuqaleni kweyama-20, aBafundi beBhayibhile abathile ababezizithethi eziphum’ izandla babevakalelwa kukuba ukunikela iintetho ezilungiselelwe kakuhle kubantu abaza kubaphulaphula ngoxabiso yeyona ndlela banokushumayela ngayo. Babekuthanda ukuthetha phambi kwabantu abaninzi, yaye bambi babekuthanda ukuva abantu bencoma iintetho zabo. Noko ke, kamva kwaphawuleka ukuba uYehova unqwenela abantu abakhe ukuba baxakeke ekushumayeleni ngeendlela ezahlukahlukeneyo kuquka umsebenzi wendlu ngendlu. Abanye abazizithethi zasesidlangalaleni babezikhaba ngawo omane ezi ndlela zintsha zokushumayela. Ngaphandle, babebonakala bengamadoda okomoya, azinikele ngokupheleleyo eNkosini. Noko ke, xa babona ubungqina obucacileyo benjongo kaThixo ngokuphathelele umsebenzi wokushumayela, iingcamango neenjongo zabo zokwenene zabhenceka. UYehova wavakalelwa njani ngabo? Akazange abasikelele. Bayishiya intlangano.—Mat. 10:1-6; IZe. 5:42; 20:20.

11 Oku akuthethi ukuba bonke abo baye bahlala benyanisekile entlanganweni babekufumanisa kulula ukushumayela esidlangalaleni. Abaninzi babewufumanisa ulucelomngeni lo msebenzi, ingakumbi ekuqaleni. Kodwa babethobela. Ekuhambeni kwexesha, bakoyisa ukuxhalaba, yaye uYehova wabasikelela kakhulu. Usabela njani xa ukhuthazwa ukuba ube nenxaxheba kuhlobo oluthile lomsebenzi wokushumayela ongaqhelananga nalo? Ngaba ukulungele ukwenza into entsha?

Xa Isalamane Okanye Umhlobo Eshiya UYehova

12, 13. (a) Yiyiphi injongo kaYehova ngokususwa kubudlelane kwaboni abangaguqukiyo? (b) Luluphi uvavanyo abajamelana nalo abazali abangamaKristu, yaye yintoni eyenza ukuba lube nzima?

12 Alithandabuzeki elokuba sonke siyavumelana nomgaqo othi simele sihlale sicocekile emzimbeni, ngokuziphatha nangokomoya ukuze sikholise uThixo. (Funda uTito 2:14.) Noko ke, kusenokubakho iimeko ezinokwenza kube nzima ukuthobela kule miba. Ngokomzekelo, masithi abazali abangamaKristu abangumzekelo banonyana okuphela kwakhe oshiya inyaniso. Ekhetha ‘ukuziyolisa ngesono okwexeshana’ kunokugcina ulwalamano lwakhe noYehova kunye nabazali bakhe abahlonel’ uThixo, lo mfana ususwa kubudlelane.—Heb. 11:25.

13 Abazali badandathekile! Kakade ke, bayazi ukuba kumba wokususwa kubudlelane, iBhayibhile ithi ‘masiyeke ukunxulumana naye nabani na obizwa ngokuba ngumzalwana ongumhenyuzi okanye umntu obawayo okanye umnquli-zithixo okanye umtshabhisi okanye inxila okanye umphangi, singatyi kwaukutya nomntu onjalo.’ (1 Kor. 5:11, 13) Bayaqonda nokuba igama elithi “nabani na” elikule ndinyana liquka amalungu entsapho angahlali nabo. Kodwa bamthanda gqitha unyana wabo! Ukuba sentlungwini kunokubenza baqiqe ngelithi: ‘Siza kumnceda njani umntwana wethu ukuba abuyele kuYehova xa sizinxwema ngokupheleleyo kuye? Ngaba akuyi kumnceda ukuhlala siqhagamshelana naye?’ *

14, 15. Yintoni abazali abafanele bayiqwalasele ukuba bagqiba ekubeni bathethe nomntwana wabo osuswe kubudlelane?

14 Siyavelana nabo bazali. Kaloku, unyana wabo uye wazikhethela ukuphila ngendlela engeyoyabuKristu kunokuba aqhubeke enolwalamano olusondeleyo nabazali bakhe kunye namanye amaKristu. Kwelinye icala, abazali akukho nto bebenokuyenza. Yiloo nto ebenza bazive bethezeke amandla!

15 Kodwa yintoni eza kwenziwa ngaba bazali? Ngaba baza kuthobela ulwalathiso lukaYehova olucacileyo? Okanye ngaba baza kusuka nje banxulumane rhoqo nonyana wabo osusiweyo besithi balungisa “imicimbi yentsapho ebalulekileyo”? Kwisigqibo abasenzayo, bafanele baqwalasele indlela uYehova avakalelwa ngayo ngoko bakwenzayo. Injongo yakhe kukugcina intlangano icocekile, yaye ukuba kunokwenzeka nokubuyisela aboni ezingqondweni. Abazali abangamaKristu banokuyixhasa njani loo njongo?

16, 17. Yintoni esinokuyifunda xa sicamngca ngomzekelo ka-Aron?

16 Umntakwabo Moses, uAron, wayejamelene nemeko enzima ngokuphathelele oonyana bakhe ababini. Cinga indlela amele ukuba wavakalelwa ngayo xa unyana wakhe uNadabhi noAbhihu babeka umlilo ongekho sikweni phambi kukaYehova waza uYehova wababulala. Kakade ke, eso yaba sisiphelo sonxulumano lwabo nabazali babo. Kodwa kukho okungakumbi. UYehova wayalela uAron noonyana bakhe ababethembekile esithi: “Musani ukuziyeka zingalungiswanga iintloko zenu [ngenxa yokuzila], ningazikrazuli izambatho zenu, ukuze ningafi nokuze ukucaphuka kwakhe [uYehova] kungayifikeli indibano yonke.” (Lev. 10:1-6) Esi sigidimi sicacile. Simele sithande uYehova ngaphezu kokuba sithanda amalungu angathembekanga eentsapho zethu.

17 Namhlanje, uYehova akasuki nje ababulale abo baphula imithetho yakhe. Ngothando ubanika ithuba lokuguquka kwizenzo zabo ezimbi. Noko ke, uya kuvakalelwa njani uYehova xa abazali bomenzi-bubi ongaguqukiyo besoloko bemvavanya ngokunxulumana ngokungeyomfuneko nonyana okanye intombi yabo esusiweyo kubudlelane?

18, 19. Ziziphi iintsikelelo ezinokufunyanwa ngamalungu entsapho enza ngokuvisisana nemiyalelo kaYehova ephathelele abantu abasuswe kubudlelane?

18 Abantu abaninzi ababekhe basuswa kubudlelane bayavuma ukuba ukunyaniseka nokuba ngqongqo kwabahlobo namalungu entsapho kwabanceda babuyela ezingqondweni. Bethetha ngokubuyiselwa kwelinye ibhinqa eliselula kubudlelane, abadala bathi enye yezinto eye yalinceda litshintshe indlela ebeliziphatha ngayo “yintlonelo umntakwalo awayenayo ngelungiselelo lokususwa kubudlelane.” Lathi “ukubambelela komntakwalo ngokuthembeka kulwalathiso lweZibhalo kwalinceda lafuna ukubuyela entlanganweni.”

19 Ngoko yintoni esifanele siyenze? Sifanele silwe notyekelo lokungafezeki, lokufuna ukuvukela isiluleko seZibhalo. Sifanele siqiniseke ukuba indlela kaThixo yokusingatha iingxaki zethu isoloko iyeyona ifanelekileyo.

“Ilizwi LikaThixo Liphilile”

20. Sinokuyisebenzisa ngaziphi iindlela incwadi yamaHebhere 4:12? (Bona umbhalo osemazantsi.)

20 Xa uPawulos wathi “ilizwi likaThixo liphilile,” wayengabhekiseli ngokungqalileyo kwiLizwi likaThixo elibhaliweyo, iBhayibhile. * Umongo wale ndinyana ubonisa ukuba wayebhekisela kwilizwi likaThixo lesithembiso. UPawulos wayeveza ingongoma yokuba uThixo akenzi isithembiso aze angasizalisekisi. UYehova wakuqinisekisa oku ngomprofeti uIsaya, esithi: ‘Ilizwi lam aliyi kubuyela kum ngaphandle kwemiphumo, kodwa liya kukuphumelelisa ngokuqinisekileyo oko ndilithumele kona.’ (Isa. 55:11) Ngenxa yoko, akukho mfuneko yokuba siphelelwe ngumonde xa izinto zingahambi ngokukhawuleza ngendlela esifuna ngayo. UYehova ‘usasebenza’ ukuze azalisekise injongo yakhe.—Yoh. 5:17.

21. EyamaHebhere 4:12 inokuwakhuthaza njani amalungu ‘esihlwele esikhulu’ athembekileyo nakhulileyo?

21 Amalungu ‘esihlwele esikhulu’ athembekileyo nakhulileyo aye akhonza uYehova kangangamashumi eminyaka. (ISityhi. 7:9) Amaninzi kuwo akazange ayicinga into yokuba angaze oluphale ekule nkqubo yezinto. Sekunjalo, ayiwadimazi loo nto. (INdu. 92:14) Ayaqonda ukuba ilizwi likaThixo lesithembiso liyaphila, yaye uYehova usebenzela ekulizalisekiseni. Ekubeni injongo kaThixo iyeyona nto ibalulekileyo kuye, siyamvuyisa xa nathi siyixabisa. Ebudeni bolu suku lwesixhenxe, uYehova ebephumle, eqinisekile ukuba injongo yakhe iza kuzaliseka, nokuba abantu bakhe njengeqela baya kuyixhasa. Kuthekani ngawe? Ngaba wena sele ungenile ekuphumleni kukaThixo?

[Imibhalo esemazantsi]

^ isiqe. 8 Iinkokeli zamaYuda ezininzi zazizama ukuthobela zonke iinkcukacha ezikuMthetho kaMoses, kodwa ekufikeni kukaMesiya, azizange zimamkele. Azizange zihambisane nenjongo kaThixo eyayisiya izaliseka.

^ isiqe. 20 Namhlanje, uThixo uthetha nathi ngeLizwi lakhe elibhaliweyo, elinamandla okutshintsha ubomi bethu. Ngenxa yoko, kufanelekile ukuba amazwi kaPawulos akweyamaHebhere 4:12 abhekiselwe eBhayibhileni.

Ngaba Uyakhumbula?

• Yintoni ekufuneka siyenze ukuze singene ekuphumleni kukaThixo namhlanje?

• Inxulumene njani injongo kaThixo nokulungela kwethu ukwamkela isiluleko seZibhalo?

• Ziziphi iimeko ekusenokuba nzima kuzo ukuthobela ulwalathiso lweZibhalo, kodwa kutheni kubalulekile ukuba sithobele?

• Ziziphi iindlela ezimbini esinokuyisebenzisa ngayo eyamaHebhere 4:12?

[Imibuzo YeSifundo]

[Umfanekiso okwiphepha 31]

Abazali badandathekile!