Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Izikolo Zobuthixo-Zibubungqina Bokuba UYehova Uyasithanda

Izikolo Zobuthixo-Zibubungqina Bokuba UYehova Uyasithanda

UYEHOVA ‘ungumYaleli wethu Ozukileyo.’ (Isa. 30:20) Kuba ebathanda abantu, uyabaqeqesha aze abafundise. Ngokomzekelo ngenxa yothando lwakhe olubalaseleyo, uYehova ubonisa uYesu “zonke izinto yena azenzayo.” (Yoh. 5:20) UYehova uyasithanda, thina maNgqina akhe. Ngenxa yokuba sisenza imigudu yokumzukisa nokunceda abanye, usinika “ulwimi lwabafundileyo.”—Isa. 50:4.

Ixelisa uthando lukaYehova, iKomiti Yokufundisa yeQumrhu Elilawulayo isebenzisa izikolo ezilishumi zentlangano ukuze iqeqeshe abantu abanomdla nabameko zabo zivumayo. Ngaba ezi zikolo uzigqala njengobungqina bokuba uYehova uyasithanda?

Khawukhe ufunde ngakumbi ngezi zikolo zentlangano uze uncokole nabantu abakhe bafunda kuzo. Emva koko zibuze, ‘Ndinokungenelwa njani kule mfundo yobuthixo?’

 IINGENELO ZOKUQEQESHWA NGUTHIXO

Njengoko ‘enguThixo wothando,’ uYehova usiqeqeshela ukuphila ubomi bokwenene, asenze sikwazi ukumelana neengxaki, aze asincede sonwabe kubulungiseleli. (2 Kor. 13:11) Njengabafundi benkulungwane yokuqala, usixhobisela ukunceda abanye, ukuze ‘sibafundise ukuba bazigcine zonke izinto’ esiziyalelweyo.—Mat. 28:20.

Nakuba singenakuya kuzo zonke ezi zikolo, kodwa zikho ezimbalwa esinokuya kuzo. Sinokuyisebenzisa imfundo esekelwe eBhayibhileni esiyifumana kuzo. Kanti sinokuphucula ubuchule esinabo entsimini ngokusebenza nabakhonzi bakaYehova abaqeqeshwe kwezi zikolo.

Khawuzibuze, ‘Ngaba iimeko zam ziyandivumela ukuba ndifake isicelo sokuya kwesinye sazo?’

Abakhonzi bakaYehova bakugqala njengelungelo ukuxhasa ezi zikolo zixabisekileyo baze bafunde kuzo. Ngamana uqeqesho olufumana kuzo lungakwenza usondele kuThixo luze lukuxhobisele ukufeza iimbopheleleko akunike zona, ingakumbi leyo ingxamisekileyo yokushumayela iindaba ezilungileyo.