Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Umntu Unako Ukunyaniseka Kweli Hlabathi Lonakeleyo?

Ngaba Umntu Unako Ukunyaniseka Kweli Hlabathi Lonakeleyo?

“Sinqwenela ukuziphatha ngokunyaniseka kwizinto zonke.”—HEBHERE 13:18.

SINAKO ukuxhathisa, nangona isono, abantu noSathana benokuzama ukusiphembelela ukuba singanyaniseki! Singakwenza njani oko? Ngokusondela kuThixo nangokusebenzisa imigaqo evunyiweyo eseLizwini lakhe iBhayibhile. Khawuqwalasele le mizekelo.

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Musani ke ukuthatha isimilo sabantu beli phakade.”—Roma 12:2, IBhayibhile YesiXhosa Yowe-1996.

“IBhayibhile iye yandinceda ndazibona iingenelo zokunyaniseka.”—GUILHERME

Amava aye enzeka: UGuilherme ngusomashishini ophumeleleyo waseBrazil. Uyavuma ukuba akukho lula ukunyaniseka. Uthi: “Kunokuba lula ukunganyaniseki kusomashishini, mhlawumbi kuba efuna ukufikelela usukelo analo kwezoshishino okanye kuba efuna ishishini lakhe likwazi ukukhuphisana namanye amashishini. Abantu abaninzi bakujonga ukunyoba  nokunyotywa njengento eqhelekileyo. Kunzima ukunyaniseka xa ungusomashishini osakhasayo.”

Sekunjalo, uGuilherme uye wawuxhathisa umoya wokunganyaniseki. Uthi: “Nokuba uhlala kwindawo enabantu abanganyanisekanga, unako ukuhlala unyanisekile. Into efunekayo yimilinganiselo ephakamileyo yokuziphatha. IBhayibhile iye yandinceda ndazibona iingenelo zokunyaniseka. Umntu onyanisekileyo uba nesazela esicocekileyo, kuthe ngco ngaphakathi yaye uyazihlonela. Unokuba nempembelelo entle kwabanye abantu.”

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Abo bafuna ukuba zizityebi bawela kuzo zonke iintlobo zezihendo nemigibe. Babanjiswa yiminqweno engekho ngqiqweni neyenzakalisayo nebasingela phantsi ize ibatshabalalise. Ukuthanda imali kubangela lonke uhlobo lengxaki.”—1 Timoti 6:9, 10, IContemporary English Version.

“Ndivuya gqitha kuba, ukusebenzisa imigaqo yeBhayibhile ephakamileyo kundenzele igama elihle.”—ANDRÉ

Amava aye enzeka: UAndré ngumnini wenkampani efakela izixhobo zokhuseleko yaye abanye babantu abasebenzisa iinkonzo zakhe liqela lebhola elikhulu. Ngenye imini, emva komdlalo owawumkhulu, uAndré waya kwiofisi yabalawuli beli qela eyokuthatha intlawulo yakhe ngenxa yomsebenzi ebewenzile. Wafika loo mali isabalwa. Ekubeni kwakusele kurhatyele, ngokudyuduzela umphathi wabahlawula ngokungxama abasebenzi, kuquka noAndré.

UAndré uthi: “Endleleni egodukayo, ndafumanisa ukuba ndibhatalwe imali engaphezulu. Ndandiqonda ukuba umphathi usenokungamazi oyena umntu aye wamnika imali engaphezulu kwaleyo ifanele ihlawulwe. Kwakhona ndandisazi nokuba ihasi yabantu kwakuza kufuneka ikhuphe kweyayo ipokotho lo mali ukuba kwakunokuthi kanti ayiphelelanga. Ndagqiba kwelokuba ndibuyele. Ndafika apho kusagcwele ngabalandeli bebhola kodwa ndatyhudisa phakathi kwabo ndade ndayokufika. Umphathi wamangaliswa. Akukho mntu owakhe wayibuyisa imali.”

“Ukunyaniseka okunjalo kwamenza umphathi wandihlonela. Kubo bonke abantu ababe nesivumelwano kunye neli qela lebhola, ndim kuphela osaqeshiweyo. Ndivuya gqitha kuba, ukusebenzisa imigaqo yeBhayibhile ephakamileyo kundenzele igama elihle.”

Kuyakhuthaza ukwazi ukuba ngoncedo lukaThixo sinako ukuxhathisa impembelelo eyingozi. Noko ke, imigudu yomntu omnye ayinakuze ilusiphule neengcambu urhwaphilizo. Lo mbandela uyingxaki enzulu kakhulu ukuba umntu ongafezekanga angakwazi ukuwucombulula yedwa. Ngaba oku kuthetha ukuba urhwaphilizo alunakuze luphele? Inqaku lokugqibela kolu ngcelele linikela impendulo yeBhayibhile ekhuthazayo.