Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ukuhlangabezana Ngenkalipho Neenzingo Zanamhlanje

Ukuhlangabezana Ngenkalipho Neenzingo Zanamhlanje

“UThixo uyindawo yokusabela namandla kuthi, uncedo olufumaneka ngokukhawuleza ekubandezelekeni.”—INDU. 46:1.

1, 2. Ziziphi iingxaki abaye bajamelana nazo abantu abaninzi, kodwa banqwenela ntoni abakhonzi bakaThixo?

SIPHILA kumaxesha anzima. Iintlekele zibhokile emhlabeni. Abantu bakhathazwa ziinyikima, iitsunami, imililo, izikhukula, iintaba-mlilo, neenkanyamba. Ukongezelela, iingxaki zeentsapho nezomntu ngamnye ziye zabangela uloyiko nentlungu. Liyinene elokuba sonke sehlelwa “lixesha nasisihlo esingenakubonwa kwangaphambili.”—INtshu. 9:11.

2 Bonke abakhonzi bakaThixo baye bamelana nezi meko zixinezelayo. Sekunjalo, sinqwenela ukubulungela nabuphi na ubunzima esinokujamelana nabo ebomini njengoko le nkqubo isondela esiphelweni. Singamelana njani nezi ngxaki? Yintoni eya kusinceda simelane ngenkalipho namaxesha anzima?

FUNDA KWABO BAJAMELANA NOBOMI NGENKALIPHO

3. Njengoko amaRoma 15:4 esitsho, sinokuthuthuzeleka njani xa sijamelene neemeko ezixinezelayo?

3 Nangona iimeko ezinzima zichaphazela abantu abangakumbi kunokuba kwakunjalo ngaphambili, aziqali kubakho. Makhe sibone oko sinokukufunda kwabanye babakhonzi bakaThixo bamandulo abakwaziyo ukumelana ngenkalipho neengxaki zobomi.—Roma 15:4.

4. Ziziphi iinkathazo ezanyanyezelwa nguDavide, yaye wancedwa yintoni?

4 Makhe sithethe ngoDavide. Phakathi kwezinye izinto ekwakufuneka ejamelene nazo yingqumbo yokumkani, ukuhlaselwa lutshaba, ukuthinjwa kwabafazi bakhe, ubuqhophololo nokuxinezeleka ngokweemvakalelo. (1 Sam. 18:8, 9; 30:1-5; 2 Sam. 17:1-3; 24:15, 17; INdu. 38:4-8) Ingxelo yeBhayibhile engobomi bukaDavide iyichaza kakuhle intlungu eyabangelwa  zezi nkathazo. Sekunjalo, azizange zilutshabalalise ulwalamano lwakhe noYehova. Enokholo wathi: “UYehova ligwiba lobomi bam. Ndiya kunkwantyiswa ngubani na?”—INdu. 27:1; funda iNdumiso 27:5, 10.

5. Yintoni eyanceda uAbraham noSara ukuba bamelane neenzingo?

5 UAbraham noSara baphila ixesha elininzi ezintenteni njengabaphambukeli kumazwe asemzini. Babengasoloko bephila lula. Sekunjalo, bamelana ngenkalipho nendlala nokuba sengozini yeentlanga ezazibangqongile. (Gen. 12:10; 14:14-16) Bakwenza njani oku? ILizwi likaThixo lithi uAbraham “wayelindele isixeko esineziseko zokwenene, sixeko eso esimakhi nomenzi waso unguThixo.” (Heb. 11:8-10) UAbraham noSara bahlala benikele ingqalelo kwizinto ezaziseza kwenzeka, bengazivumeli ukuba baphazanyiswe lihlabathi elalibangqongile.

6. Sinokumxelisa njani uYobhi?

6 UYobhi wakha wasebunzimeni obungathethekiyo. Khawucinge nje ngendlela awavakalelwa ngayo xa iliwa lalibhek’ umoya. (Yobhi 3:3, 11) Eyona nto yayisenza izinto zibe mbi ngakumbi kukuba, wayengasiqondi isizathu sokuba zonke ezi zinto zehlele yena. Sekunjalo, akazange anikezele. Wayigcina ingqibelelo nokholo lwakhe kuThixo. (Funda uYobhi 27:5.) Ungumzekelo omhle ngokwenene kuthi!

7. Ziziphi izinto awajamelana nazo uPawulos ngoxa wayekhonza uThixo, kodwa yintoni awayeyazi eyamnceda waqhubeka enenkalipho?

7 Makhe sithethe nangomzekelo kampostile uPawulos. Wagagana ‘neengozi esixekweni, entlango naselwandle.’ Uthi wakha ‘walamba, wanxanwa, watyiwa yingqele wahamba ze.’ Kanti uPawulos uyayitsho nento yokuba wakha wachitha “ubusuku nemini enzulwini” mhlawumbi ngenxa yokwaphukelwa yinqanawa. (2 Kor. 11:23-27) Nakuba wehlelwa zezo zinto, khawuve indlela athetha ngayo emva kokusinda ekufeni ngenxa yokukhonza uThixo: “Oku kwakungenjongo yokuba singazithembi thina, kodwa sithembele kuThixo ovusa abafileyo. Wasihlangula entweni enkulu kangako enjengokufa yaye uyasihlangula nangoku.” (2 Kor. 1:8-10) Abakho baninzi abantu abakha behlelwa zizinto ezimbi njengoPawulos. Sekunjalo, abaninzi kuthi bayayazi le nto athetha ngayo yaye uyabathuthuzela umzekelo wakhe wokuba nenkalipho.

MUSA UKUZIKHATHAZA NGEZIGANEKO EZIBUHLUNGU

8. Zinokusichaphazela njani iingxaki zanamhlanje? Zekelisa.

8 Abantu abaninzi namhlanje bakhathazwa ziintlekele, iingxaki kwakunye noxinezeleko. Namanye amaKristu aye akhathazwa zezi zinto. ULani, * owayenandipha inkonzo yexesha elizeleyo nomyeni wakhe eOstreliya, uthi, waba ngathi ubethwe lizulu xa kwafunyaniswa ukuba unomhlaza wamabele. Uthi, “Unyango endandilusebenzisa lwalundigulisa kakhulu, yaye ndandiziva ndingento yanto.” Ngaphezulu, kwakufuneka anyamekele umyeni wakhe owayetyandwe umqolo. Singathini thina ukuba sinokuba kuloo meko?

9, 10. (a) Yintoni esingamele simvumele ukuba ayenze uSathana? (b) Singamelana njani nesibakala esikwiZenzo 14:22?

9 Masikhumbule ukuba uSathana usebenzisa iimbandezelo ukuze asityekise elukholweni. Noko ke, asimele simvumele ukuba asihluthe uvuyo lwethu ngaloo ndlela. IMizekeliso 24:10 ithi: “Ngaba uzibonakalise udimazekile ngomhla wokubandezeleka? Uya kuphelelwa ngamandla.” Ukucamngca ngemizekelo eseBhayibhileni,  njengale sikhe sathetha ngayo, kuya kusinceda sikhaliphe xa sijamelene neenzingo.

10 Kanti sifanele sikhumbule ukuba asinakuzishenxisa zonke iingxaki. Eneneni, sifanele sizilindele. (2 Tim. 3:12) IZenzo 14:22 zithi: “Simele singene ebukumkanini bukaThixo ngokuphumela kwiimbandezelo ezininzi.” Kunokuba sidakumbe, xa sineengxaki masizijonge njengethuba lokubonisa inkalipho, sinokholo lokuba uThixo uya kusinceda.

11. Singakuphepha njani ukuzikhathaza ngeenzingo zobomi?

11 Sifanele sicinge ngezinto ezintle. ILizwi likaThixo lithi: “Intliziyo evuyayo iba nomphumo omhle kwinkangeleko, kodwa ngenxa yobuhlungu bentliziyo umoya uyaxhwaleka.” (IMize. 15:13) Abaphandi ngezonyango bayibona kudala into yokuba ukuhlala ucinga ngezinto ezintle kuliyeza. Abantu abaninzi abaye banikwa iswekile eziipilisi, bazive bhetele kwizigulo zabo kuba nje iingqondo zabo zibaxelela ukuba ezi pilisi ziyasebenza. Kanti kwelinye icala abanye abantu baye bagula kakhulu kuba beye baxelelwa ukuba amayeza abawanikiweyo aza kubagulisa. Ukuhlala sicinga ngezinto esingenakuzitshintsha kunokusidimaza. Kwelinye icala, uYehova akasiniki zipilisi ezingasebenziyo. Kunoko, kwanangexesha lentlekele, usinika uncedo lokwenene esilufumana kwiLizwi lakhe, ngokomelezwa ngabazalwana bethu kwakunye namandla omoya wakhe oyingcwele. Ukuhlala sicinga ngezo zinto kuya kusomeleza. Kunokuhlala ucinga ngezinto ezimbi, zama ukuhlangabezana nengxaki nganye uze ujonge iinkalo ezintle zobomi bakho.—IMize. 17:22.

12, 13. (a) Yintoni encede abakhonzi bakaThixo ukuba banyamezele iintlekele? Zekelisa. (b) Xa kukho intlekele, inokubonakala njani eyona nto ibalulekileyo kuwe?

12 Kutshanje, amanye amazwe akhe athwaxwa ziintlekele. Iyakhuthaza into yokuba abazalwana abaninzi kuloo mazwe baye banyamezela kunzima kunjalo. Ekuqaleni kowe-2010, itsunami enkulu yatshabalalisa amakhaya nezinto zabazalwana abaninzi eChile, yaza yashiya abanye bengazi nokuba baya kulala betye ntoni na. Nakuba kwakunjalo, abazalwana baqhubeka beziphumeza iimbopheleleko zabo njengamaKristu. USamuel owemkelwa yindlu, wathi: “Nasebudeni bezi meko zazinzima, mna nenkosikazi asizange siyeke ukuya kwiintlanganiso nokushumayela. Ndicinga ukuba ukuqhubeka sisenza ezi zinto kuye kwasinceda saqhubeka somelele.” Bona nabanye abaninzi, abazange bahlale becinga ngale ntlekele kunoko baqhubeka bekhonza uYehova.

13 NgoSeptemba 2009, ngaphezu kwama-80 ekhulwini esixeko saseManila, esikwiiPhilippines, sagutyungelwa zizantyalantyala zemvula. Indoda esisityebi eyaphulukana nezinto ezininzi yathi: “Ezi zantyalantyala zemvula zenze abantu balingana, kuba zithwaxe izityebi namahlwempu ngokufanayo.” Oko kusikhumbuza eli cebiso likaYesu: “Ziqwebeleni ubuncwane ezulwini, apho inundu nomhlwa zingadliyo khona, nalapho amasela angaqhekeziyo ebe.” (Mat. 6:20) Kuyadimaza ukubeka ubomi bethu kwizinto eziphathekayo, nezikhawuleza ziphele. Kububulumko ngokwenene ukomeleza ulwalamano lwethu noYehova kuba lona lunokuhlala luhleli enoba kwenzeka ntoni na!—Funda amaHebhere 13:5, 6.

IZIZATHU ZOKUBA NENKALIPHO

14. Sinaziphi izizathu zokuba nenkalipho?

14 UYesu wayesazi ukuba kwakuza kubakho iingxaki ebudeni bobukho bakhe, kodwa wathi: “Ningankwantyi.” (Luka 21:9) Kuba sixhaswa nguYesu, uKumkani wethu kwakunye noYehova,  uMdali wethu, asoyiki nto. UPawulos wathi xa wayekhuthaza uTimoti: “UThixo akasinikanga moya wabugwala, kodwa owamandla nowothando nowengqondo ephilileyo.”—2 Tim. 1:7.

15. Nika imizekelo yabakhonzi bakaThixo ababemthembile uze uchaze nendlela esinokuyixelisa ngayo inkalipho ababenayo.

15 Khawuve oko kwathethwa ngabanye abakhonzi bakaThixo ababemthembile. UDavide wathi: “UYehova ungamandla am nekhaka lam. Intliziyo yam ikholose ngaye, yaye ndincediwe, ukuze intliziyo yam igcobe.” (INdu. 28:7) Engathandabuzi uPawulos uthi: “Kuzo zonke ezi zinto siphumelela soyise ngokupheleleyo ngaye lowo wasithandayo.” (Roma 8:37) Ngokufanayo, njengoko ubomi bukaYesu babuphakathi kwenyama nozipho, wabenza bacacelwa abaphulaphuli bakhe ukuba wayenolwalamano oluluqilima noThixo xa wathi: “Andindedwa, ngenxa yokuba uBawo unam.” (Yoh. 16:32) Abonisa ntoni la mazwi? Atyhila indlela abamthembe ngayo uYehova. Ukuba nathi siyamthemba uThixo, siya kuba nenkalipho yokumelana neenzingo zale mihla.—Funda iNdumiso 46:1-3.

WASEBENZISE AMALUNGISELELO OKUSINCEDA SIHLALE SINENKALIPHO

16. Kutheni kubalulekile ukuba sifunde iLizwi likaThixo?

16 Ukuba nenkalipho komKristu akuthethi kuzithemba. Kodwa inkalipho yamaKristu ibangelwa kukwazi uThixo nokuthembela kuye. Sinokuyifumana ngokufunda iLizwi lakhe, iBhayibhile. Udade oxinezelekileyo usichazela into emncedayo, “Ndithanda gqitha ukuzifunda ndiziphindaphinde iindinyana ezithuthuzelayo.” Ngaba siyaluthobela ulwalathiso lokuba nonqulo lwentsapho rhoqo? Ukwenjenjalo kuya kusinceda sixelise umdumisi owathi: “Hayi indlela endiwuthanda ngayo umthetho wakho! Imini le yonke ndiwuxhalabele.”—INdu. 119:97.

17. (a) Liliphi ilungiselelo elinokusinceda sihlale sinenkalipho? (b) Chaza indlela ibali lobomi owalifundayo elakunceda ngayo.

17 Kwakhona sineempapasho ezisekelwe eBhayibhileni ezisifundisa ukumthemba ngakumbi uYehova. Abazalwana abaninzi baye bancedwa gqitha ngamabali obomi akumaphephancwadi ethu. Omnye udade waseAsia onebipolar mood disorder wavuya gqitha xa wafunda ibali lobomi lomzalwana owakha wangumthunywa wevangeli owamelana ngokuphumelelayo neso sigulo. Wathi, “Landinceda ndasiqonda isigulo sam laza landinik’ ithemba.”

Xa uxinwe ziinzingo, wasebenzise ngokupheleleyo amalungiselelo kaYehova

18. Kutheni sifanele silisebenzise ilungiselelo lomthandazo?

18 Umthandazo unokunceda kuzo zonke iimeko. Ethetha ngokubaluleka kweli lungiselelo, umpostile uPawulos wathi: “Musani ukuxhalela nantoni na, kodwa  ezintweni zonke zaziseni izibongozo zenu kuThixo ngomthandazo nesikhungo nombulelo; yaye uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzilinda iintliziyo zenu namandla enu engqondo ngoKristu Yesu.” (Fil. 4:6, 7) Ngaba silisebenzisa ngokupheleleyo eli lungiselelo lisomelezayo xa sixinwe ziinzingo? UAlex, umzalwana waseBritani ekudala exinezelekile wathi: “Ukuthetha noYehova ngomthandazo nokumphulaphula ethetha ngeLizwi lakhe kundincedile.”

19. Sifanele sikujonge njani ukuba kwiintlanganiso zamaKristu?

19 Ukunxulumana namanye amaKristu kwiintlanganiso lelinye ilungiselelo elinokusinceda. Umdumisi wabhala wathi: “Umphefumlo wam uphelile kukulangazelela iintendelezo zikaYehova.” (INdu. 84:2) Ngaba nathi sivakalelwa ngaloo ndlela? ULani esikhe sathetha ngaye usichazela indlela akujonga ngayo ukuba kwiintlanganiso zamaKristu: “Iintlanganiso zazifana nokuphefumla kum. Ndandisazi ukuba ukuya kuzo kuyeyona ndlela uYehova aza kundinceda ngayo ndihlangabezane neenzingo endandikuzo.”

20. Kusinceda njani ukushumayela?

20 Enye into esomelezayo kukuhlala sixakekile kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani. (1 Tim. 4:16) Omnye udade waseOstreliya okhe waneengxaki ezininzi uthi: “Ndandingasakufuni ukushumayela, kodwa omnye umdala wacela ukuba ndihambe naye. Ndavuma ukwenjenjalo. Kumele ukuba uYehova wayengenelela; kuba sihlandlo ngasinye ndisiya kushumayela ndandibuya ndonwabe ngendlela engathethekiyo.” (IMize. 16:20) Abantu abaninzi bafumanise ukuba xa benceda abanye babe nokholo kuYehova, komelela olwabo ukholo. Ngokwenjenjalo, ababi nathuba lakucinga ngeengxaki zabo kunoko banikela ingqalelo kwizinto ezibaluleke ngakumbi.—Fil. 1:10, 11.

21. Yintoni esiqiniseke ngayo ngokuphathelele iinzingo esijamelana nazo?

21 UYehova unamalungiselelo amaninzi asinceda simelane ngenkalipho neenzingo. Ukuba siwasebenzisa onke la malungiselelo, sicamngce ngawo size sixelise umzekelo omhle wabakhonzi bakaThixo abanenkalipho, ngokuqinisekileyo siya kumelana ngokuphumelelayo neenzingo. Kusenokwenzeka izinto ezininzi ezimbi njengoko le nkqubo isondela esiphelweni, kodwa sinokuvakalelwa njengoPawulos owathi: “Siphoswa phantsi, kodwa asitshatyalaliswa. . . . Asiyeki.” (2 Kor. 4:9, 16) UYehova uya kusinceda simelane neenzingo ngenkalipho.—Funda eyesi-2 kwabaseKorinte 4:17, 18.

^ isiqe. 8 Asilogama lakhe eli.