Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ubonisa Umoya Onjani?

Ubonisa Umoya Onjani?

“Ububele obungasifanelanga beNkosi uYesu Kristu mabube nomoya eniwubonisayo.”—FILEM. 25.

1. Wavakalisa liphi ithemba uPawulos xa wayebhalela amanye amaKristu?

XA WAYEBHALELA amanye amaKristu, umpostile uPawulos waphindaphinda ukuvakalisa ukuba unethemba lokuba uThixo noKristu baya kukholiswa ngumoya oboniswa ngamabandla. Ngokomzekelo, xa wayebhalela abaseGalati wathi: “Ububele obungasifanelanga beNkosi yethu uYesu Kristu mabube nomoya eniwubonisayo, bazalwana. Amen.” (Gal. 6:18) Wayetheth’ ukuthini xa wayesithi ‘umoya eniwubonisayo?’

2, 3. (a) Xa esebenzisa igama elithi “umoya” maxa wambi wayebhekisela entwenini uPawulos? (b) Yiyiphi imibuzo esinokuzibuza yona ngokuphathelele umoya esiwubonisayo?

2 Ukusebenzisa kukaPawulos igama elithi ‘umoya’ ngale ndlela kubhekisela kumoya onamandla osibangela sithethe okanye senze izinto ngendlela ethile. Omnye umntu unokuthantamisa, abe nolwazelelelo, abe nobulali, okanye axolele. IBhayibhile ithetha kakuhle ngabo ‘banomoya ozolileyo nowobulali’ nangabo ‘banomoya opholileyo.’ (1 Pet. 3:4; IMize. 17:27) Kanti omnye umntu unokuthanda ukuphoxisa ngabanye, athande ubunewunewu, akhubeke msinya, okanye abe nomoya wokuzimela geqe. Okungakumbi, kukho abo bangcolileyo, abangathobeliyo okanye abavukeli.

3 Xa uPawulos wayesebenzisa ibinzana elithi “iNkosi mayibe nomoya owubonisayo” wayekhuthaza abazalwana bakhe ukuba babonise umoya ovisisana nokuthanda kukaThixo nobuntu obufana nobukaKristu. (2 Tim. 4:22; funda amaKolose 3:9-12.) Namhlanje kuya kuba kuhle ukuzibuza ukuba: ‘Ngumoya onjani endiwubonisayo? Ndinokuwubonisa njani umoya okholisa uThixo? Ngaba ndingayiphucula indlela endiwubonisa ngayo umoya omhle ebandleni?’ Ngokomzekelo, ukuba ujonga amasimi kajongilanga uya kufumanisa ukuba ntyatyambo nganye inegalelo kubuhle  bawo. Ngaba ngamnye kuthi, njengezo ntyatyambo, unegalelo kumoya omhle webandla? Eneneni sifanele sizabalazele ukuba njalo. Makhe sibone oko sinokukwenza ukuze sibonise umoya okholisa uThixo.

WUPHEPHE UMOYA WEHLABATHI

4. Yintoni “umoya wehlabathi”?

4 IZibhalo zisixelela ukuba: “Samkela, kungekhona umoya wehlabathi, kodwa umoya ovela kuThixo.” (1 Kor. 2:12) Yintoni “umoya wehlabathi”? Ngulaa moya kuthethwa ngawo kumaEfese 2:2 xa kusithiwa: “Enanikhe ngaxesha lithile nahamba kuzo ngokwenkqubo yezinto yeli hlabathi, ngokomlawuli wegunya lomoya, moya lowo ngoku osebenza koonyana bokungathobeli.” Lo ‘ngumoya’ wehlabathi, okanye isimo sengqondo esisingqongileyo kanye njengomoya wokoqobo. Ukho kuyo yonke indawo. Ubonakala kwisimo sengqondo sabantu abaninzi namhlanje sokungafuni ukuxelelwa nesokusoloko basilwela amalungelo abo. ‘Bangoonyana bokungathobeli’ beli hlabathi likaSathana.

5. Nguwuphi umoya ombi owaboniswa ngamanye amaSirayeli?

5 Kudala babakho abantu abanezo zimo zengqondo. Ngexesha likaMoses, uKora wabavukela abo babemiselwe phezu kwebandla lakwaSirayeli. Wamvukela ngokukodwa uAron noonyana bakhe, ababengababingeleli. Mhlawumbi wayebona iimpazamo zabo. Okanye kusenokwenzeka ukuba wayesithi uMoses umisela izizalwane zakhe kwizigxina zembopheleleko. Enoba sasiyintoni na isizathu, licacile elokuba uKora waqalisa ukujonga izinto ngokwembono yabantu yaye wathetha kakubi ngabo babemiselwe nguYehova, waza engabahloneli wathi: “Kwanele ngani . . . Yini na, ke, ukuba niziphakamise phezu kwebandla? (Num. 16:3) Kanti noDatan noAbhiram bamkhalazela uMoses besithi ‘uzama ukuzenza inkosana phezu kwabo.’ Xa bacelwa ukuba bavele phambi koMoses, ngekratshi bathi: “Asiy’ apho thina!” (Num. 16:12-14) Licacile elokuba, uYehova akazange awuthande umoya abawubonisayo. Wabatshabalalisa bonke abo bavukeli.—Num. 16:28-35.

6. Abanye ngenkulungwane yokuqala bazibonisa njani izimo zengqondo ezingafanelekanga, yaye yintoni esenokuba yayisisizathu soko?

6 Nabanye kwinkulungwane yokuqala babebagxeka abo banikwe igunya ebandleni, ‘begatya ubukhosi.’ (Yude 8) Kusenokwenzeka ukuba, la madoda ayenganelisekanga ziimbopheleleko awayezinikiwe yaye azama ukuphembelela abanye ukuba bavukele amadoda amiselweyo awayesenza konke okusemandleni awo ukuphumeza iimbopheleleko azinikwe nguThixo.—Funda eyesi-3 kaYohane 9, 10.

7. Yintoni ekunokufuneka siyilumkele ebandleni namhlanje?

7 Licacile elokuba, umoya onjalo awunandawo kwibandla lamaKristu. Ngenxa yoko kufuneka silumke kule nkalo. Amadoda amakhulu ebandla akafezekanga, kanye njengokuba ayengafezekanga awomhla kaMoses nalawo ayephila ngexesha likampostile uYohane. Nawuphi na umdala unokuyenza impazamo esichaphazelayo. Xa oko kusenzeka, ibiya kuba mbi into yokuba kubekho ilungu lebandla elibonisa umoya wehlabathi ngokuthi ngomsindo anyanzelise ukuba kwenziwe into ngalo mzalwana”! UYehova usenokukhetha ukuzibetha ngoyaba ezinye iintsilelo ezingenamsebenzi. Kutheni na singenzi into efanayo? Ngenxa yezinto abavakalelwa ukuba ziintsilelo zabadala, abanye abonileyo ebandleni baye bala ukuvela phambi kwekomiti yabadala eyabelwe ukuba ibancede. Oku kunokufaniswa nomntu ogulayo ongalwamkeliyo uhlobo oluthile lonyango kuba nje engamthandi ugqirha oza kumnyanga.

8. Ziziphi izibhalo ezinokusinceda sihlale sinembono efanelekileyo ngabo bakhokelayo ebandleni?

 8 Ukuze siwuphephe loo moya, masikhumbule ukuba iBhayibhile ithi, uYesu ‘uneenkwenkwezi ezisixhenxe esandleni sakhe.’ Ezi ‘nkwenkwezi’ zimela abaveleli abathanjisiweyo yaye ukongezelela zimela bonke abaveleli abasemabandleni. UYesu unokuzalathisa ‘iinkwenkwezi’ ezisesandleni sakhe nangayiphi na indlela avakalelwa ukuba ifanelekile. (ISityhi. 1:16, 20) NjengeNtloko yebandla lamaKristu, uYesu ulilawula ngokupheleleyo iqumrhu labadala. Ukuba umdala okweli qumrhu kufuneka elungisiwe, Lowo ‘unamehlo enjengedangatye lomlilo’ uya kuqiniseka ukuba loo nto yenzeka ngexesha nangendlela yakhe. (ISityhi. 1:14) Okwangoku, masiqhubeke sibathobela abo bamiselwe ngomoya oyingcwele, kuba uPawulos wabhala wathi: “Bathobeleni abo bakhokelayo phakathi kwenu nize nibalulamele, kuba bahlala beyilindile imiphefumlo yenu njengabo baya kuphendula; ukuze bakwenze oku ngovuyo kungekhona ngokuncwina, kuba oko kungenza umonakalo kuni.”—Heb. 13:17.

Kutheni ukucamngca ngendima kaYesu kuyichaphazela indlela osabela ngayo kwisiluleko?

9. (a) Unokuvavanywa entwenini umKristu xa elungiswa okanye eqeqeshwa? (b) Yiyiphi eyona ndlela yokujonga uqeqesho enokusinceda?

9 Kwakhona umoya oboniswa ngumKristu unokuvavanywa xa elungiswa okanye kuthatyathwa iimbopheleleko ebenazo ebandleni. Omnye umzalwana oselula walulekwa ngobuchule ngabadala ngenxa yokudlala imidlalo yevidiyo enogonyamelo. Okulusizi kukuba, akazange  asamkele isiluleko yaye kwafuneka ayekiswe ukuba sisicaka solungiselelo ngenxa yokuba wayengasazifikeleli iimfaneleko ezingokweZibhalo. (INdu. 11:5; 1 Tim. 3:8-10) Emva koko, lo mzalwana wachazela abantu abaninzi ukuba akavumelani neso sigqibo, ngokuphindaphindiweyo ebhalela iofisi yesebe iileta ezigxeka abadala yaye ephembelela nabanye ebandleni ukuba benze okufanayo. Noko ke, kukuzibetha ngenyhek’ etyeni ukuphazamisa uxolo lwebandla lonke kuba nje sifuna ukuthethelela izinto esizenzayo. Eyona nto iya kusinceda kukuvumela uqeqesho ukuba lusincede sibone ubuthathaka bethu ebesingabuphawuli size ke ngomoya omhle silwamkele.—Funda iZililo 3:28, 29.

10. (a) Khawuchaze oko sikufundiswa nguYakobi 3:16-18 ngokuphathelele umoya omhle nalowo ungathandekiyo. (b) Ukubonisa kwethu “ubulumko obuvela phezulu” kuya kuphumela entwenini?

10 UYakobi 3:16-18 usichazela ngokucacileyo ngomoya omhle esifanele siwubonise ebandleni kwakunye nalowo ungathandekiyo. Uthi: “Kuba apho kukho ikhwele nokusukuzana, kubakho isidubedube nabo bonke ububi. Kodwa ubulumko obuvela phezulu okokuqala nje bunyulu, bandule ke bube boboxolo, bube nengqiqo, bulungele ukuthobela, buzele yinceba neziqhamo ezilungileyo, abucaluli ngokukhetha ubuso, abunaluhanahaniso. Ngaphezu koko, imbewu yesiqhamo sobulungisa ihlwayelwa phantsi kweemeko zoxolo ngabo benza uxolo.” Njengoko sisebenza ngokuvisisana ‘nobulumko obuvela phezulu,’ iimpawu zethu ezifana nezikaThixo ziza kusenza sibonise umoya omhle xa siphakathi kwabazalwana.

BONISA UMOYA WENTLONELO EBANDLENI

11. (a) Ukuhlala sinomoya omhle kuya kusinceda siphephe ntoni? (b) Sifunda ntoni kumzekelo kaDavide?

11 Sifanele sikhumbule ukuba uYehova umisele abadala ukuba ‘baluse ibandla likaThixo.’ (IZe. 20:28; 1 Pet. 5:2) Ngenxa yoko, siyaqonda ukuba kububulumko ukuhlonela ilungiselelo likaThixo, enoba singabadala okanye asingabo. Ukuba nomoya omhle kunokusinceda sikuphephe ukwenza izikhundla zibe yeyona nto iphambili. Wathi uKumkani uSawule wakwaSirayeli akuba norhano lokuba uDavide angangukumkani, uSawule lo “waqhubeka emgxeleshile uDavide.” (1 Sam. 18:9) Lo kumkani waba nomoya ombi wada wafuna nokumbulala uDavide. Kunokuba uzixhalabise ngokugqithiseleyo ngezikhundla njengoSawule, kubhetele ufane noDavide. Nangona wayehlalele ukuphathwa kakubi, lo mfana wahlala elihlonela igunya elimiselwe nguThixo.—Funda eyoku-1 kaSamuweli 26:23.

12. Yintoni eya kuba negalelo kumanyano lwebandla?

12 Kunokubakho ukungavisisani ebandleni—kwanaphakathi kwabadala. Isiluleko seBhayibhile sinokusinceda kule nkalo: “Ekuboniseni imbeko omnye komnye khokelani” yaye, “musani ukuba ziingqondi emehlweni enu.” (Roma 12:10, 16) Kunokuba sibethe ngengqindi etafileni sisithi sichanile, sifanele siyiqonde into yokuba zisoloko zininzi iindlela ezifanelekileyo zokujonga izinto. Ukuzama kwethu ukuziphulaphula iimbono zabanye abantu, kunokuba negalelo kumanyano lwebandla.—Fil. 4:5.

13. Sifanele sizijonge njani iimbono zethu, yaye nguwuphi umzekelo weBhayibhile okubonisa kakuhle oku?

13 Ngaba oko kuthetha ukuba asinakuzichaza iimbono zethu xa sibona into esicinga ukuba ifuna ukulungiswa? Akunjalo. Kwinkulungwane yokuqala, kwabakho umba owabangela impikiswano. Abazalwana “balungiselela ukuba uPawulos noBharnabhas nabanye abathile kubo benyuke baye kubapostile namadoda  amakhulu eYerusalem ngokubhekisele kule mpikiswano.” (IZe. 15:2) Ngokuqinisekileyo mzalwana ngamnye kwabo wayeneembono neendlela acinga ukuba lo mbandela ufanele ulungiswe ngazo. Noko ke, emva kokuba ngamnye kubo eveze iimbono zakhe baza benza isigqibo besalathiswa ngumoya, abazalwana abazange baqhubeke bechaza iimbono zabo. Emva kokuba ileta echaza isigqibo ifikile emabandleni, ‘aba nemihlali ngenxa yokhuthazo olo’ yaye ‘aqiniswa elukholweni.’ (IZe. 15:31; 16:4, 5) Ngokufanayo namhlanje, emva kokuba umbandela othile siwuchazele abazalwana abanembopheleleko, sifanele siwuyekele kubo ekubeni beza kuthandaza baze bacingisise ngawo.

BONISA UMOYA OMHLE XA UQHUBANA NABANYE

14. Mntu ngamnye unokuwubonisa njani umoya omhle?

14 Mntu ngamnye, unamathuba amaninzi okubonisa umoya omhle. Kuya kuba kuhle ngakumbi ukuba umntu axolele xa ekhutyekiswa ngabanye. ILizwi likaThixo lisixelela oku: “Qhubekani ninyamezelana yaye nixolelana ngesisa ukuba nabani na unesizathu sokukhalazela omnye. Kanye njengoko uYehova wanixolela ngesisa, yenzani njalo nani.” (Kol. 3:13) Ibinzana elithi “ukuba nabani na unesizathu sokukhalazela omnye” libonisa ukuba kusenokubakho izizathu ezivakalayo zokucatshukiswa ngabanye abantu. Noko ke, kunokuba sicaphuke ngamakhwiniba abanye size siphazamisane noxolo lwebandla, simele sizama ukuxelisa uYehova ngokubaxolela ngesisa abanye size siqhubeke sikhonza kunye.

15. (a) Yintoni esiyifundayo ngokuxolela kukaYobhi? (b) Umthandazo ungasinceda njani sibonise umoya omhle?

15 Sinokufunda lukhulu kuYobhi ngokuphathelele ukuxolela. Amadoda amathathu awayesithi ayamthuthuzela athetha izinto ezininzi ezazimkhubekisa. Nakuba kunjalo, uYobhi wawaxolela. Wakwenza njani oko? “Wathandazela amaqabane akhe.” (Yobhi 16:2; 42:10) Ukubathandazela abanye kunokuyitshintsha indlela esibajonga ngayo. Ukuthandazela onke amaKristu kusinceda sihlakulela umoya ofana nokaKristu. (Yoh. 13:34, 35) Ukongezelela ekuthandazeleni abazalwana bethu, sifanele sithandazele umoya oyingcwele. (Luka 11:13) Umoya kaThixo uya kusinceda sibonise iimpawu zamaKristu okwenyaniso xa siqhubana nabanye abantu.—Funda eyabaseGalati 5:22, 23.

YIBA NEGALELO KUMOYA OMHLE KWINTLANGANO KATHIXO

16, 17. Yintoni ozimisele ukuyenza ngokuphathelele ‘umoya esiwubonisayo’?

16 Xa lungu ngalinye lebandla lizibekela usukelo lokubonisa umoya omhle ebandleni, kuba mnandi ngeyona ndlela! Emva kokuba sihlole le mibandela, mntu ngamnye unokubona apho anokuphucula khona ekuboniseni lo moya mhle. Ukuba kunjalo, asimele sibe madolw’ anzima ukuvumela iLizwi likaThixo lisihlole. (Heb. 4:12) UPawulos, owayeyixhalabele indlela azenza ngayo izinto ebandleni wathi: “Andazi nantoni na enxamnye nam. Kanti ngako oku andingqineki ndililungisa, kodwa lowo undincinayo nguYehova.”—1 Kor. 4:4.

17 Njengoko sizama ukwenza izinto ngokuvumelana nobulumko baphezulu, singazicingeli gqitha okanye sizixhalabise ngezikhundla, siya kuba negalelo kumoya omhle webandla. Ngokubaxolela abanye nokujonga iimpawu ezintle kubo, siya kuba seluxolweni namanye amaKristu. (Fil. 4:8) Njengoko sisenza ezi zinto, sinokuqiniseka ukuba uYehova noYesu baya kukholiswa ‘ngumoya esiwubonisayo.’—Filem. 25.