Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 Ibali Lobomi

Bebengabahlobo Kangangeminyaka Engama-60 Kodwa Ingathi Kukhona Baqalayo

Bebengabahlobo Kangangeminyaka Engama-60 Kodwa Ingathi Kukhona Baqalayo

Kuthe xa kusihlwa ngenye imini yehlobo yowe-1951, eIthaca, eNew York, eUnited States amatyendyana amane athe tyishi nje kwiminyaka engama-20 ubudala, enemincili afowunela emazweni anjengaseMichigan, eIowa naseKhalifoniya. Babechazela abanye iindaba ezimnandi!

KUFEBRUWARI wonyaka ongaphambi kwalowo, eSouth Lansing, eNew York, kwakufike oovulindlela abali-122 ababeze kwiklasi ye-17 yeSikolo saseGiliyadi. Phakathi kwabo babeza kuba ngabathunywa bevangeli kwakukho uLowell Turner, uWilliam (Bill) Kasten, uRichard Kelsey noRamon Templeton. ULowell noBill, ababengabaseMichigan, uRichard engowaseIowa noRamon waseKhalifoniya baba ngabahlobo abasenyongweni.

Ukusuka ekhohlo ukuya ekunene: URichard, uLowell, uRamon, noBill baba ngabahlobo eGiliyadi

Kwiinyanga ezintlanu kamva, kwavuya wonke umntu kusakwenziwa isaziso sokuba uMzalwan’ uNathan Knorr osuka kwikomkhulu lehlabathi uza kufika aze kuthetha nabafundi. Bobane aba bazalwana bayitsho into yokuba, ukuba kunokwenzeka bangathanda ukukhonza kwilizwe elinye. Ngaba ngoku babeza kuxelelwa izinto ezingakumbi ngezabelo zabo zokuba ngabathunywa bevangeli kumazwe asemzini? Eneneni, kwakuza kuba njalo!

Abantu bakhulelwa lulindelo njengoko uMzalwan’ uKnorr wayethetha neklasi, eyichazela ngezabelo zayo ezikumazwe asemzini. Kwaqalwa kwabizelwa ngaphambili la matyendyana mane ayesoyika kodwa awonwabayo ekugqibeleni kuba ada achazelwa ukuba aza kuhlala kunye! Kodwa ayeza kuya phi? Iklasi yonke yaqhwaba ayayeka xa kwaziswa ukuba aba bafana baza kuthunyelwa eJamani.

Ehlabathini lonke amaNgqina kaYehova ebesoloko echukunyiswa kukuthembeka kwamaNgqina aseJamani phantsi kolawulo lukaHitler ukususela ngowe-1933 ukuya phambili. Abafundi abaninzi bakhumbula emva kweMfazwe Yehlabathi Yesibini xa babesenzela abazalwana babo baseYurophu iipasile zeempahla ezisuka kwiCooperative for American Remittances to Europe. Abantu bakaThixo eJamani baba ngumzekelo obalaseleyo wokholo, ukuzimisela, inkalipho nokuthembela kuYehova. ULowell wazixelela oku: ‘Ngoku siza kubazi kakuhle aba bazalwana noodade bathandekayo.’ Ibangelwa yiloo nto ke laa mincili nokufowuna besithethe ngayo ekuqaleni!

XA BABESENDLELENI EYA EJAMANI

Ngasentla: URamon uqhuba iklasi YeSikolo Sobulungiseleli SoBukumkani

NgoJulayi 27, 1951, inqanawa eyiSS Homeland yasuka kwizibuko leNew York’s East River, yaye babelapho aba bazalwana bane bejongene nohambo lweentsuku ezili-11 oluya eJamani. UMzalwan’  uAlbert Schroeder, omnye wabazalwana ababefundisa eGiliyadi nowaphela sele elilungu leQumrhu Elilawulayo wayebafundisile izivakalisi ezimbalwa zesiJamani. Njengoko babekhwele nabantu abaliqela abantetho isisiJamani, mhlawumbi zikho izinto ababeza kuzichola-chola. Kodwa kuyacaca ukuba abantu ababekhwele nabo babethetha iziyelelane ezahlukahlukeneyo zaseJamani. Loo nto yabashiya bengazi nokuba kubethw’ abaphi!

Kwathi kusithi qheke ukusa ngoLwesibini, ngoAgasti 7, agaleleka la matyendyana eHamburg, eJamani nakuba ayethwaxwe kanobom zizigulo zaselwandle. Kuzo zonke iindawo awahamba kuzo kwelo, aphawula zisuka nje ukuba bekukhe kwakho imfazwe apha nakuba kwakusele kudlule iminyaka emithandathu iphelile. Esakhathazwe yiloo nto, akhwela uloliwe owawuza kudukuda ubusuku bonke usinge eWiesbaden, eyayineofisi yesebe ngelo xesha.

ekunene: URichard usebenza kwiAddressograph eBheteli eWiesbaden

Kwakusasa ngoLwesithathu olandelayo, aqala ngqa ukudibana neNgqina eJamani yaye kwavakala kwaigama lalo ukuba liyinzalelwane yaseJamani. UHans wawathatha esitishini wawasa eBheteli, apho wawashiya nodade osele ekhulile owayengasazi isiNgesi. Kucaca ukuba lo dade wayecinga ukuba baza kumva aba bafana xa ethethela phezulu. Kodwa nangona wayemana enyusa ilizwi, yena naba bazalwana bane baye besithi chatha ukungevani. Kwada kwathi gqi uMzalwan’ uErich Frost, osisicaka sesebe waza wababulisa ngobubele ngesiNgesi. Kwaba bhetele noko.

Ngasekupheleni kuka-Agasti, aba bazalwana bane baya okokuqala kwiNdibano yesiJamani “Yonqulo Olucocekileyo” eyayiseFrankfurt am Main. Ukubakho kwabantu abangama-47 432 kwakunye nokubhaptizwa kwabangama-2 373 kwenza aba bazalwana bane bazimisela ngakumbi ukushumayela iindaba ezilungileyo njengabathunywa bevangeli. Kodwa emva kweentsuku ezimbalwa, uMzalwan’ uKnorr wabachazela ukuba baza kuhlala eBheteli baze basebenze apho.

Uvuyo abalufumana kwizabelo zabo luye lwabaqinisekisa ngelokuba uYehova usoloko ekwazi okona kusilungeleyo

Kuba wayekuthand’ egazini ukuba ngumthunywa wevangeli, ngoxa wayeseUnited States uRamon wakha wamenywa ukuba aye kukhonza eBheteli kodwa akavuma. Kanti noRichard noBill abazange bayicinge  nokuyicinga into yokukhonza eBheteli. Kodwa uvuyo abalufumana kwizabelo zabo lwabenza baqonda ukuba uYehova uyayazi eyona nto ibafaneleyo. Siya kuba silumkile ukuba sithembela ngokupheleleyo kulwalathiso lwakhe kunakwizinto ezifunwa sithi. Ukuba senza oku, siya kukuvuyela ukukhonza uYehova enoba siphi na.

VERBOTEN! (AKUVUMELEKANGA!)

Abaninzi kwiBheteli yaseJamani babevuyiswa kukuba nabantu baseMerika kuba babeza kuqhelisela ukuthetha isiNgesi. Kodwa ngenye imini kwigumbi lokutyela yapheliswa tu yonke loo nto. UMzalwan’ uFrost owayenehlombe waqalisa ukuthetha isiJamani, kubonakala ukuba lo mcimbi athetha ngawo unzulu. Intsapho yaseBheteli yathi nzwanga, mntu ngamnye ejonge epleyitini yakhe. Nangona babengayiqondi eyona nto wayethetha ngayo, aba bafana bahla baqonda ukuba enoba yayiyintoni na kodwa inento yokwenza nabo. Wathi uMzalwan’ uFrost akukhwaza athi, “VERBOTEN!” (“Akuvumelekanga!”) ephindaphinda njengoko wayesiya enyukelana, baqalisa ukungakhululeki. Yintoni le bayenzayo yayibangela ukuba kuthethwe kabukhali ngolu hlobo?

Ngasentla: UMzalwan’ uFrost (ekunene) nabanye ngoxa kwakutyelele uMzalwan’ uKnorr (ekhohlo)

Sathi sakuphela isidlo, wonke umntu wakhawuleza ukuya egumbini lakhe. Kamva omnye umzalwana wathi kubo: “Ukuze nikwazi ukusinceda, kufuneka nifunde ukuthetha isiJamani. Yiyo loo nto uMzalwan’ uFrost ethe ukuba ukusithetha isiJamani, AKUVUMELEKANGA ukuthetha nani isiNgesi.”

Intsapho yaseBheteli yakhawuleza ukukuthobela oko. Oku akuzange kuncede nje la matyendyana ukuba afunde isiJamani kodwa kwawafundisa nokuba, xa umzalwana onothando esiluleka usoloko eneenjongo zokusinceda enoba kunokuba nzima ekuqaleni ukusisebenzisa eso siluleko. Isiluleko sikaMzalwan’ uFrost sabonisa ukuba unomdla kwinkqubela yentlangano kaYehova, yaye uyabathanda abazalwana bakhe. * Yiloo nto aba bazalwana bane baphela sele bemthanda!

UKUFUNDA KUBAHLOBO BETHU

ekunene: Babeseholideyini eSwitzerland ngowe-1952

Sinokufunda lukhulu kubahlobo bethu aboyika uThixo yaye loo nto inokusinceda ukuba sibe ngabahlobo abasenyongweni noYehova. Aba bazalwana bane bafunda izinto ezininzi kwinyambalala yabazalwana noodade abathembekileyo baseJamani, kodwa nabo bobane bafundisana ezinye izinto. URichard uthi: “ULowell wayenabo ubuxhofololwana bokwazi isiJamani, kodwa kwakunzima kuthi. Ekubeni wayengoyena umdala phakathi kwethu, sasisiya kuye xa sinezinto esifuna ukuziqonda ngolwimi lwesiJamani nangemiba yokukhokela.” URamon uthi: “Ndavuya gqitha xa omnye umzalwana  waseSwitzerland wasivulela indawo yakhe yokuchitha ikhefu ngoxa sasikwikhefu lethu lokuqala emva konyaka siseJamani! Ndandicinga ukuba kuza kutsho kuthi qabu kwezi veki zimbini kuba siza kuzincokolela kamnandi singasokoliswa sisiJamani! Kodwa kwathi kanti andikamazi kakuhle uLowell. Wanyanzelisa into yokuba sifunde size sixubushe itekisi yosuku ntsasa nganye—ngesiJamani! Into eyandicaphukisayo kukuba akazange ayekelele. Kodwa wasifundisa isifundo esibalulekileyo. Bathobele abo bakuthandayo enoba maxa wambi akuvumelani nendlela abazibona ngayo izinto. Ukuba neso simo sengqondo kusincedile ukutyhubela iminyaka yaye kwenze kwalula ukuba siluthobele ulwalathiso lwentlangano.”

Kanti aba bane baye bafunda ukuxabisana ngokobuchule babo, kanye njengoko eyabaseFilipi 2:3 isithi: “Ngokuthobeka kwengqondo, nibagqala abanye njengabongamileyo kunani.” Ngoko abathathu kubo bebesoloko becela uBill ukuba enze imisebenzi abavumelanayo ukuba nguye oyenza kakuhle kunabo. ULowell uthi: “Xa kufuneka kuthatyathwe isigqibo esinzima ukuze kulungiswe umba ontununtunu sasiye sicele uBill. Wayenobuchule bokuhlangabezana neemeko thina esingenabuchule nenkalipho yokuhlangabezana nazo.”

BONWABA EMITSHATWENI

Aba bazalwana bane batshata belandelelana. Eyona nto yayibenza babe ngabahlobo kukuba babemthanda gqitha uYehova nenkonzo yexesha elizeleyo, ngoko bazimisela ukutshata noodade ababemthanda ngendlela efanayo uYehova. Inkonzo yexesha elizeleyo iye yabafundisa ukuba ukupha kunomvuzo ngakumbi kunokwamkela yaye izilangazelelo zoBukumkani ziza kuqala kunezinto abazithandayo. Ngenxa yoko bakhetha ukutshata noodade ababesele bekwinkonzo yexesha elizeleyo. Aba bazalwana bane baba nemitshato eluqilima baza bonwaba kuyo.

Ukuze ubuhlobo okanye umtshato ube luqilima uYehova umele abe lapho. (INtshu. 4:12) Nangona uBill noRamon baswelekelwa ngabafazi babo, bobabini baluxhamla uvuyo lokuxhaswa ngaloo makhosikazi athembekileyo. ULowell noRichard baqhubeka benandipha inkxaso yamakhosikazi abo yaye uBill waphinda watshata nodade owayeneemeko ezabavumelayo ukuba baqhubeke nenkonzo yexesha elizeleyo.

Ekuhambeni kweminyaka, bafumana izabelo kwiindawo ezahlukeneyo—ingakumbi eJamani, eOstriya, eLuxembourg, eKhanada naseUnited States. Loo nto yabangela ukuba aba bahlobo bane bangakwazi ukuchitha ixesha kunye ngendlela ebebengathanda ngayo. Kodwa nakuba babeqelelene, baqhubeka benxibelelana, bevuyisana ngezihlandlo ezimnandi baze balile kunye xa besentlungwini. (Roma 12:15) Bafanele baxatyiswe ngokwenene abahlobo abanjalo. Bazizipho ezixabisekileyo ezivela kuYehova. (IMize. 17:17) Phantse abasekho abahlobo bokwenene kweli hlabathi! Kodwa amaKristu okwenyaniso anentaphane yabahlobo abanjalo. Thina maNgqina kaYehova, sinabahlobo esikholwa kunye nabo ehlabathini lonke, yaye ngaphezu koko,  singabahlobo kunye noYehova uThixo noYesu Kristu.

Njengakuthi sonke, izinto azikhange zisoloko zilula kwaba bahlobo bane—abanye baye baswelekelwa ngamaqabane omtshato, abanye bagula kakhulu, kwafuneka banyamekele abazali abalupheleyo, abanye bawe bevuka bekhulisa abantwana ngoxa bekwinkonzo yexesha elizeleyo, bebeye baxhalabe xa besiya kwisabelo esitsha senkonzo yaye ngoku bonganyelwe ziingxaki zokwaluphala. Kodwa bayazi kakuhle into yokuba abahlobo—abakufutshane nabakude—banceda abantu abathanda uYehova ukuba bakwazi ukuhlangabezana kakuhle nalo naluphi na ucelomngeni.

UBUHLOBO BUKANAPHAKADE

Intle ngokwenene into yokuba uLowell, uRamon, uBill, noRichard ngokulandelelana kwabo, omnye eneminyaka eli-18, eli-12, eli-11, neli-10 ubudala, bazahlulela kuYehova yaye xa babephakathi kweminyaka eli-17 nengama-21 ubudala, bonke baba kwinkonzo yexesha elizeleyo. Benza oko kukhuthazwa kwiNtshumayeli 12:1: “Khumbula uMdali wakho Ozukileyo ngemihla yobufana bakho.”

Ukuba ungumfana ongumKristu yaye iimeko ziyakuvumela, samkele isimemo sikaYehova sokuba kwinkonzo yexesha elizeleyo. Ngenxa yobubele bakhe obungasifanelanga, unokufumana uvuyo, olufana nolo lwafunyanwa ngaba bahlobo bane, lokuba ngumveleli wesiphaluka, owesithili, okanye otyelela amasebe; ukukhonza eBheteli, kuquka ukuba kwiiKomiti zamaSebe; ukufundisa kwizikolo Zobulungiseleli ZoBukumkani nezeNkonzo Yobuvulindlela; nokunikela iintetho kwiindibano ezinkulu nezincinane. Aba bane bavuyiswa ngokwenene kukwazi ukuba kukho amashumi amawaka awancedwayo ngumsebenzi wabo! Yonke loo nto yabangelwa kukuba, bathi besengabafana bamkela isimemo sikaYehova sothando sokumkhonza ngomphefumlo uphela.—Kol. 3:23.

Ukusuka ekhohlo ukuya ekunene: URichard, uBill, uLowell, noRamon eSelters beze kunikezelo lwezakhiwo ezitsha zesebe ngowe-1984

Namhlanje, uLowell, uRichard, noRamon baphinde bakunye kwiofisi yesebe, esele iseSelters, eJamani. Okulusizi kukuba, uBill usweleke ngowama-2010 enguvulindlela okhethekileyo eUnited States. Khawufan’ ucinge ubuhlobo obukhethekileyo babafana abane nobuthathe iminyaka ephantse ibe ngama-60, buqhekezwe kukufa! Kodwa uThixo wethu, uYehova, akaze abalibale abahlobo bakhe. Siqinisekile ukuba phantsi kolawulo loBukumkani bakhe, bonke ubuhlobo bamaKristu obuqhawulwa kukufa okwethutyana, buya kuphinda bube luqilima.

“Kuyo yonke le minyaka ingama-60 singabahlobo, andikhumbuli kusiba krakra”

Uthe ngaphambi nje kokuba asweleke, uBill wabhala wenjenje: “Kuyo yonke le minyaka ingama-60 singabahlobo, andikhumbuli kusiba krakra. Ubuhlobo bethu bebusoloko buyeyona nto ixabisekileyo kum.” Becinga ngesibakala sokuba ubuhlobo babo buseza kuqhubeka kwihlabathi elitsha, abahlobo bakhe abathathu baleka ngelithi: “Ingathi kukhona buqalayo.”

^ isiqe. 17 Ibali lobomi elimnandi likaMzalwan’ uFrost likwiMboniselo yesiNgesi ka-Aprili 15, 1961, iphepha 244-249.