Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ukhuthazo Oluphuma “Emilonyeni Yabantwana”

Ukhuthazo Oluphuma “Emilonyeni Yabantwana”

NgoDisemba 2009, iNkundla Ephakamileyo YaseRashiya yawisa isigwebo esaphumela ekuvalweni kombutho wonqulo wamaNgqina kaYehova eTaganrog, eRashiya, kohluthwa iHolo YoBukumkani, kwaza kwawiswa nesindululo sokuba iimpapasho zethu ezingama-34 ziyingozi. Esi sigqibo sothusayo sabhalwa kwiWebhsayithi yamaNgqina kaYehova kunye nemifanekiso yamaNgqina achatshazelweyo sesi sigqibo, kuquka abantwana abancinane.

Abantwana baseOstreliya

Kwiinyanga ezimbalwa emva koko, iZiko Lolawulo LamaNgqina KaYehova eRashiya lafumana ibhokisi kwakunye nale leta ilandelayo ivela kwintsapho engamaNgqina eQueensland, eOstreliya, neyayibonayo ingxelo yesigwebo seNkundla: “Bazalwana Abathandekayo, Abantwana bethu, uCody noLarissa baye bakhuthazwa gqitha lukholo neemvavanyo ezifunyanwa ngabazalwana baseRashiya. Baye babhala amakhadi neeleta, sazifaka kule bhokisana inezipho yaye siyithumela kubantwana baseTaganrog, ukuze sibaqinisekise ukuba nangona bekude, kodwa bakho nabanye abantwana abakhonza uYehova ngokuthembeka nabacingayo ngabo. Abantwana bethu bathi babathanda gqitha.”

Besakufumana ezo zipho, abantwana baseTaganrog, babhala ileta eyibulela ngokungazenzisiyo intsapho yaseOstreliya. Echukunyiswe ngala mazwi akhuthazayo aphuma “emilonyeni yabantwana,” omnye umzalwana okwiofisi yesebe yaseRashiya wathi xa wayebhalela uCody noLarissa: “Khanicinge nje indlela ekubuhlungu ngayo ebantwaneni nakubantu abadala ukohlwayelwa into abangayenzanga. Akhonto imbi bayenzileyo abazalwana noodade baseTaganrog, kodwa bohluthelwe iHolo YoBukumkani. Oku kubakhathaza ngokwenene. Kuza kubomeleza nyhani ukwazi ukuba bayacingwa nakwezinye iindawo ehlabathini. Sithi maz’ enethole ngobubele benu!”—INdu. 8:2.

Abantwana baseRashiya bafumana izipho kubantwana baseOstreliya

Ngokwenene siphakathi kwabazalwana abasehlabathini lonke yaye ukuthandana kwethu kusinceda sihlangabezana neemvavanyo neenzingo. Ngoxa iinkundla zisalibele kukuhlisana zinyusana ngento yokuba iimpapasho zamaNgqina kaYehova zikhuthaza intiyo, ngokuzola abantwana bethu bayaxhalabelana, bengalawulwa yinto yokuba bahlukile ngokweentlanga neenkcubeko yaye besenza ngokuvisisana nala mazwi kaYesu: “Ngako oko bonke baya kwazi ukuba ningabafundi bam, ukuba ninothando phakathi kwenu.”—Yoh. 13:35.