Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UYesu Wasimisela Umzekelo Wokuthobeka

UYesu Wasimisela Umzekelo Wokuthobeka

“Ndinibekela umzekelo, ukuze, kanye njengoko ndenjenjalo kuni, nenjenjalo nani.”—YOH. 13:15.

1, 2. Ebudeni bobusuku bokugqibela bukaYesu esemhlabeni, sisiphi isifundo esibalulekileyo awasifundisa abapostile bakhe?

KUNGOBUSUKU bokugqibela bukaYesu esemhlabeni, yaye ubuchitha nabapostile bakhe kwigumbi eliphezulu lendlu eseYerusalem. Ebudeni besidlo sangokuhlwa, uYesu uyaphakama aze akhulule isambatho sakhe sangaphezulu. Ubhinqa itawuli. Ugalela amanzi ekomini aze aqalise ukuhlamba iinyawo zabapostile, emva koko uzomisa ngetawuli. Wandula ke anxibe isambatho sakhe sangaphezulu. Kwakutheni ukuze uYesu enze lo msebenzi uphantsi?—Yoh. 13:3-5.

2 UYesu wathi: “Niyakwazi na endikwenzileyo kuni? . . . Ukuba mna, nangona ndiyiNkosi noMfundisi, ndihlambe iinyawo zenu, nani nifanele ukuhlambana iinyawo. Kuba ndinibekela umzekelo, ukuze, kanye njengoko ndenjenjalo kuni, nenjenjalo nani.” (Yoh. 13:12-15) Ngesi senzo sokuthobeka, uYesu wabafundisa abapostile bakhe isifundo esasingayi kulibaleka nesasiza kubakhuthaza ukuba bathobeke kwiintsuku ezaziza kulandela.

3. (a) Kwizihlandlo ezibini, uYesu wakubethelela njani ukubaluleka kokuthobeka? (b) Yintoni esiza kuyihlolisisa kweli nqaku?

3 Xa uYesu wahlamba iinyawo zabapostile bakhe, wayengaqali ukubonisa indlela ekubaluleke ngayo ukuthobeka. Ngaphambilana xa abanye babapostile baba nomoya wokhuphiswano, uYesu wathabatha umntwana oselula wammisa ecaleni kwakhe, waza wathi kubo: “Nabani na owamkela lo mntwana uselula egameni lam wamkela nam, yaye nabani na owamkela mna wamkela nalowo wandithumayo. Kuba lowo uziphatha njengomncinane phakathi kwenu nonke nguye omkhulu.” (Luka 9:46-48) Esazi ukuba abaFarisi bayazithanda izikhundla eziphezulu, uYesu wathi kamva kubulungiseleli bakhe: “Wonk’ ubani oziphakamisayo uya kuthotywa nalowo uzithobayo uya  kuphakanyiswa.” (Luka 14:11) Kucacile ukuba, uYesu ufuna abalandeli bakhe bathobeke engqondweni bangazingci okanye babe nekratshi. Ukuze sikwazi ukumxelisa, makhe sihlolisise ngenyameko lo mzekelo wakhe wokuthobeka. Siza kubona nendlela olu phawu olumnceda ngayo lowo ulubonakalisayo nabo alubonakalisa kubo.

“ANDIJIKELANGA KWICALA ELAHLUKILEYO”

4. UNyana kaThixo okuphela kozelweyo wakubonisa njani ukuthobeka ngaphambi kokuba eze emhlabeni?

4 UNyana kaThixo okuphela kozelweyo wabonisa ukuthobeka kwanaphambi kokuba eze emhlabeni. Ngaphambi kokuba eze emhlabeni, uYesu waphila iminyaka emininzi kunye noYise osemazulwini. Incwadi yeBhayibhile kaIsaya ichaza ulwalamano olusondeleyo lukaNyana noYise, isithi: “INkosi enguMongami uYehova indinike ulwimi lwabafundileyo, ukuze ndiyazi indlela yokuphendula odiniweyo ngelizwi. Iyandivusa iintsasa ngeentsasa; iyayivusa indlebe yam ukuze ive njengabafundileyo. INkosi enguMongami uYehova iyivulile indlebe yam, yaye mna andibanga nemvukelo. Andijikelanga kwicala elahlukileyo.” (Isa. 50:4, 5) UNyana kaThixo wabonisa umoya wokuthobeka waza waphulaphula oko wayekufundiswa nguYehova. Wayekulangazelela yaye ekulungele ukufunda kuThixo oyinyaniso. Umele ukuba wafunda ngokwenene kumzekelo kaYehova wokubonakalisa ukuthobeka ngokuba nenceba kubantu abanesono!

5. NjengoMikayeli umphathi weengelosi, uYesu wawumisela njani umzekelo wokuthobeka nokuthozama kwindlela awaqhubana ngayo noMtyholi?

5 Ayizizo zonke iingelosi ezazithobekile njengoNyana kaThixo okuphela kozelweyo. Kunokuba ifune ukufunda kuYehova, ingelosi eyaba nguSathana uMtyholi yavumela ukulawulwa ziimpawu ezichaseneyo nokuthobeka—ukuzingca nekratshi—yaza yavukela uYehova. Kwelinye icala, uYesu akazange anganeliseki sisikhundla sakhe emazulwini okanye afune ukulisebenzisa kakubi igunya analo. NjengoMikayeli umphathi weengelosi, xa uYesu ‘wayeneyantlukwano noMtyholi ngomzimba kaMoses,’ akazange agqithe ngaphaya kwegunya awayenalo. Kunoko, lo Nyana kaThixo wabonisa ukuthobeka nokuthozama. Wakuvuyela ukuvumela uYehova, uMgwebi Omkhulu wendalo iphela, ukuba ayisingathe imicimbi ngexesha nangendlela yakhe.—Funda uYude 9.

6. UYesu wakubonisa njani ukuthobeka ngokwamkela isabelo sokukhonza njengoMesiya?

6 Izinto uYesu awazifundayo ngaphambi kokuba eze emhlabeni, ngokungathandabuzekiyo ziquka iziprofeto ezazixela kwangaphambili ukuza kwakhe emhlabeni njengoMesiya. Ngoko, kusenokuba wazazi kwangaphambi iziganeko ezingathandekiyo ezazimlindele. Sekunjalo, uYesu wasamkela isabelo sakhe sokuphila emhlabeni aze afe njengoMesiya othenjisiweyo. Ngoba? Ebalaselisa ukuthobeka koNyana kaThixo okuphela kozelweyo, umpostile uPawulos wabhala wathi: “Nangona wayekubume bukaThixo, [akazange acinge] ngokurhwaphiliza, ukuze azenze alingane noThixo. Hayi khona, kodwa waziqongqotha waza wathabatha ubume bekhoboka, wafana nabantu.”—Fil. 2:6, 7.

XA WAYESEMHLABENI, “WAZITHOBA”

Sinokungelwa njani kumzekelo kaYesu wokuthobeka?

7, 8. Ziziphi iindlela uYesu awabonisa ngazo ukuthobeka ebudeni bokukhula kwakhe nakubulungiseleli bakhe emhlabeni?

7 UPawulos wabhala wathi: “Xa [uYesu] wayekwimo yomntu, wazithoba kwada kwasa ekufeni, ewe, ukufa kwisibonda sentuthumbo.” (Fil. 2:8) Ukususela ebuntwaneni, uYesu wasimisela umzekelo wokuthobeka. Nangona wayekhuliswa  ngabazali abangafezekanga—uYosefu noMariya—uYesu ngokuthobeka “waqhubeka ezithobile kubo.” (Luka 2:51) Lo ngumzekelo omhle ngokwenene kwabaselula, uThixo uya kubasikelela ngokuthobela abazali babo.

8 Ebudaleni bakhe, uYesu wabonisa ukuthobeka ngokubeka kuqala ukuthanda kukaYehova kungekhona okwakhe. (Yoh. 4:34) Ebudeni bobulungiseleli bakhe, uYesu Kristu wasebenzisa igama likaThixo ukunceda abantu abanyanisekileyo ukuba bafumane ulwazi oluchanileyo ngeempawu zikaYehova kwakunye nenjongo yakhe ngoluntu. Kwakhona uYesu waphila ngokuvisisana noko wayekufundisa ngoYehova. Ngokomzekelo, xa wayefundisa indlela yokuthandaza, into yokuqala uYesu awayikhankanyayo yile: “Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho.” (Mat. 6:9) Ngoko uYesu wabayalela abalandeli bakhe ukuba eyona nto ibalulekileyo kukungcwaliswa kwegama likaYehova. Naye wayephila ngaloo ndlela. Ngasekupheleni kobulungiseleli bakhe basemhlabeni, uYesu ethandaza kuYehova wathi: “Ndilazisile igama lakho [kubapostile] yaye ndiza kulazisa.” (Yoh. 17:26) Ngaphezu koko, kubo bonke ubulungiseleli bakhe wachaza ukuba ebengenakwenza nantoni na ngaphandle koncedo lukaYehova.—Yoh. 5:19.

9. UZekariya waprofeta wathini ngokuphathelele uMesiya, yaye uYesu wakuzalisekisa njani oko?

9 Ngokuphathelele uMesiya, uZekariya eprofeta wabhala wathi: “Vuya kakhulu, wena ntombi yaseZiyon. Duma ngoloyiso, wena ntombi yaseYerusalem. Khangela! Ukumkani wakho uza kuwe. Ulilungisa, ewe, usindisiwe; uthobekile, yaye ukhwele e-esileni, sona kanye isilwanyana esikhule ngokupheleleyo esizalwa yimazi ye-esile.” (Zek. 9:9) Oku kwazaliseka xa uYesu wayengena eYerusalem ngaphambi kwePasika ngonyaka wama-33 C.E. Isihlwele sandlala izambatho zaso zangaphezulu endleleni. Eneneni, wathi akungena kwakho ingxokozelo esixekweni. Kwanaxa isihlwele sasimzukisa njengoKumkani, uYesu wathobeka.—Mat. 21:4-11.

10. Ukuthobeka kukaYesu de afe kwangqina ntoni?

 10 Ngoxa wayesemhlabeni, uYesu Kristu wabonisa ukuthobeka de wafa kwisibonda sentuthumbo. Ngaloo ndlela wakungqina ngaphandle kwamathandabuzo ukuba abantu banako ukunyaniseka kuYehova enoba bavavanywa ngokuqatha kangakanani na. Kwakhona uYesu wangqina nokuba uSathana wayengachananga xa wayesithi abantu bakhonza uYehova ngenxa yokuzingca. (Yobhi 1:9-11; 2:4) Ingxelo kaKristu yokuba nengqibelelo ikwabonisa ukuba uYehova unelungelo lokulawula umhlaba wonke. UYehova wavuya ngokwenene xa wabona ukunyaniseka okungagungqiyo koNyana wakhe othobekileyo.—Funda iMizekeliso 27:11.

11. Idini lentlawulelo likaYesu Kristu liye labavulela liphi ithuba abo banokholo kuye?

11 Ngokufa kwakhe kwisibonda sentuthumbo, uYesu wayihlawulela intlawulelo yokukhulula uluntu. (Mat. 20:28) Oku kwavulela ithuba lokuba abantu abanesono baphile ubomi obungunaphakade baze benze okulungileyo. UPawulos wabhala wathi: “Kwanangesenzo esinye sothethelelo umphumo kubantu bazo zonke iintlobo ukukuvakaliswa kwabo bengamalungisa afanelwe bubomi.” (Roma 5:18) Ukufa kukaYesu kwavulela ithuba amaKristu athanjiswe ngomoya ukuba afumane ubomi bokungafi emazulwini zize ‘ezinye izimvu’ zifumane ubomi obungunaphakade apha emhlabeni.—Yoh. 10:16; Roma 8:16, 17.

“NDITHOBEKILE NGENTLIZIYO”

12. Xa wayesebenzisana nabantu abangafezekanga, uYesu wabubonisa njani ubulali nokuthobeka?

12 UYesu wamema bonke abo ‘babulalekayo nabasindwayo ngumthwalo’ ukuba beze kuye. Wathi: “Thabathani idyokhwe yam nize nifunde kum, kuba ndinomoya wobulali, ndithobekile ngentliziyo, kwaye niya kuyifumanela ukuhlaziyeka imiphefumlo yenu.” (Mat. 11:28, 29) Ukuthobeka nobulali kwanceda uYesu waba nobubele yaye akazange abe namkhethe xa wayesebenzisana nabantu abangafezekanga. Wayenolwazelelelo kubafundi bakhe. UYesu wayebancoma aze abakhuthaze. Akazange abenze bazive bengafaneleki. Ibe uYesu wayengekho ngqwabalala. Kunoko, wabaqinisekisa abalandeli bakhe ukuba ngokusondela kuye baze benze ngokweemfundiso zakhe, babeya kuhlaziyeka, kuba idyokhwe yakhe yeyobubele nomthwalo wakhe ukhaphukhaphu. Yiloo nto amadoda nabafazi, abantwana nabantu abakhulileyo babekuthanda ukuba kunye naye.—Mat. 11:30.

Ukuba nemfesane kaYesu kwaba ngumzekelo

13. UYesu wayibonisa njani imfesane kumahlwempu?

13 UYesu waba nemfesane kubantu abaqhelekileyo bakwaSirayeli, kuba babengamahlwempu, yaye wabanceda kwiintswelo zabo. Kufutshane naseYeriko, wadibana namadoda amabini aziimfama angqibayo, enye yawo egama linguBhartimeyu. Aqhubeka ecela uYesu ukuba awancede,  kodwa isihlwele sawaxelela kabukhali ukuba athi cwaka. Ngekwaba lula ukungawahoyi la madoda aziimfama. Kodwa, uYesu wathi mawaziswe kuye, yaye enosizi, wawachukumisa amehlo awo aza abona. Ngokwenene, uYesu waxelisa uYise, uYehova, ngokubonisa ukuthobeka nenceba kuboni abajongelwa phantsi.—Mat. 20:29-34; Marko 10:46-52.

“NABANI NA OZITHOBAYO UYA KUPHAKANYISWA”

14. Ukuthobeka kukaYesu kuye kwaba naziphi iingenelo?

14 Isimo sengqondo sikaYesu Kristu sokuthobeka saphumela ekubeni kubekho uvuyo neentsikelelo ezininzi. UYehova wavuya xa wabona uNyana wakhe oyintanda ezithoba kwintando yakhe. Abapostile nabafundi bakhe babehlaziyeka ngumoya wobulali nentliziyo ethobekileyo yakhe. Umzekelo wakhe, iimfundiso zakhe nokubancoma kwakhe kwabenza bakhula ngokomoya. UYesu wanceda abantu abaninzi ngokubanika oko bakusweleyo, ngeemfundiso zakhe nangokubakhuthaza. Eneneni, ngenxa yedini lentlawulelo likaYesu, bonke abantu abanokholo baya kufumana iintsikelelo zikanaphakade.

15. UYesu uye wangenelwa njani ngokuthobeka kwakhe?

15 Kuthekani ngoYesu? Ngaba ukuthobeka kwakhe kwamnceda? Ewe, kuba wathi kubafundi bakhe: “Nabani na ozithobayo uya kuphakanyiswa.” (Mat. 23:12) Loo mazwi angqineka eyinyaniso. UPawulos uyasicacisela: “UThixo wamphakamisela kwisigxina esongamileyo waza ngobubele wamnika igama elingaphezu kwawo onke amanye amagama, ukuze egameni likaYesu agobe onke amadolo abo basezulwini nawabo basemhlabeni nawabo baphantsi komhlaba, zize zonke iilwimi zivume ekuhleni ukuba uYesu Kristu uyiNkosi nto leyo eluzuko kuThixo uYise.” Ngenxa yokuthobeka nokuthembeka kukaYesu esemhlabeni, uYehova uThixo wamphakamisa uNyana wakhe, ngokumnika igunya phezu kwezidalwa ezisemazulwini nasemhlabeni.—Fil. 2:9-11.

UYESU UYA ‘KUPHALISA ENDLELENI YENYANISO NENTOBEKO’

16. Yintoni ebonisa ukuba uNyana kaThixo uza kuqhubeka ebonisa ukuthobeka kwixesha elizayo?

16 UNyana kaThixo useza kuqhubeka ebonakalisa ukuthobeka nakwixesha elizayo. Echaza kwangaphambili oko uYesu aza kukwenza kwiintshaba zakhe njengoKumkani osemazulwini, umdumisi wathi: “Ngobungangamsha bakho singa empumelelweni; phalisa endleleni yenyaniso nentobeko nobulungisa.” (INdu. 45:4) EArmagedon, ngokuthobeka uYesu Kristu uya kulwela inyaniso nobulungisa. Ngoko kuya kwenzeka ntoni ekupheleni koLawulo lwakhe Lweminyaka Eliwaka xa uKumkani uMesiya “etshitshise wonke urhulumente nalo lonke igunya namandla”? Ngaba uza kubonisa ukuthobeka? Ewe, kuba ‘uya kubunikela ubukumkani kuThixo wakhe noYise.’—Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 15:24-28.

17, 18. (a) Kutheni kubalulekile ukuba abakhonzi bakaYehova balandele umzekelo kaYesu wokuthobeka? (b) Yintoni eza kuxutyushwa kwinqaku elilandelayo?

17 Kuthekani ngathi? Ngaba siza kuxelisa umzekelo kaYesu wokuthobeka? Siya kuvakalelwa njani xa uKumkani uYesu Kristu esiza kuphumeza umgwebo eArmagedon? Indlela aphala ngayo ibonisa ukuba uya kusindisa abathobekileyo namalungisa kuphela. Ngoko ukuhlakulela ukuthobeka kubalulekile ukuze sisinde. Ngaphezu koko, kanye njengokuba ukuthobeka kwaba yingenelo kuYesu nakwabanye, nathi ukuba siyakubonisa kuya kuba njalo.

18 Yintoni enokusinceda sixelise umzekelo kaYesu wokuthobeka? Sinokukubonisa njani ukuthobeka phezu kwabo nje ubunzima esijamelana nabo? Le mibuzo iza kuxutyushwa kwinqaku elilandelayo.