Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

mibuzo Evela Kubafundi

mibuzo Evela Kubafundi

Ngaba amazwi kaYesu akuMateyu 19:10-12 abonisa ukuba abo bakhetha ukuhlala bengatshatanga bafumene isiphiwo sokungatshati ngokungummangaliso?

Cinga ngomongo wamazwi kaYesu aphathelele ukungatshati. Xa abaFarisi beza kuye baza bathetha ngoqhawulo-mtshato, uYesu wayichaza ngokucacileyo imilinganiselo kaYehova yomtshato. Ngoxa uMthetho wawuyivumela indoda ukuba ibhale isiqinisekiso sokuqhawula umtshato nomfazi wayo xa ithe yafumana “okuthile okungandilisekanga” kuye, oku kwakungenjalo kwasekuqaleni. (Dut. 24:1, 2) Ngoko uYesu wathi: “Nabani na oqhawula umtshato nomfazi wakhe, ngaphandle kwangesizathu sohenyuzo, aze atshate nomnye uyakrexeza.”—Mat. 19:3-9.

Bathi bakuva oko abafundi bathi: “Ukuba imeko injalo ngendoda nomfazi wayo, akucebiseki ukutshata.” UYesu wabaphendula wathi: “Asingabo bonke abantu abalivulela ithuba elo lizwi, kodwa kuphela ngabo banesiphiwo. Kuba kukho amathenwa azalwa enjalo ukususela esibelekweni sikanina, kukho namathenwa enziwa amathenwa ngabantu, kukwakho namathenwa azenze amathenwa ngenxa yobukumkani bamazulu. Lowo unako ukukuvulela ithuba makakuvulele ithuba.”—Mat. 19:10-12.

Amathenwa okoqobo azalwa engawo ngenxa yeziphene azelwe nazo okanye ngenxa yokwenzakala okanye ngenxa yokunqunyulwa kwelungu lokuzala. Kanti ke, abanye baye bakhetha ukuphila njengamathenwa. Nangona benako ukutshata, abanye abantu baye bazeyisa baza bahlala bengatshatanga “ngenxa yobukumkani bamazulu.” Kanye njengoYesu, baye bakhetha ukuhlala bengatshatanga ukuze bakwazi ukuzinikela kwinkonzo yoBukumkani. Abazange bazalwe benaso isiphiwo sokungatshati, bengazange kananjalo basinikwe. Enyanisweni baye bakuvulela ithuba ukungatshati, oko kukuthi bakuhlakulele ngokwabo.

Esongezelela koko kwathethwa nguYesu, umpostile uPawulos wathi nangona onke amaKristu—atshatileyo nangatshatanga—enokukhonza uThixo ngendlela eyamkelekileyo, abantu abangatshatanga ‘abazimiseleyo ezintliziyweni zabo’ baya kuba ‘benza kakuhle ngakumbi.’ Banokukwenza njani oko? Abantu abatshatileyo bafanele bahlule kubini ixesha namandla abo ukuze banelisane baze banyamekelane. Kwelinye icala, amaKristu angatshatanga anokuzibhokoxa kumsebenzi weNkosi ngaphandle kwezinye iimbopheleleko. Akujonga ukungatshati kwawo ‘njengesiphiwo’ esivela kuThixo.—1 Kor. 7:7, 32-38.

Ngoko ke, iZibhalo zithi umKristu akabi nasiphiwo sokungatshati ngokungummangaliso. Kunoko, uyasihlakulela ngokuhlala engatshatanga ukuze ahambisele phambili izilangazelelo zoBukumkani ngaphandle kwesiphazamiso. Kungeso sizathu, abantu abaninzi namhlanje beye bagqiba kwelokuba bahlale bengatshatanga, ukanti abanye bafanele babakhuthaze.