Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 Okuphuma Koovimba Bethu

‘Esona Sigidimi Sibalulekileyo Sakha Seviwa Ngabantu’

‘Esona Sigidimi Sibalulekileyo Sakha Seviwa Ngabantu’

“ZIZINTO zokwenza ntoni ezi?” kwabuza uGeorge Naish, ekhombe iziqobo zemithi ezibude buziimitha ezili-18, ezazipakishwe kwindawo yezixhobo zomkhosi eseSaskatoon, eSaskatchewan, eKhanada. Waxelelwa ukuba ezo ziqobo kwakusakhiwa ngazo iinqaba ezingumqondiso ngexesha leMfazwe Yehlabathi I. Kamva uMzalwan’ uNaish wathi: “Mna ndacinga ukuba ezi ziqobo singazisebenzisela ukwenza iipali zikanomathotholo, yaqala ngolo hlobo ke into yejelo lokusasaza iindaba ezilungileyo.” Kwisithuba nje sonyaka emva koko—ngowe-1924—kwaqalisa ijelo iCHUC. Yaba lelokuqala kumajelo aseKhanada ukusasaza imiba yezonqulo.

(1) Isitishi sosasazo sase-Edmonton, eAlberta (2) Umzalwana osebenza kubuxhakaxhaka besitishi sikanoma-thotholo eToronto, eOntario

Kwakufanelekile ukushumayela kunomathotholo eKhanada, kuba elo lizwe liphantse lilingane neYurophu ngobukhulu. UFlorence Johnson, owayesebenza kwesi sikhululo eSaskatoon, uthi: “Ngenxa yeli jelo, inyaniso iye yafikelela abantu abaninzi, ebesingenakufane sikwazi ukubafikelela. Ekubeni unomathotholo wayesathathelwa phezulu, abantu babelangazelela ukuva nantoni na esasazwa kuye.” Ngowe-1926, aBafundi beBhayibhile (gama elo awayebizwa ngalo amaNgqina kaYehova ngelo xesha) babesele benamajelo abo osasazo kwizixeko ezine zaseKhanada. *

(3) Istudiyo iCHUC eSaskatoon, eSaskatchewan

Ukuba wawunokumamela elinye laloo majelo wawunokuva ntoni? Abazalwana abakumabandla asekuhlaleni babedla ngokucula, ngoxa abanye bedlala izixhobo zomculo. Kanti ke, abazalwana babedla ngokunikela iintetho neengxubusho ezisekelwe eBhayibhileni. UAmy Jones, owayesibakho kwezo ngxubusho, uthi: “Entsimini ndandisithi ndisazichaza, athi umninimzi, ‘Ndikhe ndakuva uthetha kunomathotholo.’”

“Iifowuni zazikhala zikhalile yaye kwakuba nzima ukuziphendula zonke”

ABafundi beBhayibhile eHalifax, eNova Scotia, baqalisa inkqubo eyayingaqhelekanga ngelo xesha—apho kwakuthethwa ngombandela othile weBhayibhile kuze kuvulelwe abaphulaphuli ithuba lokuba bafowune baze babuze imibuzo. Omnye umzalwana uthi: “Abantu abaninzi babeyithanda gqitha le nkqubo. Iifowuni zazikhala zikhalile yaye kwakuba nzima ukuziphendula zonke.”

 Ngokufanayo nakumpostile uPawulos, abantu babesabela ngeendlela ezahlukahlukeneyo kwisigidimi saBafundi beBhayibhile. (IZe. 17:1-5) Abanye abantu babesithanda isigidimi sabo. Ngokomzekelo, wathi uHector Marshall akuva kunomathotholo aBafundi beBhayibhile bethetha ngeStudies in the Scriptures, waodola imiqulu yamithandathu. Kamva wabhala wathi: “Ndandicinga ukuba ezi ncwadi ziza kundinceda xa ndifundisa kwiSikolo seCawa.” Noko ke, uHector uthe egqiba ukufunda uMqulu I, wabe sel’ ezixelele ukuba uyayishiya icawa yakhe. Washumayela ngenzondelelo de wasutywa kukufa ngowe-1998 engumkhonzi kaYehova othembekileyo. Kwimpuma yeNova Scotia, kusuku nje emva kokusasazwa kwentetho eyayinomxholo othi “The Kingdom, the Hope of the World [UBukumkani, Bulithemba Lehlabathi],” uKheneli J. A. MacDonald wathi komnye umzalwana: “Izolo, abantu besiqithi iCape Breton beve esona sigidimi sibalulekileyo kwezakha zeviwa kule nxalenye yomhlaba.”

Bona abefundisi babenomsindo. Amanye amaKatolika eHalifax agrogrisa ngokuqhushumbisa eso sitishi sasisasaza iinkqubo zaBafundi beBhayibhile. Ephenjelelwa ziinkokeli zonqulo, ngesiquphe ngowe-1928, urhulumente wathi akazi kuzihlaziya iilayisensi zezitishi zokusasaza zaBafundi beBhayibhile. Bekhalazela loo nkohlakalo, abazalwana noodade basasaza impapasho enomxholo othi Who Owns the Air? Nakuba kunjalo, amagosa karhulumente ala ukuhlaziya ilayisensi yokusasaza yaBafundi beBhayibhile.

Ngaba le nto yalityhafisa iqaqobana labakhonzi bakaYehova eKhanada? Uthi uIsabel Wainwright: “Ekuqaleni, kwabonakala ngathi utshaba luphumelele. Kodwa ndandisazi ukuba, uYehova ngewayengayivumelanga le nto, ukuba wayesafuna siqhubeke sishumayela kunomathotholo. Ngoko kusenokwenzeka ukuba kwakulixesha lokuba sitshintshele kweyona ndlela ibalaseleyo yokushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani.” Kunokuxhomekeka ekushumayeleni kunomathotholo, aBafundi beBhayibhile baseKhanada baqalisa ukutyelela abantu emakhayeni abo. Noko ke, ngoxa wayesavunyelwe, unomathotholo waba negalelo elibalulekileyo ekusasazeni ‘esona sigidimi sibalulekileyo sakha seviwa ngabantu.’—Okuphuma Koovimba Bethu eKhanada.

^ isiqe. 4 Abazalwana baseKhanada babehlawula namanye amajelo osasazo ngenjongo yokunikela ubungqina kunomathothololo.