Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

  Funda KwiLizwi LikaThixo

Kwakutheni Ukuze UThixo Athumele UYesu Emhlabeni?

Kwakutheni Ukuze UThixo Athumele UYesu Emhlabeni?

Eli nqaku liphendula imibuzo ekunokwenzeka ukuba ukhe wazibuza yona lize likubonise iimpendulo zayo eBhayibhileni. AmaNgqina kaYehova aya kukuvuyela ukuthetha nawe neempendulo zale mibuzo.

1. Wayephi uYesu ngaphambi kokuba uThixo amthume emhlabeni?

UYesu wayesisidalwa esingabonakaliyo esasiphila ezulwini ngaphambi kokuba azalwe eBhetelehem. Ungowokuqala ukudalwa kwindalo kaThixo yaye nguye kuphela uThixo awamdala ngezandla zakhe. Yiloo nto kusithiwa unguNyana ozelwe nguThixo. Ezulwini, wayesebenza nje ngesithethi sikaThixo. Kungeso sizathu ebizwa ngokuba nguLizwi. Nguye owayencedisa uThixo xa kwakudalwa ezinye izinto. (Yohane 1:2, 3, 14) UYesu wayephila noThixo ezulwini izigidi ngezigidi zeminyaka ngaphambi kokuba kudalwe abantu.—Funda uMika 5:2; Yohane 17:5.

2. UThixo wamthumela njani uNyana wakhe emhlabeni?

UYehova wafudusela ubomi bonyana wakhe uYesu kwisibeleko sikaMariya esebenzisa umoya oyingcwele. Ngenxa yoko, kwakungafuneki umntu ongutata ukuze uYesu azalwe. Iingelosi zakubhengeza ukuzalwa kwakhe kubelusi, ababehlala ezindle belinde imihlambi yabo ebusuku. (Luka 2:8-12) Ngenxa yoko, uYesu akazange azalwe ngexesha lengqele yasebusika eqhaqhazelisa amazinyo, kunoko wazalwa ekuqaleni kukaOktobha, ngoxa kwakusafudumele. Emva kwexesha elithile, uMariya nomyeni wakhe, uYosefu, bamkhulisela ekhayeni labo eNazarete. UYosefu wamnyamekela uYesu ngokungathi ngunyana wakhe.—Funda uMateyu 1:18-23.

Xa uYesu wayemalunga neminyaka engama-30 ubudala, wabhaptizwa waza uThixo wachaza ngokuphandle ukuba uYesu nguNyana wakhe. Emva koko, uYesu waqalisa umsebenzi uThixo awayemthume wona.—Funda uMateyu 3:16, 17.

 3. Kwakutheni ukuze uThixo athumele uYesu emhlabeni?

UThixo wathumela uYesu ukuba afundise abantu inyaniso. UYesu wafundisa ngoBukumkani bukaThixo, urhulumente wasezulwini oza kuzisa uxolo emhlabeni wonke. Wabenza abantu banethemba lobomi obungunaphakade. (Yohane 4:14; 18:36, 37) Kwakhona, uYesu wafundisa abantu izinto ezininzi ezaziza kubanceda bafumane ulonwabo lokwenene. (Mateyu 5:3; 6:19-21) Wafundisa ngomzekelo. Ngokomzekelo, wabonisa indlela yokwenza ukuthanda kukaThixo naphantsi kweemeko ezinzima. Xa waphathwa kakubi akazange aphindise.—Funda eyoku-1 kaPetros 2:21-24.

UYesu wafundisa abafundi bakhe ukuba babe nothando elibenza bazincame. Waxhamla amalungelo amaninzi ngoxa wayesezulwini noYise, sekunjalo wathobela uYise weza emhlabeni ukuze aphile nabantu. Akakho umntu onokusimisela umzekelo omhle wothando ngaphezu kukaYesu.—Funda uYohane 15:12, 13; Filipi 2:5-8.

4. Yintoni awayifezayo uYesu ngokufa kwakhe?

UThixo wathumela uYesu ukuze afele izono zethu. (Yohane 3:16) Sonke singaboni, nto leyo ethetha ukuba asifezekanga kwaye sinesono. Yiloo nto sigula size sife. Ngokwahlukileyo, umntu wokuqala, uAdam, wayefezekile. Wayengenasono yaye wayengenakuze afe okanye agule. Kodwa waphulukana nemfezeko yakhe xa engazange amthobele uThixo. Isono nomvuzo waso ukufa sazifumana kuAdam.—Funda amaRoma 5:12; 6:23.

UYesu, owayeyindoda efezekileyo, akazange afele izono zakhe. Wafela izono zethu. Ukufa kukaYesu kusivulela ithuba lokufumana ubomi obungunaphakade size sisikelelwe nguThixo.—Funda eyoku-1 kaPetros 3:18.