Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Hlala Usondele KuYehova

Hlala Usondele KuYehova

“Sondelani kuThixo, naye uya kusondela kuni.”—YAK. 4:8.

1, 2. (a) Ngawaphi “amacebo” kaSathana? (b) Yintoni eya kusinceda sihlale sisondele kuThixo?

UYEHOVA UTHIXO wasidala sanomnqweno wokusondela kuye. Ukanti, yena uSathana ufuna sicinge ukuba singaphila ngaphandle kukaYehova. Obu bubuvuvu obuye bakhuthazwa nguSathana kususela mhla wakhohlisa uEva kumyezo wase-Eden. (Gen. 3:4-6) Ukutyhubela imbali, abantu baye babukholelwa obu buvuvu.

2 Noko ke, thina asimele siwele kwakuloo mgibe. “Siyawazi amacebo akhe.” (2 Kor. 2:11) USathana usahlukanisa noYehova ngokuzama ukuba senze ukhetho oluphosakeleyo. Njengokuba inqaku elandulela eli liye labonisa, sinako ukwenza ukhetho olufanelekileyo ngokuphathelele umsebenzi, ukuzonwabisa, nemiba yentsapho. Eli nqaku, liza kusibonisa indlela esinokuhlala ngayo ‘sisondele kuThixo’ ngokuqinisekisa ukuba izinto ezifana neteknoloji, impilo, imali, nokuzingca sizigcina kwindawo efanelekileyo.—Yak. 4:8.

ITEKNOLOJI

3. Ziziphi iindlela ezahlukeneyo umntu anokuzisebenzisa ngayo kakuhle okanye kakubi izinto zeteknoloji?

3 Ehlabathini lonke, bayanda abantu abasebenzisa izixhobo ze-elektroniki. Xa zisetyenziswa kakuhle, ezi zixhobo zinokuba luncedo. Xa zisetyenziswa kakubi zinokusahlukanisa noBawo wethu wasezulwini. Cinga nje ngeekhompyutha. Eli phephancwadi ulifundayo libhalwe laza lapapashwa kusetyenziswa ikhompyutha. Ngekhompyutha senza uphando siphinde sinxibelelane nabanye ngoxa sinokuyisebenzisela ukuzihlaziya. Kwangaxeshanye, singazibhaqa sele singamakhoboka okusebenzisa ikhompyutha. Ngobuchule abantu bezibhengezo benza abantu bavakalelwe kukuba bamele babe nezixhobo zakutshanje. Omnye umfana wayefuna olunye uhlobo lwekhompyutha de ngokufihlakeleyo wathengisa enye kwizintso zakhe ukuze ayihlawulele. Obunjani ubuyatha bokungakwazi ukucinga!

4. Wenza ntoni omnye umKristu ukuze oyise umkhwa wokusebenzisa kakubi ikhompyutha?

4 Iye ibe mandundu ke le nto xa uxolela ukuncama  ulwalamano onalo noYehova ngenxa nje yokusebenzisa kakubi ezi zixhobo. UJon, umKristu osele eza kuba neminyaka engama-30 uthi: “Ndiyazi ukuba iBhayibhile ithi ‘simele sizongele ixesha’ lokwenza ukuthanda kukaThixo. * Kodwa kunzima ukucima ikhompyutha.” UJon wayedla ngokusebenzisa ikhompyutha de kube sezinzulwini zobusuku. Uthi: “Kwakunzima ukuyicima nokuba sele ndidiniwe ngenxa yencoko nokubukela iividiyo—zimbi zazo zingafanelekanga.” Ukuze oyise lo mkhwa, walungiselela ukuba ikhompyutha yakhe izicime xa kufika ixesha lokulala.—Funda eyabase-Efese 5:15, 16.

Bazali, ncedani abantwana benu bayisebenzise ngobulumko iteknoloji

5, 6. (a) Nguwuphi umsebenzi abanawo abazali ngokuphathelele abantwana babo? (b) Abazali banokuqinisekisa njani ukuba abantwana banxulumana nabantu abafanelekileyo?

5 Bazali animele nibalawule kwinto yonke abantwana benu, kodwa kufuneka niyijonge indlela abayisebenzisa ngayo ikhompyutha. Sanukubayeka babukele iiwebhsayithi ezingcolileyo okanye ezineedemon, ezinogonyamelo okanye banxulumane nabantu ababi kuba nje nifuna into eza kubalibazisa banganikhathazi. Ukuba niyabayeka, basenokugqiba ekubeni zifanelekile kuba naku ningakhathali. Njengabazali, ngumsebenzi wenu ukukhusela abantwana benu nabo bakwishumi elivisayo, kuyo nantoni na enokubahlukanisa noYehova. Nkqu nezilwanyana zizijula ijacu xa kukho into esongela abantwana bazo. Cinga nje into eyenziwa libhere xa kukho into esongela amathole alo!—Thelekisa uHoseya 13:8.

6 Nceda abantwana bazakhele ulwalamano oluhle namanye amaKristu angumzekelo aselula nakhulileyo. Ungalibali ukuba oyena mntu bafuna ukuchitha ixesha naye abantwana bakho nguwe! Ziphe ixesha lokuhleka nabo, elokudlala nelokusebenza kunye, ibe oko kuya kuninceda nonke ‘nisondele kuYehova. *

IMPILO

7. Kutheni sifuna ukuhlala siyimiqabaqa?

7 Yinto yamihla le ukubuzana kwabantu impilo. Oku kubangelwa yimeko engaphephekiyo esiphila kuyo. Ukugula kwangena kubo bonke abantu mhla uAdam noEva bavumela uSathana wabahlukanisa noYehova. Ukugula kuphumeza injongo kaSathana, kuba xa sigula kuba nzima ukukhonza uYehova. Naxa sifile asinakukwazi tu ukumkhonza. (INdu. 115:17) Ngoko ke, ngokwemvelo senza konke okusemandleni ukuze sihlale siyimiqabaqaba. * Simele sixhalabele nempilo-ntle yabazalwana noodadewethu.

8, 9. (a) Singakuphepha njani ukuzixhalabisa ngokugqithiseleyo ngempilo? (b) Kusinceda ngantoni ukuzabalazela ukuhlala sivuya?

8 Nakuba kunjalo, simele sikuphephe ukuzixhalabisa ngokugqithiseleyo ngempilo. Bambi banenzondelelo ekukhuthazeni  iintlobo ezithile zokutya, zonyango okanye iimveliso emazisetyenziswe ukuphucula impilo nenkangeleko, kunokuba benjalo ngokushunyayelwa kweendaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. Basenokucinga ukuba banceda abanye xa besenjenjalo. Kodwa ke, asimele sisebenzise iindawo zokunqula ukuze sikhuthaze ezo mveliso ngaphambi nasemva kweentlanganiso. Kutheni singamele?

9 Injongo yokuhlanganisana kwethu kukuze sixubushe ngeBhayibhile nokuze sifumane uvuyo olusisiqhamo somoya oyingcwele kaThixo. (Gal. 5:22) Enoba aceliwe okanye akacelwanga, la macebiso anokusiphazamisa kwinjongo esizele yona baze abanye baphulukane novuyo. (Roma 14:17) Simele siyeke abanye bazenzele izigqibo ngendlela abafuna ukunyamekela ngayo impilo yabo. Enye into, akukho mntu ukwaziyo ukunyanga zonke izifo. Nezona ncutshe zoogqirha ziyaluphala, zigule zize zife ekugqibeleni. Ukuzixhalabisa ngokugqithiseleyo ngempilo yethu akunakusenza siphile ixesha elide. (Luka 12:25) Endaweni yoko, iBhayibhile ithi, “intliziyo evuyayo iyaphilisa.”—IMize. 17:22.

10. (a) Ziziphi iimpawu zobuhle azijongayo kuthi uYehova? (b) Yintoni esinokuyenza ukuze sinandiphe ubomi?

10 Ngokufanayo ke, intle into yokuba siyixhalabele inkangeleko yethu. Kodwa akuyomfuneko ukubila sisoma kuba sisilwa neempawu zokwaluphala. Ezi isenokuba ziimpawu zokuqola, isidima nobuhle bangaphakathi. Ngokomzekelo, iBhayibhile ithi: “Isithsaba sokuhomba zizimvi xa sifunyanwa endleleni yobulungisa.” (IMize. 16:31) Yileyo indlela asijonga ngayo uYehova, ngoko nathi simele sizijonge ngayo. (Funda eyoku-1 kaPetros 3:3, 4.) Ngaba bubulumko ukuzibeka emngciphekweni ngokungeyomfuneko ngokwenza utyando okanye unyango olunokuba yingozi kuba nje sifuna ubuhle? Kungakhathaliseki ukuba singakanani ngeminyaka nempilo yethu injani, eyona nto isenza sibe bahle ngokwenene ‘luvuyo lukaYehova.’ (Neh. 8:10) Impilo egqibeleleyo nokukhangeleka sibatsha zizinto esiya kuzifumana kwihlabathi elitsha kuphela. (Yob. 33:25; Isa. 33:24) De kube ngoko, simele senze ukhetho lobulumko yaye sibe nokholo kwizithembiso zikaYehova. Oko kuya kusinceda sihlale kwikhondo elifanelekileyo ngoxa sinandipha ubomi yaye singazixhalabisi ngokugqithiseleyo ngempilo.—1 Tim. 4:8.

IMALI

11. Imali inokusahlukanisa njani noYehova?

11 Akukho nto iphosakeleyo ngokuba nemali, okanye ukuba neshishini. (INtshu. 7:12; Luka 19:12, 13) Kodwa “ukuthanda imali” kuya kusahlukanisa nakanjani noYehova. (1 Tim. 6:9, 10) “Ixhala lale nkqubo,” ibinzana elithetha ukuzixhalabisa ngokugqithiseleyo ngezinto esizifunayo, linokusahlukanisa noYehova. Nawo ke ‘amandla akhohlisayo obutyebi,’ anokusikhohlisa size sicinge ukuba imali izisa uvuyo nonqabiseko. (Mat. 13:22) UYesu watsho kwacaca ukuba “akukho bani” unokukwazi ukukhonza uThixo nobutyebi.—Mat. 6:24.

12. Ziziphi iindlela zokuzenzela imali ezingumgibe namhlanje ibe sinokuziphepha njani?

12 Ukuba sicinga ukuba imali yeyona nto ibalulekileyo, sisenokulingelwa ekwenzeni okuphosakeleyo. (IMize. 28:20) Kukho abaye banqwenela ukuba nemali eninzi de bathenga amatikiti eloto. Bambi abazalwana benza amashishini aza kubangenisela imali ngokukhawuleza, de bathembise abanye ebandleni ukuba nabo banokuzenzela imali. Abanye abazalwana baye baboleka imali yeshishini kumalungu ebandla, bewathembisa ngenzala eninzi. Ungavumeli ukunyoluka kukwenze ixhoba lale nkohliso. Sebenzisa ingqiqo. Ukuba uthenjiswa ngemali eninzi nengaqhelekanga, maninzi amathuba okuba ungayifumani.

13. UYehova ufuna siyijonge njani imali?

13 Xa sifuna kuqala “ubukumkani nobulungisa bakhe,” uYehova uyayisikelela imigudu  esiyenzayo ukuze sifumane izinto esizisweleyo. (Mat. 6:33; Efe. 4:28) Akanamdla wokuba sozele xa sikwiintlanganiso ngenxa yokudinwa okanye sithi sihleli nje kuzo sibe sixhalabele imali. Abaninzi namhlanje bacinga ukuba bamele bazibhokoxe ekwenzeni imali ukuze babe nekamva elinqabisekileyo baze baphile tofotofo kamva. Badla ngokukhuthaza nabantwana babo ukuba basukele elo khondo lokuthanda izinto. UYesu wabonisa ukuba le yindlela yokucinga engekho ngqiqweni. (Funda uLuka 12:15-21.) Oku kusikhumbuza ngoGehazi, owacinga ukuba angathi ngoxa ebawa aphinde abe nolwalamano oluhle noYehova.—2 Kum. 5:20-27.

14, 15. Kutheni ingebobulumko nje ukucinga ukuba imali inokusikhusela? Yenza umzekelo.

14 Kukho iinkozi eziye zafa ngenxa yokungafuni kuncama iintlanzi ngoxa kunzima ukundiza nazo. Kunokuba njalo nakumKristu ozabalazela ukuba sisityebi. Echaza oku omnye umdala ogama linguAlex uthi: “Ndingumntu othanda ukonga kakhulu. Ukuba ndithe xa ndigalela ishampu ndaya ngamandla, ndiye ndiphinde ndiyibuyisele ebhotileni.” Sekunjalo uAlex wabanjwa ngumgibe wokufuna ukuzenzela imali eninzi, ecinga ukuba oko kuza kumnceda akhawuleze ayeke ukuphangela aze abe nguvulindlela. Wathi phithi kukufunda ngeendlela ezahlukeneyo zokwenza imali. Wasebenzisa imali anayo neyemboleko ethenga izabelo ekwakusithiwa ziza kukhawuleza zikhule zenze inzuzo enkulu ziingcali zemali. Eyona nto yenzekayo kukuba zasuka zawa ngokukhawuleza. UAlex uthi: “Ndandizimisele ngokwenene ukubuyisa imali yam. Ndagqiba ekubeni ndikhe ndinyamezele de ezo zabelo ziphinde zikhule.”

15 Kwaqengqeleka iinyanga uAlex engakwazi kucinga ngenye into ngaphandle kwezo zabelo. Wayengasakwazi ukwenza inkonzo kaYehova, wabe engakwazi nokulala. Sekunjalo, ezo zabelo azizange ziphinde zikhule. UAlex waphulukana nemali yakhe kwaza kwanyanzeleka ukuba athengise umzi wakhe. Uthi: “Intsapho yam ndayifaka kwintlungu engathethekiyo.” Kodwa wafunda isifundo esibalulekileyo. Uthi: “Ngoku ndiyazi ukuba nabani na obeka ithemba lakhe kule nkqubo kaSathana uya kudana.” (IMize. 11:28) Enyanisweni, ukuba sithembela kwimali esinayo, esiyityalileyo okanye kwizakhono esinazo zokwenza imali zale nkqubo yezinto oko kuthetha ukuba sithembele “kuthixo wale nkqubo,” uSathana. (2 Kor. 4:4; 1 Tim. 6:17) Ukususela ngoko, uAlex watshintsha waphila ubomi obulula ‘ngenxa yeendaba ezilungileyo.’ Into aya kukuxelela yona kukuba ukwenjenjalo kuye kwabanceda bonwaba nentsapho yakhe baza basondela ngakumbi kuYehova.—Funda uMarko 10:29, 30.

UKUZINGCA

16. Ukuzingca ngenxa yokuba nelunda kwahluka njani ekuzingceni ngokuziphakamisa?

16 Akukho nto iphosakeleyo ngokuzingca ngenxa yokuba unelunda. Ngokomzekelo, simele sizingce ngokuba ngamaNgqina kaYehova. (Yer. 9:24) Xa sinelunda sitsho senze izigqibo ezifanelekileyo zokubambelela kwimilinganiselo ephakamileyo kaThixo. Kodwa simele silumke singazingci ngokuziphakamisa kuba oko kuya kusahlukanisa noYehova.—INdu. 138:6; Roma 12:3.

Kunokuzixakekisa ngesigxina ebandleni, xakeka kukushumayela!

17, 18. (a) Chaza imizekelo eseBhayibhileni yabantu ababethobekile nababenekratshi. (b) Yintoni awayenzayo omnye umzalwana ukuze ikratshi lingamahlukanisi noYehova?

17 EBhayibhileni sifumana imizekelo yabantu ababenekratshi neyabo babethobekile. UKumkani uDavide wazithoba elindele ukukhokelwa nguYehova, ibe wasikelelwa ngoko. (INdu. 131:1-3) Ukanti uYehova wamthoba ukumkani uNebhukadenetsare noBheleshatsare ababenekratshi. (Dan. 4:30-37; 5:22-30) Namhlanje, zininzi izinto ezenzekayo nezibangela kube nzima  ukuthobela. URyan, isicaka solungiselelo esineminyaka engama-32 safudukela kwibandla elitsha. Uthi: “Ndandilindele ukunconyelwa ndibe ngumdala ngokukhawuleza, kodwa unyaka waphela kungenzeki oko.” Ngaba wayeza kukhubeka abe nomsindo atyhole abadala ngelithi abamhloneli? Ngaba wayeza kuyeka ukuya kwiintlanganiso, avumele ikratshi limahlukanise noYehova nabantu bakhe? Wawuya kuthini wena?

18 URyan uthi “Ndafunda zonke iimpapasho ezithetha ngolindelo olubanjezelweyo. Ndaqonda ukuba ndimele ndifunde ukuthobeka ndize ndibe nomonde. Kwafuneka ndivumele uYehova andiqeqeshe.” (IMize. 13:12) URyan waqalisa ukucinga ngokunceda abanye ebandleni nabanye abantu entsimini. Ngokukhawuleza waqhuba izifundo zeBhayibhile ezinenkqubela. Uthi: “Xa ndamiselwa njengomdala emva konyaka onesiqingatha, ndandingasakulindelanga oko. Kaloku ndandingasacingi ngayo loo nto kuba ndandixakeke bubulungiseleli.”—Funda iNdumiso 37:3, 4.

NAMATHELA KUYEHOVA!

19, 20. (a) Sinokuqiniseka njani ukuba izinto zamihla le azisahlukanisi noYehova? (b) Yiyiphi imizekelo esinokuyixelisa yabantu abahlala besondele kuYehova?

19 Zonke izinto esixubushe ngazo kweli nqaku nakwelandulelayo zinendawo yazo kubomi bethu. Siyazingca ngokuba ngabakhonzi bakaYehova. Ukonwaba nokuba sempilweni zezinye kwizipho ezimangalisayo esiziphiwe nguYehova. Yinyaniso ukuba umsebenzi wengqesho nemali zizinto ezinokusinceda sinyamekele iintswelo zethu. Siyazi nokuba ukuzonwabisa kunokusihlaziya yaye iteknoloji inokuba luncedo. Kodwa ukusukelana nezi zinto ngokugqithiseleyo nangexesha eliphosakeleyo, de zingqubane nonqulo lwethu kunokusahlukanisa noYehova.

Masingavumeli nantoni na isahlukanise noYehova!

20 Kakade ke, yiloo nto kanye efunwa nguSathana. Kodwa, unokuyithintela le ntlekele kwintsapho yakho! (IMize. 22:3) Sondela kuYehova uze unamathele kuye. EBhayibhileni sinemizekelo emininzi yabantu esinokubaxelisa. UEnoki noNowa ‘bahamba noThixo oyinyaniso.’ (Gen. 5:22; 6:9) UMoses “waqhubeka eqinile ngokungathi uyambona Lowo ungabonakaliyo.” (Heb. 11:27) UYesu waqhubeka exhaswa nguThixo kuba wayesoloko esenza okukholekileyo kuYise. (Yoh. 8:29) Ngamana singayixelisa le mizekelo. “Hlalani ninemihlali. Thandazani ngokungapheziyo. Ezintweni zonke bulelani.” (1 Tes. 5:16-18) Masingavumeli nantoni na isahlukanise noYehova!

^ isiqe. 4 Amanye amagama atshintshiwe.

^ isiqe. 6 Funda inqaku elithi, “Indlela Yokukhulisa Abantwana Abaqeqesheke Kakuhle” kuVukani! kaOktobha 2011

^ isiqe. 7 Funda umxholo othi “Izinto Ezintlanu Ezinokukunceda Ube Sempilweni” kuVukani! kaMatshi 2011.