Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 NGABA UBUSAZI?

Ngaba Ubusazi?

AmaYuda awayephila ngenkulungwane yokuqala ayebangcwaba njani abafi?

AmaYuda ayebangcwaba ngokukhawuleza abafi, ngokuqhelekileyo ngosuku abafe ngalo. Ayenezizathu ezibini zokubangcwaba ngokukhawuleza. Okokuqala, izidumbu ziyakhawuleza ukubola kwimozulu eshushu yakuMbindi Mpuma. Okwesibini, abantu baloo maxesha babesithi ukugcina isidumbu kangangeentsuku eziliqela kukungamhloniphi umfi kunye nentsapho yakhe.

KwiiNcwadi zeVangeli nakwiZenzo kuthethwa ngemingcwabo emine eyaqhutywa kanye ngemini awayefe ngayo umfi. (Mateyu 27:57-60; IZenzo 5:5-10; 7:60–8:2) Kwiinkulungwane eziliqela ngaphambi koko, uRakeli umfazi kaYakobi wafela endleleni. Kunokuba amngcwabele kumangcwaba akowabo, uYakobi wamngcwabela ‘endleleni eya. . . eBhetelehem.’—Genesis 35:19, 20, 27-29.

Amabali eBhayibhile athetha ngamalungiselelo omngcwabo abonisa ukuba amaYuda ayewulungisa kakuhle umzimba ngaphambi komngcwabo. Intsapho nabahlobo babehlamba umzimba womfi, bawuqhole, bawuthambise ngeoli baze bawusongele ngamalaphu. (Yohane 19:39, 40; IZenzo 9:36-41) Abamelwane nabanye abantu babedla ngokuza kulila nentsapho okanye bayithuthuzele.—Marko 5:38, 39.

Ngaba uYesu wangcwatywa ngendlela awayedla ngokungcwatywa ngayo amanye amaYuda?

Iintsapho ezininzi zamaYuda zazibangcwabela emiqolombeni nakumangcwaba ombiwe ematyeni abafi, yaye loo mangcwaba ayexhaphakile kwiindawo ezininzi zakwaSirayeli. Ngaloo ndlela ayexelisa ookhokho bawo. UAbraham, uSara, uIsake, uYakobi nabanye bangcwatyelwa kumqolomba kaMakhaphela kufutshane neHebron.—Genesis 23:19; 25:8, 9; 49:29-31; 50:13.

UYesu wangcwatyelwa kumqolomba owawusematyeni. (Marko 15:46) Ingcwaba elinjalo lalidla ngokuba nomnyango omxinwa. Ngaphakathi, lalisiba nemingxunya emininzi eyombiwe ematyeni, apho kwakungcwatywa amalungu entsapho. Emva kokuba inyama ibolile, amathambo ayeqokelelwa aze afakwe kwibhokisi yelitye, njengoko kwakusenziwa ngomhla kaYesu. Loo nto yayinceda intsapho ikwazi ukusebenzisa elo ngcwaba kwixesha elizayo.

UMthetho kaMoses wawungawavumeli amaYuda ukuba alungiselele umngcwabo ngemini yeSabatha. Ekubeni uYesu wafa kwiiyure ezintathu ngaphambi kweSabatha, uYosefu waseArimatiya nabanye bamngcwaba bengakhange bawulungise ngokucokisekileyo umzimba wakhe. (Luka 23:50-56) Ngenxa yeso sizathu, abanye abahlobo bakaYesu baya engcwabeni lakhe emva kweSabatha ngeliyokugqibezela ukumlungisa.—Marko 16:1; Luka 24:1.