Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 IMIBUZO YEBHAYIBHILE IYAPHENDULWA

Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa

Kutheni uYesu ebizwa ngokuba nguNyana kaThixo?

UThixo akanamfazi wokoqobo anabantwana kuye. Nguye owadala zonke izinto eziphilayo. Abantu badalwa ukuze babe neempawu ezifana nezikaThixo. Kungenxa yoko le nto uAdam, owayengumntu wokuqala ukudalwa nguThixo, wabizwa ngokuba ‘ungunyana kaThixo.’ NoYesu ubizwa ngokuba “nguNyana kaThixo” kuba wadalwa waneempawu ezifana nezikaYise.—Funda uLuka 3:38; noYohane 1:14, 49.

UYesu wadalwa nini?

UThixo wadala uYesu ngaphambi kokuba adale uAdam. Eneneni, uThixo wadala uYesu waza wamsebenzisa ukuze adale zonke ezinye izinto kuquka iingelosi. Kungenxa yoko le nto iBhayibhile isithi uYesu ‘lizibulo kwindalo yonke.’—Funda eyabaseKolose 1:15, 16.

Ngaphambi kokuba azalelwe eBhetelehem, uYesu wayeyingelosi eyayiphila ezulwini. UThixo wafudusa ubomi bukaYesu basezulwini waza wabufaka esibelekweni sikaMariya ukuze uYesu azalwe njengomntu.—Funda uLuka 1:30-32; Yohane 6:38; 8:23.

Kwakutheni ukuze uThixo athumele uYesu emhlabeni? Yintoni ebalulekileyo awayenzayo uYesu? Le mibuzo iyaphendulwa eBhayibhileni, kwaye iimpendulo zayo ziya kukwenza ukuqonde kakuhle uze ukuxabise oko uThixo noYesu bakwenzele kona.