Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 INQAKU ELINGUMXHOLO: UNAKO UKONWABA EBOMINI

Unako ukonwaba ebomini

Unako ukonwaba ebomini

“Iminyaka yomntu iba ngamashum’ asixhenxe—xa ngaba womelele ibe ngamashum’ asibhozo; kodwa iza neenkxwaleko neentsizi.”—INdumiso 90:10, IBhayibhile YesiXhosa Yowe-1996.

LA mazwi angasentla achan’ ucwethe! Ubomi esibuphila kweli hlabathi buzaliswe ‘ziinkxwaleko neentsizi.’ Mhlawumbi wakha wazibuza ukuba, ‘Ngaba umntu unako ukonwaba ebomini namhlanje?’

Ngokomzekelo, makhe sithethe ngoMaria. Xa wayesemtsha wayengumntu okhutheleyo, kodwa ngoku ekubeni eneminyaka engama-84 kufuneka kusoloko kukho umntu omkhaphayo naphi na apho esiya khona. Engqondweni usengumqabaqaba, kodwa ke umzimba wona awuvumi. Ngaba unako ukonwaba ebomini?

Kuthekani ngawe? Mhlawumbi nawe wakha wazibuza ukuba uphilela ntoni? Kusenokwenza ukuba emsebenzini wenza into enye yonke imihla kwaye usoloko udiniwe. Nabanye basenokuba abakuxabisi oko ukwenzayo. Enoba izinto zikuhambela kakuhle okwangoku, kusenokwenzeka ukuba uyaxhalaba xa ucinga ngekamva. Ngamanye amaxesha usenokude uzive ulilolo okanye uxinezelekile. Nasentsatsheni kusenokubakho iingxabano nokungevani. Mhlawumbi ufelwe lilungu lentsapho okanye umhlobo. UAndré wayemthanda gqitha uyise, kodwa ke ngelishwa wasuka wagula waza wafa. Kwamkhathaza gqitha oku uAndré yaye kwakungathi linxeba elingenakuze liphole.

Enoba zingakanani iingxaki esijamelene nazo, kukho umbuzo esifanele sifumane impendulo yawo: Ngaba sinako ukonwaba ebomini? Impendulo yalo mbuzo sinokuyifumana ngokufunda ngobomi bukaYesu Kristu—indoda eyayiphila kwiminyaka emalunga nama-2,000 eyadlulayo. UYesu wayonwabile nangona wayeneengxaki ezininzi. Nathi sinako ukonwaba ukuba siyamxelisa.