Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UYesu Usifundisa Indlela—Yokonwaba Ebomini

UYesu Usifundisa Indlela—Yokonwaba Ebomini

‘Ziphathe ngohlobo awayeziphethe ngalo uYesu.’—1 Yohane 2:6, IBhayibhile YesiXhosa yowe-1996

NJENGOKO inqaku eliphambi kweli libonisile, uYesu wayonwabile ebomini. Ngoko ukuba nathi sifuna ukonwaba, sifanele simxelise size silamkele icebiso lakhe.

Eneneni, uYehova usibongoza ukuba senze njalo, njengokuba isibhalo esivule ngaso sibonisa. Ukuziphatha ngendlela awayeziphethe ngayo uYesu kuthetha ukuthobela iimfundiso zakhe nokuphila ngendlela awayephila ngayo. Ukwenza njalo kuya kusenza sithandwe nguThixo size sonwabe nasebomini.

UYesu wafundisa ngezinto ezinokusinceda sikwazi ukumxelisa. Uninzi lwazo silufumana kwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni. Makhe sithethe ngezimbalwa zazo size sibone nendlela esinokuzisebenzisa ngayo ebomini bethu.

UMGAQO: “Banoyolo abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya.”—Mateyu 5:3.

INDLELA LO MGAQO ONOKUSINCEDA NGAYO SONWABE EBOMINI:

UYesu wabonisa ukuba idaliwe into yokuba abantu bafune uThixo. Siyafuna ukuphenduleka kwimibuzo enjengethi: Kutheni silapha nje? Kutheni kusenzeka izinto ezibuhlungu kangaka nje emhlabeni? Ngaba uThixo usikhathalele? Ngaba bukho ubomi emva kokufa? Sifanele sizazi iimpendulo zale mibuzo khon’ ukuze sonwabe ebomini. UYesu wayesazi ukuba ezo mpendulo sinokuzifumana kwiLizwi likaThixo kuphela. Xa wayethandaza kuYise, uYesu wathi: “Ilizwi lakho liyinyaniso.” (Yohane 17:17) Ngaba nyhani iLizwi likaThixo linokusinceda simazi?

AMAVA ENTO EYENZEKE NGOKWENENE:

Ekubeni wayeyimvumi ephambili kwiqela lomculo elidumileyo, uEsa wayenukelwa yimpumelelo. Sekunjalo, uEsa wayengonwabanga. Uthi: “Nangona ndandikuthanda ukuba kunye neqela lam, ndandisithi kukho okubhetele endisafanele ndikufumane ebomini.” Noko ke, ekuhambeni kwexesha uEsa wadibana nelinye iNgqina likaYehova. UEsa uthi: “Ndalihlaba ngemibuzo.” Indlela elaliyicacisa ngayo iBhayibhile kunye neempendulo zalo zandenza ndanomdla, ibe ngenxa yoko laqalisa ukufundisa iBhayibhile. Oko uEsa wakufumanayo njengoko wayefundiswa iBhayibhile kwamfikelel’ intliziyo yaye kwamenza wazinikela kuYehova. Uthi: “Ngaphambili, ndandingena ndiphuma ezingxakini. Kodwa ngoku ubomi bam butshintshile yaye bunenjongo.” *

UMGAQO: “Banoyolo abanenceba.”—Mateyu 5:7.

INDLELA LO MGAQO ONOKUSINCEDA NGAYO SONWABE EBOMINI:

Inceba iquka ukuba nemfesane, ububele nokuba novelwano ngabanye. UYesu wayebenzela inceba abantu abasweleyo. Ngenxa yokuba enemfesane, uYesu wabenzela inceba abantu ababesezintlungwini. (Mateyu 14:14; 20:30-34) Xa sisiba nenceba njengoYesu, siyonwaba kuba abo banenceba baba noyolo. (IZenzo 20:35) Sibonisa ukuba sinenceba xa sithetha kakuhle nabanye, sibenzela izinto ezintle yaye sibanceda abo badinga uncedo lwethu. Ngaba nyhani ukuba nenceba kusenza sonwabe?

Umaria noCarlos

AMAVA ENTO EYENZEKE NGOKWENENE:

UMaria nomyeni wakhe uCarlos bangumzekelo wokuba nenceba. Utata kaMaria ngumhlolo yaye kutshanje uye waba ngumlwelwe. UMaria noCarlos baye bamthatha ukuze ahlale ekhayeni labo ukuze bakwazi ukumonga. Maxa wambi abalali yaye kukhe  kufuneke bambalekise esibhedlele xa enengxaki yeswekile. Ewe kona bayavuma ukuba bakhe badinwe. Kodwa bayavuya, kuba ukonga utata kaMaria kuyabaxolisa njengokuba noYesu watshoyo.

UMGAQO: “Banoyolo abanoxolo.”—Mateyu 5:9.

INDLELA LO MGAQO ONOKUSINCEDA NGAYO SONWABE EBOMINI:

“Ukuba noxolo” kuthetha ukuba ngumntu “odala uxolo.” Ukudala uxolo kukwenza njani wonwabe? Kaloku sitsho sibe nobuhlobo obuhle nabantu. Senza kakuhle xa sithobela eli cebiso leBhayibhile: “Ukuba kunokwenzeka, zamani ngokusemandleni enu, ukuba noxolo nabantu bonke.” (Roma 12:18) Igama elithi “nabantu bonke” liquka izizalwana zethu kunye nabo singakhonzi kunye nabo. Ngaba nyhani ukuba noxolo “nabantu bonke” kunokusenza sonwabe ngakumbi ebomini?

UNair

AMAVA ENTO EYENZEKE NGOKWENENE:

Makhe sithethe ngenkosikazi egama linguNair. Bekukhe kwakho ukungavisisani phakathi kwakhe namalungu entsapho yakhe kangangeminyaka. Ebezikhulisela abantwana bakhe, ukususel’ oko umyeni wakhe wamshiya kwiminyaka eli-15 edlulileyo. Omnye woonyana bakhe wayetshaya iziyobisi, ngenxa yoko wayengalawuleki yaye engabahlalisanga kakuhle. UNair ukholelwa ukuba oko akufunde eBhayibhileni kuye kwamnceda waba noxolo, nangona intlalo ibingentlanga. Uye azame ukuziphepha iingxabano. Usoloko ezama ukuba nobubele, uvelwano nolwazelelelo kwabanye. (Efese 4:31, 32) Uthi ukuhlala kwakhe enoxolo kumncede wakwazi ukuba nobuhlobo obuhle nentsapho yakhe kunye nabanye.

UKUCINGA NGEKAMVA

Ukuba siyalithobela icebiso likaYesu, siya konwaba size saneliseke ebomini. Noko ke, ukuze sonwabe ngokwenene ebomini, sifanele sazi oko kuza kwenzeka kwikamva. Eneneni, besiya konwatyiswa yintoni xa ekuphela kwento esiyaziyo ikukuba siza kuguga, sigule size sife? Ezi zizinto esingenakuziphepha kweli hlabathi siphila kulo.

Noxa kunjalo, zikho iindaba ezilungileyo! UYehova ubabekele iintsikelelo abo bazama ‘ukuziphatha ngohlobo awayeziphethe ngalo uYesu.’ UYehova uthembisa ukuba kungekudala uza kuzisa ihlabathi elitsha elinobulungisa, apho abantu abathembekileyo beya kuhlala ngonaphakade befezekile—njengokuba oko kwakuyinjongo kaYehova kwasekuqaleni. ILizwi Lakhe lithi: “Khangela! Intente kaThixo iphakathi koluntu, yaye uya kuhlala nalo, lube ngabantu bakhe. Naye abe nguThixo walo. Uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona. Izinto zangaphambili zidlule.”—ISityhilelo 21:3, 4.

UMaria, inkosikazi eneminyaka engama-84 ebesithethe ngayo kwinqaku lokuqala, wonwatyiswa lithemba analo lokubona inzaliseko yala mazwi. Kuthekani ngawe? Awungethandi ukwazi okungakumbi ‘ngobomi benene’—esiza kubuphila xa kufika uBukumkani bukaThixo? (1 Timoti 6:19) Ukuba uyathanda, cela iNgqina likaYehova kwindawo ohlala kuyo ukuba likufundise okanye ubhalele abapapashi beli phephancwadi. *

^ isiqe. 8 Ungafunda ngebali elipheleleyo likaEsa kwiphepha 8-9, leli phephancwadi.

^ isiqe. 18 Incwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?, epapashwe ngamaNgqina kaYehova, incede abantu abaninzi banolwazi ngeBhayibhile.