Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Zincede, Wena Nabanye Ngokusebenzisa ILizwi LikaThixo

Zincede, Wena Nabanye Ngokusebenzisa ILizwi LikaThixo

“Ndiyigqale njengelungileyo yonke imiyalelo yazo zonke izinto.”—INDU. 119:128.

1. Kutheni simele sithembele ngokupheleleyo kwiLizwi likaThixo?

XA abadala behlola enoba isifundo seBhayibhile siyakufaneleka kusini na ukuya entsimini, baye bazibuze, ‘Ngaba indlela athetha ngayo ibonisa ukuba uyakholelwa ukuba iBhayibhile iliLizwi likaThixo eliphefumlelweyo?’ * Xa umntu enqwenela ukuba ngumvakalisi woBukumkani—enyanisweni, bonke abakhonzi bakaThixo—impendulo yabo imele ibe nguewe ocacileyo. Ngoba? Ngokuthembela kwethu ngeLizwi likaThixo nokukwazi ukulisebenzisa entsimini siya kukwazi ukunceda abanye bamazi uYehova baze basindiswe.

2. Kutheni simele ‘sime ezintweni esazifundayo’?

2 Umpostile uPawulos wagxininisa ukubaluleka kweLizwi likaThixo xa wathi kuTimoti: “Yima ezintweni owazifundayo waza weyiselwa ekuzikholelweni.” ‘Izinto’ ezazichazwa nguPawulos zezo ziyinyaniso ziseBhayibhileni ezenza uTimoti wanokholo kwiindaba ezilungileyo. Le nyaniso isenjalo nakuthi namhlanje ibe iqhubeka isinceda ukuba sihlale ‘sinobulumko obusa elusindisweni.’ (2 Tim. 3:14, 15) Sidla ngokusebenzisa indinyana elandelayo ukuze sibonise abanye ukuba iBhayibhile ivela kuThixo. Kodwa kukho nenye into esinokuyifunda kumazwi akweyesi-2 kuTimoti 3:16. (Yifunde.) Makhe siyiphonononge le vesi. Ukwenjenjalo kuya kusenza sibe nentembelo ngakumbi yokuba zonke iimfundiso zikaYehova ‘zilungile.’—INdu. 119:128.

“SIYINGENELO EKUFUNDISENI”

3-5. (a) NgePentekoste isihlwele sasabela njani kwintetho kaPetros, yaye ngoba? (b) Kwakutheni ukuze abaninzi eTesalonika bayamkele inyaniso? (c) Yintoni enokumangalisa abantu namhlanje ngobulungiseleli bethu?

3 UYesu wathi kumaSirayeli: “Ndithumela kuni abaprofeti  nabantu abazizilumko nabayaleli basesidlangalaleni.” (Mat. 23:34) Wayethetha ngabafundi bakhe, awayebafundise ukusebenzisa iZibhalo kubulungiseleli babo. NgePentekoste yowama-33 C.E., omnye waba ‘bayaleli basesidlangalaleni,’ umpostile uPetros, owanikela intetho kwisihlwele esikhulu eYerusalem apho wacaphula iindinyana eziliqela kwiZibhalo zesiHebhere. Besakuva indlela awachaza ngayo uPetros la mazwi, “kwathi xhokro ezintliziyweni” zabantu abaninzi ababemphulaphule. Baguquka kwizono zabo. Malunga namawaka amathathu kubo afuna ukuxolelwa nguThixo aza aba ngamaKristu.—IZe. 2:37-41.

4 Omnye umyaleli wasesidlangalaleni, umpostile uPawulos washumayela iindaba ezilungileyo eYerusalem nakwezinye iindawo. Ngokomzekelo, eMakedoni, eTesalonika, washumayela kumaYuda awayekwindlu yesikhungu. KangangeeSabatha ezintathu, uPawulos “waqiqa nawo ngeZibhalo, ecacisa yaye engqina ngeembekiselo ukuba kwakuyimfuneko ngoKristu ukubandezeleka nokuvuka kwabafileyo.” Imiphumo? “Bambi babo [amaYuda] baba ngamakholwa, nenkitha enkulu yamaGrike.”—IZe. 17:1-4.

5 Indlela abakhonzi bakaThixo banamhlanje abayisebenzisa ngayo iBhayibhile iyabamangalisa abaninzi. Emva kokuphulaphula udadewethu efunda isibhalo, omnye umninimzi waseSwitzerland, wambuza: “Unqula phi?” Lo dade wathi: “SingamaNgqina kaYehova.” Lo mninimzi wathi: “Andazi ukuba bekutheni ukuze ndibuze ibhasi ibhaliwe. Akakho omnye umntu obeza kuza kwam andifundele iBhayibhile ngaphandle kwamaNgqina kaYehova.”

6, 7. (a) Abo banelungelo lokufundisa ibandla banokuyisebenzisa njani kakuhle iBhayibhile? (b) Kutheni kubalulekile nje ukuyisebenzisa kakuhle iBhayibhile xa uqhuba isifundo?

6 Sinokuyisebenzisa njani iBhayibhile ngendlela esemagqabini xa sifundisa abanye? Ukuba unelungelo lokufundisa ibandla ngokunikela iintetho eqongeni, sebenzisa izibhalo ezingqalileyo. Kunokugqabaza nje ngezibhalo eziyintloko okanye uzifunde kwikhompyutha okanye kwizixhobo ze-elektroniki, vula iBhayibhile uze uzifunde kuyo ngoxa ukhuthaza abaphulaphuli ukuba benjenjalo. Ziphe ixesha lokuchaza indlela ezinokubanceda ngayo ezi vesi basondele kuYehova. Kunokwenza imizekelo enzima namava aza kuhlekisa abantu, chitha ixesha ucacisa iLizwi likaThixo.

7 Yintoni esimele siyikhumbule xa siqhuba izifundo zeBhayibhile? Xa sisebenzisa iincwadi zethu zamaKristu, simele sikulumkele ukutsiba iimbekiselo zezibhalo. Simele sikhuthaze umfundi ukuba afunde izibhalo ezibonisiweyo ukuze aqonde intsingiselo yazo. Njani? Simele sikhuthaze umfundi ukuba achaze indlela asiqonda ngayo endaweni yokucacisa into ende nengapheliyo. Kunokumxelela oko amele akwenze okanye akukholelwe, buza imibuzo eza kumnceda acinge ngoko iBhayibhile ikutshoyo ukuze enze izigqibo ezifanelekileyo. *

“SIYINGENELO . . . EKOHLWAYENI”

8. Bubuphi ubuthathaka ekwakufuneka alwe nabo uPawulos?

8 Sidla ngokujonga ‘ukohlwaya’ njengembopheleleko yabadala bebandla. Yinyaniso kona, yimbopheleleko yabaveleli ‘ukohlwaya abo baqhelisela isono.’ (1 Tim. 5:20; Tito 1:13) Kodwa iyafuneka into yokuba sizohlwaye nathi. UPawulos ngumzekelo omhle womKristu owayenesazela esicocekileyo. (2 Tim. 1:3) Sekunjalo, wathi: “Ndibona omnye umthetho emalungwini am usilwa nomthetho wengqondo yam yaye undithimbela emthethweni wesono.”  Ukuqwalasela umongo wala mazwi, kuya kusinceda siwuqonde umlo awayewulwa uPawulos ukuze oyise olo tyekelo lwesono.—Funda abaseRoma 7:21-25.

9, 10. (a) Bubuphi ubuthathaka ekwakufuneka aboyise uPawulos? (b) UPawulos wenza njani ukuze alwe nesono?

9 Bubuphi ubuthathaka ekwakufuneka aboyise uPawulos? Nakuba engazange abuchaze ngokungqalileyo, wabhalela uTimoti esithi wakha ‘wangumntu osileyo.’ (1 Tim. 1:13) Ngaphambi kokuba ngumKristu, uPawulos wayelugcwabevu kumaKristu. Xa echaza indlela awayebajonga ngayo abalandeli bakaKristu, wathi: “Ndandinengcwangu ngakubo.” (IZe. 26:11) UPawulos wafunda ukuwulawula umsindo wakhe, kodwa kwakukhe kube nzima ukulawula iimvakalelo namazwi akhe. (IZe. 15:36-39) Yintoni eyamncedayo?

10 Xa wayebhalela amaKristu aseKorinte, wachaza into ayenzayo ukuzohlwaya. (Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 9:26, 27.) Ngezithonga zakhe wayesilwa nobuthathaka bokungafezeki kwakhe. Umele ukuba, wayejonga iziluleko kwiZibhalo, acele uncedo kuYehova ukuze akwazi ukuzisebenzisa aze enze konke anako ukuphucula. * Singazuza nto kulo mzekelo wakhe kuba nathi silwa notyekelo esinalo lwesono.

11. Singenza njani ukuze ‘sihlale sizivavanya’ ukuze sibone ukuba sisahamba kwindlela yenyaniso?

11 Asimele siyekelele umxakatho kulo mlo. Kufuneka ‘sihlale sizivavanya,’ siqinisekisa ukuba sisahamba kwindlela yenyaniso. (2 Kor. 13:5) Xa sifunda izibhalo ezifana neyabaseKolose 3:5-10, sinokuzibuza: ‘Ngaba ndenza konke okusemandleni ukubhubhisa utyekelo lwesono endinalo okanye ndiya ndisoyiswa kukuziphatha? Ukuba kuvela izinto ezingcolileyo kwi-Intanethi, ngaba ndiyaphuma kuloo Webhsayithi okanye ndizikhangela ngokwam ezo zingafanelekanga?’ Ukuthobela isiluleko seBhayibhile kwimiba yobomi bethu, kuya kusinceda ‘sihlale siphaphile, sithe qwa.’—1 Tes. 5:6-8.

“SIYINGENELO . . . EKULUNGELELANISENI IZINTO”

12, 13. (a) Yintoni esimele sizimisele ukuyiphumeza xa ‘silungelelanisa izinto,’ yaye sinokumxelisa njani uYesu koko? (b) Yiyiphi indlela yokuthetha engafunekiyo xa ‘silungelelanisa izinto’ nabanye?

12 Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “ekulungelelaniseni izinto” lithetha “ukwenza okulungileyo, ukulungisa, ukubuyisela kwimeko efanelekileyo okanye ethe tye.” Maxa wambi, kuye kufuneke silungelelanise izinto nabantu abangasiqondiyo, thina okanye izenzo zethu. Ngokomzekelo, iinkokeli zonqulo zamaYuda zakhalazela ukuba nobubele kukaYesu ‘kubaqokeleli berhafu naboni.’ UYesu waphendula ngokuthi: “Kubantu abasempilweni akufuneki gqirha, kodwa kwabagulayo uyafuneka. Hambani, ngoko, nize nifunde okuthethwa koku, ‘Ndifuna inceba, kungekhona umbingelelo.’” (Mat. 9:11-13) Ngomonde nobubele wacacisela wonke umntu ilizwi likaThixo. Oko kwenza abathobekileyo bamazi uYehova ‘njengoThixo onenceba nobabalo, ozeka kade umsindo, onobubele bothando obuninzi nenyaniso.’ (Eks. 34:6) Ngenxa yemigudu yoNyana kaThixo ‘yokulungelelanisa izinto,’ abaninzi baba nokholo kwiindaba ezilungileyo.

13 Kumzekelo kaYesu sifunda indlela esinokubanceda ngayo abanye. Umntu ocaphukileyo usenokuthi ngelizwi elirhabaxa, ‘Ndifuna silungelelanise izinto.’ Kodwa loo ndlela ayihambisani noko kuthethwa kweye-2 kuTimoti 3:16. “Sonke iSibhalo” asiniki mntu igunya lokuthetha amazwi esingawabalanga kwabanye. Kanye “njengokuhlaba kwekrele,” ukugxeka  kudla ngokuhlaba kabuhlungu akufane kube luncedo nganto.—IMize. 12:18.

14-16. (a) Abadala ‘banokuzilungelelanisa njani izinto’ ngendlela eya kunceda abanye kwiingxaki zabo? (b) Kutheni ‘ukulungelelanisa izinto’ ngeZibhalo kubalulekile ekukhuliseni abantwana?

14 Sinokwenza njani ukuze sibe nomonde nobubele xa ‘silungelelanisa izinto’? Masithi isibini esitshatileyo sicela umdala ukuba asincede kwingxaki yokusoloko sixambulisana. Uza kuthini lo mdala? Engathath’ icala, unokuqiqa nesi sibini ngemigaqo yeBhayibhile, mhlawumbi leyo ikwisahluko 3 sencwadi ethi Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho. Njengoko ekhokela le ngxubusho, ngamnye kwesi sibini unokuphawula inkalo amele aphucule kuyo. Emva kwexesha, lo mdala umele abuze eso sibini afune ukwazi inkqubela esiyenzileyo aze azame ukusinceda xa kuyimfuneko.

 15 Abazali ‘banokuzilungelelanisa njani izinto’ ngendlela eyomeleza abantwana babo bathande uThixo? Masithi ufuna ukunceda intombi yakho ekwishumi elivisayo ukuze iphephe abahlobo abayingozi. Into yokuqala, kukufumana zonke izibakala. Uya kuthi ke ukuba ikho into ekuxhalabisayo, uthethe nayo mhlawumbi usebenzisa iingongoma ezikwincwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 2. Kwezo ntsuku, umele uchithe ixesha elingakumbi nayo. Unokujonga isimo sayo sengqondo xa ikwinkonzo yasentsimini okanye xa intsapho izihlaziya. Ukuba unomonde nobubele, intombi yakho iya kubona ukuba unomdla kuyo kwaye uyayithanda. Oko kuya kuyinceda ithobele icebiso lakho ize iphephe ikhondo eliyingozi kubomi bayo.

Ngokusebenzisa iBhayibhile xa ‘belungelelanisa izinto’ nabantwana babo, abazali babanceda bakuphephe ukwenza izinto abaya kuzisola ngazo (Funda isiqendu 15)

16 Ngendlela efanayo, xa sinomonde nobubele sinokukhuthaza abo baxhalatyiswa yimpilo yabo, abatyhafileyo ngenxa yokuphulukana nomsebenzi, okanye ekunzima ukwamkela imfundiso  ethile yeZibhalo. Ukusebenzisa iLizwi likaThixo ‘ukulungelelanisa izinto’ kuluncedo gqitha kubakhonzi bakaYehova.

“SIYINGENELO . . . EKUQEQESHELENI EBULUNGISENI”

17. Kutheni simele sibe nombulelo yaye siyamkele ingqeqesho?

17 “Akukho ngqeqesho ibonakala ivuyisa okwangoku, kodwa ibuhlungu; ukanti kamva ivelisa isiqhamo soxolo oko kukuthi, ubulungisa, kwabo baqeqeshiweyo yiyo.” (Heb. 12:11) AmaKristu amaninzi asele ekhulile ayavuma ukuba ingqeqesho awayifumana kubazali bawo abangamaKristu yawanceda gqitha. Nathi ke, xa siyamkela ingqeqesho kaYehova, njengoko inikelwa ngabadala abangamaKristu, sitsho sihlale kwindlela esa ebomini.—IMize. 4:13.

18, 19. (a) Kutheni isiluleko esikwiMizekeliso 18:13 sibalulekile “ekuqeqesheleni ebulungiseni”? (b) Idla ngokuba njani imiphumo xa abadala bemphatha ngobulali nothando umoni?

18 Kufuneka ubuchule ukuze uphumelele ukuqeqesha. UYehova waxelela amaKristu ukuba aqeqeshe ‘ngobulungisa.’ (2 Tim. 3:16) Ngoko, simele sikhokelwe yimigaqo yeBhayibhile. Omnye umgaqo ngulo ukwiMizekeliso 18:13, uthi: “Ukuba nabani na uphendula umbandela ngaphambi kokuwuva, bubudenge obo kuye nokuthotywa.” Ngoko, xa abadala beza kuthetha nomntu otyholwa ngesono esinzulu, bamele baqale baphande ngokucokisekileyo ukuze baqinisekise ukuba banazo zonke izibakala. (Dut. 13:14) Kusemva kokuba bezifumene zonke apho banokukwazi khona ukuqeqeshela “ebulungiseni.”

19 ILizwi likaThixo liphinda liyalele abadala abangamaKristu ukuba balungise abanye “ngobulali.” (Funda eyesi-2 kuTimoti 2:24-26.) Yinyaniso ukuba umoni unokuzisa ugculelo kwigama likaYehova, abangele nomonakalo kumaxhoba amsulwa. Sekunjalo, umdala ocaphukayo xa eluleka umoni akayi kumnceda. Kodwa, xa abadala bexelisa “ububele bukaThixo,” basenokumnceda umoni aguquke.—Roma 2:4

20. Yiyiphi imigaqo abamele bayithobele abazali xa beqeqesha abantwana babo?

20 Xa bekhulisela abantwana babo “kwingqeqesho nasekweyiselweni kwengqondo kuYehova,” abazali bamele balandele imigaqo yeBhayibhile. (Efe. 6:4) Utata umele akuphephe ukohlwaya unyana wakhe kuba eve nje into ethethwa ngomnye umntu engakhange eve icala lonyana wakhe. Ayamkelekanga kwaphela kwintsapho yamaKristu into yokwenzela izinto emsindweni. “UYehova unomsa omkhulu nenceba,” yaye abo banembopheleleko yokuqeqesha abaselula bamele bazabalazele ukumxelisa.—Yak. 5:11.

ISIPHO ESINGENAKUTHELEKISWA ESIVELA KUYEHOVA

21, 22. Xa ufunda iNdumiso 119:97-104, ngawaphi amazwi ayichaza kakuhle indlela ovakalelwa ngayo ngeLizwi likaYehova?

21 Enye indoda ehlonela uThixo yakha yachaza isizathu sokuba iwuthanda umthetho kaYehova. (Funda iNdumiso 119:97-104.) Ukuwufunda kwayinceda yazuza ubulumko, ingqiqo nokuqonda. Ukuwuthobela kwanceda le ndoda yaziphepha iimpazamo abazisolayo abaninzi ngazo. Yayikuthanda yaye kuyanelisa ukufunda iZibhalo. Yayizimisele ukuthobela imithetho kaThixo eyayincedayo kwiinkalo ezininzi zobomi.

22 Ngaba nawe uyasixabisa “sonke iSibhalo”? IBhayibhile isinceda sibe nokholo olomeleleyo kwinjongo kaThixo. Isiluleko sayo esiphefumlelweyo siyasikhusela kwimiphumo ebuhlungu yokwenza isono. Xa ukwazi ukuyicacisa uya kunceda abanye bangene kwindlela esa ebomini baze bahlale kuyo. Ngamana singasisebenzisa ngokupheleleyo “sonke iSibhalo” njengoko sikhonza uThixo onabo bonke ubulumko nothando, uYehova.

^ isiqe. 1 Funda incwadi ethi Ukwenza Ukuthanda KukaYehova Ngolungelelwano, iphepha 79.

^ isiqe. 7 Xa efundisa abanye, uYesu wayedla ngokubabuza oku: “Nicinga ntoni?” Emva koko wayelindela impendulo.—Mat. 18:12; 21:28; 22:42.

^ isiqe. 10 Kwiincwadi ezabhalwa nguPawulos kukho izinto ezininzi ezilukhuthazo ukuze silwe notyekelo lwesono. (Roma 6:12; Gal. 5:16-18) Sinokuqiniseka ukuba naye wasebenzisa isiluleko awasinika abanye.—Roma 2:21.