Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

‘Qiniseka Ngezinto Ezibaluleke Ngakumbi’

‘Qiniseka Ngezinto Ezibaluleke Ngakumbi’

“Niqiniseke ngezinto ezibaluleke ngakumbi.”—FIL. 1:10.

1, 2. Sisiphi isiprofeto semihla yokugqibela esimele ukuba sabangel’ umdla kubafundi bakaYesu, yaye ngoba?

UYESU wayesandul’ ukuxelela abafundi bakhe ukuba itempile yayiza kutshatyalaliswa. La mazwi amxhalabisa uPetros, uYakobi, uYohane noAndreya. (Marko 13:1-4) Ngoko ke, xa bade bafumana ithuba lokuba bodwa kunye neNkosi, uYesu, bayibuza oku: “Sixelele, ziya kubakho nini na ezi zinto, kwaye uya kuba yintoni na umqondiso wobukho bakho nowokupheliswa kwenkqubo yezinto?” (Mat. 24:1-3) UYesu waqalisa ukubaxelela ngeziganeko okanye iimeko, ezazingayi kwanela nje ukuza neenguqu ezinkulu ebomini kodwa ziphawule nemihla yokugqibela yenkqubo yezinto kaSathana. Kukho nesinye isiganeko esimele ukuba sabangela umdla ngokukhethekileyo kubafundi bakaYesu. Emva kokubaxelela ngezinto eziphazamisayo njengeemfazwe, ukunqongophala kokutya, nokwanda kokuchasa umthetho, uYesu wabachazela ngento entle eyayiza kuphawula imihla yokugqibela. Wathi: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo kube bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke kufike ukuphela.”—Mat. 24:7-14.

2 Abafundi bakhe babekuqhelile ukushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani kunye noYesu. (Luk. 8:1; 9:1, 2) Mhlawumbi bakhumbula ukuba wayethe: “Isivuno, eneneni, sikhulu, kodwa abasebenzi bambalwa. Ngoko ke yibongozeni iNkosi yesivuno ukuba ikhuphe abasebenzi baye esivunweni sayo.” (Luk. 10:2) Kodwa babeza kushumayela njani “kuwo wonke umhlaba omiweyo” ukuze banikele ‘ubungqina kuzo zonke iintlanga’? Babeza kuvela phi abasebenzi? Into ebuhlungu kukuba nguYesu kuphela owayeyazi into athetha ngayo bona bengenalo nofifi! Bebeya kumangaliswa gqitha kukubona indlela azaliseke ngayo loo mazwi akuMateyu 24:14.

3. Amazwi akuLuka 21:34 azaliseka njani namhlanje, ibe yintoni esimele sizihlole kuyo?

 3 Siphila kwixesha lokuzaliseka kwesiprofeto sikaYesu. Kukho izigidi zabantu abamanyeneyo ukuze bashumayele iindaba ezilungileyo zoBukumkani emhlabeni wonke. (Isa. 60:22) Noko ke, uYesu wabonisa ukuba kwabanye kwakuya kuba nzima ukuhlala benikele ingqalelo kule mihla yokugqibela. Babeya kuphazanyiswa zizinto ezininzi baze ‘basindwe.’ (Funda uLuka 21:34.) Siyakubona nako ukuzaliseka kwaloo mazwi. Bambi abakhonzi bakaThixo bayaphazamiseka. Oku kubonakala kwizigqibo abazenzayo malunga nempangelo, imfundo enomsila, ukuqokelela izinto eziphathekayo, nexesha abalichitha kwimidlalo nasekuzonwabiseni. Bambi bayanikezela ngenxa yeengcinezelo namaxhala obomi bemihla ngemihla. Khawuzibuze oku: ‘Ndiqhuba njani mna? Izigqibo zam zibonisa ukuba yintoni ebalulekileyo kum?’

4. (a) Yintoni awayithandazelayo uPawulos ngamaKristu aseFilipi, yaye ngoba? (b) Yintoni esiza kuxubusha ngayo kweli nqaku nakwelilandelayo, yaye yintoni injongo yoko?

4 AmaKristu enkulungwane yokuqala kwafuneka asebenze nzima ukuze ukuthanda kukaThixo kube yeyona nto iza kuqala kubomi bawo. Umpostile uPawulos wayibona imfuneko yokuthandaza ukuze lawo aseFilipi ‘aqiniseke ngezinto ezibaluleke ngakumbi.’ (Funda eyabaseFilipi 1:9-11.) Njengompostile uPawulos, abaninzi ngelo xesha ‘babebonisa isibindi ngokungakumbi ekulithetheni ilizwi likaThixo ngokungenaloyiko.’ (Fil. 1:12-14) Nanamhlanje, abaninzi kuthi bashumayela iLizwi likaThixo ngesibindi. Ukanti, ukucingisisa ngomsebenzi ophunyezwa ngoku yintlangano kaYehova kunokusinceda sinikele ingqalelo ngakumbi kulo msebenzi wokushumayela ubalulekileyo. Kweli nqaku, siza kuhlolisisa ilungiselelo elenziwe nguYehova ukuzalisekisa uMateyu 24:14. Yiyiphi eyona njongo yentlangano yakhe, ibe ukwazi oko kunokusikhuthaza njani thina neentsapho zethu? Kwinqaku elilandelayo, siza kuxubusha ngento enokusinceda sinyamezele size sihambisane nentlangano kaYehova.

INXALENYE ESEZULWINI YENTLANGANO KAYEHOVA ITYHALELA PHAMBILI

5, 6. (a) Kwakutheni ukuze uYehova asinike imibono yenxalenye esezulwini yentlangano yakhe? (b) Yintoni eyabonwa nguHezekile embonweni?

5 Zininzi izinto uYehova akhethe ukuzishiya akaziquka eBhayibhileni. Ngokomzekelo, akasinikanga zinkcukacha ngokusebenza kwengqondo okanye izinto ezikummandla wendalo, nakuba loo nkcazelo ibiya kubangela umdla! Endaweni yoko, usinika inkcazelo eyimfuneko ukuba siqonde injongo yakhe size ke siphile ngokuvisisana nayo. (2 Tim. 3:16, 17) Ibangel’ umdla into yokuba iBhayibhile isithela tshuphe ngenxalenye yentlangano engabonakaliyo kaYehova! Siyachukumiseka xa sifunda inkcazelo yelungiselelo likaYehova lasezulwini elibhalwe nguIsaya, uHezekile noDaniyeli, nakwingxelo kaYohane ekwiSityhilelo. (Isa. 6:1-4; Hez. 1:4-14, 22-24; Dan. 7:9-14; ISityhi. 4:1-11) Kufana nokungathi uYehova uye wavula umkhusane wezulu ukuze sibone oko kwenzekayo kulo. Wayeyiqukelani le nkcazelo?

6 UYehova wayefuna singaze silibale ukuba siyinxalenye yentlangano yakhe yendalo iphela. Ininzi into esingayiboniyo eyenzekayo kwilinge lokuphumeza injongo kaYehova. Ngokomzekelo, uHezekile wabona inqwelo enkulu yokulwa efanekisela inxalenye engabonakaliyo esezulwini yentlangano kaYehova. Le nqwelo yenza amatshe xa ihamba ibe  itshintsha ngephanyazo ukuya kulo naliphi na icala. (Hez. 1:15-21) Ngokujikeleza kanye nje kwevili yayikhathula umgama omde. Kuloo mbono, uHezekile wamthi krwaqu uMkhweli wayo. Uthi: “Ndabona okuthile okubengezela njengomxube wegolide nesilivere, njengembonakalo yomlilo macala onke . . . Yayiyimbonakalo efana neyobuqaqawuli bukaYehova.” (Hez. 1:25-28) UHezekile umele ukuba wasala ethe manga kukubona loo mbono! Wabona uYehova elawula ngokupheleleyo intlangano yakhe, eyalathisa ngomoya wakhe oyingcwele. Oku kuyichaza kakuhle indlela esebenza ngayo inxalenye esezulwini yentlangano kaYehova!

7. Umbono owanikwa uDaniyeli usenza sibe nayiphi intembelo?

7 NoDaniyeli wabona umbono osenza sibe nentembelo. Wanikwa ilungelo lokubona uYehova evele ‘njengoNyangelemihla’ ehleli kwitrone enamavili namadangatye omlilo. (Dan. 7:9) UYehova wayefuna uDaniyeli abone ukuba intlangano yakhe ityhalela phambili, iphumeza injongo yakhe. UDaniyeli waphinda wabona “uthile onjengonyana womntu,” uYesu, enikwa igunya lokulawula inxalenye esemhlabeni yentlangano kaYehova. Ulawulo olugqibeleleyo lukaKristu asilolweminyaka nje embalwa. Kunoko, “lulawulo oluhlala ngokungenammiselo olungayi kudlula, nobukumkani bakhe bobungayi konakaliswa.” (Dan. 7:13, 14) Lo mbono usenza sithembele kuYehova nakoko akuphumezayo. Unikele “ulawulo nesidima nobukumkani” kuNyana wakhe, uYesu waphumelela uvavanyo. UYehova uyamthemba uNyana wakhe. Nathi ke simele sibe nentembelo kulawulo lukaYesu.

8. Imibono evela kuYehova yabachaphazela njani uHezekile noIsaya, yaye imele isichaphazele njani thina?

 8 Simele sivakalelwe njani kukufumana olu lwazi ngenxalenye engabonakaliyo yentlangano kaYehova? NjengoHezekile, nathi sisala simangalisekile yaye sithobekile kukuphawula oko kufezwa nguYehova. (Hez. 1:28) Ukucamngca ngentlangano kaYehova kunokusikhuthaza ukuba senze okuthile, kanye njengoIsaya. Xa kwavela ithuba lokuba axelele abanye ngento eyenziwa nguYehova, akazange alibazise. (Funda uIsaya 6:5, 8.) Wayeqinisekile ukuba xa exhaswa nguYehova, uza kumelana nalo naluphi na ucelomngeni. Nathi, ukuba nolu fifi ngenxalenye engabonakaliyo yentlangano kaYehova kumele kusimangalise kuze kusikhuthazele esenzweni. Kusikhuthaza ngokwenene ukuqonda ukuba siyinxalenye yentlangano etyhalela phambili iphumeza ukuthanda kukaYehova!

INXALENYE ESEMHLABENI YENTLANGANO KAYEHOVA

9, 10. Kutheni ifuneka inxalenye ebonakalayo yentlangano kaYehova?

9 Esebenzisa uNyana wakhe, emhlabeni uYehova uye wenza ilungiselelo elivisisana nenxalenye engabonakaliyo yentlangano yakhe. Kutheni lifuneka nje ilungiselelo elibonakalayo ukuze kuphunyezwe umsebenzi ochazwe kuMateyu 24:14? Qwalasela ezi zizathu zithathu.

10 Esokuqala, uYesu wathi lo msebenzi wokushumayela wawuza kubangela ukuba abafundi bakhe baye “nakwezona nxalenye zikude zomhlaba.” (IZe. 1:8) Esesibini, kwakuza kufuneka kulungiselelwe ukutya kokomoya kuze kunyanyekelwe abo benza lo msebenzi. (Yoh. 21:15-17) Esesithathu, kwakuza kufuneka amalungiselelo ukuze abo bashumayela iindaba ezilungileyo bahlanganisane kunye ekunquleni uYehova baze bafundiswe indlela yokushumayela. (Heb. 10:24, 25) Ezi zinto zazingayi kuzenzekela. Ukuze abalandeli bakaKristu baphumelele, kwakuza kufuneka umsebenzi ulungelelaniswe.

11. Singabonisa njani ukuba siyawaxhasa amalungiselelo enziwa yintlangano kaYehova?

11 Singabonisa njani ukuba siyawaxhasa amalungiselelo enziwa yintlangano kaYehova? Enye indlela ebalulekileyo, kukubathemba abazalwana abakhethwe baza bamiselwa nguYehova noYesu ukuba basikhokele kumsebenzi wokushumayela. Zininzi izinto ezifuna ixesha namandla abo ukuze bacombulule iingxaki zeli hlabathi. Kodwa baye bakhetha ukuziyeka benze ukuthanda kukaThixo. Ngoku makhe sikhangele ukuba yintoni ebisoloko inikele ingqalelo kuyo inxalenye ebonakalayo yentlangano kaYehova.

INGQALELO “KWIZINTO EZIBALULEKE NGAKUMBI”

12, 13. Abadala baziphumeza njani iimbopheleleko zabo, yaye kutheni kukukhuthaza nje oko?

12 Abadala abangamaKristu abanamava ehlabathini lonke baye banikwa imbopheleleko yokulungelelanisa nokukhokela kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani kumazwe abakuwo. Xa aba bazalwana besenza izigqibo, bakhangela ulwalathiso kwiLizwi likaThixo, belenza isibane kwiinyawo zabo nokukhanya endleleni yabo, baze ngokunyaniseka bathandazele ukhokelo lukaYehova.—INdu. 119:105; Mat. 7:7, 8.

13 Njengabo benkulungwane yokuqala, abadala abakhokelayo kumsebenzi wokushumayela namhlanje bazinikele ‘kubulungiseleli belizwi.’ (IZe. 6:4) Bavuyiswa gqitha yinkqubela eyenziwayo ekushunyayelweni kweendaba ezilungileyo kwiindawo zabo nasehlabathini. (IZe. 21:19, 20) Ababeki mithetho nemiyalelo emininzi. Kunoko, bathobela iZibhalo  nokhokelo lomoya oyingcwele kaThixo njengoko besenza amalungiselelo ayimfuneko ukuze umsebenzi wokushumayela uye phambili. (Funda iZenzo 15:28.) Ngokwenjenjalo, bamisela umzekelo omhle kubo bonke emabandleni.—Efe. 4:11, 12.

14, 15. (a) Ngawaphi amalungiselelo enziweyo ukuze kuxhaswe umsebenzi wokushumayela ehlabathini lonke? (b) Uvakalelwa njani ngendima yakho ekuxhaseni umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani?

14 Kukho abazalwana abaninzi abahlala bezibhokoxa belungiselela iincwadi, iintlanganiso, neendibano ngoxa singababoni. Umzekelo, kukho amawaka amatshantliziyo abila esoma eguqulela ezi ncwadi ngeelwimi ezingaphezu kwama-600 ukuze abantu abaninzi kangangoko bafunde “izinto zobungangamela zikaThixo” ngeelwimi zabo. (IZe. 2:7-11) Kukho umlisela nomthinjana osebenzisa ubuxhakaxhaka boomatshini bodidi abavelisa uncwadi. Olu ncwadi luthunyelwa emabandleni nakwezona ndawo zisemagqagaleni omhlaba.

15 Kwenziwe amalungiselelo amaninzi ukuze sinikele ingqalelo ekushumayeleni iindaba ezilungileyo kumabandla ethu. Ngokomzekelo, kukho amawaka amatshantliziyo ancedisa ekwakhiweni kweeHolo zoBukumkani nezeeNdibano, anceda abo bantlithwe ziintlekele zemvelo okanye bafuna unyango olungxamisekileyo, alungiselela iindibano, afundisa kwizikolo zobuthixo, xa sikhankanya imisebenzi nje embalwa kuleyo singayiboniyo xa isenziwa. Yintoni injongo yawo wonke lo msebenzi? Kukuze kufezwe umsebenzi wokushumayela iindaba ezilungileyo, ukomeleza ukholo lwabo bawenzayo, nokukhuthaza unqulo lwenyaniso. Sitsho siqinisekile ukuba inxalenye esemhlabeni yentlangano kaYehova inikele ingqalelo kwizinto ezibaluleke ngakumbi!

XELISA INTLANGANO KAYEHOVA

16. Yintoni ebangela umdla eninokuyiquka kunqulo lwentsapho okanye kufundisiso lobuqu?

16 Ngaba sikhe siziphe ixesha lokucingisisa ngezinto eziphunyezwa yintlangano kaYehova? Bambi baziquka kunqulo lwentsapho okanye ufundisiso lobuqu baze benze uphando ukuze bacamngce ngazo. Ukufunda ngemibono eyanikwa uIsaya, uHezekile, uDaniyeli, noYohane, kuya kusishiya sihlaziyekile. Zininzi izinto ezabangela umdla ngentlangano kaThixo kwincwadi ethi AmaNgqina KaYehova—Abavakalisi BoBukumkani BukaThixo nezinye iimpapasho okanye iiDVD ezikhoyo ngolwimi lwakho.

17, 18. (a) Zikuncede njani izinto ezixutyushwe kweli nqaku? (b) Yiyiphi imibuzo esimele siyiqwalasele?

17 Kufanelekile ukuba sicamngce ngoko kuphunyezwa nguYehova ngentlangano yakhe. Kunye nentlangano yakhe emangalisayo, ngamana singazimisela ukuhlala sinikel’ ingqalelo kwizinto ezibaluleke ngakumbi. Ukwenjenjalo kuya kusenza sizimisele njengoPawulos, owathi: “Ekubeni sinobu bulungiseleli ngokwenceba esayenzelwayo, asethi mandla.” (2 Kor. 4:1) Waphinda wakhuthaza abazalwana wathi: “Masingayeki ukwenza okuhle, kuba sovuna ngexesha elililo ukuba asidinwa.”—Gal. 6:9.

18 Ngaba zikho izinto esimele siphucule kuzo thina okanye iintsapho zethu ukuze siqiniseke ngezinto ezibaluleke ngakumbi kubomi bemihla ngemihla? Ngaba asinakukwazi ukuphila ubomi obulula okanye sinciphise izinto ezisiphazamisayo ukuze sinikel’ ingqalelo kowona msebenzi ubalulekileyo wokushumayela? Kwinqaku elilandelayo, siza kuxubusha izinto ezintlanu eziya kusinceda sihlale sihambisana nentlangano kaYehova.