Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

“Musani Ukudinwa”

“Musani Ukudinwa”

“Masingayeki ukwenza okuhle.”—GAL. 6:9.

1, 2. Yiyiphi intembelo esiba nayo xa sicinga ngentlangano kaYehova ekwindalo yonke?

SICHUKUMISEKA ngokwenene xa sicinga ukuba siyinxalenye yentlangano enkulu yendalo iphela. Imibono ekuHezekile isahluko 1 nakuDaniyeli isahluko 7 isithela tshuphe ngendlela uYehova alungelelanisa ngayo imicimbi ukuze ifikelele incopho ezukileyo. UYesu ukhokela inxalenye esemhlabeni yentlangano kaYehova ukuze inikel’ ingqalelo ekushumayeleni iindaba ezilungileyo, ukunyamekela ngokomoya abo benza lo msebenzi, nokuxhasa unqulo lokwenyaniso lukaYehova. Oku kusenza sibe nentembelo gqitha kwintlangano kaYehova!—Mat. 24:45.

2 Ngaba ngamnye kuthi uhambisana nale ntlangano imangalisayo? Ngaba inzondelelo yethu ngenyaniso isakhula okanye iyaphela? Xa sicinga ngale mibuzo, sinokuphawula ukuba sesiqale ukudinwa okanye siphelelwa yinzondelelo. Iyenzeka loo nto. Ngenkulungwane yokuqala, kwaye kwafuneka ukuba umpostile uPawulos abongoze abazalwana ukuze baqwalasele inzondelelo kaYesu. Wathi oko kwakuya kubanceda ‘bangadinwa baze batyhafe emiphefumlweni yabo.’ (Heb. 12:3) Noko ke, ukuhlolisisa ngenyameko inqaku elandulela eli, elichaza oko kufezwa yintlangano kaYehova, kumele kusincede sihlale sinenzondelelo yaye sinyamezela.

3. Yintoni ekufuneka siyenze ukuze singadinwa, ibe yintoni eza kuxutyushwa kweli nqaku?

3 Noko ke, uPawulos wabonisa ukuba kufuneka senze okungakumbi ukuze singadinwa. Wathi kufuneka ‘senze okuhle.’ (Gal. 6:9) Ngoko, simele senze okuthile. Makhe sixubushe ngeentlobo ezintlanu zomsebenzi eziya kusinceda sihlale siphaphile size sihambisane nentlangano kaYehova. Emva koko, sinokugqiba enoba kukho iinkalo thina okanye iintsapho zethu ezimele ziphucule kuzo.

 SIHLANGANISANA UKUZE SIKHUTHAZANE YAYE SINQULE

4. Kutheni sisithi ukuhlanganisa yeyona nto ibalulekileyo kunqulo lwethu?

4 Ukuhlanganisana kunye bekusoloko kuyeyona nto iphambili kubakhonzi bakaYehova. Emazulwini, uYehova uye azihlanganisele kuye iingelosi zakhe ngamaxesha athile. (1 Kum. 22:19; Yob 1:6; 2:1; Dan. 7:10) Mandulo, amaSirayeli ayehlanganisana ukuze ‘aphulaphule nokuze afunde.’ (Dut. 31:10-12) Ngenkulungwane yokuqala, amaYuda ayenesiko lokuya kwizindlu zesikhungu ukuze afunde iZibhalo. (Luk. 4:16; IZe. 15:21) Oku kuhlanganisana kwaqhubeka kubalulekile naxa kwasekwa ibandla lamaKristu ibe kusenjalo nanamhlanje. AmaKristu okwenyaniso ‘ayanyamekelana, avuselelane eluthandweni nasemisebenzini emihle.’ Simele siqhubeke ‘sikhuthazana, ngokungakumbi njengoko sibona ukuba imini kaYehova iyasondela.’—Heb. 10:24, 25.

5. Yiyiphi indlela esinokukhuthazana ngayo kwiintlanganiso?

5 Enye indlela esinokukhuthazana ngayo kukugqabaza kwiintlanganiso. Sinokuvakalisa ekuhleni ukholo lwethu ngokugqabaza kumbuzo osesiqendwini, ngokuchaza indlela esisebenza ngayo isibhalo, okanye sichaze amava amafutshane abonisa ubulumko bokusebenzisa imigaqo yeBhayibhile kubomi bethu. (INdu. 22:22; 40:9) Enoba sinexesha elingakanani sisenyanisweni, sonke siyayazi indlela ekukhuthaza ngayo ukuva amagqabaza aphuma entliziyweni abazalwana noodade wethu abakhulileyo nabaselula kwiintlanganiso.

6. Iintlanganiso zethu zisinceda njani sihlale siphaphile ngokomoya?

6 Ziziphi ezinye izizathu ezenza kubaluleke kuThixo ukuba sihlanganisane rhoqo? Iintlanganiso, neendibano zisinceda sibe nesibindi sokuthetha sikwazi nokujamelana nentshutshiso okanye abantu abangenamdla entsimini. (IZe. 4:23, 31) Siyomelezwa size siqiniswe elukholweni ziingxubusho zeZibhalo. (IZe. 15:32; Roma 1:11, 12) Ukufundiswa nokukhuthazana esikufumana kwiintlanganiso kusinceda sibe novuyo lokwenene kusinike “ukuzola kwiimini zentlekele.” (INdu. 94:12, 13) IKomiti Yokufundisa yeQumrhu Elilawulayo ivelela onke amalungiselelo okufundiswa kwabantu bakaYehova ehlabathini. Sinombulelo gqitha ngala malungiselelo okusifundisa kwiintlanganiso zethu veki nganye yonyaka!

7, 8. (a) Yiyiphi eyona njongo yeentlanganiso zethu zebandla? (b) Zikunceda njani wena iintlanganiso ngokomoya?

7 Ikho nenye into ebaluleke ngakumbi kuneengenelo esizifumana kwiintlanganiso. Eyona njongo yokuhlanganisana kwethu kukunqula uYehova. (Funda iNdumiso 95:6.) Ngokwenene sinelungelo elingathethekiyo lokudumisa uThixo wethu omangalisayo! (Kol. 3:16) UYehova ufanelwe kukuba simnqule ngokubakho rhoqo kwiintlanganiso yaye sibe nenxaxheba kuzo. (ISityhi. 4:11) Yiloo nto, sibongozwa ukuba “singakutyesheli ukuhlanganisa kwethu ndawonye, njengoko kulisiko labathile ukwenjenjalo”!—Heb. 10:25.

8 Ngaba iintlanganiso zethu sizigqala njengelungiselelo lokusinceda sinyamezele de uYehova atshabalalise le nkqubo yezinto ingendawo? Xa kunjalo, iintlanganiso ziya kuba yenye yezinto “ezibaluleke ngakumbi” esingenakuzivumela ziphazanyiswe kobu bomi buxakekileyo. (Fil. 1:10) Ziimeko ezingenakuphetshwa kwaphela ebeziya kwenza siphoswe ziintlanganiso.

 FUNANI ABANTLIZIYO ZINYANISEKILEYO

9. Sazi njani ukuba umsebenzi wokushumayela ubalulekile?

9 Ukuba nenxaxheba ngokupheleleyo kumsebenzi wokushumayela nako kusinceda sihambisane nentlangano kaYehova. UYesu wasungula lo msebenzi xa wayelapha emhlabeni. (Mat. 28:19, 20) Ukususela ngoko, ukushumayela ngoBukumkani nokwenza abafundi bekusoloko kuyeyona nto inikele ingqalelo kuyo intlangano kaYehova. Amava amaninzi angqina ukuba iingelosi ziyawuxhasa lo msebenzi ngokusalathisa ukuze sifumane abo ‘banotyekelo olufanelekileyo ngobomi obungunaphakade.’ (IZe. 13:48; ISityhi. 14:6, 7) Namhlanje kukho inxalenye esemhlabeni yentlangano kaYehova yaye ilungelelaniselwe ukuxhasa lo msebenzi ubaluleke kunayo yonke. Ngaba yeyona nto sinikele ingqalelo kuyo nathi?

10. (a) Yintoni eyenziwa ngomnye umzalwana ukuze ahlale eyithanda inyaniso? (b) Ubulungiseleli buye bakunceda njani ukuze ungadinwa?

10 Ukuba nenzondelelo entsimini kusinceda sihlale siyithanda inyaniso. Cinga ngoko kuthethwa nguMitchel, osele enexesha elide engumdala novulindlela othe ngxi. Uthi: “Ndiyakuthanda ukuxelela abanye ngenyaniso. Ndithi ndakucinga ngenqaku elitsha leMboniselo okanye uVukani! ndimangaliswe bubulumko, ukuqonda nokulungelelana kwenkupho nganye. Entsimini ndiye ndifune ukubona indlela abaza kusabela  ngayo abantu, nendlela yokuvuselela umdla wabo. Ubulungiseleli bundigcina ndomelele. Andivumeli nantoni na iphazamisane nexesha lobulungiseleli bam.” Nathi ke, ukuhlala kwethu sixakekile kule nkonzo ingcwele kuya kusinceda singabi nakushukuma kule mihla yokugqibela.—Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 15:58.

ZUZA KUNCWADI OLUFUMANAYO

11. Kutheni simele sizondle ngokutya kokomoya okuvela kuYehova?

11 UYehova usinike intabalala yokutya kokomoya ukuze somelele. Umele ukuba uyazikhumbula izihlandlo okhe uthi xa ugqiba ukufunda incwadi ube sele usithi, ‘Yile nto kanye bendiyifuna! Ingathi uYehova uyibhalele mna!’ Sikho isizathu sokuba uzive ngaloo ndlela. UYehova usifundisa aze asalathise, ngala malungiselelo. UYehova wathi: “Ndiya kukuqiqisa ndikuyalele ngendlela ofanele uhambe ngayo.” (INdu. 32:8) Ngaba senza konke ukuze sizifunde zonke iincwadi esizifumanayo size sicamngce ngazo? Oko kuya kusinceda siqhubeke sithwala isiqhamo singabuni ngokomoya kule mihla yokugqibela inzima.—Funda iNdumiso 1:1-3; 35:28; 119:97.

12. Yintoni enokusinceda sizixabise iincwadi esizifumanayo?

12 Ukwazi umsebenzi obandakanyekileyo ukuze sifumane ezi ncwadi kuya kusinceda sizixabise ngakumbi. IKomiti Yokubhala yeQumrhu Elilawulayo ivelela umsebenzi wokuphanda, ukubhala, ukuhlola iimpazamo, imizekelo esetyenzisiweyo nokuguqulelwa kweencwadi eziza kuprintwa neziza kufakwa kwiWebhsayithi yethu. Amasebe aprintayo athumela iincwadi kumabandla akufuphi nakude. Wenzelwa ntoni wonke lo msebenzi? Injongo kukondla abantu bakaYehova ngokomoya. (Isa. 65:13) Ngamana singakukhuthalela ukufunda zonke iincwadi esizifumana kwintlangano kaYehova.—INdu. 119:27.

XHASA AMALUNGISELELO ENTLANGANO

13, 14. Ngoobani abaxhasa amalungiselelo kaYehova emazulwini, yaye sinokuyibonisa njani inkxaso efanayo emhlabeni?

13 Embonweni umpostile uYohane wabona uYesu ekhwele ihashe elimhlophe esoyisa kumlo wabo bavukela uYehova. (ISityhi. 19:11-15) Komeleza ukholo ukwazi ukuba uYesu uxhaswa ziingelosi ezithembekileyo yaye ukunye nabathanjiswa aboyisileyo emhlabeni, nabasele befumene umvuzo wabo wasezulwini. (ISityhi. 2:26, 27) Lo ngumzekelo omhle wokuba simele sibaxhase abo bakhokelayo kwintlangano kaYehova!

14 Ngokufanayo, isihlwele esikhulu siwuxhasa ngokupheleleyo umsebenzi owenziwa ngabazalwana abathanjisiweyo bakaKristu abasesemhlabeni nabakhokelayo kwintlangano namhlanje. (Funda uZekariya 8:23.) Yintoni enokwenziwa ngumntu ngamnye kuthi ukuxhasa amalungiselelo kaYehova? Enye indlela kukuthobela abo bakhokelayo. (Heb. 13:7, 17) Oko kumele kuqale ebandleni. Ngaba izinto esizithethayo ngabadala zibenza bahlonelwe nkqu nomsebenzi abawenzayo? Ngaba sikhuthaza abantwana bethu ukuba bawahlonele la madoda athembekileyo nokuba bacele uncedo lweZibhalo kuwo? Enye inkalo, kukuxubusha njengentsapho indlela esinokunikela ngayo ngemali ukuze sixhase lo msebenzi wenziwa ehlabathini. (IMize. 3:9; 1 Kor. 16:2; 2 Kor. 8:12) Ngaba sikugqala njengelungelo ukuncedisa ekucoceni nasekunyamekeleni iHolo yoBukumkani? Xa uYehova ebona sisenza konke oku, usinika umoya wakhe oyingcwele. Umoya wakhe usinika amandla ukuze singadinwa kule mihla yokugqibela.—Isa. 40:29-31.

 PHILA NGOKUVISISANA NESIGIDIMI SETHU

15. Kutheni simele silwe ukuze siphile ngokuvisisana nenjongo ephakamileyo kaYehova?

15 Okokugqibela, ukuze sikwazi ukunyamezela nokuhambisana nentlangano kaYehova, kufuneka siphile ngokuvisisana nesigidimi esisishumayelayo ‘ngokuqiniseka ngoko kwamkelekileyo eNkosi.’ (Efe. 5:10, 11) Ngenxa yokungafezeki, nemigudu kaSathana neyeli hlabathi lingendawo, siqhubeka sisilwa neengcamango ezingafanelekanga. Bambi kuni bazalwana noodade abathandekayo mihle le kufuneka balulwele nzima ulwalamano lwabo noYehova. Yiloo nto enithanda kangaka. Ninganikezeli! Ukuphila ngokuvisisana nenjongo kaYehova kuya kusenza saneliseke size siqiniseke ukuba ukunqula kwethu uYehova akulolize.—1 Kor. 9:24-27.

Nceda abanye baqonde ukuba nabo banokuba yinxalenye yentlangano kaYehova enkulu

16, 17. (a) Yintoni esimele siyenze ukuba senze isono esinzulu? (b) Usinceda njani umzekelo ka-Anne?

16 Yintoni esimele siyenze ukuba senze isono esinzulu? Masingazami ukusifihla, masicele uncedo ngokukhawuleza. Ukusifihla kuya kuyenza mandundu loo meko. Khumbula ukuba, xa uDavide wathi cwaka ezama ukufihla isono sakhe, ‘amathambo akhe ayegcuma imini yonke.’ (INdu. 32:3) Ewe, ukuzama ukufihla izono zethu kuya kusenza sidinwe singabi nalo uvuyo konakale nolwalamano esinalo noYehova, “kodwa okuvumayo [ukunxaxha kwakhe] aze akushiye uya kwenzelwa inceba.”—IMize. 28:13.

17 Khawucinge ngomzekelo ka-Anne. * Xa wayekwishumi elivisayo, wayenguvulindlela othe ngxi. Kodwa waqalisa ukuphila ubomi obumbaxa. Oku kwamchaphazela kabuhlungu. Uthi: “Ndaziva ndinetyala. Ndandingonwabi ndidandatheka ngalo lonke ixesha.” Wancedwa yintoni? Uthi, ngenye imini kwiintlanganiso kwakuxutyushwa uYakobi 5:14, 15. Waqonda ukuba uyalufuna uncedo ibe waya kulucela kubadala. Xa ekhangela emva uthi: “Ezo zibhalo zaba liyeza elicetyiswe nguYehova ukuze ndiphile. Akukho mnandi ukusela iyeza, kodwa liyakunyanga. Ndasithobela eso siluleko sifumaneka kuYakobi, ibe sandinceda.” Ngoku sekudlule iminyaka, ibe uAnne usakhonza uYehova ngenzondelelo nesazela esicocekileyo.

18. Yintoni esimele sizimisele ukuyenza?

18 Lilungelo elingathethekiyo ukuphila kule mihla yokugqibela nokuba yinxalenye yentlangano emangalisayo kaYehova! Ngamana singazabalazela ukuhlala silixabisa eli lungelo. Masisebenzisane njengentsapho ukuze sibekho rhoqo kwiintlanganiso zebandla, sifune ngenyameko abo bantliziyo zinyanisekileyo entsimini ngoxa sikuxabisa ukutya kokomoya esihlala sikufumana. Masibaxhase abo bakhokelayo size siphile ngokuvisisana nesigidimi esisishumayelayo. Oko kuya kusinceda sihambisane nentlangano kaYehova size singadinwa kukwenza okulungileyo!

^ isiqe. 17 Asilogama lakhe.