Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Ubusazi?

Ngaba Ubusazi?

Ngaba itempile yaseYerusalem yaphinda yakhiwa emva kowama-70 C.E?

UYesu wathi akukho litye laloo tempile kaYehova laliya kusala phezu kwelinye—eso siprofeto sazaliseka xa umkhosi wamaRoma owawukhokelwa nguTitus watshabalalisa iYerusalem ngowama-70 C.E. (Mat. 24:2) Kamva, uMlawuli uJulian waceba ukuphinda ayakhe loo tempile.

UJulian uchazwa njengomlawuli waseRoma ongumhedeni wokugqibela. Lo nyana womntakwabo uConstantine Omkhulu wafumana imfundo ekuthiwa yeyamaKristu. Kodwa, wathi akwenziwa umlawuli ngowama-361 C.E., wayigxeka phandle loo mfundo nokonakala kobuKristu bexesha lakhe wakhetha ubuhedeni. Iincwadi zembali zibhekisela kuye “njengoMwexuki.”

UJulian wayebucekisa ubuKristu. Intsusa yoko isenokuba xa wayeneminyaka emithandathu, wabona abameli bobuKristu bebulala uyise nezalamane zakhe. Ngokutsho kwababhali-mbali becawa, wakhuthaza amaYuda ukuba aphinde ayakhe itempile yawo, ekholelwa ukuba oko kwakuya kungqina uYesu wayengumprofeti wobuxoki. *

Akukho mntu uthandabuzayo ukuba uJulian wayecebe ukuyivusa itempile. Into ebabilisa ibunzi ababhali-mbali kukuba wada wawenza kusini na loo msebenzi, nokuba xa wawenzayo yintoni eyabangela ukuba angawugqibi. Kodwa inye into esiqiniseke ngayo. UJulian wabulawa engekagqibi neminyaka le mibini elawula, kwaba ke kuyaphela ngaloo msebenzi wakhe.

Umfanekiso wendlela eyayimi ngayo itempile ngomhla kaYesu, kwisiza esikhoyo namhlanje

^ isiqe. 5 UYesu akazange athi loo tempile yayingayi kuze iphinde yakhiwe, kunoko wathi yayiya kutshatyalaliswa, into kanye eyenzekayo ngowama-70 C.E.