Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Phumeza Indima Yakho Njengomvangeli

Phumeza Indima Yakho Njengomvangeli

“Yenza umsebenzi womvangeli, bufeze ngokupheleleyo ubulungiseleli bakho.”—2 TIM. 4:5.

1. Kutheni uYehova ebizwa ngokuba nguMvangeli wokuqala noyena ubalulekileyo?

UMVANGELI ngumntu oshumayela iindaba ezilungileyo. Oyena Mvangeli wokuqala nobalulekileyo nguYehova uThixo. Emva nje kokuba evukelwe ngabazali bethu bokuqala, uYehova wavakalisa iindaba ezilungileyo zokuba inyoka—uSathana uMtyholi—iza kutshatyalaliswa. (Gen. 3:15) Ukutyhubela imbali, uYehova uye waphefumlela amadoda athembekileyo ukuba abhale iinkcukacha ngendlela aza kulususa ngayo ugculelo kwigama lakhe, naleyo aza kuwuphelisa ngayo umonakalo owenziwe nguSathana, nendlela abantu abaya kuwazuza ngayo amathuba awalahlwa nguAdam noEva.

2. (a) Yiyiphi indima edlalwa ziingelosi kumsebenzi wobuvangeli? (b) Nguwuphi umzekelo uYesu awawumisela abavangeli?

2 Iingelosi nazo zingabavangeli. Zivakalisa iindaba ezilungileyo, ziphinde zincedise nabanye ekuzisasazeni. (Luka 1:19; 2:10; IZe. 8:26, 27, 35; ISityhi. 14:6) Kuthekani ngesiphatha-zingelosi uMikayeli? Xa wayelapha emhlabeni uYesu, wabamisela umzekelo abavangeli abangabantu. Kaloku, ubomi bakhe wabusekela ekusasazeni iindaba ezilungileyo!—Luka 4:16-21.

3. (a) Ziziphi iindaba ezilungileyo esizisasazayo? (b) Yiyiphi imibuzo ebangela umdla kuthi bavangeli?

3 UYesu wayalela abafundi bakhe ukuba babe ngabavangeli. (Mat. 28:19, 20; IZe. 1:8) Umpostile uPawulos wathi kuTimoti owayesebenza naye: “Yenza umsebenzi womvangeli, bufeze ngokupheleleyo ubulungiseleli bakho.” (2 Tim. 4:5) Ziziphi iindaba ezilungileyo esizisasazayo thina balandeli bakaYesu? Ziquka inyaniso esiqinisekisayo yokuba uBawo wethu wasezulwini uYehova, uyasithanda. (Yoh. 3:16; 1 Pet. 5:7) UBukumkani yeyona ndlela uYehova abonisa ngayo ukuba uyasithanda. Ngoko, sixelela abanye ukuba bonke abazithobayo kulawulo loBukumkani bukaThixo,  baze benze okulungileyo, banokuba ngabahlobo bakaThixo. (INdu. 15:1, 2) Eneneni, injongo kaYehova kukuphelisa konke ukubandezeleka. Uya kususa neentlungu ezivuswa kukukhumbula izinto ezadlulayo. Ziindaba ezilunge ngokwenene ezo! (Isa. 65:17) Ekubeni singabavangeli, makhe sihlole iimpendulo zemibuzo ebalulekileyo emibini: Kutheni kubalulekile nje ukuba abantu beve iindaba ezilungileyo namhlanje? Sinokuyiphumeza njani indima yethu njengabavangeli?

KUTHENI ABANTU BEMELE BEVE IINDABA EZILUNGILEYO?

Imibuzo ephumelelayo inceda abantu baqiqe ngeenkolelo zabo

4. Ngawaphi amabali obuxoki adla ngokuxelelwa abantu ngoThixo?

4 Masithi uxelelwa ukuba uyihlo unilahlile kowenu. Abathi bayamazi bakuxelela ukuba wayenempakamo, eneemfihlo, yaye ekhohlakele. Abanye banokude bafune ukholelwe ukuba kulilize ukuzama ukuqhagamshelana naye kuba wafa. Enyanisweni, oku kufana nqwa namabali axelelwa abantu ngoThixo. Bafundiswa ukuba uThixo uyintsumantsumane, akukho mntu unokumazi, okanye ukhohlakele. Ngokomzekelo, iinkokeli zezinye iicawa zithi uThixo uza kubathuthumbisa ngonaphakade ababi. Abanye batyhola uThixo ngentlungu eziswa ziintlekele zemvelo. Nakuba kwezi ntlekele kusifa abalungileyo nababi, kuthiwa zisisohlwayo esivela kuThixo.

Imibuzo ivula iingqondo neentliziyo zabo ukuze bamkele inyaniso

5, 6. Imfundiso yokuzivelela kwezinto eziphilayo neyonqulo lobuxoki ziye zabachaphazela njani abantu?

5 Abanye bathi uThixo akakho. Kule nkalo, makhe sihlolisise imfundiso yokuba izinto zazivelela. Abaninzi abakholelwa le mfundiso bathi izinto eziphilayo zazivelela. Bathi akukho Mdali. Bambi bade bathi umntu usesinye nje isilwanyana, ngoko asimele sithi nqa xa kukho umntu oziphatha okwesilwanyana. Bathi yinto yemvelo ukuba inkohlakalo yongamele ubuthathaka. Ngoko, ayimangalisi into yokuba abaninzi bekholelwa ukuba okungekho sikweni kuya kuhlala kukho. Lilonke abo bakholelwa ekubeni indalo yazivelela abanalo tu ithemba.

6 Ayinakuphikwa eyokuba, imfundiso yokuzivelela kwezinto eziphilayo neyonqulo lobuxoki ziye zanegalelo kusizi esilubonayo kule mihla yokugqibela. (Roma 1:28-31; 2 Tim. 3:1-5) Ezi mfundiso zabantu zenze abantu baphulukana neendaba ezilungileyo zokwenene nezingapheliyo. Kanye njengokuba umpostile uPawulos esitsho, kunokuba zibanike ithemba ezi mfundiso, ziye zabashiya ‘besebumnyameni ngengqondo, baza bohlukaniswa nobomi bukaThixo.’ (Efe. 4:17-19) Ukongezelela koko, le ngcamango yokuzivelela kwezinto neemfundiso zobuxoki ziye zenza abantu abazamkela iindaba ezilungileyo ezivela kuThixo.—Funda eyabase-Efese 2:11-13.

Imibuzo ibanceda baqiqe batsho bakwazi ukuzenzela izigqibo ezichanileyo

7, 8. Yiyiphi ekuphela kwendlela abantu abanokuziqonda kakuhle ngayo iindaba ezilungileyo?

7 Ukuze baxolelaniswe noThixo, abantu bamele baqale beyiseke ukuba ukho yaye banezizathu ezivakalayo zokusondela kuye. Sinokubanceda bazuze olo lwazi ngokubakhuthaza ukuba bahlolisise indalo. Xa abantu behlolisisa indalo ngengqondo evulekileyo, baye babuqonde ubulumko namandla kaThixo. (Roma 1:19, 20) Ukuze sincede abantu boyike xa becinga ngezinto ezenziwe nguMdali wethu Ozukileyo, sinokusebenzisa iincwadana ezimbini ethi Ngaba Izinto Eziphilayo Zadalwa? nethi The Origin of Life—Five Questions Worth Asking. Sekunjalo, abo bafunda kwindalo kuphela abayi kuzifumana iimpendulo zeminye yemibuzo entsokothileyo, njengethi: Kutheni uThixo evumela ukubandezeleka? Yintoni injongo kaThixo ngomhlaba? Ngaba uThixo undikhathalele?

 8 Ekuphela kwendlela abantu abanokuziqonda kakuhle ngayo iindaba ezilungileyo eziphathelele uThixo nenjongo yakhe kukufundisisa iBhayibhile. Sinelungelo elingathethekiyo lokunceda abantu bafumane iimpendulo kwimibuzo abanayo! Noko ke, ukuze sichukumise iintliziyo zabo, simele singapheleli nje ekudluliseleni izibakala; simele sibeyisele. (2 Tim. 3:14) Oko sinokukwenza ngokuxelisa uYesu. Yintoni eyamnceda waphumelela? Esinye isizathu kukuba wayeyisebenzisa kakuhle imibuzo. Sinokumxelisa njani?

ABAVANGELI ABAPHUMELELAYO BAYISEBENZISA KAKUHLE IMIBUZO

9. Yintoni esimele siyenze ukuze sikwazi ukunceda abantu bamkele iindaba ezilungileyo?

9 Kutheni simele sixelise uYesu ngokusebenzisa imibuzo xa sishumayela? Nanku umzekelo: Ugqirha ukuxelela ukuba uneendaba ezimnandi. Uthi angakwazi ukukunyanga xa unokuvuma akwenze utyando olukhulu. Usenokumkholelwa. Kodwa kuthekani ukuba wenza eso sithembiso engakhange akubuze kwanto ngempilo yakho? Kunganzima ukumthemba. Enoba uyingcaphephe kangakanani na, umele akubuze ngempilo yakho aze aqonde izinto ezikugulisayo ngaphambi kokuba aqalise naluphi na unyango. Nathi, ukuze sincede abantu bamkele iindaba ezilungileyo zoBukumkani, simele sibe nobuchule bokubuza imibuzo. Siya kubanceda kuphela emva kokuba siyiqonda kakuhle imeko yabo yokomoya.

Ukuze sichukumise iintliziyo zabaphulaphuli, simele sibeyisele

10, 11. Yintoni okunokusinceda kuyo ukuxelisa indlela kaYesu yokufundisa?

10 UYesu wayesazi ukuba imibuzo ekhethwe kakuhle ayincedi lowo ufundisayo kuphela ukuba azi umfundi wakhe, kodwa inceda ekubandakanyeni nomfundi kwingxubusho. Ngokomzekelo, xa uYesu wayefundisa abafundi bakhe isifundo sokuthobeka, waqala ngombuzo oxhokonxa iingcinga. (Marko 9:33) Ukuze afundise uPetros indlela yokuqiqa ngemigaqo, uYesu wambuza imibuzo eza kufuna iimpendulo. (Mat. 17:24-26) Xa wayefuna ukurhola oko kusezintliziyweni zabafundi bakhe, wababuza uthotho lwemibuzo eza kuveza iimbono zabo. (Funda uMateyu 16:13-17.) Ngokubuza imibuzo, uYesu wayevakala ngakumbi kunokuchaza nje izibakala. Wayechukumisa iintliziyo, ekhuthaza abantu ukuba bathobela iindaba ezilungileyo.

11 Xa sixelisa uYesu ngobuchule bokubuza imibuzo, sifeza ubuncinane izinto ezintathu. Sibona eyona ndlela ifanelekileyo yokunceda abantu, sibaval’ umlomo abo bathintela incoko, size sifundise abathobekileyo indlela abanokuncedakala ngayo. Cinga ngeemeko ezintathu ezibonisa indlela ekunokuba luncedo ngayo ukusebenzisa imibuzo.

12-14. Unokumnceda njani umntwana wakho abe nenkalipho xa exelela abanye ngeendaba ezilungileyo? Zekelisa.

12 Imeko 1: Njengomzali, ubuya kuthini xa umntwana wakho okwishumi elivisayo ekuchazela ngoloyiko analo lokuthethelela iinkolelo zakhe kwabanye abantwana zokuba izinto ezikhoyo zadalwa? Ubuya kumnceda nakanjani na abe nesibindi sokuvakalisa ezo ndaba zilungileyo. Ngoko ke, kunokuba umgxeke okanye ukhawuleze umcebise ngento amele ayenze, kutheni ungaxelisi uYesu umbuze imibuzo eza kutyhila oko akucingayo? Unokukwenza njani oko?

 13 Emva kokufunda naye iinxalenye zencwadana ethi The Origin of Life—Five Questions Worth Asking, ubunokumbuza iingongoma azifumene zibangela umdla. Mkhuthaze ukuba achaze izizathu zokuba akholelwe kuMdali nesizathu sokuba efuna ukwenza ukuthanda kukaThixo. (Roma 12:2) Makazi ukuba izizathu zakhe akunyanzelekanga ukuba zifane nezakho.

14 Mcacisele ukuba xa ethetha nomnye esikolweni, unokuxelisa loo ndlela wenze ngayo, naye abuze imibuzo. Umntwana wakho unokuhlolisisa izibakala ezithile, aze emva koko abuze imibuzo eza kwenza loo mfundi acinge okanye aveze iimbono zakhe. Ngokomzekelo, unokucela loo mfundi ukuba afunde ibhokisi ekwiphepha 21 lencwadana ethi Origin of Life. Emva koko unokubuza oku, “Ngaba yinyaniso into yokuba amandla eDNA okugcina inkcazelo akanakuthelekiswa nayo nayiphi na kwiikhompyutha ezikhoyo namhlanje?” Umfundi usenokuvuma. Umntwana wakho unokuphinda abuze, “Ukuba ikhompyutha enamandla angaphantsi lee kwaweDNA yenziwe ziingcali, ibinokwenzeka njani into yokuba iDNA entsonkothe kangako izivelele?” Ukuze uncede umntwana akhululeke xa echazela abanye ngeenkolelo zakhe, zamani ukumana nikuqhelisela oko. Xa umqeqesha ukuba akwazi ukuyisebenzisa kakuhle imibuzo, uya kumnceda aphumeze indima yakhe yokuba ngumvangeli.

15. Sinokuyisebenzisa njani imibuzo ukuze sincede umntu ongakholelwayo kubukho bukaThixo?

15 Imeko 2: Xa sishumayela, sidibana nabantu abangabukholelwayo ubukho bukaThixo. Ngokomzekelo, umntu usenokuthi akakholelwa ukuba uThixo ukho. Kunokuyeka, sinokumbuza ngentlonelo isizathu nonobangela woko.  Emva kokuva iimpendulo zakhe nokumncoma ngokuwucingisisa nzulu lo mba, sinokumbuza enoba angathanda na ufunda incwadi enobungqina bokuba izinto eziphilayo zadalwa. Xa ephangalele, uya kuqonda ukuba akukho ngqiqweni ukungabuhloli obo bungqina. Ngoko sinokumnika incwadana ethi Ngaba Izinto Eziphilayo Zadalwa? okanye ethi The Origin of Life—Five Questions Worth Asking. Imibuzo echuliweyo, nebuzwa ngobubele, inokufana nesitshixo entliziyweni yomntu azive iindaba ezilungileyo.

16. Kutheni singamele saneliswe xa isifundo seBhayibhile sifunda iimpendulo ezisencwadini?

16 Imeko 3: Xa siqhuba isifundo seBhayibhile, umfundi unokusuka nje atsho ezo mpendulo zibhalwe encwadini. Ukuba siyamyeka, akanakukhula ngokomoya. Ngoba? Kaloku umfundi ofunda nje iimpendulo angacamngci ngazo akanakuba nazo iingcambu ezendeleyo. Unokusuka afane nentyatyambo ebunayo xa kushushu. (Mat. 13:20, 21) Ukuze siphephe oko, simele simbuze indlela avakalelwa ngayo ngoko akufundayo. Zama ukuqonda enoba uyavumelana na noko akufundayo. Kubalulekile ukufuna izizathu zokuba evumelana nako okanye engavumelani. Emva koko mncede aqiqe ngeZibhalo eziza kumnceda azenzele isigqibo. (Heb. 5:14) Ukuba siyisebenzisa kakuhle imibuzo, abantu esibafundelayo baya kuzinza elukholweni baze bakwazi ukumelana nabo babachasayo okanye babalahlekisayo. (Kol. 2:6-8) Yintoni enye esinokuyenza ukuze sifeze indima yethu yokuba ngabavangeli?

ABAVANGELI ABAPHUMELELAYO BAYANCEDANA

17, 18. Singancedisana njani nomKristu esihamba naye entsimini?

17 UYesu wathumela abafundi bakhe baya kushumayela ngababini. (Marko 6:7; Luka 10:1) Kamva, umpostile uPawulos wakhankanya “abasebenzi abangamadlelane” “abaye bazama kunye [naye] kwiindaba ezilungileyo.” (Fil. 4:3) Ngokuvisisana nalo mgaqo weZibhalo, ngowe-1953, abavakalisi boBukumkani baqalisa iphulo lokuqeqesha abanye kubulungiseleli.

18 Xa uhamba nomnye umKristu entsimini, unokuncedisana njani naye? (Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 3:6-9.) Khangela kwiBhayibhile yakho ezo zibhalo zisetyenziswa ngulowo uhamba naye. Mphulaphule ngenyameko xa ethetha kuquka umninimzi. Nikela ingqalelo ukuze xa kuyimfuneko umncede umzalwana wakho. (INtshu. 4:12) Noko ke, nasi isilumkiso: Kulumkele ukumphazamisa xa eqiqa kakuhle nomninimzi. Ukungakwazi ukuzibamba kunokumtyhafisa kuze kudide nomninimzi. Akho amaxesha ekunokufuneka ungenelele kwincoko. Xa usenjenjalo, yithi libe linye noba mabini. Emva koko yeka lowo uhamba naye aqhubekeke nencoko.

19. Yintoni esimele siyikhumbule, yaye ngoba?

19 Ninokuncedisana njani xa nisiya kwindlu elandelayo? Kutheni ningaxubushi ngendlela eninokuphucula ngayo intshumayelo yenu? Kulumkeleni ukuthetha izinto ezidimazayo ngabantu abakwintsimi yenu. Kulumkeleni nokubahlaba amadlala abazalwana ngeempazamo zabo. (IMize. 18:24) Kuhle ukukhumbula ukuba sizizitya zodongwe. UYehova usibonise ububele obungasifanelanga ngokusabela ubuncwane bokuvakalisa iindaba ezilungileyo. (Funda eyesi-2 kwabaseKorinte 4:1, 7.) Ngoko sonke masibonise uxabiso ngobu buncwane senze konke okusemandleni ukuze sifeze indima yethu yokuba ngabavangeli.