Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba ‘Uyayizondelela Imisebenzi Emihle’?

Ngaba ‘Uyayizondelela Imisebenzi Emihle’?

‘UKristu Yesu, wazinikela ngenxa yethu ukuze azihlambululele isizwana esisesakhe ngokukhethekileyo, esizondelela imisebenzi emihle.’—TITO 2:13, 14.

1, 2. Liliphi ilungelo elixhanyulwa ngamaNgqina kaYehova kuphela, ibe uvakalelwa njani ngalo?

KWABANINZI ibe lilungelo ukuwongwa ngento oyenzileyo. Umzekelo, abanye baye bawongwa ngeMbasa kaNobel ngokuzibhokoxa kwabo ekudaleni uxolo phakathi kwamacala angquzulanayo. Kodwa alikho ilungelo elinokufika kweli lokuthunywa nguThixo njengommeli okanye umthunywa ukuze sincede abantu babe seluxolweni noMdali wabo!

2 Lelo lungelo esijizekwe ngalo thina maNgqina kaYehova. Siyalelwa nguThixo noKristu, sibongoza abantu ukuba ‘babe ngabaxolelanisiweyo noThixo.’ (2 Kor. 5:20) UYehova usebenzisa thina ukutsalela abantu kuye. Yile ndlela eziye zancedwa ngayo izigidi zabantu kumazwe angaphezu kwama-235 zaba nolwalamano oluhle noThixo zatsho zanethemba lokufumana ubomi obungunaphakade. (Tito 2:11) Ngenzondelelo, simema ‘othandayo ukuba athabathe amanzi obomi ngesisa.’ (ISityhi. 22:17) Ekubeni sisixabisa esi sabelo yaye sisiphumeza ngenkuthalo, sikufanelekele ukubizwa ngokuba singabantu ‘abazondelela imisebenzi emihle.’ (Tito 2:14) Makhe sihlolisise indlela ukuzondelela kwethu imisebenzi emihle ekusinceda ngayo sitsalele abantu kuYehova. Enye indlela esinokukwenza ngayo oko kukushumayela.

XELISA INZONDELELO KAYEHOVA NOYESU

3. Kusiqinisekisa ngantoni ukuba ‘nenzondelelo kukaYehova’?

3 Ethetha ngoko kuya kufezwa lulawulo loNyana kaThixo, uIsaya 9:7 uthi: “Yona kanye inzondelelo kaYehova wemikhosi iya kukwenza oku.” Loo mazwi abonisa indlela anomdla ngayo uBawo wethu wasezulwini ukusindisa uluntu. Ukuba nenzondelelo kukaYehova kubonisa kakuhle ukuba thina bavakalisi boBukumkani simele siwenze ngentliziyo epheleleyo, ngehlombe nenzondelelo lo msebenzi siwunikwe nguThixo. Umnqweno wethu wokunceda abantu bazi  uThixo utyhila inzondelelo kaYehova. Ngoko ke, njengabasebenzi abangamadlelane kaThixo, ngaba sizimisele ukuba nesabelo ngokupheleleyo ekuvakaliseni iindaba ezilungileyo kangangoko iimeko zivuma?—1 Kor. 3:9.

4. UYesu wawumisela njani umzekelo wenzondelelo nonyamezelo kubulungiseleli?

4 Ngoku, makhe sithethe ngenzondelelo kaYesu. Wamisela umzekelo ogqibeleleyo wenzondelelo nokunyamezela kubulungiseleli. Nakuba watshutshiswa krakra, wahlala enenzondelelo kumsebenzi wokushumayela de kwasa kwisiphelo esibuhlungu sobomi bakhe emhlabeni. (Yoh. 18:36, 37) Njengoko kwakusondela ixesha lokufa kwakhe okulidini, uYesu wathi kratya ekuncedeni abanye bazi uYehova.

5. UYesu wenza ntoni ngokuvisisana nomzekeliso womkhiwane?

5 Ngokomzekelo, ekupheleni kowama-32 C.E., uYesu wenza umzekeliso wendoda eyayinomkhiwane ongazange uthwale siqhamo iminyaka emithathu. Yathi yakuyalela umsebenzi-sidiliya ukuba awugawule, lo msebenzi wacela ixesha lokuwufaka umgquba. (Funda uLuka 13:6-9.) Babeliqaqobana elingephi kuphela abafundi ekwakunokuthiwa basisiqhamo sokushumayela kukaYesu ngelo xesha. Kodwa njengokuba lo mzekeliso wakhe womsebenzi-sidiliya ubonisa, uYesu wasebenzisa ixeshana elalisele—leenyanga ezimalunga nezintandathu—wee chatha eshumayela kwaYuda nasePereya. Kwiintsuku ezimbalwa ngaphambi kokufa kwakhe, uYesu walilela abantu bakowabo ‘abazivingcayo iindlebe zabo.’—Mat. 13:15; Luka 19:41.

6. Kutheni simele siqinise ekushumayeleni?

6 Ekubeni sithe zwabha kwixesha lesiphelo, ngaba asimele siqinise ekushumayeleni? (Funda uDaniyeli 2:41-45.) Lilungelo elingathethekiyo eli lokuba ngamaNgqina kaYehova! Sithi kuphela abantu abavakalisa ithemba lesicombululo sokwenene kwiingxaki zoluntu. Kutshanje umbhali wemihlathi kumaphephandaba uye wawuchaza njengongaphendulekiyo umbuzo othi, “Kutheni izinto ezimbi zisehlela abantu abalungileyo?” Kulilungelo nomsebenzi wethu ukunika bonke abantu iimpendulo ezifumaneka eBhayibhileni. Sinezizathu ‘zokuvutha emoyeni’ njengoko sisenza umsebenzi kaThixo. (Roma 12:11) Ngenxa yokusikelelwa nguThixo, inzondelelo yethu ekushumayeleni inokunceda abanye bamazi baze bamthande uYehova.

UKUZINCAMA KUYAMZUKISA UYEHOVA

7, 8. Ukuzincama kumzukisa njani uYehova?

7 Njengompostile uPawulos, nobethu ubulungiseleli bunokuphumela kumaxesha ‘okungalali ebusuku nawokungabi nakutya.’ (2 Kor. 6:5) La mabinzana asibonisa oko kuthethwa kukuzincama aze asikhumbuze ngoovulindlela ababeka ubulungiseleli kwindawo yokuqala ngoxa besenza imisebenzi ethile ukuze bazixhase. Cinga nangabathunywa bevangeli bethu abazinikeleyo ‘abazigalela okomnikelo othululwayo’ ukuze bancede abantu kumazwe asemzini. (Fil. 2:17) Kuthekani ngabadala abasebenza nzima de bangatyi okanye bangalali benyamekela izimvu zikaYehova? Sinabantu abakhulileyo kuquka abo banempilo enkenenkene abenza konke okusemandleni abo ukuze babekho kwiintlanganiso nasentsimini. Iintliziyo zethu zizaliswa luxabiso xa sicinga ngokuzincama kwaba bakhonzi bakaThixo. Le migudu iba nefuthe kwindlela abantu ababujonga ngayo ubulungiseleli bethu.

8 Kwileta awayibhalela iphephandaba laseUnited Kingdom, iLincolnshire Boston Target, omnye umfundi ongeloNgqina wathi: “Abantu baphelelwa lukholo kwiicawa . . . Yintoni eyenziwa ngabefundisi  becawa imini le yonke? Abaphumi baye ebantwini njengokuba uKristu wayesenza . . . Ekuphela konqulo olubonakala lusenenkathalo ngamaNgqina kaYehova, wona aphumayo aye ebantwini aze ashumayele inyaniso.” Kweli hlabathi lizaliswe kukuzingca, ukuzincama kwethu kuyamzukisa uYehova uThixo.—Roma 12:1.

Ubukho bakho nje entsimini bunikela ubungqina obunamandla kwabo babukeleyo

9. Yintoni enokusikhuthaza sihlale sizondelela imisebenzi emihle yokushumayela?

9 Yintoni ke, esinokuyenza xa sibona ukuba iyasiphelela inzondelelo yokushumayela? Siya kuncedwa kukuzikhumbuza into efezwa nguYehova ngomsebenzi wokushumayela. (Funda eyabaseRoma 10:13-15.) Ukuze abantu basinde bamele babize egameni likaYehova ngokholo, kodwa abanakukwenza oko singashumayeli kubo. Ukuqonda oku kumele kusikhuthaze sihlale sizondelela imisebenzi emihle yaye sikhuthalele ukushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani.

IHAMBO ENTLE ITSALELA ABANTU KUTHIXO

Ukunyaniseka nokuzibhokoxa kwakho kuyabonwa ngabantu

10. Kutshiwo njani ukuba ihambo yethu entle itsalela abantu kuYehova?

10 Nakuba ibaluleke gqitha kangako inzondelelo ekushumayeleni, kodwa xa iyodwa ayanelanga ukuba itsalele abantu kuThixo. Eny’ into etsalela abantu kuThixo yihambo entle yamaKristu. UPawulos wakubethelela oku xa wathi: “Siyakuphepha ukuba sisikhubekiso nangayiphi na indlela, ukuze kungafunyanwa siphoso kubulungiseleli bethu.” (2 Kor. 6:3) Intetho ecocekileyo nehambo entle ziyayihombisa imfundiso kaThixo, zitsale abanye banqule uYehova. (Tito 2:10) Sihlala sisiva amazwi amnandi xa abantu abanyanisekileyo bebona ihambo yethu yobuKristu.

11. Kutheni simele sicingisise size siyithandazele indlela abachatshazelwa ngayo abanye yihambo yethu?

11 Njengokuba ihambo entle inokubatsalela kuYehova abanye, nehambo embi  ingabenza bangafuni nokuva. Ngoko enoba sisemsebenzini, ekhaya okanye esikolweni, siyaqinisekisa ukuba akukho namnye ofumana ikhwiniba kubulungiseleli okanye ihambo yethu. Ukuba senza isono ngabom, siya kuvuna intlekele. (Heb. 10:26, 27) Oku kumele kusenze sicingisise yaye siyithandazele indlela abachatshazelwa ngayo abanye yihambo yethu. Njengoko ukuziphatha kweli hlabathi kuwohloka, abanyanisekileyo baya kuya ‘bewubona umahluko phakathi kwalowo ukhonza uThixo nalowo ungamkhonzanga.’ (Mal. 3:18) Ewe, ihambo yethu entle inendima ebalulekile ekuncedeni abantu baxolelane noThixo.

12-14. Ukungagungqi kwethu kwimigaqo yeBhayibhile phantsi kovavanyo kuyichaphazela njani indlela ababujonga ngayo ubulungiseleli bethu abanye? Zekelisa.

12 KwabaseKorinte, uPawulos wathi wafumana iimbandezelo, weva ubunzima, wabethwa, waza wavalelwa. (Funda eyesi-2 kwabaseKorinte 6:4, 5.) Xa sifumana ezi mvavanyo zokholo, ukunyamezela kwethu kunokunceda ababukeleyo bayamkele inyaniso. Umzekelo: Kwiminyaka ethile edlulileyo, kwakha kwakho iinzame zokuphelisa amaNgqina kaYehova komnye ummandla eAngola. Omnye umfazi nendoda ababhaptizweyo nabanye abangama-30 abanomdla ababesiya kwiintlanganiso bahlaselwa. Abahlali beza kubukela njengoko babekatswa de bopha. Loo nkohlakalo yayingakhethi mfazi namntwana. Injongo yayikukulumkisa abantu ukuze bangawaphulaphuli amaNgqina kaYehova. Noko ke, emva kweso siganeko abantu abaninzi baziyela kumaNgqina becela ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile! Umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani watyhalela phambili, kwakho ulwando neentsikelelo ezingathethekiyo.

13 Lo mzekelo ubonisa kakuhle ukuba xa abanye besibona singagungqi kwimigaqo yeBhayibhile phantsi kovavanyo, banokuyamkela inyaniso. Inkalipho eyaboniswa nguPetros nabanye abapostile imele ukuba yakhuthaza abanye baba ngabahlobo bakaThixo. (IZe. 5:17-29) Nanamhlanje abo sifunda nabo, sisebenza nabo, okanye izalamane zethu basenokuyamkela inyaniso xa besibona sinesibindi phantsi kovavanyo.

14 Sihlala sinabo abazalwana bethu abatshutshiswayo. Umzekelo, eArmenia, kukho abazalwana abamalunga nama-40 abasentolongweni ngenxa yokungabandakanyeki kwezopolitiko, ibe liseza kunyuka elo nani. E-Eritrea, angama-55 amaNgqina kaYehova aseluvalelweni, wambi kuwo sele engaphaya kweminyaka engama-60 ubudala. ESouth Korea, amalunga nama-700 asentolongweni ngenxa yokholo lwawo. Le meko ibiqhubeka kangangeminyaka engama-60. Masiqhubeke sithandazela ukuba ukuthembeka kwabazalwana bethu abatshutshiswayo kumazwe ahlukeneyo kuzise uzuko kuThixo kuze kuncede abo bathanda ubulungisa bamkele unqulo oluyinyaniso.—INdu. 76:8-10.

15. Yenza umzekelo wendlela ukunyaniseka okunokutsalela ngayo abanye kwinyaniso.

15 Nesibakala sokuba siphila ngokunyaniseka sinokubatsalela kwinyaniso abanye. (Funda eyesi-2 kwabaseKorinte 6:4, 7.) Umzekelo: “Omnye udade wayefaka imali kumatshini ehlawulela itikiti lebhasi xa wanqandwa ngomnye umntu omaziyo esithi akuyomfuneko kuba uza kukhawuleza ehle. Lo dade wachaza ukuba umele ahlawule, enoba uza kwehla kufutshane. Emva koko, loo mntu wehla ebhasini. Umqhubi webhasi wasala ebuza lo dade, “UliNgqina likaYehova?” Lo dade wathi, “Ewe, utsho ngoba?” “Ndinivile xa nithetha ngokuhlawula, ibe ndiyazi ukuba amaNgqina kaYehova aphakathi kwabantu abambalwa abakwenzayo oko yaye anyanisekile kwizinto zonke.” Kwiinyanga  ezimbalwa kamva, kweza enye indoda kulo dade kwiintlanganiso yaza yathi, “Usandikhumbula? Ndingulaa mqhubi webhasi wayencokola nawe ngokuhlawula itikiti. Emva kokubona ukunyaniseka kwakho, ndagqiba ekubeni ndifunde iBhayibhile namaNgqina kaYehova.” Ukwaziwa kwethu ngokunyaniseka kwenza abantu bazithembe iindaba ezilungileyo esizishumayelayo.

HLALA UNEEMPAWU EZIZUKISA UTHIXO

16. Kutheni abantu bechukunyiswa nje zimpawu ezifana nokuzeka kade umsindo, uthando nobubele? Zekelisa.

16 Enye indlela esitsalela abantu ngayo kuYehova kuxa sizeka kade umsindo, sinothando nobubele. Xa bebona oko abanye banokunqwenela ukufunda ngoYehova, iinjongo zakhe nangabantu bakhe. Isimo sengqondo nehambo yomKristu wokwenene zahluka gqitha kwinkwalambisa yabantu abenza ngathi bahlonela uThixo. Zimbi iinkokeli zonqulo ziye zaba zizinhanha ngenxa yokuqhatha imihlambi yazo kanti zisebenzisa loo mali ukuzithengela imizi engayiwayo neminyobo—enye kuzo yada yafakela isixhobo somoya obandayo kwindlu yenja yayo! Enyanisweni, abaninzi abathi balandela uKristu abayicingi tu ‘eyokupha ngesisa.’ (Mat. 10:8) Kunoko, njengababingeleli bamandulo kwaSirayeli, “bayalela nje ngenxa yexabiso”—yaye yonke into abayifundisayo ayiphumi zibhalweni. (Mika 3:11) Olo hanahaniso alunakunceda nabani na azuze ulwalamano noThixo.

17, 18. (a) Ukuba neempawu zikaYehova kumzukisa njani uYehova? (b) Yintoni ekwenza uzondelele imisebenzi emihle?

17 Kwelinye icala, abantu bayachukunyiswa ziimfundiso zethu zokwenene nazizenzo ezilungileyo esizenzela abamelwane bethu. Ngokomzekelo, omnye uvulindlela wayeshumayela kwindlu ngendlu kodwa wachaswa lelinye ixhegokazi elingumhlolokazi. Ngexesha awayenkqonkqoza ngalo, lathi likhwele kwileli lizama ukufaka iglobhu ekhitshini. Lo vulindlela wathi: “Yingozi ukuba ukhwele elelini uwedwa.” Lo vulindlela walitshintshela iglobhu wahamba. Esakuva oko unyana weli xhegwazana, wachukumiseka waza wakhangela loo mzalwana efuna ukubulela. Lo nyana wada wavuma ukufundelwa iBhayibhile.

18 Yintoni ekwenza uzimisele ukuzondelela imisebenzi emihle? Mhlawumbi uyazi ukuba inzondelelo ekushumayeleni nehambo entle, zizukisa uYehova zize zincede nabanye basinde. (Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 10:31-33.) Ukuzondelela imisebenzi emihle ngokushumayela iindaba ezilungileyo nehambo entle kwenziwa ngumnqweno onzulu wokuthanda uThixo nabanye abantu. (Mat. 22:37-39) Ukuba sizondelela imisebenzi emihle, siya kuzuza ulonwabo nolwaneliseko lokwenene kanye ngoku. Ngapha koko, sikhangele phambili xa bonke abantu beya kube bezondelela unqulo oluyinyaniso ukuze kuzukiswe uMdali wethu, uYehova.