Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 IBALI LOBOMI

Into Eyenza Ubomi Bethu Bube Nenjongo

Into Eyenza Ubomi Bethu Bube Nenjongo

EMVA kokuzalwa nje kwakhe unyana wam uGary ngowe-1958, ndabona ukuba ukho undonakele. Kodwa, kwadlula iinyanga ezilishumi ngaphambi kokuba oogqirha bazi ukuba ugula yintoni. Emva koko kwaqengqeleka iminyaka emihlanu ngaphambi kokuba iingcali zaseLondon zingqine ukuba uneso sifo. Ndaba buhlungu gqitha xa intombi yam uLouise, eyalekela uGary emva kweminyaka esithoba nayo yaba neempawu zeso sifo, ezayo zada zathi chatha kunoGary.

Ngobubele oogqirha bathi kum: “Bobabini abantwana bakho banesifo iLMBB, * into ebuhlungu kukuba asinyangeki.” Ngelo xesha sasingaziwa ncam esi sifo. Iimpawu zazo idla ngokuba kukungaboni kakuhle de ube yimfama, utyebe ngokugqithiselyo, iminwe engakumbi ezinyaweni okanye ezandleni, ukukhula kade, ukungasebenzi kakuhle kwamalungu omzimba, isifo seswekile, ukuqhokreka amalungu nokungasebenzi kakuhle kwezintso. Oko kwakuthetha ukuba kuza kuba nzima ukunyamekela abantwana bam. Uphando lwakutshanje luqikelela ukuba ngumntu om-1 kwabali-125 000 kubemi baseBritani abanesi sifo, nakuba bekho esingabaphathel’ imbengwane kangako.

UYEHOVA UBA “YINDAWO EPHAKAMILEYO ENQABISEKILEYO” YETHU

Emva kokuba nditshatile ndathetha nelinye iNgqina likaYehova, ibe ndakhawuleza ndabona ukuba yinyaniso leyo laliyithetha. Noko ke, umyeni wam wayengenamdla kwaphela. Ngenxa yomsebenzi wakhe, sasingahlali ndawonye, ngoko kwaba nzima ukuya kwiintlanganiso zamaNgqina. Sekunjalo, ndaqhubeka ndizifundela iBhayibhile ndithandaza nakuYehova. Kwandithuthuzela gqitha ukuva amazwi athi, “uYehova uya kuba yindawo ephakamileyo enqabisekileyo kuye nabani na otyunyuziweyo, indawo ephakamileyo enqabisekileyo ngamaxesha okubandezeleka,” kunye nathi ‘ngokuqinisekileyo akayi kubashiya abo bamkhangelayo’!—INdu. 9:9, 10.

UGary wayengaboni kakuhle, ngoko xa wayeneminyaka emithandathu kwafuneka aye kuhlala kwisikolo sabantwana abafuna ukunyanyekelwa ngokukhethekileyo kunxweme olusemazantsi eNgilani. Wayesoloko endifowunela xa kukho izinto ezimkhathazayo, ngoko ndisebenzisa ifowuni ndakwazi ukumnceda aqonde imigaqo yeBhayibhile. Emva kweminyaka ethile uLouise ezelwe, nam ndagula sisifo isclerosis esenza imithambo ingasebenzi kakuhle nefibromyalgia esishwabanisa izihlunu utyiwe ziintlungu nomzimba udinwe. UGary wabuya esikolweni xa wayeneminyaka eli-16. Kodwa amehlo akhe ayengasaboni kakuhle kwangangokuba ngowe-1975 wabhaliswa njengemfama ngokusemthethweni. Ngowe-1977 umyeni wam wasishiya.

Kungekudala ebuyile uGary, saxakeka zizinto zebandla elinothando, ibe ndabhaptizwa ngowe-1974. Ndaba nombulelo gqitha xa omnye umdala wanceda uGary wakwazi ukujamelana notshintsho olwalubangelwa kukugula kwakhe kuloo minyaka yeshumi elivisayo. Amanye amaNgqina ayendincedisa kwimisebenzi yendlu, ibe ekugqibeleni isebe leenkonzo zentlalo-ntle laqesha amahlanu kuwo ukuze asinyamekele. Kwaba yintsikelelo gqitha oko!

UGary waqhubeka esenza inkqubela ngokomoya, waza wabhaptizwa ngowe-1982. Wayelangazelela ukuba nguvulindlela oncedisayo. Ngenxa yoko, ndagqiba ekubeni ndimpheleke saza sangabo kangangeminyaka.  Unyana wam wavuya gqitha xa omnye umveleli wesiphaluka kamva wathi kuye, “Kutheni ungabi nguvulindlela othe ngxi nje Gary?” Kwathi kanti utsho loo nto kudala eyifuna, ibe ngowe-1990 uGary waba nguvulindlela othe ngxi.

UGary uye watyandwa izihlandlo ezibini efakelwa unyonga, ngowe-1999 nangowama-2008, ngoxa yena uLouise eyakhe imeko ibimandundu. Wazalwa eyimfama, ibe ndathi ndakubona kukhula omnye umnwe kunyawo lwakhe, ndabe sendiqonda ukuba naye unesi sifo iLMBB. Uhlolisiso lwakhawuleza lwabonisa ukuba uneengxaki ezingakumbi kumalungu angaphakathi. Kule minyaka idluleyo ebesoloko etyandwa, kuquka izihlandlo ezihlanu zotyando lwezintso. NjengoGary, naye unesifo seswekile.

Ekubeni ezazi iingxaki ezinokuvela xa kufuneka etyandiwe, uLouise usoloko encokola neengcali zotyando, nabaphathi besibhedlele kusengaphambili ebachazela ngeendlela azikhethayo zotyando olungatofeli-gazi nezizathu zokungalwamkeli utofelo-gazi. Ngenxa yoko, uzakhele ubuhlobo obuhle nabo bonke abo bamnyamekelayo.

SIPHILA UBOMI OBUNENJONGO

Kwikhaya lethu sixakeke gqitha yimisebenzi yokunqula uYehova. Zingekabikho ezi zixhobo ze-elektroniki ziluncedo ndandidla ngokuchitha iiyure ndifundela uGary noLouise. Ngoku kukho iiCD, iiDVD, nezinye izinto ezirekhodiweyo kwiwebhsayithi ethi, www.pr418.com izixhobo ezisinceda sikwazi ukuzifundela ngamaxesha ahlukeneyo ucwangciso lokufunda iBhayibhile lweveki neveki, ibe siyakwazi ukugqabaza kwiintlanganiso zamaKristu.

Asinawo amazwi okuchaza umbulelo esinawo ngenyaniso exabisekileyo ekwiLizwi likaYehova eliphefumlelweyo!

Maxa wambi iimpendulo zakhe uGary uyazinkqaya, aze xa eneentetho kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo azinikele ngamazwi akhe. Waba sisicaka solungiselelo ngowe-1995 ibe usoloko exakekile kwiHolo yoBukumkani, esamkela abazalwana aze ancedise nakwisandisilizwi.

Abazalwana bahamba naye xa sisiya kushumayela, bamtyhale ngesitulo esinamavili ahamba ngaso ngenxa yesifo samathambo. Omnye umzalwana wamnceda waqhuba isifundo seBhayibhile nomnye umntu onomdla. UGary uye wakhuthaza omnye umKristu obephole kangangeminyaka engama-25. Bobabini aba bantu bayeza kwiintlanganiso.

Eseneminyaka esithoba, uLouise wafunda ukuthunga kuMama wam, saza mna nomnye kwabo basinyamekelayo samfundisa ukuluka. Ekubeni ekuthanda gqitha ukuthunga, wenza iingubo ezintle zeentsana nabantu abakhulileyo bebandla. Wenza namakhadi emibuliso aze anamathisele imifanekiso emincinane. Amakhadi axatyiswa gqitha ngabo bawafumanayo. Xa wayesandul’ ukugqiba iminyaka elishumi, wafunda ukuchwetheza ngomatshini wokubhala. Ngoku, uncedwa yikhompyutha ekwaziyo ukuva amazwi akhe, njengoko esoloko enxibelelana nabahlobo nge-e-mail. ULouise wabhaptizwa xa wayeneminyaka eli-17. Xa kukho amaphulo okushumayela akhethekileyo, siba ngoovulindlela babancedani kunye. NjengoGary, uLouise uyazinkqaya izibhalo ukuze achazele abanye ngesithembiso sikaThixo sehlabathi apho “aya kuvulwa amehlo eemfama” ‘kungabikho mmi wakhona uya kuthi: “Ndiyagula.’”—Isa. 33:24; 35:5.

Asinawo amazwi okuchaza umbulelo esinawo ngenyaniso exabisekileyo ekwiLizwi likaYehova eliphefumlelweyo! Sisuke sixakwe xa sicinga ngenkxaso yothando esiyifumana ebandleni, kuba ngaphandle kwalo besingayi kuze sikwazi ukwenza izinto ezininzi. Ngenxa yoncedo olukhethekileyo esilufumana kuYehova, ubomi bethu bunenjongo.

^ isiqe. 5 Isifo iLaurence-Moon-Bardet-Biedl sathiywa ngamagama oogqirha abane abafumanisa, ukuba esi sifo sidluliselwa ngabazali bobabini. Namhlanje kudla ngokuthiwa yiBardet-Biedl. Asinyangeki.