Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 Fundisa Abantwana Bakho

Yintoni Esinokuyifunda Kwisaphuli-mthetho?

Yintoni Esinokuyifunda Kwisaphuli-mthetho?

Sinokufunda nto ithile kwesi saphuli-mthetho athetha naso uYesu emfanekisweni. Siyazisola ngenxa yezono zaso. Sithi kuYesu: “Uze undikhumbule xa uthe wangena ebukumkanini bakho.” Njengoko ubona emfanekisweni, uYesu uthetha nesi saphuli-mthetho. Uyazi ukuba uYesu uthini kuso? * UYesu uthi kuso: “Inene ndithi kuwe namhlanje, uya kuba nam eParadesi.”

Ucinga ukuba iza kuba njani iParadesi?— Ukuze siwuphendule kakuhle lo mbuzo, makhe sithethe ngeParadesi uThixo awayenzela indoda yokuqala uAdam kunye nomfazi wayo uEva. Yayiphi loo Paradesi? Ngaba yayisezulwini, okanye yayisemhlabeni?

Ukuba uthi yayilaph’ emhlabeni, uchanile. Ngoko xa sinomfanekiso wesi saphuli-mthetho siseParadesi, sifanele sibe nomfanekiso waso siphila kwiparadesi esemhlabeni. Iza kuba njani iParadesi?— Makhe sive.

Emva kokuba uYehova uThixo edale uAdam noEva, iBhayibhile ithi wababeka kwiparadesi eyayilapha emhlabeni. Yayibizwa ngokuba “ngumyezo wase-Eden.” Ucinga ukuba wawumhle kangakanani “umyezo wase-Eden”?— Ngokuqinisekileyo wawumhle ngaphezu kwayo nayiphi na indawo ekhoyo emhlabeni namhlanje!

Khawutsho! Ucinga ukuba uYesu uza kuphila emhlabeni kunye nesaa saphuli-mthetho sazisolayo ngezono zaso?— Hayi, uYesu uza kuba sezulwini apho eza kuba nguKumkani phezu kweParadesi esemhlabeni. Ngoko uYesu uza kuba kunye nesaphuli-mthetho eParadesi kuba uza kusivusa aze aqiniseke ukuba sihlala kamnandi kwiParadesi eza kuba semhlabeni. Kodwa kutheni uYesu eza kuvumela indoda eyayisisaphuli-mthetho ukuba iphile eParadesi?— Makhe sithethe ngale nto.

 Yinyaniso ukuba esi saphuli-mthetho senza izinto ezimbi. Kodwa ke kukho nabantu abaninzi ababephila apha emhlabeni abenza izinto ezimbi. Noko ke, abaninzi kubo benza ezi zinto kuba bengazange bafundiswe ngoYehova nangemithetho yakhe.

Ngoko ke, abantu abanjalo, kuquka nesaa saphuli-mthetho wayethetha naso uYesu esibondeni, baza kuvuswa baze baphile kwiParadesi eza kuba laph’ emhlabeni. Baya kufundiswa ukuthanda kukaThixo. Emva koko baya kuzibonakalisa ukuba bayamthanda kusini na uYehova.

Uyazi ukuba baya kubonisa njani ukuba bayamthanda uYehova?— Ngokwenza oko uThixo afuna bakwenze. Kuza kuba mnandi ngokwenene ukuphila kwiParadesi size sihlale nabantu abathanda uYehova!

^ isiqe. 3 Ukuba ufunda nomntwana, isikhewu senzelwe ukuba unqumame ukuze umvumele aphendule.