Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa

Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa

Kutheni kungade kubekho uxolo emhlabeni?

Urhulumente onokukwazi ukuzisa uxolo emhlabeni ngokwaziyo ukufundisa abantu indlela yokuthandana neyokukhathalelana

IBhayibhile ichaza izizathu ezibini eziphambili. Okokuqala, nangona abantu beye benza izinto ezintle, abadalelwanga ukuzilawula. Okwesibini, amacebo abantu aye aphanza kuba, “ihlabathi liphela lisemandleni ongendawo.” Yiloo nto ebangela ukuba abantu bangakwazi ukuzisa uxolo emhlabeni.— Funda uYeremiya 10:23; 1 Yohane 5:19.

Ezinye zezinto eziye zabangela ukuba abantu bangakwazi ukuzisa uxolo kukucingela iziqu zabo kuphela nokuba namabhongo kwabo. Urhulumente onokukwazi ukuzisa uxolo emhlabeni ngokwaziyo ukufundisa abantu indlela yokuthandana neyokukhathalelana.—Funda uIsaya 32:17; 48:18, 22.

Ngubani oza kuzisa uxolo emhlabeni?

UThixo uSomandla uthembisa ukuseka urhulumente oza kulawula bonke abantu. Lo rhulumente wakhe uza kubashenxisa bonke oorhulumente babantu. (Daniyeli 2:44) UNyana kaThixo uYesu uza kulawula njengeNkosana yoXolo. Uza kuphelisa zonke izinto ezimbi emhlabeni yaye uza kufundisa abantu ukuhlalisana ngoxolo.—Funda uIsaya 9:6, 7; 11:4, 9.

Sithethanje, izigidi zabantu ezisemhlabeni wonke zisebenzisa iLizwi likaThixo iBhayibhile ukuze zifundise abantu ukuphilisana ngoxolo. Kungekudala, kuza kubakho uxolo kuwo wonke umhlaba.—Funda uIsaya 2:3, 4; 54:13.