Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Uyakhumbula?

Ngaba Uyakhumbula?

Ngaba uye wazifunda ngocoselelo iiMboniselo zakutsha nje? Khawubone enoba ungayiphendula kusini na le mibuzo:

Yintoni ibibliomancy, ibe amaKristu afanele ayinjonge njani?

IBibliomancy kukutyhila iBhayibhile nandawoni na kuba ubani ecinga ukuba indinyana yokuqala adibene nayo iza kumnceda. AmaKristu okwenyaniso akavumisi. Kunoko, ayayifunda iBhayibhile ukuze afumane ulwazi oluchanileyo kunye nolwalathiso lobuthixo.—12/15, iphepha 3.

Yintoni “ihlabathi” eliza kutshabalala?

“Ihlabathi” eliza kutshabalala ngabantu abangamthobeliyo uThixo. (1 Yoh. 2:17) Umhlaba nabantu abathembekileyo baza kusinda.—1/1, iphepha 5-7.

Nangona wafayo, uAbheli uthetha njani nathi? (Heb. 11:4)

Ngokholo. Sinako ukufunda kukholo lwakhe size siluxelise. Umzekelo wakhe usaphila.—1/1, iphepha 12.

Ziziphi iinkalo esimele siqiniseke kuzo ukuba asizivumeli zisahlukanise noThixo?

Nazi ezinye zazo: Umsebenzi okanye ingqesho, uhlobo esilukhethayo lokuzihlaziya nokuzonwabisa, ukunxulumana nesalamane esisusiweyo, ukusebenzisa iteknoloji, ukuxhalabela impilo, ukucinga ukuba imali yeyona nto ibalulekileyo nokuziphakamisa.—1/15, iphepha 12-21.

Yintoni esinokuyifunda kukuthobeka kukaMoses?

Kunokuvumela igunya ukuba limz’ entloko, uMoses wathembela kuThixo, kungekhona kubuchule bakhe. Masingaze sivumele isikhundla esiphezulu, igunya okanye ubuchule bethu busize entloko; kunoko, masithembele ngoYehova. (IMize. 3:5, 6)—2/1, iphepha 5.

Baza kuvuselwa phi?

Iqaqobana labantu abali-144 000 liza kuphila ezulwini. Noko ke, inkoliso yabantu iza kuvuselwa emhlabeni, ize iphile ngonaphakade.—3/1, iphepha 6.

Kuthetha ukuthini ukuthi amaSirayeli ‘ayengalukanga entliziyweni’? (Yer. 9:26)

Ayenenkani nemvukelo yaye kwakufuneka ahlukane nezinto ezibangela ukuba intliziyo yabo ibe lukhuni—iingcinga, iminqweno okanye iinjongo ezingqubana nokuthanda kukaThixo. (Yer. 5:23, 24)—3/15, iphepha 9-10.

UYesu uye waba ngumzekelo njani wokuphila ubomi obonwabisayo?

Wayenenjongo ebomini, yokwenza ukuthanda kukaThixo. Wayenothando olunzulu ngoYise, ibe wayebathanda nabantu. Ngoko, uYesu wayesazi ukuba uYise uyamthanda yaye uyakholiswa nguye. Nango ke, amacebiso okuphila ubomi obonwabisayo.—4/1, iphepha 4-5.

Iquka ntoni inxalenye esemhlabeni yentlangano kaThixo?

Iquka iQumrhu Elilawulayo, ikomiti yesebe, abaveleli abahambahambayo, abadala, amabandla kunye neNgqina ngalinye.—4/15, iphepha 29.

Sitsho njani ukuba uThixo wayengakhohlakelanga xa egweba?

UYehova akayoliswa kukufa kongendawo. (Hez. 33:11) Iindlela uThixo awazenza ngayo izinto ibonisa ukuba uqala abalumkise abantu ngaphambi kokuba agwebe. Oku kusinika ithemba lokusinda kwimigwebo yexesha elizayo.—5/1, iphepha 5-6.

Ngaba amaSirayeli ayebulala izaphuli-mthetho ngokuzixhoma ezibondeni?

Akunjalo. Zezinye iintlanga ezazisenza oko. Ubuncinane ngexesha lokubhalwa kweZibhalo zesiHebhere, umenzi bubi wayeqala abulawe ngokuxulutywa ngamatye. (Lev. 20:2, 27) Emva koko isidumbu sakhe sixhonywe esibondeni njengesilumkiso kwabanye.—5/15, iphepha 13.

Kutheni abantu bengakwazi ukuzisa uxolo lwehlabathi?

Nangona abantu beye baphumeza izinto ezithile, abakwazi ukwalathisa amanyathelo abo. (Yer. 10:23) USathana ungumlawuli wehlabathi, ngoko abantu abanakuze bakwazi ukuzisa uxolo. (1 Yoh. 5:19)—6/1, iphepha 16.