Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

“Khawujonge Lo Mfanekiso!”

“Khawujonge Lo Mfanekiso!”

Kukangaphi ukhuza, okanye ubonisa abanye xa uvula iphephancwadi elitsha? Kukho injongo yokuba intlangano ibile isoma ukuze ifake imifanekiso neefoto ezintle kuncwadi lwayo. Yenzelwa ukusinceda sicingisise yaye sichukumiseke koko sikufundayo. Isinceda ngokukhethekileyo xa silungiselela naxa sigqabaza kwiSifundo seMboniselo.

Ngokomzekelo, cinga ngesizathu sokufakwa komfanekiso wokuqala oba kwinqaku ngalinye elifundwayo nesizathu sokuba kukhethwe wona. Ubonisa ntoni? Udibana njani nomxholo wenqaku okanye isibhalo esiyintloko? Yonke eminye imifanekiso, cinga ngendlela edibana ngayo noko kuxutyushwayo nenokukunceda ngayo kubomi bakho.

Umqhubi weSifundo seMboniselo umele avule ithuba lokuba abavakalisi bagqabaze ngomfanekiso ngamnye okwinqaku elifundwayo, bachaze indlela ongena ngayo koko kufundwayo okanye indlela obachaphazela ngayo. Kwezinye iimeko, kuye kuchazwe isiqendu esichaza ngaloo mfanekiso. Kweminye, ngumqhubi ogqibayo ukuba sisiphi isiqendu oza kuxutyushwa kuso. Le ndlela, inceda bonke bangenelwe kwimigudu eyenziweyo ukuze sikuqonde kakuhle oko sikufundayo kwiLizwi likaThixo.

Omnye umzalwana uthi: “Xa ndifunda inqaku elibhalwe kakuhle, imifanekiso ifana nqwa netyuw’ emngqushweni.”