Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UYehova ‘Undithwalela Umthwalo Mihla Le’

UYehova ‘Undithwalela Umthwalo Mihla Le’

Phezu kwazo nje iingxaki zempilo ebezibonakala zingenakunyamezeleka, ndiye ndaxhaswa nguBawo wethu wasezulwini kubo bonke ubomi bam. Sekudlule iminyaka engaphezu kwe-20 ndixhamla uvuyo olukhethekileyo lokukhonza uYehova ndinguvulindlela.

Ndazalwa ngo-1956 ndinespina bifida isigulo somnqonqo womqolo. Esi sigulo siye senza kwanzima ukuhamba ngoxa sibangela nezinye iingxaki zempilo.

Ngaphambi kokuzalwa kwam, kwafika amaNgqina kaYehova angabathunywa bevangeli aza afundela abazali bam iBhayibhile. Ekukhuleni kwam, kwakukho iqaqobana labavakalisi, kungekho bandla kwidolophu yethu iUsakos, eNamibia. Ngoko ke, izinto ezifundiswa ebandleni sasizifundela njengentsapho. Xa ndandineminyaka esixhenxe, ndenziwa utyando kuvulwa umngxuma wokuze ndikwazi ukuchama. Xa ndineminyaka eyi-14, ndaqalisa ukuxhuzula. Ndasiyeka phakathi isikolo kuba isikolo samabanga aphakamileyo sasikude kwabe kufuneka ndinyanyekelwe ngabazali.

Nakuba kunjalo, ndandizimisele ukomeleza ulwalamano lwam noYehova. Iimpampasho zethu ezininzi zazingekabikho ngesiBhulu, olona lwimi ndandilwazi. Ndazama ukufunda isiNgesi ukuze ndifunde iincwadi zethu eziliqela. Ndaba ngumvakalisi woBukumkani ndaza ndabhaptizwa ndineminyaka eyi-19. Kwiminyaka emine elandelayo, ndaya ndigula ngamandla de ndaxinezeleka. Enye ingxaki abantu bedolophu yethu babesondelelene gqitha, ndaza ngenxa yokoyika abantu kwanzima ukushumayela kubo.

Xa ndandineminyaka engaphezu kwe-20, safudukela eMzantsi Afrika, apho ndandiqala ukuba kwindawo enebandla. Kwaba mnandi gqitha! Kodwa kwakufuneka ndenziwe olunye utyando—kwesi sihlandlo olukandonci.

Ngenye imini, ndeva umveleli wesiphaluka ethetha ngobuvulindlela. Wandichukumisa gqitha. Ndandisazi ukuba impilo yam inkenenkene ukuba ndibe nguvulindlela, kodwa ndandisele ndiyibonile indlela andinyamekela ngayo uYehova kwiingxaki ezininzi zobomi. Ndafaka isicelo sokuba nguvulindlela othe ngxi. Noko ke, ngenxa yokubona impilo yam abadala baba madolw’ anzima ukundincomela.

Sekunjalo, ndandizimisele ukwenza konke okusemandleni ukuze ndishumayele ngoBukumkani. Ndincedwa ngumama nangabanye, ndakwazi ukufikelela iiyure zam zobuvulindela zenyanga ezintandathu. Oko kwangqina ukuzimisela kwam ukuba nguvulindlela nokuba impilo yam iyanyamezeleka. Ndaphinda ndafaka isicelo, ibe ndanconyelwa. NgoSeptemba 1, 1988, ndaba nguvulindlela othe ngxi.

Njengovulindlela, uYehova ebesoloko endixhasa. Ukufundisa abantu abasebatsha inyaniso kunokunikela ingqalelo kwimeko yam kuye kwandikhusela, kwandikhuthaza kwaza kwandinceda ndakhula ngokomoya. Ndiye ndafumana uvuyo olukhulu ngokunceda abantu abaninzi bazahlulela baza babhaptizwa.

Impilo yam ayikatshintshi. Kodwa uYehova ‘undithwalela umthwalo mihla le.’ (INdu. 68:19) Akaneli nje ukundinceda ndikwazi ukunyamezela imeko yam; wenza ndikwazi ukunandipha ubomi!